هَلْ أَتَاكَ حَدِيثُ الْغَاشِيَةِ (1) Ingaba iindaba zesiganeko (esikhulu) zifikile na kuwe |
وُجُوهٌ يَوْمَئِذٍ خَاشِعَةٌ (2) Ubuso babanye ngaloo Mini buya kudangala, (budane) |
عَامِلَةٌ نَّاصِبَةٌ (3) Besebenze nzima, bediniwe. (ngenxa yokuzinikela kunqulo zithixo) |
تَصْلَىٰ نَارًا حَامِيَةً (4) bangeniswe eMlilweni odwanguzayo |
تُسْقَىٰ مِنْ عَيْنٍ آنِيَةٍ (5) Besezwa amanzi omthombo obilayo |
لَّيْسَ لَهُمْ طَعَامٌ إِلَّا مِن ضَرِيعٍ (6) Akuyi kubakho kutya kwabo (apho) ngaphandle kwe- ‘Dhari’1 ekrakra |
لَّا يُسْمِنُ وَلَا يُغْنِي مِن جُوعٍ (7) Engayi kubondla, ingayi kudambisa ndlala |
وُجُوهٌ يَوْمَئِذٍ نَّاعِمَةٌ (8) Ubuso babanye ngaloo Mini buya kuchulumanca |
لِّسَعْيِهَا رَاضِيَةٌ (9) Bevuyiswa yimizamo yabo |
فِي جَنَّةٍ عَالِيَةٍ (10) EMyezweni ophakamileyo |
لَّا تَسْمَعُ فِيهَا لَاغِيَةً (11) Apho bangayi kuphinda beve ntetho inabungozi nabudenge |
فِيهَا عَيْنٌ جَارِيَةٌ (12) Apho kuya kubakho umthombo ompompozayo |
فِيهَا سُرُرٌ مَّرْفُوعَةٌ (13) Apho kuya kubakho iitrone eziphakamileyo |
وَأَكْوَابٌ مَّوْضُوعَةٌ (14) Neendebe esele zilungisiwe kakade |
وَنَمَارِقُ مَصْفُوفَةٌ (15) Neemandlalo (ezitofo-tofo) esele zidwelisiwe |
وَزَرَابِيُّ مَبْثُوثَةٌ (16) Neenkukho ezimfuma-mfuma sele zandlaliwe |
أَفَلَا يَنظُرُونَ إِلَى الْإِبِلِ كَيْفَ خُلِقَتْ (17) Abaziqwalaseli na iinkamela ukuba zidalwe kanjani |
وَإِلَى السَّمَاءِ كَيْفَ رُفِعَتْ (18) Nesibhakabhaka ukuba siphakanyiswe kanjani na |
وَإِلَى الْجِبَالِ كَيْفَ نُصِبَتْ (19) Neentaba (ezi) ukuba zimile (zaqina kanjani) |
وَإِلَى الْأَرْضِ كَيْفَ سُطِحَتْ (20) Nomhlaba (lo) ukuba wandlalwe kanjani na |
فَذَكِّرْ إِنَّمَا أَنتَ مُذَكِّرٌ (21) Bakhumbuze ke (Muhammad), inene wena ungumkhumbuzi |
لَّسْتَ عَلَيْهِم بِمُصَيْطِرٍ (22) Awungomyaleli wabo |
إِلَّا مَن تَوَلَّىٰ وَكَفَرَ (23) Ngaphandle kwalowo ujibilikayo alahle ukholo |
فَيُعَذِّبُهُ اللَّهُ الْعَذَابَ الْأَكْبَرَ (24) Yena uAllâh Uya kumohlwaya ngesohlwayo esikhulu |
إِنَّ إِلَيْنَا إِيَابَهُمْ (25) Inene kuThi kulapho baza kubuyela khona |
ثُمَّ إِنَّ عَلَيْنَا حِسَابَهُم (26) Kananjalo inene kukuThi apho baza kuphendula khona |