×

Surah Al-Mulk in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Mulk

Translation of the Meanings of Surah Mulk in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Mulk translated into Xhosa, Surah Al-Mulk in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Mulk in Xhosa - الكسوزا, Verses 30 - Surah Number 67 - Page 562.

بسم الله الرحمن الرحيم

تَبَارَكَ الَّذِي بِيَدِهِ الْمُلْكُ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيْءٍ قَدِيرٌ (1)
Usikelelekile loWo eSandleni saKhe kukho uBukumkani, Onamandla ngaphezulu kwezinto zonke
الَّذِي خَلَقَ الْمَوْتَ وَالْحَيَاةَ لِيَبْلُوَكُمْ أَيُّكُمْ أَحْسَنُ عَمَلًا ۚ وَهُوَ الْعَزِيزُ الْغَفُورُ (2)
Yena loWo Wadala ukufa nokuphila ukuze Anivavanye (kucace ukuba) nguwuphi na kuni olungileyo ngezenzo. Yena nguSobunganga, uMxoleli
الَّذِي خَلَقَ سَبْعَ سَمَاوَاتٍ طِبَاقًا ۖ مَّا تَرَىٰ فِي خَلْقِ الرَّحْمَٰنِ مِن تَفَاوُتٍ ۖ فَارْجِعِ الْبَصَرَ هَلْ تَرَىٰ مِن فُطُورٍ (3)
Yena lowo Wadala amazulu asixhenxe alekeneyo. Akuboni kungangqinelani endalweni kaSozinceba. Ngoko ke guquka ujonge (esibhakabhakeni), likhona na ithanda olibonayo
ثُمَّ ارْجِعِ الْبَصَرَ كَرَّتَيْنِ يَنقَلِبْ إِلَيْكَ الْبَصَرُ خَاسِئًا وَهُوَ حَسِيرٌ (4)
Phinda ujonge kwakhona okwesibini. (Oko) kujonga (kwakho) kuya kubuyela kuwe kuthobekile kudiniwe
وَلَقَدْ زَيَّنَّا السَّمَاءَ الدُّنْيَا بِمَصَابِيحَ وَجَعَلْنَاهَا رُجُومًا لِّلشَّيَاطِينِ ۖ وَأَعْتَدْنَا لَهُمْ عَذَابَ السَّعِيرِ (5)
Inene Sihombise izulu elikufuphi ngezibane (iinkwenkwezi), Senza kananjalo ngazo oko kugityiselwa ngako amashayâtîn (ooSathana), yaye Sibalungiselele isohlwayo seDangatya
وَلِلَّذِينَ كَفَرُوا بِرَبِّهِمْ عَذَابُ جَهَنَّمَ ۖ وَبِئْسَ الْمَصِيرُ (6)
Ke kaloku okwabo bangakholwayo eNkosini yabo sisohlwayo sesiHogo, hayi ukuba libi kwekhaya (labo) lokugqibela
إِذَا أُلْقُوا فِيهَا سَمِعُوا لَهَا شَهِيقًا وَهِيَ تَفُورُ (7)
Xa bejulwa kuso, beva ukubizela kwaso (okoyikisayo) lo gama sibila nokubila
تَكَادُ تَمَيَّزُ مِنَ الْغَيْظِ ۖ كُلَّمَا أُلْقِيَ فِيهَا فَوْجٌ سَأَلَهُمْ خَزَنَتُهَا أَلَمْ يَأْتِكُمْ نَذِيرٌ (8)
Siphantsela ukugqabhuka ngumsindo, maxa onke iqela (elithile) liphoswa ngaphakathi kuso, abagcini baso bayababuza: “Akuzanga kufike Mlumkisi na kuni?”
قَالُوا بَلَىٰ قَدْ جَاءَنَا نَذِيرٌ فَكَذَّبْنَا وَقُلْنَا مَا نَزَّلَ اللَّهُ مِن شَيْءٍ إِنْ أَنتُمْ إِلَّا فِي ضَلَالٍ كَبِيرٍ (9)
(Baphendula) bathi bona: “Ewe, uMlumkisi wayefikile kuthi kodwasamphikisathinasathi:“UAllâhakukhontoAyithumele phantsi, nina (baLumkisi) aninto yimbi ngaphandle kokuba sekulahlekeni okukhulu.”
وَقَالُوا لَوْ كُنَّا نَسْمَعُ أَوْ نَعْقِلُ مَا كُنَّا فِي أَصْحَابِ السَّعِيرِ (10)
Kananjalo baya kuthi: “Akwaba sasiphulaphule okanye saqiqa, ngesingabangakho phakathi kwamadlelane eDangatya loMlilo
فَاعْتَرَفُوا بِذَنبِهِمْ فَسُحْقًا لِّأَصْحَابِ السَّعِيرِ (11)
Ke kaloku baya kusivuma isono sabo, ngoko ke kude lee ngabahlali baseDangatyeni loMlilo
إِنَّ الَّذِينَ يَخْشَوْنَ رَبَّهُم بِالْغَيْبِ لَهُم مَّغْفِرَةٌ وَأَجْرٌ كَبِيرٌ (12)
Inene abo bayoyikayo iNkosi yabo Engabonwayo, okwabo iya kuba kukuxolelwa nomvuzo omkhulu
وَأَسِرُّوا قَوْلَكُمْ أَوِ اجْهَرُوا بِهِ ۖ إِنَّهُ عَلِيمٌ بِذَاتِ الصُّدُورِ (13)
Ke kaloku nokuba ningazifihla iintetho zenu zasekhusini okanye niziveze elubala, Yena nguMazi woko kusezifubeni (zabantu)
أَلَا يَعْلَمُ مَنْ خَلَقَ وَهُوَ اللَّطِيفُ الْخَبِيرُ (14)
Akamelanga kwazi na loWo Wadalayo? Kananjalo Yena nguSobubele, Onolwazi (lweento zonke)
هُوَ الَّذِي جَعَلَ لَكُمُ الْأَرْضَ ذَلُولًا فَامْشُوا فِي مَنَاكِبِهَا وَكُلُوا مِن رِّزْقِهِ ۖ وَإِلَيْهِ النُّشُورُ (15)
NguYe Owenza umhlaba waba phantsi kolawulo lwenu ngoko ke hambani phakathi kwamathambeka wawo nidle kwimbonelelo yaKhe ukanti kukuYe apho uvuko lukhoyo
أَأَمِنتُم مَّن فِي السَّمَاءِ أَن يَخْسِفَ بِكُمُ الْأَرْضَ فَإِذَا هِيَ تَمُورُ (16)
Ingaba niziva nikhuselekile na ukuba Yena loWo Usezulwini Akanakuwenza umhlaba uniginye, uthi kananjalo ngokukhawuleza ujikeleze (nani)?”
أَمْ أَمِنتُم مَّن فِي السَّمَاءِ أَن يُرْسِلَ عَلَيْكُمْ حَاصِبًا ۖ فَسَتَعْلَمُونَ كَيْفَ نَذِيرِ (17)
Okanye niziva nikhuselekile ekubeni loWo Usezulwini Akanakuthumela isiphango samatye ngokuchasene nani na? Niya kwazi ke okokuba saba (sibi) kanjani na isilumkiso saM
وَلَقَدْ كَذَّبَ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ فَكَيْفَ كَانَ نَكِيرِ (18)
Kananjalo sele baphika kakade abo bangaphambili kunabo saba njani ke isiyalo saM
أَوَلَمْ يَرَوْا إِلَى الطَّيْرِ فَوْقَهُمْ صَافَّاتٍ وَيَقْبِضْنَ ۚ مَا يُمْسِكُهُنَّ إِلَّا الرَّحْمَٰنُ ۚ إِنَّهُ بِكُلِّ شَيْءٍ بَصِيرٌ (19)
Abaziboni na iintaka (eziphaphazela) phezu kwabo ngamaphiko avuliweyo (ngaxa limbi) evalekile? Akukho bani uzibambayo (ukuba zibe sesibhakabhakeni) ngaphandle koSozinceba. Inene Yena nguSokubona ngaphezu kweento zonke
أَمَّنْ هَٰذَا الَّذِي هُوَ جُندٌ لَّكُمْ يَنصُرُكُم مِّن دُونِ الرَّحْمَٰنِ ۚ إِنِ الْكَافِرُونَ إِلَّا فِي غُرُورٍ (20)
Kanti ngubani na onokuba ngumkhosi wenu anincede ngaphandle koSozinceba? Abangakholwayo abakho ntweni ngaphandle kwenkohliso
أَمَّنْ هَٰذَا الَّذِي يَرْزُقُكُمْ إِنْ أَمْسَكَ رِزْقَهُ ۚ بَل لَّجُّوا فِي عُتُوٍّ وَنُفُورٍ (21)
Ingubani khona onokunondla ukuba Ebenokusuka Ayibambe imbonelelo yaKhe (kuni)? Kodwa bona bathe gqolo ngokudelela nokuchasa (inkolo)
أَفَمَن يَمْشِي مُكِبًّا عَلَىٰ وَجْهِهِ أَهْدَىٰ أَمَّن يَمْشِي سَوِيًّا عَلَىٰ صِرَاطٍ مُّسْتَقِيمٍ (22)
Ingaba lowo uhamba erhubuluza ngobuso bakhe ukhokeleleke ngcono na kunalowo umi nkqo eNdleleni ethe Tye
قُلْ هُوَ الَّذِي أَنشَأَكُمْ وَجَعَلَ لَكُمُ السَّمْعَ وَالْأَبْصَارَ وَالْأَفْئِدَةَ ۖ قَلِيلًا مَّا تَشْكُرُونَ (23)
Yithi: “NguYe Onivelisileyo, Waninika ukuva nokubona neentliziyo, kuncinane eninombulelo ngako.”
قُلْ هُوَ الَّذِي ذَرَأَكُمْ فِي الْأَرْضِ وَإِلَيْهِ تُحْشَرُونَ (24)
Yithi: “NguYe Onenze naba baninzi ngokuphindeneyo emhlabeni, yaye kukuYe apho niza kuqokelelwa khona.”
وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا الْوَعْدُ إِن كُنتُمْ صَادِقِينَ (25)
Ke kaloku bathi: “Sinini na esisi thembiso, ukuba (nina bakholwayo) nithetha inyaniso?”
قُلْ إِنَّمَا الْعِلْمُ عِندَ اللَّهِ وَإِنَّمَا أَنَا نَذِيرٌ مُّبِينٌ (26)
Yithi: “Ulwazi (loko) lukuAllâh, mna ndinguMlumkisi ocacileyo.”
فَلَمَّا رَأَوْهُ زُلْفَةً سِيئَتْ وُجُوهُ الَّذِينَ كَفَرُوا وَقِيلَ هَٰذَا الَّذِي كُنتُم بِهِ تَدَّعُونَ (27)
Kodwa ukusibona kwabo sisondela, ubuso babo bangakholwayo, buya kunxunguphala kuze kuthiwe (kubo): “Oko ke koko nanikubiza
قُلْ أَرَأَيْتُمْ إِنْ أَهْلَكَنِيَ اللَّهُ وَمَن مَّعِيَ أَوْ رَحِمَنَا فَمَن يُجِيرُ الْكَافِرِينَ مِنْ عَذَابٍ أَلِيمٍ (28)
Yithi (Muhammad), “Niyabona phofu ukuba uAllâh Anganditshabalalisa ndawonye nabo bakunye nam okanye Asenzele inceba, ngubani ongabakhusela bona abangakholwayo esohlwayeni esibuhlungu
قُلْ هُوَ الرَّحْمَٰنُ آمَنَّا بِهِ وَعَلَيْهِ تَوَكَّلْنَا ۖ فَسَتَعْلَمُونَ مَنْ هُوَ فِي ضَلَالٍ مُّبِينٍ (29)
Yithi: “NguSolubabalo; thina sikholiwe kuYe, kananjalo kukuYe apho sixhomekeke khona. Kwaye niza kwazi okokuba ngubani na osekulahlekeni okucacileyo.”
قُلْ أَرَأَيْتُمْ إِنْ أَصْبَحَ مَاؤُكُمْ غَوْرًا فَمَن يَأْتِيكُم بِمَاءٍ مَّعِينٍ (30)
Yithi: “Niyijongile phofu (yona into yokuba): xa amanzi wenu ebenokusuka atshoniswe emhlabeni, ngubani omnye obeza kunizela namanzi ampompozayo
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas