| لَا أُقْسِمُ بِهَٰذَا الْبَلَدِ (1) Ndifunga ngesi sixeko (saseMakkah)
 | 
| وَأَنتَ حِلٌّ بِهَٰذَا الْبَلَدِ (2) Wena (Muhammad) ungummi okhululekileyo wesi sixeko
 | 
| وَوَالِدٍ وَمَا وَلَدَ (3) Nangomzali nangoko akuzeleyo
 | 
| لَقَدْ خَلَقْنَا الْإِنسَانَ فِي كَبَدٍ (4) Inene umntu Simdalele ekubulalekeni
 | 
| أَيَحْسَبُ أَن لَّن يَقْدِرَ عَلَيْهِ أَحَدٌ (5) Ucinga ukuba akakho onamandla ngaphezu kwakhe
 | 
| يَقُولُ أَهْلَكْتُ مَالًا لُّبَدًا (6) (Ude) athi (eqhayisa): “Ndichithe ubutyebi (bam) obuninzi!”
 | 
| أَيَحْسَبُ أَن لَّمْ يَرَهُ أَحَدٌ (7) Ucinga ukuba akakho ombonayo na
 | 
| أَلَمْ نَجْعَل لَّهُ عَيْنَيْنِ (8) Asimenzelanga amehlo amabini na
 | 
| وَلِسَانًا وَشَفَتَيْنِ (9) Nolwimi nemilebe emibini
 | 
| وَهَدَيْنَاهُ النَّجْدَيْنِ (10) Sambonisa iindlela ezimbini (eliqhina nehlayo)
 | 
| فَلَا اقْتَحَمَ الْعَقَبَةَ (11) Kodwa akazamanga, ukalinyuka iqhina
 | 
| وَمَا أَدْرَاكَ مَا الْعَقَبَةُ (12) Yintoni na enokukucacisela okokuba liyintoni na iqhina
 | 
| فَكُّ رَقَبَةٍ (13) Kukukhulula ikhoboka
 | 
| أَوْ إِطْعَامٌ فِي يَوْمٍ ذِي مَسْغَبَةٍ (14) Okanye ukondla (abantu) ngemini yendlala
 | 
| يَتِيمًا ذَا مَقْرَبَةٍ (15) (Ukondla) inkedama esondeleyo (kuwe ngokuzalana)
 | 
| أَوْ مِسْكِينًا ذَا مَتْرَبَةٍ (16) Okanye ihlwempu eliqhwanda uthuli. (ngenxa yentlupheko)
 | 
| ثُمَّ كَانَ مِنَ الَّذِينَ آمَنُوا وَتَوَاصَوْا بِالصَّبْرِ وَتَوَاصَوْا بِالْمَرْحَمَةِ (17) Aze abe ngomnye wabo bakholwayo (kwi-Islam) abathi bakhuthazane ukunyamezela nomonde. Bakhuthazane kananjalo ngokuba nyulu nangokuba nemfesane
 | 
| أُولَٰئِكَ أَصْحَابُ الْمَيْمَنَةِ (18) Bona abo ngabo bangasekunene (abahlali basePaladesi)
 | 
| وَالَّذِينَ كَفَرُوا بِآيَاتِنَا هُمْ أَصْحَابُ الْمَشْأَمَةِ (19) Ke bona abo bangakholwayo kwiiVesi zeThu, (ze`Kur’ân) bona ngabo bangasekhohlo (abahlali basesiHogweni)
 | 
| عَلَيْهِمْ نَارٌ مُّؤْصَدَةٌ (20) UMlilo uya kubagubungela
 |