×

Surah Yusuf in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Yusuf

Translation of the Meanings of Surah Yusuf in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Yusuf translated into Xhosa, Surah Yusuf in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Yusuf in Xhosa - الكسوزا, Verses 111 - Surah Number 12 - Page 235.

بسم الله الرحمن الرحيم

الر ۚ تِلْكَ آيَاتُ الْكِتَابِ الْمُبِينِ (1)
Alif-Lâm-Râ Ezi zivesi zeNcwadi ecacileyo (i’Kur’ân)
إِنَّا أَنزَلْنَاهُ قُرْآنًا عَرَبِيًّا لَّعَلَّكُمْ تَعْقِلُونَ (2)
Inene Siyithumele (emhlabeni) iyi’Kur’ân yesiArabhu khon’ukuze niqiqe
نَحْنُ نَقُصُّ عَلَيْكَ أَحْسَنَ الْقَصَصِ بِمَا أَوْحَيْنَا إِلَيْكَ هَٰذَا الْقُرْآنَ وَإِن كُنتَ مِن قَبْلِهِ لَمِنَ الْغَافِلِينَ (3)
Thina (Muhammad) Sikubalisela awona mabali alungileyo ngesiTyhilelo seThu (esisityhile) kuwe, esiyile ‘Kur’ân. Ukanti ngaphambili kunoku wawungomnye wababengazi nto ngayo
إِذْ قَالَ يُوسُفُ لِأَبِيهِ يَا أَبَتِ إِنِّي رَأَيْتُ أَحَدَ عَشَرَ كَوْكَبًا وَالشَّمْسَ وَالْقَمَرَ رَأَيْتُهُمْ لِي سَاجِدِينَ (4)
Ke kaloku uYûsuf wathi kutata wakhe: “Hini na tata! Inene mna ndibone iinkwenkwezi ezilishumi elinanye nelanga nenyanga ziqubuda kum.”
قَالَ يَا بُنَيَّ لَا تَقْصُصْ رُؤْيَاكَ عَلَىٰ إِخْوَتِكَ فَيَكِيدُوا لَكَ كَيْدًا ۖ إِنَّ الشَّيْطَانَ لِلْإِنسَانِ عَدُوٌّ مُّبِينٌ (5)
(Uyise) wathi: “Hini na nyana wam, uze ungawubalisi umbono wakho kubantakwenu, hleze benze iyelenqe ngawe. Inene uShaytân, lutshaba oluselubala loluntu
وَكَذَٰلِكَ يَجْتَبِيكَ رَبُّكَ وَيُعَلِّمُكَ مِن تَأْوِيلِ الْأَحَادِيثِ وَيُتِمُّ نِعْمَتَهُ عَلَيْكَ وَعَلَىٰ آلِ يَعْقُوبَ كَمَا أَتَمَّهَا عَلَىٰ أَبَوَيْكَ مِن قَبْلُ إِبْرَاهِيمَ وَإِسْحَاقَ ۚ إِنَّ رَبَّكَ عَلِيمٌ حَكِيمٌ (6)
Ke kaloku (nyana wam) iNkosi Iza kukukhetha Ikufundise ukutolika amaphupha, Igqibelelise uBabalo lwaYo kuwe nakwinzala kaYa’kûb, njengoko Yalugqibelelisayo kooyihlo- mkhulu, uIbrâhîm, noIs-hâ’k mandulo! Inene iNkosi yakho, nguSolwazi, uSobulumko.”
۞ لَّقَدْ كَانَ فِي يُوسُفَ وَإِخْوَتِهِ آيَاتٌ لِّلسَّائِلِينَ (7)
Inene kuYûsuf nabantabakwabo, kwakukho imiqondiso kwabo babuzayo
إِذْ قَالُوا لَيُوسُفُ وَأَخُوهُ أَحَبُّ إِلَىٰ أَبِينَا مِنَّا وَنَحْنُ عُصْبَةٌ إِنَّ أَبَانَا لَفِي ضَلَالٍ مُّبِينٍ (8)
Ke kaloku bathi bona: “Inene uYûsuf nomntakwabo (uBhenjamin) ngabona bathandwayo ngutata wethu kunathi, lo gama thina siliqela elinamandla. Inene utata wethu uphantsi kokulahleka okucacileyo
اقْتُلُوا يُوسُفَ أَوِ اطْرَحُوهُ أَرْضًا يَخْلُ لَكُمْ وَجْهُ أَبِيكُمْ وَتَكُونُوا مِن بَعْدِهِ قَوْمًا صَالِحِينَ (9)
Mbulaleni uYûsuf okanye niye kumlahla kwelinye ilizwe, khon’ukuze uthando lukatata wenu lube kuni nedwa, emva koko niya kuba ngabantu abangamalungisa1.”
قَالَ قَائِلٌ مِّنْهُمْ لَا تَقْتُلُوا يُوسُفَ وَأَلْقُوهُ فِي غَيَابَتِ الْجُبِّ يَلْتَقِطْهُ بَعْضُ السَّيَّارَةِ إِن كُنتُمْ فَاعِلِينَ (10)
Omnye kubo wathi: “Musani ukumbulala uYûsuf, kodwa ukuba kunyanzelekile ukuba nimenze into, mphoseni ezantsi equleni; uya kucholwa ziinqwelo zorhwebo zabahambi.”
قَالُوا يَا أَبَانَا مَا لَكَ لَا تَأْمَنَّا عَلَىٰ يُوسُفَ وَإِنَّا لَهُ لَنَاصِحُونَ (11)
Bathi (kuyise): “Hini na tata! Kutheni na ungasithembanga nje ngoYûsuf ekubeni ngenyani thina singabamnqwenelela okuhle?”
أَرْسِلْهُ مَعَنَا غَدًا يَرْتَعْ وَيَلْعَبْ وَإِنَّا لَهُ لَحَافِظُونَ (12)
“Mthumele kunye nathi ngomso aye kudlala, onwabe, inene thina siya kumlondoloza.”
قَالَ إِنِّي لَيَحْزُنُنِي أَن تَذْهَبُوا بِهِ وَأَخَافُ أَن يَأْكُلَهُ الذِّئْبُ وَأَنتُمْ عَنْهُ غَافِلُونَ (13)
Yena (uYa’kûb) wathi: “Inene ayindonwabisi into yokuba nimthathe nihambe naye kwaye ndinoloyiko lokuba hleze atyiwe yingcuka lo gama niya kuba ningamhoyanga nina.”
قَالُوا لَئِنْ أَكَلَهُ الذِّئْبُ وَنَحْنُ عُصْبَةٌ إِنَّا إِذًا لَّخَاسِرُونَ (14)
Bathi bona: “Ukuba angatyiwa yingcuka sisakuba siliqela elinamandla kangaka (okumkhusela), hayi, siya kuba singabalahlekelwa
فَلَمَّا ذَهَبُوا بِهِ وَأَجْمَعُوا أَن يَجْعَلُوهُ فِي غَيَابَتِ الْجُبِّ ۚ وَأَوْحَيْنَا إِلَيْهِ لَتُنَبِّئَنَّهُم بِأَمْرِهِمْ هَٰذَا وَهُمْ لَا يَشْعُرُونَ (15)
Ke kaloku besakuba behambile naye bavumelana bebonke ukuba bamphose ezantsi equleni, Satyhilela yena, (Sathi): “Inene, wena uya kuze ubaxelele (ngenye imini) ngale nto yabo, babe bona bengasakwazi.”
وَجَاءُوا أَبَاهُمْ عِشَاءً يَبْكُونَ (16)
Bafika beza kuyise wabo ebusuku sele belila (bezenzisa)
قَالُوا يَا أَبَانَا إِنَّا ذَهَبْنَا نَسْتَبِقُ وَتَرَكْنَا يُوسُفَ عِندَ مَتَاعِنَا فَأَكَلَهُ الذِّئْبُ ۖ وَمَا أَنتَ بِمُؤْمِنٍ لَّنَا وَلَوْ كُنَّا صَادِقِينَ (17)
Bathi: “O tata wethu! Besikhuphisana ngokubaleka, samshiya uYûsuf neempahla zethu, (yafika) ingcuka yamtya; kodwa wena awunakusithemba nokuba sele sithetha inyaniso.”
وَجَاءُوا عَلَىٰ قَمِيصِهِ بِدَمٍ كَذِبٍ ۚ قَالَ بَلْ سَوَّلَتْ لَكُمْ أَنفُسُكُمْ أَمْرًا ۖ فَصَبْرٌ جَمِيلٌ ۖ وَاللَّهُ الْمُسْتَعَانُ عَلَىٰ مَا تَصِفُونَ (18)
Bazisa ihempe yakhe idyojwe ngegazi lobuxoki. Wathi yena: “Nakanye, nina nenze ibali njee. Ke kum umonde ngowona ulungileyo, kananjalo loluka-Allâh uncedo olunokufunwa ngokuchasene noko nikuchazayo
وَجَاءَتْ سَيَّارَةٌ فَأَرْسَلُوا وَارِدَهُمْ فَأَدْلَىٰ دَلْوَهُ ۖ قَالَ يَا بُشْرَىٰ هَٰذَا غُلَامٌ ۚ وَأَسَرُّوهُ بِضَاعَةً ۚ وَاللَّهُ عَلِيمٌ بِمَا يَعْمَلُونَ (19)
Ke kaloku kwajikela inqwelo yabahambi, bathumela umkhi wamanzi wabo, ke yena wathoba i-emela yakhe (equleni). Wathi: “Ezinjani ukuba mnandi zona iindaba! Apha kukho inkwenkwana, bamfihla ke bamenza iimpahla zabo zorhwebo (ikhoboka). UAllâh waba nguMazi woko babekwenza
وَشَرَوْهُ بِثَمَنٍ بَخْسٍ دَرَاهِمَ مَعْدُودَةٍ وَكَانُوا فِيهِ مِنَ الزَّاهِدِينَ (20)
Bamthengisa ngexabiso elincinane eliziiDirham2 ezimbalwa, kuba babemthatha ukuba uyinto engabalulekanga (ngenxa yokuba wayesemncinane)
وَقَالَ الَّذِي اشْتَرَاهُ مِن مِّصْرَ لِامْرَأَتِهِ أَكْرِمِي مَثْوَاهُ عَسَىٰ أَن يَنفَعَنَا أَوْ نَتَّخِذَهُ وَلَدًا ۚ وَكَذَٰلِكَ مَكَّنَّا لِيُوسُفَ فِي الْأَرْضِ وَلِنُعَلِّمَهُ مِن تَأْوِيلِ الْأَحَادِيثِ ۚ وَاللَّهُ غَالِبٌ عَلَىٰ أَمْرِهِ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَ النَّاسِ لَا يَعْلَمُونَ (21)
Ke yona (indoda) yaseYiputa eyamthengayo, yathi emfazini wayo: “Yenza intlalo yakhe apha ibe yeyolonwabo, mhlawumbi angaba luncedo kuthi. Okanye singamamkela njengonyana wethu.” Sammisela ngolo hlobo ke uYûsuf ezweni, khon’ukuze Simfundise ukutolika iziganeko. Yaye uAllâh Unolawulo olupheleleyo phezu kwezinto zaKhe, kodwa uninzi lwabantu alwazi nto
وَلَمَّا بَلَغَ أَشُدَّهُ آتَيْنَاهُ حُكْمًا وَعِلْمًا ۚ وَكَذَٰلِكَ نَجْزِي الْمُحْسِنِينَ (22)
Uthe (uYûsuf) esakuba efikelele kwixabiso lokuba yindoda, Sampha ubulumko nolwazi. Sibavuza kanjalo ke abenzi bobulungisa
وَرَاوَدَتْهُ الَّتِي هُوَ فِي بَيْتِهَا عَن نَّفْسِهِ وَغَلَّقَتِ الْأَبْوَابَ وَقَالَتْ هَيْتَ لَكَ ۚ قَالَ مَعَاذَ اللَّهِ ۖ إِنَّهُ رَبِّي أَحْسَنَ مَثْوَايَ ۖ إِنَّهُ لَا يُفْلِحُ الظَّالِمُونَ (23)
Ke kaloku (umfazi) lowo wayehlala emzini wakhe, wafuna ukumhenda, wavala iingcango, akugqiba wathi: “Khawuze wethu.” Wathi yena: “Ndicela ukhuseleko ngoAllâh! Inene indoda yakho yinkosi yam! Yenze ukuhlala kwam apha kwalulonwabo olukhulu (ke andingekhe ndiyiphoxe) kuba inene abenzi bobubi abasokuze baphumelele.”
وَلَقَدْ هَمَّتْ بِهِ ۖ وَهَمَّ بِهَا لَوْلَا أَن رَّأَىٰ بُرْهَانَ رَبِّهِ ۚ كَذَٰلِكَ لِنَصْرِفَ عَنْهُ السُّوءَ وَالْفَحْشَاءَ ۚ إِنَّهُ مِنْ عِبَادِنَا الْمُخْلَصِينَ (24)
Ke kaloku (umfazi lowo) wayemnqwenela (uYûsuf) ngokwenene kanti naye (uYûsuf) ngewayetyekele ngakuloo mnqweno wakhe ukuba wayengazanga abone umqondiso ovela eNkosini yakhe. Oko kwaba njalo khon’ukuze Sibe nokususa ukungcola nokukrexeza kuye. Inene yena wayengomnye weziCaka zeThu ezinyuliweyo
وَاسْتَبَقَا الْبَابَ وَقَدَّتْ قَمِيصَهُ مِن دُبُرٍ وَأَلْفَيَا سَيِّدَهَا لَدَى الْبَابِ ۚ قَالَتْ مَا جَزَاءُ مَنْ أَرَادَ بِأَهْلِكَ سُوءًا إِلَّا أَن يُسْجَنَ أَوْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (25)
Bakhuphisana (ngesantya) ke ukuya emnyango, waza umfazi wakrazula ihempe kaYûsuf ngasemhlana. Bobabini bayifumana inkosi yomfazi (umyeni) emi emnyango: umfazi wathi: “Yintoni imbuyekezo yomntu owenza iinzame zokungcola emfazini wakho, ngaphandle kokuba afakwe entolongweni okanye athuthunjiswe kabuhlungu?”
قَالَ هِيَ رَاوَدَتْنِي عَن نَّفْسِي ۚ وَشَهِدَ شَاهِدٌ مِّنْ أَهْلِهَا إِن كَانَ قَمِيصُهُ قُدَّ مِن قُبُلٍ فَصَدَقَتْ وَهُوَ مِنَ الْكَاذِبِينَ (26)
Wathi yena (uYûsuf): “Nguye obendihenda;” nengqina lasemzini wakhe lanika ubungqina (lathi): “Ukuba ihempe yakhe ikrazuke ngaphambili, (oko kothetha ukuba) ibali lakhe liyinyani, yena (uYûsuf) uya kuba uyaxoka
وَإِن كَانَ قَمِيصُهُ قُدَّ مِن دُبُرٍ فَكَذَبَتْ وَهُوَ مِنَ الصَّادِقِينَ (27)
Kodwa ukuba ihempe yakhe ikrazuke ngasemva, (umfazi lo) uya kuba uthethe ubuxoki ke yena (uYûsuf) abe uthethe inyani.”
فَلَمَّا رَأَىٰ قَمِيصَهُ قُدَّ مِن دُبُرٍ قَالَ إِنَّهُ مِن كَيْدِكُنَّ ۖ إِنَّ كَيْدَكُنَّ عَظِيمٌ (28)
Ithe ke indoda leyo yakhe isakuyibona ihempe kaYûsuf ikrazuke ngasemva, yathi: “Inene eli, liyelenqe lenu bafazi! Inene linamandla iyelenqe lenu
يُوسُفُ أَعْرِضْ عَنْ هَٰذَا ۚ وَاسْتَغْفِرِي لِذَنبِكِ ۖ إِنَّكِ كُنتِ مِنَ الْخَاطِئِينَ (29)
Hini na wena Yûsuf shenxa kule nto! (Wena mfazi ndini) cela itarhu ngesono sakho. Inene wena ungomnye wabangaboni.”
۞ وَقَالَ نِسْوَةٌ فِي الْمَدِينَةِ امْرَأَتُ الْعَزِيزِ تُرَاوِدُ فَتَاهَا عَن نَّفْسِهِ ۖ قَدْ شَغَفَهَا حُبًّا ۖ إِنَّا لَنَرَاهَا فِي ضَلَالٍ مُّبِينٍ (30)
Ke kaloku abafazi besi sixeko bathi: “Umfazi ka-Al-’Aziz3 ebefuna ukuhenda indodana (esisicaka) sakhe, inene usithanda ngokuyingozi, inene thina simbona ephantsi kwempazamo ecacileyo.”
فَلَمَّا سَمِعَتْ بِمَكْرِهِنَّ أَرْسَلَتْ إِلَيْهِنَّ وَأَعْتَدَتْ لَهُنَّ مُتَّكَأً وَآتَتْ كُلَّ وَاحِدَةٍ مِّنْهُنَّ سِكِّينًا وَقَالَتِ اخْرُجْ عَلَيْهِنَّ ۖ فَلَمَّا رَأَيْنَهُ أَكْبَرْنَهُ وَقَطَّعْنَ أَيْدِيَهُنَّ وَقُلْنَ حَاشَ لِلَّهِ مَا هَٰذَا بَشَرًا إِنْ هَٰذَا إِلَّا مَلَكٌ كَرِيمٌ (31)
Umfazi lowo wathi akuziva izityholo ezo zabo, wathumela (ukuba abafazi abo besixeko) baye kubizwa wabalungiselela isidlo; wanika ngamnye kubo isitshetshe (sokunqunqa izinto zokuphekwa), waza wathi kuYûsuf: “Khawuvele phambi kwabo, (bakubone).” Ke kaloku bakumbona, babubabaza (ubuhle bakhe), ngenxa yomothuko bazisika ezandleni zabo. Bathi: “Hayi imfezeko ka-Allâh! Ayingomntu lo! Le asinto yimbi ngaphandle kokuba yingelosi ehloniphekileyo!”
قَالَتْ فَذَٰلِكُنَّ الَّذِي لُمْتُنَّنِي فِيهِ ۖ وَلَقَدْ رَاوَدتُّهُ عَن نَّفْسِهِ فَاسْتَعْصَمَ ۖ وَلَئِن لَّمْ يَفْعَلْ مَا آمُرُهُ لَيُسْجَنَنَّ وَلَيَكُونًا مِّنَ الصَّاغِرِينَ (32)
Wathi yena: “Nguye lo ke, lo benindigxeka ngaye, nam ndiye ndafuna ukumhenda, kodwa wala. Ke ngoku ukuba ukhe wala ukuthobela umyalelo wam, inene yena uya kuphoswa entolongweni, abe ngomnye wabo bahlazekileyo.”
قَالَ رَبِّ السِّجْنُ أَحَبُّ إِلَيَّ مِمَّا يَدْعُونَنِي إِلَيْهِ ۖ وَإِلَّا تَصْرِفْ عَنِّي كَيْدَهُنَّ أَصْبُ إِلَيْهِنَّ وَأَكُن مِّنَ الْجَاهِلِينَ (33)
Wathi yena (uYûsuf): “O Nkosi yam! Intolongo yiyona ithandekayokumkunaloontobandimemelakuyo. Ngaphandle kokuba Ususe iyelenqe labo kum, ndiya kuziva ndityekela ngakubo, ndize (ndibe ngomnye wabo benza isono bafanelwe kukugxekwa, ndibe ngomnye wabaziziyatha.”)
فَاسْتَجَابَ لَهُ رَبُّهُ فَصَرَفَ عَنْهُ كَيْدَهُنَّ ۚ إِنَّهُ هُوَ السَّمِيعُ الْعَلِيمُ (34)
Ke kaloku iNkosi yakhe Yawuphendula umthandazo wakhe Yalisusa iyelenqe labo kuye. Inene Yona nguSokuva, uSobulumko
ثُمَّ بَدَا لَهُم مِّن بَعْدِ مَا رَأَوُا الْآيَاتِ لَيَسْجُنُنَّهُ حَتَّىٰ حِينٍ (35)
Ke kaloku kwaye kwabonakala kubo, emva kokuba bebubonile ubungqina (bokuba msulwa kwakhe) bamfaka entolongweni ixesha elithile
وَدَخَلَ مَعَهُ السِّجْنَ فَتَيَانِ ۖ قَالَ أَحَدُهُمَا إِنِّي أَرَانِي أَعْصِرُ خَمْرًا ۖ وَقَالَ الْآخَرُ إِنِّي أَرَانِي أَحْمِلُ فَوْقَ رَأْسِي خُبْزًا تَأْكُلُ الطَّيْرُ مِنْهُ ۖ نَبِّئْنَا بِتَأْوِيلِهِ ۖ إِنَّا نَرَاكَ مِنَ الْمُحْسِنِينَ (36)
Entolongweni apho kwangena amadodana amabini kunye naye, enye kuwo yathi: “ Inene mna ndizibone (ephupheni) ndixova iwayini.” Enye yathi: “Inene mna ephupheni ndizibone ndithwele izonka ngengobozi, iintaka zisidla kuzo apho. Khawusichazele intsingiselo yoku. Inene sikubona wena ungomnye wabenzi bokulungileyo.”
قَالَ لَا يَأْتِيكُمَا طَعَامٌ تُرْزَقَانِهِ إِلَّا نَبَّأْتُكُمَا بِتَأْوِيلِهِ قَبْلَ أَن يَأْتِيَكُمَا ۚ ذَٰلِكُمَا مِمَّا عَلَّمَنِي رَبِّي ۚ إِنِّي تَرَكْتُ مِلَّةَ قَوْمٍ لَّا يُؤْمِنُونَ بِاللَّهِ وَهُم بِالْآخِرَةِ هُمْ كَافِرُونَ (37)
Wathi yena akukho kudla kuya kuza kuni, okuya kuba sisixhaso senu, koko ndiya kunixelela intsingiselo kungekafiki kona. Naku ke oko iNkosi yam Indifundise kona, inene mna ndishiye inkolo yabantu abangakholwayo kuAllâh bengakholwa nakuBomi oBuzayo
وَاتَّبَعْتُ مِلَّةَ آبَائِي إِبْرَاهِيمَ وَإِسْحَاقَ وَيَعْقُوبَ ۚ مَا كَانَ لَنَا أَن نُّشْرِكَ بِاللَّهِ مِن شَيْءٍ ۚ ذَٰلِكَ مِن فَضْلِ اللَّهِ عَلَيْنَا وَعَلَى النَّاسِ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَ النَّاسِ لَا يَشْكُرُونَ (38)
Ndaza ndalandela inkolo yookhokho bam uIbrâhîm, uIs-hâ`k noYa’kûb, yaye asizanga siyamanise mahlulelane kuAllâh. Oku kuphuma kuBabalo luka-Allâh kuza kuthi naseluntwini, kodwa uninzi lwabantu alunambulelo
يَا صَاحِبَيِ السِّجْنِ أَأَرْبَابٌ مُّتَفَرِّقُونَ خَيْرٌ أَمِ اللَّهُ الْوَاحِدُ الْقَهَّارُ (39)
“Hini nina boogxa bam ababini basentolongweni! Ingaba oothixo abaninzi abahluka-hlukeneyo ngabona balungileyo okanye nguAllâh, Omnye, Ongoyiswayo kusini na
مَا تَعْبُدُونَ مِن دُونِهِ إِلَّا أَسْمَاءً سَمَّيْتُمُوهَا أَنتُمْ وَآبَاؤُكُم مَّا أَنزَلَ اللَّهُ بِهَا مِن سُلْطَانٍ ۚ إِنِ الْحُكْمُ إِلَّا لِلَّهِ ۚ أَمَرَ أَلَّا تَعْبُدُوا إِلَّا إِيَّاهُ ۚ ذَٰلِكَ الدِّينُ الْقَيِّمُ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَ النَّاسِ لَا يَعْلَمُونَ (40)
Nina akukho nto niyinqulayo ekubeni ingengoAllâh koko ninqula nje kuphela amagama enawaqambayo nina nooyihlo benu (magama) lawo uAllâh Angathumelanga gunya ngawo. Umyalelo ayingokabani ngaphandle koAllâh. Yena Uyalele ukuba ninganquli bani ngaphandle kwaKhe, yaye oko yinkolo elungileyo nethe tye, kodwa uninzi lwabantu alwazi
يَا صَاحِبَيِ السِّجْنِ أَمَّا أَحَدُكُمَا فَيَسْقِي رَبَّهُ خَمْرًا ۖ وَأَمَّا الْآخَرُ فَيُصْلَبُ فَتَأْكُلُ الطَّيْرُ مِن رَّأْسِهِ ۚ قُضِيَ الْأَمْرُ الَّذِي فِيهِ تَسْتَفْتِيَانِ (41)
Hini na maqabane amabini asentolongweni! Omnye kuni uya kuthululela inkosi yakhe iwayini ukuba isele ke yena omnye, uya kubethelelwa emnqamlezweni zize iintaka zidle phezu kwentloko yakhe. Ugwetywa kanjalo ke umcimbi njengoko nobabini benicele inkcazelo.”
وَقَالَ لِلَّذِي ظَنَّ أَنَّهُ نَاجٍ مِّنْهُمَا اذْكُرْنِي عِندَ رَبِّكَ فَأَنسَاهُ الشَّيْطَانُ ذِكْرَ رَبِّهِ فَلَبِثَ فِي السِّجْنِ بِضْعَ سِنِينَ (42)
Wathi komnye lo ebemxelele ukuba uza kusinda: “Undikhumbule enkosini yakho.” Kodwa uShaytân wamenza walibala ukumkhankanya enkosini yakhe. Wahlala ke uYûsuf entolongweni apho iminyaka embalwa
وَقَالَ الْمَلِكُ إِنِّي أَرَىٰ سَبْعَ بَقَرَاتٍ سِمَانٍ يَأْكُلُهُنَّ سَبْعٌ عِجَافٌ وَسَبْعَ سُنبُلَاتٍ خُضْرٍ وَأُخَرَ يَابِسَاتٍ ۖ يَا أَيُّهَا الْمَلَأُ أَفْتُونِي فِي رُؤْيَايَ إِن كُنتُمْ لِلرُّؤْيَا تَعْبُرُونَ (43)
Ke kaloku ikumkani (yaseYiputa) yathi: “Inene mna ndibone (ephupheni) iimazi zeenkomo ezisixhenxe, ezityebileyo, eziye zadliwa zezinye ezisixhenxe, ezinqiniliyo, nezikhwebu zombona ezisixhenxe, eziluhlaza nezinye ezisixhenxe, ezomileyo. Hini na ke nina bahloniphekileyo! Khanitolikeni iphupha lam ukuba niyakwazi ukutolika amaphupha
قَالُوا أَضْغَاثُ أَحْلَامٍ ۖ وَمَا نَحْنُ بِتَأْوِيلِ الْأَحْلَامِ بِعَالِمِينَ (44)
“Bathi bona: “Yingxubevange nje yamaphupha obuxoki kananjalo thina asinabuchule bokutolika amaphupha.”
وَقَالَ الَّذِي نَجَا مِنْهُمَا وَادَّكَرَ بَعْدَ أُمَّةٍ أَنَا أُنَبِّئُكُم بِتَأْوِيلِهِ فَأَرْسِلُونِ (45)
Ke kaloku laa ndoda yayikhululwe (entolongweni) ekugqibeleni yada yakhumbula yathi: “Mna ndiya kukuxelela intsingiselo (yephupha lakho), ke ndithume ndiye.”
يُوسُفُ أَيُّهَا الصِّدِّيقُ أَفْتِنَا فِي سَبْعِ بَقَرَاتٍ سِمَانٍ يَأْكُلُهُنَّ سَبْعٌ عِجَافٌ وَسَبْعِ سُنبُلَاتٍ خُضْرٍ وَأُخَرَ يَابِسَاتٍ لَّعَلِّي أَرْجِعُ إِلَى النَّاسِ لَعَلَّهُمْ يَعْلَمُونَ (46)
(Waya kuYûsuf wathi): “Hini na Yûsuf ndoda yenyaniso! Khawusichazele (intsingiselo yephupha) leemazi zenkomo ezisixhenxe, ezityebileyo eziye zadliwa zezinye ezisixhenxe, ezinqinileyo, nezikhwebu zombona ezisixhenxe eziluhlaza, nezinye ezisixhenxe ezomileyo, kho’ukuze ndibuyele ebantwini babe nokwazi.”
قَالَ تَزْرَعُونَ سَبْعَ سِنِينَ دَأَبًا فَمَا حَصَدتُّمْ فَذَرُوهُ فِي سُنبُلِهِ إِلَّا قَلِيلًا مِّمَّا تَأْكُلُونَ (47)
(UYûsuf) wathi: “Iminyaka esixhenxe ngokulandelelana kwayo niya kulima ngokwesiqhelo, kanti (nesivuno) eniya kusivuna niya kusigcina siziziswenye ngaphandle kwentwana encinane eniza kudla yona.”
ثُمَّ يَأْتِي مِن بَعْدِ ذَٰلِكَ سَبْعٌ شِدَادٌ يَأْكُلْنَ مَا قَدَّمْتُمْ لَهُنَّ إِلَّا قَلِيلًا مِّمَّا تُحْصِنُونَ (48)
Kuze kulandele emva koko iminyaka esixhenxe yendlala eya kudla oko nikugcinele yona kushiyeke intwana encinane yoko nanizigcinele kona
ثُمَّ يَأْتِي مِن بَعْدِ ذَٰلِكَ عَامٌ فِيهِ يُغَاثُ النَّاسُ وَفِيهِ يَعْصِرُونَ (49)
Emva koko kuza kufika unyaka apho abantu baza kufumana imvula eninzi abaza kuthi ngayo baxove (iwayini ne-oli)
وَقَالَ الْمَلِكُ ائْتُونِي بِهِ ۖ فَلَمَّا جَاءَهُ الرَّسُولُ قَالَ ارْجِعْ إِلَىٰ رَبِّكَ فَاسْأَلْهُ مَا بَالُ النِّسْوَةِ اللَّاتِي قَطَّعْنَ أَيْدِيَهُنَّ ۚ إِنَّ رَبِّي بِكَيْدِهِنَّ عَلِيمٌ (50)
Ikumkani yathi: “Mziseni kum.” Kodwa sathi isithunywa sisakufika kuye uYûsuf wathi: “Phindela enkosini yakho uyibuze okokuba, kwenzeka kanjani na ngabafazi abazisika izandla zabo? Inene iNkosi yam (uAllâh) Ilazi kakuhle iyelenqe labo.”
قَالَ مَا خَطْبُكُنَّ إِذْ رَاوَدتُّنَّ يُوسُفَ عَن نَّفْسِهِ ۚ قُلْنَ حَاشَ لِلَّهِ مَا عَلِمْنَا عَلَيْهِ مِن سُوءٍ ۚ قَالَتِ امْرَأَتُ الْعَزِيزِ الْآنَ حَصْحَصَ الْحَقُّ أَنَا رَاوَدتُّهُ عَن نَّفْسِهِ وَإِنَّهُ لَمِنَ الصَّادِقِينَ (51)
(Ke kaloku ikumkani) yathi (kubafazi): “Nanibangwa yintoni na ukuba nifune ukuhenda uYûsuf?” Abafazi bathi: “Thixo lo! Akukho kungcola sibaziyo thina ngokuchasene naye!” Umfazi ka-Al-’Azîz wathi: “Ngoku inyaniso ivelile, yayindim owayefuna ukumhenda, ke yena ngokwenene ungowabanyanisekileyo!”
ذَٰلِكَ لِيَعْلَمَ أَنِّي لَمْ أَخُنْهُ بِالْغَيْبِ وَأَنَّ اللَّهَ لَا يَهْدِي كَيْدَ الْخَائِنِينَ (52)
UYûsuf wathi: “Bendibuza (la mbuzo) ukwenzela ukuba uAl- ’Aziz azi okokuba andizanga ndimngcatshe e s a k u b a engekho.”Kananjaloinene!UAllâhAkabakhokeliabangcatshi abenza amayelenqe
۞ وَمَا أُبَرِّئُ نَفْسِي ۚ إِنَّ النَّفْسَ لَأَمَّارَةٌ بِالسُّوءِ إِلَّا مَا رَحِمَ رَبِّي ۚ إِنَّ رَبِّي غَفُورٌ رَّحِيمٌ (53)
Kanti nam (andizami) kuzikhulula (ekugxekweni). Inene, umntu utyekela ngasebubini ngaphandle kwabo iNkosi yam Ibenzela iNceba yaYo. Inene iNkosi yam nguMxoleli, uSozinceba.”
وَقَالَ الْمَلِكُ ائْتُونِي بِهِ أَسْتَخْلِصْهُ لِنَفْسِي ۖ فَلَمَّا كَلَّمَهُ قَالَ إِنَّكَ الْيَوْمَ لَدَيْنَا مَكِينٌ أَمِينٌ (54)
Ikumkani yathi: “Yizani naye kum khon’ukuze ndimsondeze kum.” Ekuthetheni kwakhe naye wathi: “Inene namhlanje, wena ukunye nathi, ibakala lakho liphakanyisiwe, uthembakele ngokupheleleyo.”
قَالَ اجْعَلْنِي عَلَىٰ خَزَائِنِ الْأَرْضِ ۖ إِنِّي حَفِيظٌ عَلِيمٌ (55)
“(UYûsuf) wathi: “Ndibeke ukuba ndilawule izindlu ezingoovimba belizwe; mna ndiya kubalondoloza inene ngolwazi.”
وَكَذَٰلِكَ مَكَّنَّا لِيُوسُفَ فِي الْأَرْضِ يَتَبَوَّأُ مِنْهَا حَيْثُ يَشَاءُ ۚ نُصِيبُ بِرَحْمَتِنَا مَن نَّشَاءُ ۖ وَلَا نُضِيعُ أَجْرَ الْمُحْسِنِينَ (56)
Samnika ngolo hlobo ulawulo ke uYûsuf ezweni, (Samenza) ukuba athabathe ubunini5 apho kulo, nanini na, naphi na apho athande khona. Thina Simenzela iNceba yeThu nabani na lowo Sithande ukumenzela, Yaye aSiwenzi ulahleke umvuzo wabenzi bokulungileyo
وَلَأَجْرُ الْآخِرَةِ خَيْرٌ لِّلَّذِينَ آمَنُوا وَكَانُوا يَتَّقُونَ (57)
Inene umvuzo woBomi oBuzayo nguwona ungcono kwabo bakholwayo boyika (uAllâh bathi gqolo ukwenza amaxanduva wabo kuYe)
وَجَاءَ إِخْوَةُ يُوسُفَ فَدَخَلُوا عَلَيْهِ فَعَرَفَهُمْ وَهُمْ لَهُ مُنكِرُونَ (58)
Ke kaloku abantakwabo uYûsuf beza, bangena kuye, wabazi yena, kodwa abamazi bona
وَلَمَّا جَهَّزَهُم بِجَهَازِهِمْ قَالَ ائْتُونِي بِأَخٍ لَّكُم مِّنْ أَبِيكُمْ ۚ أَلَا تَرَوْنَ أَنِّي أُوفِي الْكَيْلَ وَأَنَا خَيْرُ الْمُنزِلِينَ (59)
Akugqiba ukubanika ababeze kukufuna wathi: “Ndiziseleni umntakwenu ophuma kutata wenu (lo mntakwabo ke yayinguBhenjamin), anibonanga na ukuba ndininike umlinganiselo ozeleyo, nokuba mna ndingumbuki weendwendwe olungileyo
فَإِن لَّمْ تَأْتُونِي بِهِ فَلَا كَيْلَ لَكُمْ عِندِي وَلَا تَقْرَبُونِ (60)
“Kodwa ke ukuba nithe aneza naye kum, akukho mlinganiselo (wambona) niya kuwufumana nina kum, ningayi kusondela nokusondela kum.”
قَالُوا سَنُرَاوِدُ عَنْهُ أَبَاهُ وَإِنَّا لَفَاعِلُونَ (61)
Bathi bona: Siya kuzama ukufumana imvume kutata wakhe yaye inene siya kukwenza oko thina
وَقَالَ لِفِتْيَانِهِ اجْعَلُوا بِضَاعَتَهُمْ فِي رِحَالِهِمْ لَعَلَّهُمْ يَعْرِفُونَهَا إِذَا انقَلَبُوا إِلَىٰ أَهْلِهِمْ لَعَلَّهُمْ يَرْجِعُونَ (62)
(UYûsuf) wayalela izicaka zakhe ukuba mazithabathe imali leyo babeze kuthenga ngayo umbona ziyibuyisele kwasezingxoweni zabo, khon’ukuze bayazi xa befika kwabakubo, ukuze baphinde beze kwakhona
فَلَمَّا رَجَعُوا إِلَىٰ أَبِيهِمْ قَالُوا يَا أَبَانَا مُنِعَ مِنَّا الْكَيْلُ فَأَرْسِلْ مَعَنَا أَخَانَا نَكْتَلْ وَإِنَّا لَهُ لَحَافِظُونَ (63)
Bakufika kutata wabo, bathi (kuye): “Hini na tata! Akukho mlinganiselo wambona siya kuphinda siwufumane ngoku (ngaphandle kokuba size nomntakwethu). Ke ngoko sithumele kunye nomntakwethu, size sifumane umlinganiselo wethu, yaye thina inene siya kumlondoloza (umntakwethu).”
قَالَ هَلْ آمَنُكُمْ عَلَيْهِ إِلَّا كَمَا أَمِنتُكُمْ عَلَىٰ أَخِيهِ مِن قَبْلُ ۖ فَاللَّهُ خَيْرٌ حَافِظًا ۖ وَهُوَ أَرْحَمُ الرَّاحِمِينَ (64)
Wathi yena: “Ndingamnikela kuni ngaphandle kwangokuyaa ndanithembayo ngomntakwabo (uYûsuf) ngaphambili? Kodwa uAllâh nguYena Mlondolozi Ulungileyo, yaye nguSozinceba kwabo banenceba.”
وَلَمَّا فَتَحُوا مَتَاعَهُمْ وَجَدُوا بِضَاعَتَهُمْ رُدَّتْ إِلَيْهِمْ ۖ قَالُوا يَا أَبَانَا مَا نَبْغِي ۖ هَٰذِهِ بِضَاعَتُنَا رُدَّتْ إِلَيْنَا ۖ وَنَمِيرُ أَهْلَنَا وَنَحْفَظُ أَخَانَا وَنَزْدَادُ كَيْلَ بَعِيرٍ ۖ ذَٰلِكَ كَيْلٌ يَسِيرٌ (65)
Bathi bakuvula iingxowa zabo, bayifumana imali yabo ibuyiselwe kwakubo. Bathi: “Tata! Ingaba yintoni enye esisayifunayo? Nantsi imali yethu ibuyiselwe kwakuthi, ke ngoko siya kufumanela ikhaya lethu ukutya, kananjalo siya kumlondoloza umntakwethu, size songezelele umthwalo wenkamela enye. Lo mlinganiselo kuza kuba lula (ukuba ikumkani isinike).”
قَالَ لَنْ أُرْسِلَهُ مَعَكُمْ حَتَّىٰ تُؤْتُونِ مَوْثِقًا مِّنَ اللَّهِ لَتَأْتُنَّنِي بِهِ إِلَّا أَن يُحَاطَ بِكُمْ ۖ فَلَمَّا آتَوْهُ مَوْثِقَهُمْ قَالَ اللَّهُ عَلَىٰ مَا نَقُولُ وَكِيلٌ (66)
(UYa’kûb) wathi: “Andiyi kumthumela nani de nina nifunge isifungo esisibophelelo kum ngeGama lika-Allâh, nithi niya kubuya naye ngaphandle kokuba nina niye narhangqelwa (ziintshaba).”Bathikebesakuthabathaisifungoesisibophelelo, wathi yena: “UAllâh UliNgqina koko sikuthethileyo.”
وَقَالَ يَا بَنِيَّ لَا تَدْخُلُوا مِن بَابٍ وَاحِدٍ وَادْخُلُوا مِنْ أَبْوَابٍ مُّتَفَرِّقَةٍ ۖ وَمَا أُغْنِي عَنكُم مِّنَ اللَّهِ مِن شَيْءٍ ۖ إِنِ الْحُكْمُ إِلَّا لِلَّهِ ۖ عَلَيْهِ تَوَكَّلْتُ ۖ وَعَلَيْهِ فَلْيَتَوَكَّلِ الْمُتَوَكِّلُونَ (67)
Wathi kananjalo: “Hini na boonyana bam! Nize ningangeni ngesangoelinye, kokomazeningenengamasangoahlukeneyo, yaye andingekhe ndinincede nganto ngokuchasene noAllâh konke-konke. Inene! Isigqibo sixhomekeke kuAllâh kuphela, Mna ndibeka ithemba lam kuYe, yaye bonke abo bakholwayo mababeke ithemba labo kuYe.”
وَلَمَّا دَخَلُوا مِنْ حَيْثُ أَمَرَهُمْ أَبُوهُم مَّا كَانَ يُغْنِي عَنْهُم مِّنَ اللَّهِ مِن شَيْءٍ إِلَّا حَاجَةً فِي نَفْسِ يَعْقُوبَ قَضَاهَا ۚ وَإِنَّهُ لَذُو عِلْمٍ لِّمَا عَلَّمْنَاهُ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَ النَّاسِ لَا يَعْلَمُونَ (68)
Ekungeneni kwabo ngokwecebiso likatata wabo akuzanga kubancede nakancinane oko ngokuchasene noAllâh oko kwakuyimfuno nje yentliziyo kaYa`kûb nawaye wayikhupha (kuye) kananjalo yena wayephiwe ulwazi ngenxa yokuba Samfundisa Thina kodwa uninzi lwabantu alwazi nto
وَلَمَّا دَخَلُوا عَلَىٰ يُوسُفَ آوَىٰ إِلَيْهِ أَخَاهُ ۖ قَالَ إِنِّي أَنَا أَخُوكَ فَلَا تَبْتَئِسْ بِمَا كَانُوا يَعْمَلُونَ (69)
Bakufika phambi koYûsuf, wawola umntakwabo (uBhenjamin) wathi: “Inene mna ndingumntakwenu ke ungakhathazeki koko bakwenzayo.”
فَلَمَّا جَهَّزَهُم بِجَهَازِهِمْ جَعَلَ السِّقَايَةَ فِي رَحْلِ أَخِيهِ ثُمَّ أَذَّنَ مُؤَذِّنٌ أَيَّتُهَا الْعِيرُ إِنَّكُمْ لَسَارِقُونَ (70)
Akugqiba ukubanika oko babeze kukufuna, wafaka isitya (segolide) engxoweni yomntakwabo. Umkhwazi wamemeza: “Nina basenqwelweni ningamasela!”
قَالُوا وَأَقْبَلُوا عَلَيْهِم مَّاذَا تَفْقِدُونَ (71)
Baguquka bona bajonga ngakubo (abo babekhwaza), bathi: “Yintoni na enilahlekeleyo?”
قَالُوا نَفْقِدُ صُوَاعَ الْمَلِكِ وَلِمَن جَاءَ بِهِ حِمْلُ بَعِيرٍ وَأَنَا بِهِ زَعِيمٌ (72)
Bathi bona: “Silahlekelwe sisitya esigolide sikakumkani, ke lowo uthe wasiveza (uya kufumana) umthwalo wenkamela yaye ndiya kunyanzeleka (ndimnikile).”
قَالُوا تَاللَّهِ لَقَدْ عَلِمْتُم مَّا جِئْنَا لِنُفْسِدَ فِي الْأَرْضِ وَمَا كُنَّا سَارِقِينَ (73)
Bathi bona? “Sifunga ngoAllâh! Inene niyazi nina okokuba asizanga kwenza butshinga kweli lizwe, yaye thina asingomasela.”
قَالُوا فَمَا جَزَاؤُهُ إِن كُنتُمْ كَاذِبِينَ (74)
Bathi bona: “Iya kuba yintoni ke isohlwayo sabo baya kufumaniseka bengamaxoki?”
قَالُوا جَزَاؤُهُ مَن وُجِدَ فِي رَحْلِهِ فَهُوَ جَزَاؤُهُ ۚ كَذَٰلِكَ نَجْزِي الظَّالِمِينَ (75)
Bathi bona (abantakwaboYûsuf): “Isohlwayo salowo, siya kubhaqwa engxoweni yakhe kuya kufuneka ukuba abanjwe ohlwayelwe (ityala elo). Sibohlwaya kanjalo thina abenzi bobubi.”
فَبَدَأَ بِأَوْعِيَتِهِمْ قَبْلَ وِعَاءِ أَخِيهِ ثُمَّ اسْتَخْرَجَهَا مِن وِعَاءِ أَخِيهِ ۚ كَذَٰلِكَ كِدْنَا لِيُوسُفَ ۖ مَا كَانَ لِيَأْخُذَ أَخَاهُ فِي دِينِ الْمَلِكِ إِلَّا أَن يَشَاءَ اللَّهُ ۚ نَرْفَعُ دَرَجَاتٍ مَّن نَّشَاءُ ۗ وَفَوْقَ كُلِّ ذِي عِلْمٍ عَلِيمٌ (76)
Ke kaloku uYûsuf waqalisa (ukusikhangela) ezingxoweni zabo phambi kokuba aye kweyomntakwabo. Wasifumana kweyomntakwabo. Samcwangcisela kanjalo ke uYûsuf. Wayengekhe akwazi ukuthabatha umntakwabo ngokomthetho wekumkani (amenze ikhoboka) kungengaNtando ka-Allâh. Thina Sinyusela lowo Sithande ukumnyusela kwimigangatho ephezulu, kodwa ke phezu kwabo bonke abo banolwazi (nguAllâh) uSolwazi
۞ قَالُوا إِن يَسْرِقْ فَقَدْ سَرَقَ أَخٌ لَّهُ مِن قَبْلُ ۚ فَأَسَرَّهَا يُوسُفُ فِي نَفْسِهِ وَلَمْ يُبْدِهَا لَهُمْ ۚ قَالَ أَنتُمْ شَرٌّ مَّكَانًا ۖ وَاللَّهُ أَعْلَمُ بِمَا تَصِفُونَ (77)
Bathi (abantakwaboYûsuf): “Ukuba uyeba, kwakukho omnye umntwakwabo owebayo ngaphambili (kunaye).” Kodwa izinto ezinjengezo uYûsuf wazigcina kuye entliziyweni, engavezi zimfihlelo kubo. Wathi entliziyweni yakhe: “Nina nikwimeko emaxongo ngakumbi, yaye uAllâh nguYe Onolwazi ngoko nikuchazayo!”
قَالُوا يَا أَيُّهَا الْعَزِيزُ إِنَّ لَهُ أَبًا شَيْخًا كَبِيرًا فَخُذْ أَحَدَنَا مَكَانَهُ ۖ إِنَّا نَرَاكَ مِنَ الْمُحْسِنِينَ (78)
Bathi bona: “Hini na mlawuli welizwe! Inene yena unotata wakhe osele emdala (oza kuba buhlungu ngenxa yakhe); ke kaloku thabatha omnye wethu endaweni yakhe. Inene thina sicinga ukuba wena ungomnye wabenzi bokulungileyo.”
قَالَ مَعَاذَ اللَّهِ أَن نَّأْخُذَ إِلَّا مَن وَجَدْنَا مَتَاعَنَا عِندَهُ إِنَّا إِذًا لَّظَالِمُونَ (79)
Wathi yena: “UAllâh Akavumi, ukuba sithabathe nawuphi na koko mayibe ngulowo sisibhaqe kuye (isitya) sethu. Inene ukuba singenza loo nto siya kuba singabenzi bobubi.”
فَلَمَّا اسْتَيْأَسُوا مِنْهُ خَلَصُوا نَجِيًّا ۖ قَالَ كَبِيرُهُمْ أَلَمْ تَعْلَمُوا أَنَّ أَبَاكُمْ قَدْ أَخَذَ عَلَيْكُم مَّوْثِقًا مِّنَ اللَّهِ وَمِن قَبْلُ مَا فَرَّطتُمْ فِي يُوسُفَ ۖ فَلَنْ أَبْرَحَ الْأَرْضَ حَتَّىٰ يَأْذَنَ لِي أَبِي أَوْ يَحْكُمَ اللَّهُ لِي ۖ وَهُوَ خَيْرُ الْحَاكِمِينَ (80)
Ekumncameni kwabo, babamba intlanganiso bucala omdala kubo wathi: “Anazi na okokuba utata wenu uthabathe isifungo kuni eGameni lika-Allâh, yaye ngaphambili kunoku nasilela ukwenza uxanduva lwenu ngoYûsuf? Ngoko ke mna andiyi kulishiya eli lizwe ade utata wam andivumele, okanye uAllâh Enze isigqibo ngemeko yam (ngokuphathelene noBhenjamini) yaye Yena (uAllâh) nguYena Mgwebi Ulungileyo kubagwebi
ارْجِعُوا إِلَىٰ أَبِيكُمْ فَقُولُوا يَا أَبَانَا إِنَّ ابْنَكَ سَرَقَ وَمَا شَهِدْنَا إِلَّا بِمَا عَلِمْنَا وَمَا كُنَّا لِلْغَيْبِ حَافِظِينَ (81)
Buyelani ke kutata wenu nithi (kuye): “O tata wethu! Inene, unyana wakho (uBhenjamini) uye weba, ke thina akukho nto siyingqinayo ngaphandle koko sikwaziyo, yaye besingekhe sikwazi okungabonwayo (ngamehlo enyama).”
وَاسْأَلِ الْقَرْيَةَ الَّتِي كُنَّا فِيهَا وَالْعِيرَ الَّتِي أَقْبَلْنَا فِيهَا ۖ وَإِنَّا لَصَادِقُونَ (82)
“Ungafane ubuze naphaya kubantu besixeko ebesikuso, nenqwelo ebesibuya ngayo; inene thina sithetha inyaniso.”
قَالَ بَلْ سَوَّلَتْ لَكُمْ أَنفُسُكُمْ أَمْرًا ۖ فَصَبْرٌ جَمِيلٌ ۖ عَسَى اللَّهُ أَن يَأْتِيَنِي بِهِمْ جَمِيعًا ۚ إِنَّهُ هُوَ الْعَلِيمُ الْحَكِيمُ (83)
Wathi yena (uYa’kûb): “Nakanye, nina ngokwenu ikho into enizimfamekisa ngayo. Ke kaloku umonde nguwona ulungileyo (kum) mhlawumbi uAllâh Uza kubabuyisela kum bonke. Inene Yena! Nguye kuphela OnguSolwazi, uSobulumko.”
وَتَوَلَّىٰ عَنْهُمْ وَقَالَ يَا أَسَفَىٰ عَلَىٰ يُوسُفَ وَابْيَضَّتْ عَيْنَاهُ مِنَ الْحُزْنِ فَهُوَ كَظِيمٌ (84)
Akugqiba wabafulathela, wathi: “Inene, umphefumlo wam ubuhlungu ngoYûsuf!” Ke kaloku waye waphanyaka amehlo akabona ngenxa yobuhlungu bentliziyo yakhe ceyayicinezelekile
قَالُوا تَاللَّهِ تَفْتَأُ تَذْكُرُ يُوسُفَ حَتَّىٰ تَكُونَ حَرَضًا أَوْ تَكُونَ مِنَ الْهَالِكِينَ (85)
Bathi bona: “Sifunga ngoAllâh! Awusokuze uyeke ukucinga ngoYûsuf de ube buthathaka ngenxa yobudala okanye ude ube ngowabafileyo.”
قَالَ إِنَّمَا أَشْكُو بَثِّي وَحُزْنِي إِلَى اللَّهِ وَأَعْلَمُ مِنَ اللَّهِ مَا لَا تَعْلَمُونَ (86)
Wathi yena: “Mna ndikhalazela ukuba buhlungu kwentliziyo yam kuAllâh Yedwa, yaye mna ndazi endikwaziyo kuAllâh eningakwaziyo nina.”
يَا بَنِيَّ اذْهَبُوا فَتَحَسَّسُوا مِن يُوسُفَ وَأَخِيهِ وَلَا تَيْأَسُوا مِن رَّوْحِ اللَّهِ ۖ إِنَّهُ لَا يَيْأَسُ مِن رَّوْحِ اللَّهِ إِلَّا الْقَوْمُ الْكَافِرُونَ (87)
“Hini na bonyana bam! “Hambani niye kubuzisa ngoYûsuf nomntakwabo, ningaze nililahle ithemba ngeeNceba zika- Allâh. Inene akukho mntu ulahla ithemba ngeeNceba zika- Allâh ngaphandle kwabo bangakholwayo.”
فَلَمَّا دَخَلُوا عَلَيْهِ قَالُوا يَا أَيُّهَا الْعَزِيزُ مَسَّنَا وَأَهْلَنَا الضُّرُّ وَجِئْنَا بِبِضَاعَةٍ مُّزْجَاةٍ فَأَوْفِ لَنَا الْكَيْلَ وَتَصَدَّقْ عَلَيْنَا ۖ إِنَّ اللَّهَ يَجْزِي الْمُتَصَدِّقِينَ (88)
Ke kaloku bathi bakufika kuYûsuf, bathi: “Hini na mlawuli welizwe! Ixesha lobunzima lisithwaxile thina nekhaya lethu, ke kaloku, siphethe imadlana engephi, ke sinike umlinganiselo ozeleyo, usenzele isisa. Inene uAllâh Uyabavuza abo banesisa.”
قَالَ هَلْ عَلِمْتُم مَّا فَعَلْتُم بِيُوسُفَ وَأَخِيهِ إِذْ أَنتُمْ جَاهِلُونَ (89)
Wathi yena: “Niyayazi into enayenza kuYûsuf nomntakwabo ngethuba naningekazi nto?”
قَالُوا أَإِنَّكَ لَأَنتَ يُوسُفُ ۖ قَالَ أَنَا يُوسُفُ وَهَٰذَا أَخِي ۖ قَدْ مَنَّ اللَّهُ عَلَيْنَا ۖ إِنَّهُ مَن يَتَّقِ وَيَصْبِرْ فَإِنَّ اللَّهَ لَا يُضِيعُ أَجْرَ الْمُحْسِنِينَ (90)
Bathi bona: “Ingaba ngenene wena unguYûsuf? Wathi yena: Mna ndinguye uYûsuf, lo ngumntakwethu (uBhenjamin), uAllâh ngenene Ube noBabalo kuthi, inene lowo uMoyika ngenene uAllâh abe nentobeko kuYe, abe nomonde, inene, uAllâh Akawenzi ulahleke umvuzo wabenzi bokulungileyo.”
قَالُوا تَاللَّهِ لَقَدْ آثَرَكَ اللَّهُ عَلَيْنَا وَإِن كُنَّا لَخَاطِئِينَ (91)
Bathi Bona: Sifunga ngoAllâh, inene uAllâh Ukhethe wena phezu kwethu, yaye ngokwenyani thina besingaboni.”
قَالَ لَا تَثْرِيبَ عَلَيْكُمُ الْيَوْمَ ۖ يَغْفِرُ اللَّهُ لَكُمْ ۖ وَهُوَ أَرْحَمُ الرَّاحِمِينَ (92)
Wathi yena: “Makungabikho ukuzisola namhlanje, uAllâh Unixolele, yaye Yena nguSozinceba wabo babonakalisa inceba!”
اذْهَبُوا بِقَمِيصِي هَٰذَا فَأَلْقُوهُ عَلَىٰ وَجْهِ أَبِي يَأْتِ بَصِيرًا وَأْتُونِي بِأَهْلِكُمْ أَجْمَعِينَ (93)
“Hambani nale hempe yam, niyibeke ebusweni bukatata wam, uza kutsho abone ngokucacileyo, nize nize nosapho lwenu lonke.”
وَلَمَّا فَصَلَتِ الْعِيرُ قَالَ أَبُوهُمْ إِنِّي لَأَجِدُ رِيحَ يُوسُفَ ۖ لَوْلَا أَن تُفَنِّدُونِ (94)
Ukuhamba kwenqwelo, utata wabo wathi: “Inene ndiyaliva ivumba likaYûsuf enokuba nindicingela ukuba ndaluphele na.”
قَالُوا تَاللَّهِ إِنَّكَ لَفِي ضَلَالِكَ الْقَدِيمِ (95)
Bathi bona: “Sifunga ngoAllâh! Inene wena usekwimpazamo yakho endala.”
فَلَمَّا أَن جَاءَ الْبَشِيرُ أَلْقَاهُ عَلَىٰ وَجْهِهِ فَارْتَدَّ بَصِيرًا ۖ قَالَ أَلَمْ أَقُل لَّكُمْ إِنِّي أَعْلَمُ مِنَ اللَّهِ مَا لَا تَعْلَمُونَ (96)
Ke kaloku ukufika komphathi weendaba ezivuyisayo wajula (ihempe) phezu kobuso bakhe, wabona ngokucacileyo. Wathi: “Anditshongo na kuni ukuba ndazi endikwaziyo kuAllâh eningakwaziyo nina.”
قَالُوا يَا أَبَانَا اسْتَغْفِرْ لَنَا ذُنُوبَنَا إِنَّا كُنَّا خَاطِئِينَ (97)
Bathi bona: “O tata wethu! Sicelele itarhu (kuAllâh) ngezono zethu inene thina besingaboni.”
قَالَ سَوْفَ أَسْتَغْفِرُ لَكُمْ رَبِّي ۖ إِنَّهُ هُوَ الْغَفُورُ الرَّحِيمُ (98)
Wathi yena: “Ndiya kunicelela itarhu eNkosini yam, inene Yona Yodwa nguMxoleli, uSozinceba.”
فَلَمَّا دَخَلُوا عَلَىٰ يُوسُفَ آوَىٰ إِلَيْهِ أَبَوَيْهِ وَقَالَ ادْخُلُوا مِصْرَ إِن شَاءَ اللَّهُ آمِنِينَ (99)
Bathi bakufika phambi koYûsuf, wawolana nabazali bakhe, wathi: “Ngenani eYiputa ngoxolo, ukuba uAllâh Uyathanda.”
وَرَفَعَ أَبَوَيْهِ عَلَى الْعَرْشِ وَخَرُّوا لَهُ سُجَّدًا ۖ وَقَالَ يَا أَبَتِ هَٰذَا تَأْوِيلُ رُؤْيَايَ مِن قَبْلُ قَدْ جَعَلَهَا رَبِّي حَقًّا ۖ وَقَدْ أَحْسَنَ بِي إِذْ أَخْرَجَنِي مِنَ السِّجْنِ وَجَاءَ بِكُم مِّنَ الْبَدْوِ مِن بَعْدِ أَن نَّزَغَ الشَّيْطَانُ بَيْنِي وَبَيْنَ إِخْوَتِي ۚ إِنَّ رَبِّي لَطِيفٌ لِّمَا يَشَاءُ ۚ إِنَّهُ هُوَ الْعَلِيمُ الْحَكِيمُ (100)
Ke kaloku wabaphakamisela abazali bakhe etroneni, bawa baqubuda phambi kwakhe. Wathi yena: “O tata! Le yintsingiselo yephupha lam langaphambili! INkosi yam Ilenze lazaliseka! Inene Yona Yayisoloko Ilungile kum, ukundikhuphakwaYo entolongweni,Yanizisa apha, Inikhupha kubomi bokuhamba nihlala entlango, emva kokuba uShaytân ehlwayele ubutshaba phakathi kwam nabantakwethu. Inene iNkosi yam InobuBele neMfesane kulowo Imthandileyo. Inene Yona Yiyo Yodwa EnguSolwazi, uSobulumko.”
۞ رَبِّ قَدْ آتَيْتَنِي مِنَ الْمُلْكِ وَعَلَّمْتَنِي مِن تَأْوِيلِ الْأَحَادِيثِ ۚ فَاطِرَ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ أَنتَ وَلِيِّي فِي الدُّنْيَا وَالْآخِرَةِ ۖ تَوَفَّنِي مُسْلِمًا وَأَلْحِقْنِي بِالصَّالِحِينَ (101)
“Nkosi yam! Wena inene Undiphe ubunganga Wandifundisa nokutolika amaphupha (Wena) Mdali wamazulu nomhlaba. UnguMlondolozi wam Wena kweli hlabathi nakwelizayo. Ndenze mna ndife ndiliMuslim, Undimanye namalungisa.”
ذَٰلِكَ مِنْ أَنبَاءِ الْغَيْبِ نُوحِيهِ إِلَيْكَ ۖ وَمَا كُنتَ لَدَيْهِمْ إِذْ أَجْمَعُوا أَمْرَهُمْ وَهُمْ يَمْكُرُونَ (102)
Ezo ziindaba zokungabonwayo eSizityhila kuwe (Muhammad). Wena wawungekho kunye nabo xa babequlunqa bebodwa, naxa babesenza iyelenqe (labo)
وَمَا أَكْثَرُ النَّاسِ وَلَوْ حَرَصْتَ بِمُؤْمِنِينَ (103)
Ke kaloku uninzi lwabantu aluyi kukholwa enokuba oko ungakulangazelela ngenkuthalo engakanani na
وَمَا تَسْأَلُهُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ ۚ إِنْ هُوَ إِلَّا ذِكْرٌ لِّلْعَالَمِينَ (104)
Kananjalo akukho mvuzo ubahlawulisa wona ngayo (i’Kur’ân) kananjalo yona ayinto yimbi ngaphandle kokuba yinkumbuzo, necebiso kwindalo yonke
وَكَأَيِّن مِّنْ آيَةٍ فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ يَمُرُّونَ عَلَيْهَا وَهُمْ عَنْهَا مُعْرِضُونَ (105)
Khona mingaphi imiqondiso emazulwini nasemhlabeni abadlula kuyo lo gama bengakholwa kuyo
وَمَا يُؤْمِنُ أَكْثَرُهُم بِاللَّهِ إِلَّا وَهُم مُّشْرِكُونَ (106)
Uninzi lwabo alukholwa kuAllâh ngaphandle kokwayamanisa amahlulelane kuYe, bona bangabakhonzi bezithixo
أَفَأَمِنُوا أَن تَأْتِيَهُمْ غَاشِيَةٌ مِّنْ عَذَابِ اللَّهِ أَوْ تَأْتِيَهُمُ السَّاعَةُ بَغْتَةً وَهُمْ لَا يَشْعُرُونَ (107)
Ingaba baziva bekhuselekile na ekuzeni kwesigqubuthelo esisisohlwayo sika-Allâh kubo, okanye ekufikeni kweYûre yokuGqibela kubo ngequbuliso lo gama baya kuba bengayilindelanga
قُلْ هَٰذِهِ سَبِيلِي أَدْعُو إِلَى اللَّهِ ۚ عَلَىٰ بَصِيرَةٍ أَنَا وَمَنِ اتَّبَعَنِي ۖ وَسُبْحَانَ اللَّهِ وَمَا أَنَا مِنَ الْمُشْرِكِينَ (108)
Yithi (Muhammad) Le yiNdlela yam; mna ndimemela kuAllâh ngolwazi oluqinisekileyo. Mna nabani na lowo undilandelayo. Makazukiswe, Adunyiswe uAllâh, ke kaloku mna andingomnye wabakhonzi bezithixo
وَمَا أَرْسَلْنَا مِن قَبْلِكَ إِلَّا رِجَالًا نُّوحِي إِلَيْهِم مِّنْ أَهْلِ الْقُرَىٰ ۗ أَفَلَمْ يَسِيرُوا فِي الْأَرْضِ فَيَنظُرُوا كَيْفَ كَانَ عَاقِبَةُ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ ۗ وَلَدَارُ الْآخِرَةِ خَيْرٌ لِّلَّذِينَ اتَّقَوْا ۗ أَفَلَا تَعْقِلُونَ (109)
Kananjalo aSizanga Sithumele (baProfeti) phambi kwakho (Muhammad) ngaphandle kwabo babengamadoda ayephuma kubantu basezilalini eSatyhila kubo (ulwazi lwenkolo). Abakawuhamba-hambi na umhlaba babone okokuba saba yintoni na isiphelo sabo babengaphambili kunabo
حَتَّىٰ إِذَا اسْتَيْأَسَ الرُّسُلُ وَظَنُّوا أَنَّهُمْ قَدْ كُذِبُوا جَاءَهُمْ نَصْرُنَا فَنُجِّيَ مَن نَّشَاءُ ۖ وَلَا يُرَدُّ بَأْسُنَا عَنِ الْقَوْمِ الْمُجْرِمِينَ (110)
(Bona baye bamelwa esohlwayeni), wada uMprofeti waphelelwa lithemba nengcinga yokuba babesalelwa, bethintelwa (ngabantu). Ke kaloku lwafika uNcedo lweThu kubo, abo Sathandayo ukubasindisa, basinda. Kananjalo isohlwayo seThu angekhe sishenxiswe ebantwini abangabenzi bobubi
لَقَدْ كَانَ فِي قَصَصِهِمْ عِبْرَةٌ لِّأُولِي الْأَلْبَابِ ۗ مَا كَانَ حَدِيثًا يُفْتَرَىٰ وَلَٰكِن تَصْدِيقَ الَّذِي بَيْنَ يَدَيْهِ وَتَفْصِيلَ كُلِّ شَيْءٍ وَهُدًى وَرَحْمَةً لِّقَوْمٍ يُؤْمِنُونَ (111)
Inene embalini yabo kukho isifundo kubantu abaqiqayo. Yona (i’Kur’ân) asiyongxelo eqanjiweyo koko isisingqino (seeNcwadizika-Allâh) ezaziphambikwayo, yayeiyinkcazelo echazwe ngokwengcombolo yezinto zonke, isisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas