×

Surah Al-Muzzammil in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Muzammil

Translation of the Meanings of Surah Muzammil in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Muzammil translated into Xhosa, Surah Al-Muzzammil in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Muzammil in Xhosa - الكسوزا, Verses 20 - Surah Number 73 - Page 574.

بسم الله الرحمن الرحيم

يَا أَيُّهَا الْمُزَّمِّلُ (1)
Hini na wena uzisongele (ngeengubo)
قُمِ اللَّيْلَ إِلَّا قَلِيلًا (2)
Vuka (uthandaze) ebusuku, nokuba kukancinane
نِّصْفَهُ أَوِ انقُصْ مِنْهُ قَلِيلًا (3)
Isiqingatha sabo ubusuku okanye unciphise nokuba yintwana kuso
أَوْ زِدْ عَلَيْهِ وَرَتِّلِ الْقُرْآنَ تَرْتِيلًا (4)
Okanye uyongeze, ucengceleze i’Kur’ân ngocengcelezo olulinganiselweyo
إِنَّا سَنُلْقِي عَلَيْكَ قَوْلًا ثَقِيلًا (5)
Inene Thina Siya kuphosa phezu kwakho ilizwi elinzima
إِنَّ نَاشِئَةَ اللَّيْلِ هِيَ أَشَدُّ وَطْئًا وَأَقْوَمُ قِيلًا (6)
Inene iiyure zobusuku zizona zinemvakalo (entliziyweni naselwimini) yaye zilunge ngakumbi emazwini
إِنَّ لَكَ فِي النَّهَارِ سَبْحًا طَوِيلًا (7)
Inene okwakho ebudeni bemini kukuxakeka (okuthabatha ithuba) elide
وَاذْكُرِ اسْمَ رَبِّكَ وَتَبَتَّلْ إِلَيْهِ تَبْتِيلًا (8)
Khumbula igama leNkosi yakho, uzinikele kuYo ngokuzinikela okupheleleyo
رَّبُّ الْمَشْرِقِ وَالْمَغْرِبِ لَا إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ فَاتَّخِذْهُ وَكِيلًا (9)
(Yena uAllâh) YiNkosi yeMpuma neNtshona; akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, wena zithabathele Yena ukuba Abe nguMpumelelisi wemicimbi (yakho)
وَاصْبِرْ عَلَىٰ مَا يَقُولُونَ وَاهْجُرْهُمْ هَجْرًا جَمِيلًا (10)
Yiba nomonde nangoko bakutshoyo (ngawe), ungabahoyi kananjalo wena ngokungahoyi okuyindlela elungileyo
وَذَرْنِي وَالْمُكَذِّبِينَ أُولِي النَّعْمَةِ وَمَهِّلْهُمْ قَلِيلًا (11)
Ubayekele kuM abaphiki, abo bahamba lula (ebomini), bamele okwethutyana
إِنَّ لَدَيْنَا أَنكَالًا وَجَحِيمًا (12)
Inene kuThi kukho amakhamandela (okubabopha) noMlilo ovuthayo
وَطَعَامًا ذَا غُصَّةٍ وَعَذَابًا أَلِيمًا (13)
Nokutya okukrwitshayo (okomayo). Nesohlwayo esibuhlungu
يَوْمَ تَرْجُفُ الْأَرْضُ وَالْجِبَالُ وَكَانَتِ الْجِبَالُ كَثِيبًا مَّهِيلًا (14)
NgeMini umhlaba neentaba ziya kungcangcazela zize iintaba zibe yinduli yentlabathi echithakala phantsi
إِنَّا أَرْسَلْنَا إِلَيْكُمْ رَسُولًا شَاهِدًا عَلَيْكُمْ كَمَا أَرْسَلْنَا إِلَىٰ فِرْعَوْنَ رَسُولًا (15)
Inene Thina Sithumele uMthunywa kuni (bantu), olingqina phezu kwenu njengoko Sasithumele uMthunywa kuFir’awn
فَعَصَىٰ فِرْعَوْنُ الرَّسُولَ فَأَخَذْنَاهُ أَخْذًا وَبِيلًا (16)
Kodwa yena uFir’awn akazanga amthobele uMthunywa, Samhlasela ke ngohlaselo olutshabalalisayo
فَكَيْفَ تَتَّقُونَ إِن كَفَرْتُمْ يَوْمًا يَجْعَلُ الْوِلْدَانَ شِيبًا (17)
Ningayoyika njani ningakholwa nakukholwa kuyo, iMini leyo iya kwenza abantwana babe nezimvi
السَّمَاءُ مُنفَطِرٌ بِهِ ۚ كَانَ وَعْدُهُ مَفْعُولًا (18)
Izulu liya kuqhekeka lahlukane ngayo (loo Mini) kwaye esaKhe (uAllâh) isithembiso siyazaliseka
إِنَّ هَٰذِهِ تَذْكِرَةٌ ۖ فَمَن شَاءَ اتَّخَذَ إِلَىٰ رَبِّهِ سَبِيلًا (19)
Inene le yinkumbuzo, lowo uthandayo makathabathe iNdlela eya eNkosini yakhe
۞ إِنَّ رَبَّكَ يَعْلَمُ أَنَّكَ تَقُومُ أَدْنَىٰ مِن ثُلُثَيِ اللَّيْلِ وَنِصْفَهُ وَثُلُثَهُ وَطَائِفَةٌ مِّنَ الَّذِينَ مَعَكَ ۚ وَاللَّهُ يُقَدِّرُ اللَّيْلَ وَالنَّهَارَ ۚ عَلِمَ أَن لَّن تُحْصُوهُ فَتَابَ عَلَيْكُمْ ۖ فَاقْرَءُوا مَا تَيَسَّرَ مِنَ الْقُرْآنِ ۚ عَلِمَ أَن سَيَكُونُ مِنكُم مَّرْضَىٰ ۙ وَآخَرُونَ يَضْرِبُونَ فِي الْأَرْضِ يَبْتَغُونَ مِن فَضْلِ اللَّهِ ۙ وَآخَرُونَ يُقَاتِلُونَ فِي سَبِيلِ اللَّهِ ۖ فَاقْرَءُوا مَا تَيَسَّرَ مِنْهُ ۚ وَأَقِيمُوا الصَّلَاةَ وَآتُوا الزَّكَاةَ وَأَقْرِضُوا اللَّهَ قَرْضًا حَسَنًا ۚ وَمَا تُقَدِّمُوا لِأَنفُسِكُم مِّنْ خَيْرٍ تَجِدُوهُ عِندَ اللَّهِ هُوَ خَيْرًا وَأَعْظَمَ أَجْرًا ۚ وَاسْتَغْفِرُوا اللَّهَ ۖ إِنَّ اللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ (20)
INkosi yakho Iyakwazi (Muhammad) ukuba uyaphakama (uthandaze) phantse izahlulo ezibini kwezithathu zobusuku okanye isiqingatha sabo, okanye isithathu sabo, Lenza njalo ke neqela labo bakunye nawe. Ke kaloku uAllâh Uyabazi (ubude) bobusuku nobemini. Uyazile Yena into yokokuba nina (maMuslim) aninakukwazi ukwenza njalo, Waza Wabuyela kuni ngenceba, ngoko ke cengcelezani okulula (kuni) kwe’Kur’ân. Uyazile nento yokuba kuza kuye kubekho abanye abagulayo phakathi kwenu, abanye babeseluhambeni emhlabeni befuna okuvela kwiziBele zika- Allâh, abanye (benu) besilwa eNdleleni ka-Allâh. Ngoko ke nina cengcelezani okulula kuyo, nenze iSalâh ninikele ngeZakâh, niboleke uAllâh imboleko entle. Ke kaloku nantoni na elungileyo eniza nayo ngaphambili ngokwenu, niya kuyifumana kuAllâh. Iya kuba ngcono ibe nkulu ngokomvuzo. Celani itarhu kuAllâh Inene uAllâh Uyaxolela, Unenceba
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas