×

Surah Ash-Shuara in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Shuara

Translation of the Meanings of Surah Shuara in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Shuara translated into Xhosa, Surah Ash-Shuara in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Shuara in Xhosa - الكسوزا, Verses 227 - Surah Number 26 - Page 367.

بسم الله الرحمن الرحيم

طسم (1)
Tâ-Sîn-Mîm
تِلْكَ آيَاتُ الْكِتَابِ الْمُبِينِ (2)
Ezi ziiVesi zeNcwadi ecacileyo
لَعَلَّكَ بَاخِعٌ نَّفْسَكَ أَلَّا يَكُونُوا مُؤْمِنِينَ (3)
Mhlawumbi wena (Muhammad) ungazibulala ngenxa yobuhlungu bokuba bangangabi ngawo amakholwa
إِن نَّشَأْ نُنَزِّلْ عَلَيْهِم مِّنَ السَّمَاءِ آيَةً فَظَلَّتْ أَعْنَاقُهُمْ لَهَا خَاضِعِينَ (4)
Ukuba beSithanda beSingabathumelela umqondiso ovela esibhakabhakeni obuza kubenza iintamo zabo zihlale zithobekile
وَمَا يَأْتِيهِم مِّن ذِكْرٍ مِّنَ الرَّحْمَٰنِ مُحْدَثٍ إِلَّا كَانُوا عَنْهُ مُعْرِضِينَ (5)
Kananjalo akukho siTyhilelo sitsha esifika kubo sivela eNkosini yabo abangasitshikileliyo
فَقَدْ كَذَّبُوا فَسَيَأْتِيهِمْ أَنبَاءُ مَا كَانُوا بِهِ يَسْتَهْزِئُونَ (6)
Ke kaloku bona baphikile, kodwa kuza kufika iindaba kubo zoko babedla ngokukugxeka
أَوَلَمْ يَرَوْا إِلَى الْأَرْضِ كَمْ أَنبَتْنَا فِيهَا مِن كُلِّ زَوْجٍ كَرِيمٍ (7)
Kanti abawujongi na umhlaba (babone) ukuba Sihlumise kangakanani na kuhlobo ngalunye (izinto) zodidi oluxabisekileyo
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (8)
Inene, kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo abangomakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (9)
Yaye inene, iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba
وَإِذْ نَادَىٰ رَبُّكَ مُوسَىٰ أَنِ ائْتِ الْقَوْمَ الظَّالِمِينَ (10)
Kananjalo xa iNkosi yakho yabiza uMûsâ (Isithi): “Hamba uye kubantu abenza ububi
قَوْمَ فِرْعَوْنَ ۚ أَلَا يَتَّقُونَ (11)
Abantu bakwaFir’awn. Ingaba abayi kumoyika na uAllâh?”
قَالَ رَبِّ إِنِّي أَخَافُ أَن يُكَذِّبُونِ (12)
Wathi yena: “Nkosi yam ndinoloyiko lokuba hleze bandiphikise
وَيَضِيقُ صَدْرِي وَلَا يَنطَلِقُ لِسَانِي فَأَرْسِلْ إِلَىٰ هَارُونَ (13)
Size nesifuba sam sicutheke1, nolwimi lwam lungabi nakukhululeka, ngoko ke thumela (umyalezo) kuHârûn (ukuba aze kuncedisana nam kulo msebenzi)
وَلَهُمْ عَلَيَّ ذَنبٌ فَأَخَافُ أَن يَقْتُلُونِ (14)
Yaye bona banebango letyala2 kum, ngoko ke mna ndinoloyiko lokuba hleze bandibulale.”
قَالَ كَلَّا ۖ فَاذْهَبَا بِآيَاتِنَا ۖ إِنَّا مَعَكُم مُّسْتَمِعُونَ (15)
UAllâh Wathi: “Nakanye! Hambani nina nobabini nemiqondiso yeThu. Inene Thina Siya kuba kunye nani, Siphulaphule
فَأْتِيَا فِرْعَوْنَ فَقُولَا إِنَّا رَسُولُ رَبِّ الْعَالَمِينَ (16)
Hambani niye kuFir’awn, nithi kuye: ‘Thina singabaThunywa beNkosi yamaphakade
أَنْ أَرْسِلْ مَعَنَا بَنِي إِسْرَائِيلَ (17)
Ke, vumela aBantwana bakwaSirayeli bahambe nathi.’”
قَالَ أَلَمْ نُرَبِّكَ فِينَا وَلِيدًا وَلَبِثْتَ فِينَا مِنْ عُمُرِكَ سِنِينَ (18)
(UFir’awn) wathi: “Asizanga sikukhulise phakathi kwethu ungumtwana na wena (Mûsâ), wahlala nathi iminyaka ngeminyaka yobomi bakho
وَفَعَلْتَ فَعْلَتَكَ الَّتِي فَعَلْتَ وَأَنتَ مِنَ الْكَافِرِينَ (19)
Waza wena wenza isenzo sakho owasenzayo, waba ngomnye wabangenambulelo.”
قَالَ فَعَلْتُهَا إِذًا وَأَنَا مِنَ الضَّالِّينَ (20)
(UMûsâ) wathi: “Ndayenza loo nto ngoko, ngethuba ndandisengomnye wabalahlekileyo (ndingazi)
فَفَرَرْتُ مِنكُمْ لَمَّا خِفْتُكُمْ فَوَهَبَ لِي رَبِّي حُكْمًا وَجَعَلَنِي مِنَ الْمُرْسَلِينَ (21)
Ndabaleka ndemka kuni, ndinoyika. Yaza iNkosi yam Yandinika (ulwazi) lokugweba, Yandenza ndaba ngoMnye wabaThunywa
وَتِلْكَ نِعْمَةٌ تَمُنُّهَا عَلَيَّ أَنْ عَبَّدتَّ بَنِي إِسْرَائِيلَ (22)
Olu luBabalo ondikhumbuza ngalo okokuba wena ukhoboza aBantwana bakwaSirayeli na?”
قَالَ فِرْعَوْنُ وَمَا رَبُّ الْعَالَمِينَ (23)
UFir’awn wathi: “Kanti ngubani na iNkosi yamaphakade?”
قَالَ رَبُّ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ وَمَا بَيْنَهُمَا ۖ إِن كُنتُم مُّوقِنِينَ (24)
(UMûsâ) wathi: “YiNkosi yamazulu nomhlaba noko kuphakathikwawo, ukubaufunaukuqinisekiswangenyaniso.”
قَالَ لِمَنْ حَوْلَهُ أَلَا تَسْتَمِعُونَ (25)
(UFir’awn) wathi kwabo babemngqongile: “Aniva na?”
قَالَ رَبُّكُمْ وَرَبُّ آبَائِكُمُ الْأَوَّلِينَ (26)
(UMûsâ) wathi:YiNkosiyakhoekwayiNkosiyooyihlomkhulu bokuqala.”
قَالَ إِنَّ رَسُولَكُمُ الَّذِي أُرْسِلَ إِلَيْكُمْ لَمَجْنُونٌ (27)
(UFir’awn) wathi: “Inene uMthunywa wenu othunywe kuni uphambene.”
قَالَ رَبُّ الْمَشْرِقِ وَالْمَغْرِبِ وَمَا بَيْنَهُمَا ۖ إِن كُنتُمْ تَعْقِلُونَ (28)
(UMûsâ) wathi: “YiNkosi yeMpumalanga neNtshonalanga noko kuphakathi kwazo, ukuba ubuqiqa.”
قَالَ لَئِنِ اتَّخَذْتَ إِلَٰهًا غَيْرِي لَأَجْعَلَنَّكَ مِنَ الْمَسْجُونِينَ (29)
(UFir’awn) wathi: “Ukuba ukhe wathabatha thixo (wumbi) ngaphandle kwam, Inene mna ndiya kukubeka phakathi kwabo bangamabanjwa.”
قَالَ أَوَلَوْ جِئْتُكَ بِشَيْءٍ مُّبِينٍ (30)
(UMûsâ) wathi: Nokuba ndingakuzela nento ebonakalayo na (engumqondiso)?”
قَالَ فَأْتِ بِهِ إِن كُنتَ مِنَ الصَّادِقِينَ (31)
UFir’awn wathi: Yiza nayo kaloku ukuba unenyaniso.”
فَأَلْقَىٰ عَصَاهُ فَإِذَا هِيَ ثُعْبَانٌ مُّبِينٌ (32)
Waza (uMûsâ) wajula umsimelelo wakhe, ngokukhawuleza waba yinyoka ebonakalayo
وَنَزَعَ يَدَهُ فَإِذَا هِيَ بَيْضَاءُ لِلنَّاظِرِينَ (33)
Waza warhola isandla sakhe saba mhlophe kwababesibukele
قَالَ لِلْمَلَإِ حَوْلَهُ إِنَّ هَٰذَا لَسَاحِرٌ عَلِيمٌ (34)
(UFir’awn) wathi kwiinkosi zakhe ezazimngqongile: “Inene! Lo ngumenzi wemilingo oyincutshe
يُرِيدُ أَن يُخْرِجَكُم مِّنْ أَرْضِكُم بِسِحْرِهِ فَمَاذَا تَأْمُرُونَ (35)
Yena ufuna ukunikhupha ezweni lenu ngemilingo yakhe: uyintoni na ke umyalelo wenu, (makathiweni na)?”
قَالُوا أَرْجِهْ وَأَخَاهُ وَابْعَثْ فِي الْمَدَائِنِ حَاشِرِينَ (36)
Bathi bona: “Rhoxisa (umcimbi) wakhe nomntakwabo okwethutyana, uthumele abamemezi ezixekweni
يَأْتُوكَ بِكُلِّ سَحَّارٍ عَلِيمٍ (37)
Ukuba beze nazo zonke iincutshe zabenzi bemilingo.”
فَجُمِعَ السَّحَرَةُ لِمِيقَاتِ يَوْمٍ مَّعْلُومٍ (38)
Ke kaloku abenzi bemilingo baqokelelana ngemini eyayikhethiwe
وَقِيلَ لِلنَّاسِ هَلْ أَنتُم مُّجْتَمِعُونَ (39)
Kwathiwa ebantwini: “Ingaba nani niza kuqokelelana ndawonye na
لَعَلَّنَا نَتَّبِعُ السَّحَرَةَ إِن كَانُوا هُمُ الْغَالِبِينَ (40)
Khon’ukuze sibe nokulandela abenzi bemilingo ukuba ibe ngabo ababe noloyiso?”
فَلَمَّا جَاءَ السَّحَرَةُ قَالُوا لِفِرْعَوْنَ أَئِنَّ لَنَا لَأَجْرًا إِن كُنَّا نَحْنُ الْغَالِبِينَ (41)
Ukufika kwabenzi bemilingo, bathi kuFir’awn: “Ingaba ngenene uya kubakhona na umvuzo kuthi xa sinokuphumelela
قَالَ نَعَمْ وَإِنَّكُمْ إِذًا لَّمِنَ الْمُقَرَّبِينَ (42)
Wathi yena: “Ewe, yaye kananjalo nina niya kuba ngabanye babo basondeleyo kum (ngokwesikhundla).”
قَالَ لَهُم مُّوسَىٰ أَلْقُوا مَا أَنتُم مُّلْقُونَ (43)
Umûsâ wathi: kubo: “Julani ke oko niza kukujula!”
فَأَلْقَوْا حِبَالَهُمْ وَعِصِيَّهُمْ وَقَالُوا بِعِزَّةِ فِرْعَوْنَ إِنَّا لَنَحْنُ الْغَالِبُونَ (44)
Bazijula ke iintambo zabo neentonga zabo, bathi: “Ngamandla kaFir’awn, sithi abaza kuphumelela ngenene!”
فَأَلْقَىٰ مُوسَىٰ عَصَاهُ فَإِذَا هِيَ تَلْقَفُ مَا يَأْفِكُونَ (45)
Waza uMûsâ wajula eyakhe intonga, khangela ke! Yakuginya konke oko babekubonisa ngobuxoki
فَأُلْقِيَ السَّحَرَةُ سَاجِدِينَ (46)
Abenzi bemilingo bawa ngobuso baqubuda
قَالُوا آمَنَّا بِرَبِّ الْعَالَمِينَ (47)
Besithi: “Sikholiwe thina kwiNkosi yamaphakade
رَبِّ مُوسَىٰ وَهَارُونَ (48)
INkosi kaMûsâ noHârûn.”
قَالَ آمَنتُمْ لَهُ قَبْلَ أَنْ آذَنَ لَكُمْ ۖ إِنَّهُ لَكَبِيرُكُمُ الَّذِي عَلَّمَكُمُ السِّحْرَ فَلَسَوْفَ تَعْلَمُونَ ۚ لَأُقَطِّعَنَّ أَيْدِيَكُمْ وَأَرْجُلَكُم مِّنْ خِلَافٍ وَلَأُصَلِّبَنَّكُمْ أَجْمَعِينَ (49)
Wathi uFir’awn: “Nikholwa kuye ndinganinikanga mvume na? Inene, yena yinkosi yenu enifundise imilingo! Inene, niza kwazi. Inene mna ndiya kuninqumla izandla zenu neenyawo zenu ngokwahlukana kwamacala3, yaye ndiya kunibethelela emnqamlezweni nonke.”
قَالُوا لَا ضَيْرَ ۖ إِنَّا إِلَىٰ رَبِّنَا مُنقَلِبُونَ (50)
Bathi bona: Akuyi kubakho ngozi kuba isiphelo sethu kukubuyela eNkosini yethu (kakade)
إِنَّا نَطْمَعُ أَن يَغْفِرَ لَنَا رَبُّنَا خَطَايَانَا أَن كُنَّا أَوَّلَ الْمُؤْمِنِينَ (51)
“Inene thina sithemba okokuba iNkosi yethu Iya kusixolela izono zethu, njengoko singabokuqala kumakholwa.”
۞ وَأَوْحَيْنَا إِلَىٰ مُوسَىٰ أَنْ أَسْرِ بِعِبَادِي إِنَّكُم مُّتَّبَعُونَ (52)
Kananjalo Satyhilela uMûsâ, (okokuba) “Hamba ngobusuku nezicaka zaM; inene, nina niya kuleqwa.”
فَأَرْسَلَ فِرْعَوْنُ فِي الْمَدَائِنِ حَاشِرِينَ (53)
Waza uFir’awn wathumela ezixekweni abaqokeleli
إِنَّ هَٰؤُلَاءِ لَشِرْذِمَةٌ قَلِيلُونَ (54)
(Wathi), Inene, bona aba baliqelana elincinane
وَإِنَّهُمْ لَنَا لَغَائِظُونَ (55)
Inene bona basenza umsindo
وَإِنَّا لَجَمِيعٌ حَاذِرُونَ (56)
Kanti thina siluluntu olunobubele.”
فَأَخْرَجْنَاهُم مِّن جَنَّاتٍ وَعُيُونٍ (57)
Sabasusa ke ezitiyeni nasemithonjeni
وَكُنُوزٍ وَمَقَامٍ كَرِيمٍ (58)
Nakoovimba nezikhundla ezihloniphekileyo
كَذَٰلِكَ وَأَوْرَثْنَاهَا بَنِي إِسْرَائِيلَ (59)
Ngolo hlobo ke Senza aBantwana bakwaSirayeli ukuba babe ziindlalifa
فَأَتْبَعُوهُم مُّشْرِقِينَ (60)
Babaleqa ke ukuphuma kwelanga
فَلَمَّا تَرَاءَى الْجَمْعَانِ قَالَ أَصْحَابُ مُوسَىٰ إِنَّا لَمُدْرَكُونَ (61)
Kwathi imikhosi leyo mibini ukubonana kwayo, abalandeli bakaMûsâ bathi: “Inene thina siza kufunyanwa.”
قَالَ كَلَّا ۖ إِنَّ مَعِيَ رَبِّي سَيَهْدِينِ (62)
(UMûsâ) wathi: “Nakanye! Inene, iNkosi yam Ikunye nam. Iya kundikhokela Yona.”
فَأَوْحَيْنَا إِلَىٰ مُوسَىٰ أَنِ اضْرِب بِّعَصَاكَ الْبَحْرَ ۖ فَانفَلَقَ فَكَانَ كُلُّ فِرْقٍ كَالطَّوْدِ الْعَظِيمِ (63)
Satyhila kuMûsâ (Sathi): “Betha ulwandle ngomsimelelo wakho,” Lwahlukana kubini, icala ngalinye laba ngathi yintaba ephakamileyo
وَأَزْلَفْنَا ثَمَّ الْآخَرِينَ (64)
Saza Sabasondeza kufutshane abanye (umkhosi kaFir’awn)
وَأَنجَيْنَا مُوسَىٰ وَمَن مَّعَهُ أَجْمَعِينَ (65)
Samsindisa ke uMûsâ ndawonye nabo babekunye naye
ثُمَّ أَغْرَقْنَا الْآخَرِينَ (66)
Sabatshonisa abanye (umkhosi kaFir’awn)
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (67)
Inene kule nto kwakungumqondiso kodwa uninzi lwabo babengazi kuba ngamakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (68)
Kananjalo iNkosi yakho NguSobunganga, uSobulumko
وَاتْلُ عَلَيْهِمْ نَبَأَ إِبْرَاهِيمَ (69)
Kananjalo bacengcelezele ibali likaIbrâhîm (uAbraham)
إِذْ قَالَ لِأَبِيهِ وَقَوْمِهِ مَا تَعْبُدُونَ (70)
Xa wathi kutata wakhe nakubantu bakowabo: “Ninqula ntoni na?”
قَالُوا نَعْبُدُ أَصْنَامًا فَنَظَلُّ لَهَا عَاكِفِينَ (71)
Bathi bona: “Sinqula izithixo, yaye thina sizinikele ngamandla kuzo.”
قَالَ هَلْ يَسْمَعُونَكُمْ إِذْ تَدْعُونَ (72)
Wathi yena: “Ziyaniva ke xa nibhekisa kuzo
أَوْ يَنفَعُونَكُمْ أَوْ يَضُرُّونَ (73)
Okanye zininike inzuzo okanye zinonzakalise?”
قَالُوا بَلْ وَجَدْنَا آبَاءَنَا كَذَٰلِكَ يَفْعَلُونَ (74)
Bathi bona: “Hayi, kodwa ke safumana oobawo bethu besenza njalo (bezinqula).”
قَالَ أَفَرَأَيْتُم مَّا كُنتُمْ تَعْبُدُونَ (75)
Wathi yena: “Ingaba nikuqaphele phofu oko nihleli nikunqula
أَنتُمْ وَآبَاؤُكُمُ الْأَقْدَمُونَ (76)
Nina nookhokho benu bamandulo
فَإِنَّهُمْ عَدُوٌّ لِّي إِلَّا رَبَّ الْعَالَمِينَ (77)
Inene bona baziintshaba kum, kodwa Ayinjalo Yona iNkosi yamaphakade
الَّذِي خَلَقَنِي فَهُوَ يَهْدِينِ (78)
Eyandidalayo, yaye yiYo Endikhokelayo
وَالَّذِي هُوَ يُطْعِمُنِي وَيَسْقِينِ (79)
IkwayiYo Endondlayo nendisezayo (Indiqabule unxano)
وَإِذَا مَرِضْتُ فَهُوَ يَشْفِينِ (80)
Kanti naxa ndigulayo, yiYo Endiphilisayo
وَالَّذِي يُمِيتُنِي ثُمَّ يُحْيِينِ (81)
IkwayiYo Eza kundenza ndife, Ize Indibuyisele ebomini (kwakhona)
وَالَّذِي أَطْمَعُ أَن يَغْفِرَ لِي خَطِيئَتِي يَوْمَ الدِّينِ (82)
YiYo nendinqwenela ukuba Indixolele iziphoso zam ngoMhla wemivuzo.”
رَبِّ هَبْ لِي حُكْمًا وَأَلْحِقْنِي بِالصَّالِحِينَ (83)
(Waza uIbrâhîm wathi): “Nkosi yam ndiphe (amandla namagunya) okugweba, Undimanye nabangamalungisa
وَاجْعَل لِّي لِسَانَ صِدْقٍ فِي الْآخِرِينَ (84)
Ndiphe ukukhankanywa ngenkumbulo ebekekileyo zizizukulwana ezizayo
وَاجْعَلْنِي مِن وَرَثَةِ جَنَّةِ النَّعِيمِ (85)
Undibeke phakathi kwabaziindlalifa zePaladesi yolonwabo
وَاغْفِرْ لِأَبِي إِنَّهُ كَانَ مِنَ الضَّالِّينَ (86)
Uxolele utata wam. Inene yena ngomnye wabo balahlekayo
وَلَا تُخْزِنِي يَوْمَ يُبْعَثُونَ (87)
Ungandenzi ndibe ngomnye wabo bahlazekileyo ngoMhla lowo baya kuvuswa ngawo (bonke)
يَوْمَ لَا يَنفَعُ مَالٌ وَلَا بَنُونَ (88)
Mini leyo ubutyebi nabantwana bungayi kunceda nto
إِلَّا مَنْ أَتَى اللَّهَ بِقَلْبٍ سَلِيمٍ (89)
Ngaphandle kwalowo uya kuza kuAllâh enentliziyo ecocekileyo.”
وَأُزْلِفَتِ الْجَنَّةُ لِلْمُتَّقِينَ (90)
Ke kaloku iPaladesi iya kuziswa kufutshane kwabangamalungisa
وَبُرِّزَتِ الْجَحِيمُ لِلْغَاوِينَ (91)
NoMlilo wesiHogo uya kuziswa kufutshane nabo baphambukayo
وَقِيلَ لَهُمْ أَيْنَ مَا كُنتُمْ تَعْبُدُونَ (92)
Yaye kuya kuthiwa kubo: “Baphi na abo nanidla ngokubanqula
مِن دُونِ اللَّهِ هَلْ يَنصُرُونَكُمْ أَوْ يَنتَصِرُونَ (93)
Ngaphandle koAllâh? Banganinika na uncedo okanye bazincede bona buqu?”
فَكُبْكِبُوا فِيهَا هُمْ وَالْغَاوُونَ (94)
Ke kaloku bona baya kujulwa ngobuso babo eMlilweni, bona nabaphambuki
وَجُنُودُ إِبْلِيسَ أَجْمَعُونَ (95)
Baya kudityaniswa ndawonye namajoni (omkhosi wokungcola) kaIblîs (uSathana)
قَالُوا وَهُمْ فِيهَا يَخْتَصِمُونَ (96)
Baya kuthi xa bephikisana phakathi apho
تَاللَّهِ إِن كُنَّا لَفِي ضَلَالٍ مُّبِينٍ (97)
“Sifunga ngoAllâh: Inene thina sasisekulahlekeni okucacileyo
إِذْ نُسَوِّيكُم بِرَبِّ الْعَالَمِينَ (98)
Ngokufanisa nina neNkosi yamaphakade
وَمَا أَضَلَّنَا إِلَّا الْمُجْرِمُونَ (99)
Yaye akukho bani owasilahlekisayo ngaphandle kwezaphula- mthetho
فَمَا لَنَا مِن شَافِعِينَ (100)
Ke koloku thina ngoku asinamthetheleli
وَلَا صَدِيقٍ حَمِيمٍ (101)
Akukho netshomi ezinikeleyo (kuthi)
فَلَوْ أَنَّ لَنَا كَرَّةً فَنَكُونَ مِنَ الْمُؤْمِنِينَ (102)
Kodwa ukuba besinokubuyiselwa (emhlabeni), inene thina besiya kuba ngabakholwayo.”
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (103)
Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo abangomakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (104)
Inene iNkosi yakho, nguSomandla Wokwenene, uSozinceba
كَذَّبَتْ قَوْمُ نُوحٍ الْمُرْسَلِينَ (105)
Abantu bakwaNûh babaphikisa abaThunywa
إِذْ قَالَ لَهُمْ أَخُوهُمْ نُوحٌ أَلَا تَتَّقُونَ (106)
Xa umntakwabo uNûh wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
إِنِّي لَكُمْ رَسُولٌ أَمِينٌ (107)
Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (108)
Ngoko ke yoyikani uAllâh nindithobele
وَمَا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ ۖ إِنْ أَجْرِيَ إِلَّا عَلَىٰ رَبِّ الْعَالَمِينَ (109)
Yaye andinibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo). Intlawulo yam iseNkosini yam
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (110)
Yenzani amaxanduva enu kuAllâh, yoyikani Yena nithobele mna.”
۞ قَالُوا أَنُؤْمِنُ لَكَ وَاتَّبَعَكَ الْأَرْذَلُونَ (111)
Bathi bona: “Thina sikholwe kuwe, lo gama ingabantu ekungekho yabo (phakathi kwethu) abalandela wena?”
قَالَ وَمَا عِلْمِي بِمَا كَانُوا يَعْمَلُونَ (112)
Wathi: “Ndinalwazi luni na mna ngoko bakwenzileyo
إِنْ حِسَابُهُمْ إِلَّا عَلَىٰ رَبِّي ۖ لَوْ تَشْعُرُونَ (113)
Ityala labo liseNkosini yabo kuphela, ukuba benisazi
وَمَا أَنَا بِطَارِدِ الْمُؤْمِنِينَ (114)
Yaye andinguye onokugxotha amakholwa
إِنْ أَنَا إِلَّا نَذِيرٌ مُّبِينٌ (115)
Mna ndinguMlumkisi kuphela.”
قَالُوا لَئِن لَّمْ تَنتَهِ يَا نُوحُ لَتَكُونَنَّ مِنَ الْمَرْجُومِينَ (116)
Bathi bona: “Ukuba akuyeki (ukushumayela ngoAllâh) wena Nûh, inene wena uya kuba ngomnye wabo baya kuxulutywa ngamatye.”
قَالَ رَبِّ إِنَّ قَوْمِي كَذَّبُونِ (117)
Wathi yena: “Nkosi yam, inene abantu bakuthi bandiphikile
فَافْتَحْ بَيْنِي وَبَيْنَهُمْ فَتْحًا وَنَجِّنِي وَمَن مَّعِيَ مِنَ الْمُؤْمِنِينَ (118)
Gweba ke ngoko phakathi kwam nabo, undisindise mna nabo bangamakholwa bakunye nam.”
فَأَنجَيْنَاهُ وَمَن مَّعَهُ فِي الْفُلْكِ الْمَشْحُونِ (119)
Ke kaloku Samsindisa yena enqanaweni eyayisindeka (ngumthwalo)
ثُمَّ أَغْرَقْنَا بَعْدُ الْبَاقِينَ (120)
Sabarhaxisa(ngamanzibafa) bonkeabanye(ababengakholwa) emva koko
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (121)
Inene kuko oko kwabakho umqondiso, kodwa uninzi lwabo babengazi kuba ngamakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (122)
Ke kaloku Yona iNkosi yenu nguSobunganga, uSozinceba
كَذَّبَتْ عَادٌ الْمُرْسَلِينَ (123)
Ama’Ad abaphika abaThunywa
إِذْ قَالَ لَهُمْ أَخُوهُمْ هُودٌ أَلَا تَتَّقُونَ (124)
Xa umntakwabo uHûd wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
إِنِّي لَكُمْ رَسُولٌ أَمِينٌ (125)
Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (126)
Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
وَمَا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ ۖ إِنْ أَجْرِيَ إِلَّا عَلَىٰ رَبِّ الْعَالَمِينَ (127)
Yaye andiniceli ntlawulo ngawo (lo myalezo). Intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
أَتَبْنُونَ بِكُلِّ رِيعٍ آيَةً تَعْبَثُونَ (128)
Nina nakha imizi yenu ephakamileyo kuzo zonke iindawo eziphakamileyo eningazi kuhlala nokuhlala kuyo (loo mizi)
وَتَتَّخِذُونَ مَصَانِعَ لَعَلَّكُمْ تَخْلُدُونَ (129)
Nize nizithabathele izakhiwo (zamabhotwe) zokuba nihlale kuwo ngonaphakade
وَإِذَا بَطَشْتُم بَطَشْتُمْ جَبَّارِينَ (130)
Naxa nihlasela (abantu) nibahlasela okwezikhohlakali
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (131)
Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
وَاتَّقُوا الَّذِي أَمَدَّكُم بِمَا تَعْلَمُونَ (132)
Ke kaloku yoyikani loWo Wanibonelela ngoko nikwaziyo
أَمَدَّكُم بِأَنْعَامٍ وَبَنِينَ (133)
Wanibonelela ngemfuyo yezilwanyana ezidla ingca nabantwana
وَجَنَّاتٍ وَعُيُونٍ (134)
Nezitiya nemithombo (yamanzi)
إِنِّي أَخَافُ عَلَيْكُمْ عَذَابَ يَوْمٍ عَظِيمٍ (135)
Inene mna ndoyikisela isohlwayo seMini eNkulu kuni.”
قَالُوا سَوَاءٌ عَلَيْنَا أَوَعَظْتَ أَمْ لَمْ تَكُن مِّنَ الْوَاعِظِينَ (136)
Bathi bona: “Kuyafana kuthi nokuba ungashumayela okanye ube ngomnye wabo bangashumayeliyo
إِنْ هَٰذَا إِلَّا خُلُقُ الْأَوَّلِينَ (137)
Oku (ukushumayelayo) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngamabali obuxoki wabantu bakudala
وَمَا نَحْنُ بِمُعَذَّبِينَ (138)
Yaye asiyi kohlwaywa thina.”
فَكَذَّبُوهُ فَأَهْلَكْنَاهُمْ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (139)
Bamphikisa ke, Saza Sabatshabalalisa. Inene kuko oku kukho umqondiso ngenene, kodwa uninzi lwabo abangawo amakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (140)
Ke kaloku iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba wokwenene
كَذَّبَتْ ثَمُودُ الْمُرْسَلِينَ (141)
(Abantu) bakwaThamûd babaphika abaThunywa
إِذْ قَالَ لَهُمْ أَخُوهُمْ صَالِحٌ أَلَا تَتَّقُونَ (142)
Xa umntakwabo uSâlih wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
إِنِّي لَكُمْ رَسُولٌ أَمِينٌ (143)
Inene, mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (144)
Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
وَمَا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ ۖ إِنْ أَجْرِيَ إِلَّا عَلَىٰ رَبِّ الْعَالَمِينَ (145)
Yaye andinibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
أَتُتْرَكُونَ فِي مَا هَاهُنَا آمِنِينَ (146)
Ingaba niza kuhlala nikhuselekile koku ninako apha? (aniyi kufa na)
فِي جَنَّاتٍ وَعُيُونٍ (147)
(kwezo) zitiya (zenu) nemithombo
وَزُرُوعٍ وَنَخْلٍ طَلْعُهَا هَضِيمٌ (148)
Nezityalo eziluhlaza (zamasimi enu) needatilisi zesundu neziqhamo ezithambileyo
وَتَنْحِتُونَ مِنَ الْجِبَالِ بُيُوتًا فَارِهِينَ (149)
Kananjalo nina nakha imizi yenu ezintabeni ngobuchule
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (150)
Yoyikani uAllâh ke ngoko nithobele mna
وَلَا تُطِيعُوا أَمْرَ الْمُسْرِفِينَ (151)
Kananjalo musani ukuthobela imiyalelo yabenzi bobubi
الَّذِينَ يُفْسِدُونَ فِي الْأَرْضِ وَلَا يُصْلِحُونَ (152)
Abenzaubutshingaemhlabeniabangaguqukiyonokuguquka.”
قَالُوا إِنَّمَا أَنتَ مِنَ الْمُسَحَّرِينَ (153)
Bathi bona: “Kuphela wena ungomnye wabo bathakathiweyo
مَا أَنتَ إِلَّا بَشَرٌ مِّثْلُنَا فَأْتِ بِآيَةٍ إِن كُنتَ مِنَ الصَّادِقِينَ (154)
(Bathi kananjalo): “Wena ungumntu ngokufana nathi, ngoko yiza nomqondiso, ukuba ngaba uthetha inyaniso.”
قَالَ هَٰذِهِ نَاقَةٌ لَّهَا شِرْبٌ وَلَكُمْ شِرْبُ يَوْمٍ مَّعْلُومٍ (155)
Wathi yena: “Nantsi (imazi) yenkamela, okwayo kukuba isele (ngexesha elithile) nani ninelungelo lokuba nisele ngelenu ixesha ngemini eyaziwayo (nini nayo)
وَلَا تَمَسُّوهَا بِسُوءٍ فَيَأْخُذَكُمْ عَذَابُ يَوْمٍ عَظِيمٍ (156)
Ke maze ningayichukumisi ngobubi, kungenjalo niya kuhlaselwa sisohlwayo semini embi kakhulu.”
فَعَقَرُوهَا فَأَصْبَحُوا نَادِمِينَ (157)
Kodwa (bayibulala) bayinqumla imisipha babuya bazisola
فَأَخَذَهُمُ الْعَذَابُ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (158)
Ke kaloku isohlwayo sabahlasela. Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo aluzanga lube ngawo amakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (159)
Kananjalo inene, iNksoi yakho nguSobunganga, uSozinceba
كَذَّبَتْ قَوْمُ لُوطٍ الْمُرْسَلِينَ (160)
Abantu bakwaLût babaphika abaThunywa
إِذْ قَالَ لَهُمْ أَخُوهُمْ لُوطٌ أَلَا تَتَّقُونَ (161)
Xa umntakwabo uLût wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
إِنِّي لَكُمْ رَسُولٌ أَمِينٌ (162)
Inene mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (163)
Yoyikani uAllâh ke nithobele mna
وَمَا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ ۖ إِنْ أَجْرِيَ إِلَّا عَلَىٰ رَبِّ الْعَالَمِينَ (164)
Yaye andibizi ntlawulo ngawo (lo myalezo), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
أَتَأْتُونَ الذُّكْرَانَ مِنَ الْعَالَمِينَ (165)
“Ingaba niya kumadoda na ephakadeni
وَتَذَرُونَ مَا خَلَقَ لَكُمْ رَبُّكُم مِّنْ أَزْوَاجِكُم ۚ بَلْ أَنتُمْ قَوْمٌ عَادُونَ (166)
Niyeke abo uAllâh Wanidalela bona ukuba ibe ngabafazi benu? Inene, nina ningabagabadeli babantu!”
قَالُوا لَئِن لَّمْ تَنتَهِ يَا لُوطُ لَتَكُونَنَّ مِنَ الْمُخْرَجِينَ (167)
Bathi bona: “Ukuba akusiyeki wena Lût! Inene wena uya kuba ngomnye wabo bakhutshelwe ngaphandle (kwesi sixeko).”
قَالَ إِنِّي لِعَمَلِكُم مِّنَ الْقَالِينَ (168)
Wathi yena: “Inene mna ndingomnye wabo basichase kanobom isenzo senu, nabo basonyanyayo
رَبِّ نَجِّنِي وَأَهْلِي مِمَّا يَعْمَلُونَ (169)
Nkosi yam, ndisindise mna nosapho lwam (kwiziphumo zoko) bakwenzayo.”
فَنَجَّيْنَاهُ وَأَهْلَهُ أَجْمَعِينَ (170)
Samsindisa ke yena nosapho lwakhe, lonke
إِلَّا عَجُوزًا فِي الْغَابِرِينَ (171)
ngaphandle kwexhegokazi elaba ngomnye wabo bashiyeka ngemva
ثُمَّ دَمَّرْنَا الْآخَرِينَ (172)
Emva koko Sabatshabalalisa abanye
وَأَمْطَرْنَا عَلَيْهِم مَّطَرًا ۖ فَسَاءَ مَطَرُ الْمُنذَرِينَ (173)
Ke kaloku Sathoba imvula (yamatye omlilo) phezu kwabo, hayi ububi baloo mvula yabo babelunyukisiwe ngayo
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (174)
Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo aluzanga lube ngawo amakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (175)
Kananjalo iNkosi yakho nguSobunganga wokwenene, uSozinceba
كَذَّبَ أَصْحَابُ الْأَيْكَةِ الْمُرْسَلِينَ (176)
Abemi base-Al-Aikah4 babaphika abaThunywa
إِذْ قَالَ لَهُمْ شُعَيْبٌ أَلَا تَتَّقُونَ (177)
Xa uShu’aybh wathi kubo: “Aniyi kumoyika na uAllâh
إِنِّي لَكُمْ رَسُولٌ أَمِينٌ (178)
Inene mna ndinguMthunywa othembekileyo kuni
فَاتَّقُوا اللَّهَ وَأَطِيعُونِ (179)
Ngoko ke yoyikani uAllâh nithobele mna
وَمَا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ ۖ إِنْ أَجْرِيَ إِلَّا عَلَىٰ رَبِّ الْعَالَمِينَ (180)
Yaye andibizi ntlawulo ngawo (lo msebenzi), intlawulo yam iseNkosini yamaphakade
۞ أَوْفُوا الْكَيْلَ وَلَا تَكُونُوا مِنَ الْمُخْسِرِينَ (181)
Nikani (abantu) umlinganiselo opheleleyo ningabi ngabo abo babangela ilahleko
وَزِنُوا بِالْقِسْطَاسِ الْمُسْتَقِيمِ (182)
Nimete ngesikali esingumlinganiselo onguwo (xa nisenza intengiselwano nabantu)
وَلَا تَبْخَسُوا النَّاسَ أَشْيَاءَهُمْ وَلَا تَعْثَوْا فِي الْأَرْضِ مُفْسِدِينَ (183)
Ningabaqhathi abantu ngokucutha izinto, ningenzi kungcola, nabutshinga emhlabeni
وَاتَّقُوا الَّذِي خَلَقَكُمْ وَالْجِبِلَّةَ الْأَوَّلِينَ (184)
Noyike loWo Wanidalayo nezizukulwana zamandulo.”
قَالُوا إِنَّمَا أَنتَ مِنَ الْمُسَحَّرِينَ (185)
Bathi bona: “Kuphela wena ungomnye wabo bathakathiweyo
وَمَا أَنتَ إِلَّا بَشَرٌ مِّثْلُنَا وَإِن نَّظُنُّكَ لَمِنَ الْكَاذِبِينَ (186)
Wena ungumntu njengathi yaye inene, thina sicinga ukuba ungomnye wabo bangamaxoki
فَأَسْقِطْ عَلَيْنَا كِسَفًا مِّنَ السَّمَاءِ إِن كُنتَ مِنَ الصَّادِقِينَ (187)
Ngoko ke yenza iceba lezulu lisiwele, ukuba ngaba uthetha inyaniso!”
قَالَ رَبِّي أَعْلَمُ بِمَا تَعْمَلُونَ (188)
Wathi yena: “INkosi yam yiYona InguMazi woko nikwenzayo.”
فَكَذَّبُوهُ فَأَخَذَهُمْ عَذَابُ يَوْمِ الظُّلَّةِ ۚ إِنَّهُ كَانَ عَذَابَ يَوْمٍ عَظِيمٍ (189)
Bamphika ke, saza isohlwayo semini yelifu elimnyama sabahlasela. Inene sona yayisisohlwayo semini embi kunene
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً ۖ وَمَا كَانَ أَكْثَرُهُم مُّؤْمِنِينَ (190)
Inene kuko oku kukho umqondiso, kodwa uninzi lwabo babengengawo amakholwa
وَإِنَّ رَبَّكَ لَهُوَ الْعَزِيزُ الرَّحِيمُ (191)
Kananjalo, iNkosi yakho nguSobunganga, uSozinceba
وَإِنَّهُ لَتَنزِيلُ رَبِّ الْعَالَمِينَ (192)
Yaye inene, (i’Kur’ân) sisiTyhilelo seNkosi yamaphakade
نَزَلَ بِهِ الرُّوحُ الْأَمِينُ (193)
UMoya Othembekileyo (oyiNgcwele uJibrîl) uze nayo emhlabeni
عَلَىٰ قَلْبِكَ لِتَكُونَ مِنَ الْمُنذِرِينَ (194)
Entliziyweni yakho (Muhammad) khon’ukuze ube ngomnye wabaLumkisi
بِلِسَانٍ عَرَبِيٍّ مُّبِينٍ (195)
Ngolwimi olucacileyo lwesiArabhu
وَإِنَّهُ لَفِي زُبُرِ الْأَوَّلِينَ (196)
Kananjalo inene, yona (ikhankanyiwe) kwiziBhalo zabantu bamandulo
أَوَلَمْ يَكُن لَّهُمْ آيَةً أَن يَعْلَمَهُ عُلَمَاءُ بَنِي إِسْرَائِيلَ (197)
Kanti akungomqondiso na kubo ukuba yaziwe nazizifundiswa zaBatwana bakwaSirayeli
وَلَوْ نَزَّلْنَاهُ عَلَىٰ بَعْضِ الْأَعْجَمِينَ (198)
Enokuba beSiyityhile komnye wabasemzini
فَقَرَأَهُ عَلَيْهِم مَّا كَانُوا بِهِ مُؤْمِنِينَ (199)
Aze ayicengceleze kubo, (kakuhle), bebehleli bengayi kukholwa kuyo
كَذَٰلِكَ سَلَكْنَاهُ فِي قُلُوبِ الْمُجْرِمِينَ (200)
Senza njalo ke ukufaka ukungakholwa ezintliziyweni zezaphula-mthetho
لَا يُؤْمِنُونَ بِهِ حَتَّىٰ يَرَوُا الْعَذَابَ الْأَلِيمَ (201)
Abayi kukholwa kuyo de babone isohlwayo esibuhlungu
فَيَأْتِيَهُم بَغْتَةً وَهُمْ لَا يَشْعُرُونَ (202)
Yaye siya kubafikela bengekaqondi
فَيَقُولُوا هَلْ نَحْنُ مُنظَرُونَ (203)
Baze bathi: “Singamelwa na (okwethutyana)
أَفَبِعَذَابِنَا يَسْتَعْجِلُونَ (204)
Ngoko ke ingaba sele besingxamele na isohlwayo seThu
أَفَرَأَيْتَ إِن مَّتَّعْنَاهُمْ سِنِينَ (205)
Uyabona na ukuba xa Sinokubayeka babeselonwabeni iminyaka ngeminyaka
ثُمَّ جَاءَهُم مَّا كَانُوا يُوعَدُونَ (206)
Kuze kufike kubo oko babethenjiswe ngako
مَا أَغْنَىٰ عَنْهُم مَّا كَانُوا يُمَتَّعُونَ (207)
Abayi kuncedwa nganto lulonwabo ababelunikiwe
وَمَا أَهْلَكْنَا مِن قَرْيَةٍ إِلَّا لَهَا مُنذِرُونَ (208)
Kananjalo aSizanga sitshabalalise sixeko ngaphandle kokuba (siqale) sibe nabaLumkisi
ذِكْرَىٰ وَمَا كُنَّا ظَالِمِينَ (209)
Bokubakhumbuza; yaye aSizanga Sibe nentswela-bulungisa Thina
وَمَا تَنَزَّلَتْ بِهِ الشَّيَاطِينُ (210)
Kananjalo ayingooSathana abaze nayo (i’Kur’ân)
وَمَا يَنبَغِي لَهُمْ وَمَا يَسْتَطِيعُونَ (211)
Abavumelekanga, bengasokuze bakwazi
إِنَّهُمْ عَنِ السَّمْعِ لَمَعْزُولُونَ (212)
Inene bona ekuyiveni bashenxisiwe
فَلَا تَدْعُ مَعَ اللَّهِ إِلَٰهًا آخَرَ فَتَكُونَ مِنَ الْمُعَذَّبِينَ (213)
Ngoko ke ungathandazi komnye uthixo kunye noAllâh hleze ube ngomnye wabo baya kwamkeliswa isohlwayo
وَأَنذِرْ عَشِيرَتَكَ الْأَقْرَبِينَ (214)
Kananjalo lumkisa isizwe sakho nezizalwana ezisondeleyo (ngokuhlobana)
وَاخْفِضْ جَنَاحَكَ لِمَنِ اتَّبَعَكَ مِنَ الْمُؤْمِنِينَ (215)
Uthobe iphiko lakho (ube nemfobe) kwabo bakulandelayo bangamakholwa
فَإِنْ عَصَوْكَ فَقُلْ إِنِّي بَرِيءٌ مِّمَّا تَعْمَلُونَ (216)
Xa ke bengakuthobeli, yithi wena: “Mna ndimsulwa koko nikwenzayo nina.”
وَتَوَكَّلْ عَلَى الْعَزِيزِ الرَّحِيمِ (217)
Wena uxhomekeke kuSobunganga, uSozinceba
الَّذِي يَرَاكَ حِينَ تَقُومُ (218)
Okubonayo xa uvuka
وَتَقَلُّبَكَ فِي السَّاجِدِينَ (219)
Nentshukumo yakho phakathi kwabo baqubudayo
إِنَّهُ هُوَ السَّمِيعُ الْعَلِيمُ (220)
Inene Yena (uAllâh) nguSokuva, uSolwazi
هَلْ أُنَبِّئُكُمْ عَلَىٰ مَن تَنَزَّلُ الشَّيَاطِينُ (221)
Ndinganixelela abo ooSathana behla phezu kwabo
تَنَزَّلُ عَلَىٰ كُلِّ أَفَّاكٍ أَثِيمٍ (222)
Behla phezu kwabo bonke abenzi bezono, amaxoki
يُلْقُونَ السَّمْعَ وَأَكْثَرُهُمْ كَاذِبُونَ (223)
(Abo bangamaxoki) bagqithisa abakuvileyo, (ngooSathana), yaye uninzi lwabo ngamaxoki
وَالشُّعَرَاءُ يَتَّبِعُهُمُ الْغَاوُونَ (224)
Ke zona iimbongi (ezo balandela zona) ngabalahleki (kuphela)
أَلَمْ تَرَ أَنَّهُمْ فِي كُلِّ وَادٍ يَهِيمُونَ (225)
Awuboni na ukuba zinyuka zisihla kwintili nganye
وَأَنَّهُمْ يَقُولُونَ مَا لَا يَفْعَلُونَ (226)
Kwanokuba zithetha ezingakwenziyo
إِلَّا الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ وَذَكَرُوا اللَّهَ كَثِيرًا وَانتَصَرُوا مِن بَعْدِ مَا ظُلِمُوا ۗ وَسَيَعْلَمُ الَّذِينَ ظَلَمُوا أَيَّ مُنقَلَبٍ يَنقَلِبُونَ (227)
Ngaphandle kwezo mbongi zikholwayo, zenze ubulungisa zikhumbule uAllâh rhoqo zincedise (amaMuslim) emva kokuba oniwe. Ke kaloku abo bonayo baza kwazi okokuba (luhlobo olunjani na) lokubuyela abaya kubuyiswa ngalo
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas