×

Surah Saad in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Sad

Translation of the Meanings of Surah Sad in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Sad translated into Xhosa, Surah Saad in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Sad in Xhosa - الكسوزا, Verses 88 - Surah Number 38 - Page 453.

بسم الله الرحمن الرحيم

ص ۚ وَالْقُرْآنِ ذِي الذِّكْرِ (1)
Sâd. Nge’Kur’ân enenkumbuzo
بَلِ الَّذِينَ كَفَرُوا فِي عِزَّةٍ وَشِقَاقٍ (2)
Nakanye abo bangakholwayo basekuphikiseni okuyinkukhumalo yobuxoki
كَمْ أَهْلَكْنَا مِن قَبْلِهِم مِّن قَرْنٍ فَنَادَوا وَّلَاتَ حِينَ مَنَاصٍ (3)
Zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo ngaphambili kunabo! Ke kaloku zakhala kwaba kungasekho xesha lakubaleka
وَعَجِبُوا أَن جَاءَهُم مُّنذِرٌ مِّنْهُمْ ۖ وَقَالَ الْكَافِرُونَ هَٰذَا سَاحِرٌ كَذَّابٌ (4)
Kananjalo (ama-Arabhu angakholwayo) amangalisekile kukuba kufike uMlumkisi kuwo ephuma phakathi kwawo. Yaye abangakholwayo bathi: “Lo (Mprofeti uMuhammad) ngumenzi wemilingo, ixoki
أَجَعَلَ الْآلِهَةَ إِلَٰهًا وَاحِدًا ۖ إِنَّ هَٰذَا لَشَيْءٌ عُجَابٌ (5)
Ingaba udibanise oothixo bonke baba nguthixo omnye? Inene, yinto engummangaliso le
وَانطَلَقَ الْمَلَأُ مِنْهُمْ أَنِ امْشُوا وَاصْبِرُوا عَلَىٰ آلِهَتِكُمْ ۖ إِنَّ هَٰذَا لَشَيْءٌ يُرَادُ (6)
Ke kaloku abaziinkokeli phakathi kwabo bahamba besithi: “Nina hlalani nibambelele koothixo benu! Inene le yinto equlunqwe (ngokuchasene nani)
مَا سَمِعْنَا بِهَٰذَا فِي الْمِلَّةِ الْآخِرَةِ إِنْ هَٰذَا إِلَّا اخْتِلَاقٌ (7)
Asizanga siyive into (enjengale) kwinkolo yale mihla (ubuKhristu), asintoyimbilengaphandlekokubangumqambo
أَأُنزِلَ عَلَيْهِ الذِّكْرُ مِن بَيْنِنَا ۚ بَلْ هُمْ فِي شَكٍّ مِّن ذِكْرِي ۖ بَل لَّمَّا يَذُوقُوا عَذَابِ (8)
Ingaba iNkumbuzo1 ityhilwe kuye (yedwa) phakathi kwethu?” Unotshe, eneneni bona basezintandabuzweni ngeNkumbuzo yaM! Nakanye, abakasingcamli isohlwayo (saM)
أَمْ عِندَهُمْ خَزَائِنُ رَحْمَةِ رَبِّكَ الْعَزِيزِ الْوَهَّابِ (9)
Makube mhlawumbi banoovimba benceba yeNkosi yakho, uSomandla, uMboneleli wokwenene
أَمْ لَهُم مُّلْكُ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ وَمَا بَيْنَهُمَا ۖ فَلْيَرْتَقُوا فِي الْأَسْبَابِ (10)
Okanye mhlawumbi ulongamelo lwamazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kuwo lolwabo? Ukuba kunjalo ke mabanyuke kaloku (beze emazulwini) ngeendlela (zabo)
جُندٌ مَّا هُنَالِكَ مَهْزُومٌ مِّنَ الْأَحْزَابِ (11)
Baya kuba ngumkhosi owoyisiweyo njengemikhosi yobumbano yamandulo (eyoyiswayo)
كَذَّبَتْ قَبْلَهُمْ قَوْمُ نُوحٍ وَعَادٌ وَفِرْعَوْنُ ذُو الْأَوْتَادِ (12)
Phambi kwabo (baninzi) abaphikisa (abathunywa) abantu bakwaNûh nabakwa’Ad; nabakwaFir’awn umfo wezibonda (awayesohlwaya ngazo abantu)
وَثَمُودُ وَقَوْمُ لُوطٍ وَأَصْحَابُ الْأَيْكَةِ ۚ أُولَٰئِكَ الْأَحْزَابُ (13)
NabakwaThamûd nabantu bakwaLût nabemi baseziNkunini abo ke yayingabantu bobumbano
إِن كُلٌّ إِلَّا كَذَّبَ الرُّسُلَ فَحَقَّ عِقَابِ (14)
Akukho namnye kubo ongazanga abaphike abaThunywa. Ngoko ke isohlwayo saM sathetheleleka
وَمَا يَنظُرُ هَٰؤُلَاءِ إِلَّا صَيْحَةً وَاحِدَةً مَّا لَهَا مِن فَوَاقٍ (15)
Aba ke balindele isithonga esinye kuphela seXilongo akuyi kubakho kuthotha nasiphelo kuso
وَقَالُوا رَبَّنَا عَجِّل لَّنَا قِطَّنَا قَبْلَ يَوْمِ الْحِسَابِ (16)
Bathi: “Nkosi yethu! Khawulezisa (Usinike iiNcwadi zezenzo zethu ezilungileyo nezigwenxa ukuze sizibone) ingekafiki iMini yamatyala
اصْبِرْ عَلَىٰ مَا يَقُولُونَ وَاذْكُرْ عَبْدَنَا دَاوُودَ ذَا الْأَيْدِ ۖ إِنَّهُ أَوَّابٌ (17)
Yibanomondewena(Muhammad) mayelanokobakuthethayo, ukhumbule kananjalo isiCaka seThu uDâwûd wanyamezela ngamandla. Inene yena wayehlala ebuyela (kuThi) ngezinto zonke (awayezenza), enenguquko
إِنَّا سَخَّرْنَا الْجِبَالَ مَعَهُ يُسَبِّحْنَ بِالْعَشِيِّ وَالْإِشْرَاقِ (18)
Senza iintaba ukuba zizukise iindumiso zeThu kunye naye (uDâwûd) emva kwemini nasekuphumeni kwelanga kude kube semini emaqanda
وَالطَّيْرَ مَحْشُورَةً ۖ كُلٌّ لَّهُ أَوَّابٌ (19)
Zenza njalo neentaka zahlangana, zamthobela zonke (uDâwûd)
وَشَدَدْنَا مُلْكَهُ وَآتَيْنَاهُ الْحِكْمَةَ وَفَصْلَ الْخِطَابِ (20)
Senza ubukumkani bakhe baba namandla Samnika ubulumko nokugweba ngokulungileyo ngentetho nangokuthabatha isigqibo
۞ وَهَلْ أَتَاكَ نَبَأُ الْخَصْمِ إِذْ تَسَوَّرُوا الْمِحْرَابَ (21)
Ingaba iindaba zababangisani ababini zifikile na kuwe? Xa batsiba udonga lwendawo yakhe yokuthandazela
إِذْ دَخَلُوا عَلَىٰ دَاوُودَ فَفَزِعَ مِنْهُمْ ۖ قَالُوا لَا تَخَفْ ۖ خَصْمَانِ بَغَىٰ بَعْضُنَا عَلَىٰ بَعْضٍ فَاحْكُم بَيْنَنَا بِالْحَقِّ وَلَا تُشْطِطْ وَاهْدِنَا إِلَىٰ سَوَاءِ الصِّرَاطِ (22)
Bathi bakungena kuye uDâwûd wothuka. Bathi bona: “Musa ukoyika, (thina singabantu ababangisanayo) ababini, omnye kuthi wone omnye, ngoko ke gweba phakathi kwethu ngenyaniso. Ungasiphathi ngentswela bulungisa, usikhokelele kananjalo eNdleleni elungileyo.”
إِنَّ هَٰذَا أَخِي لَهُ تِسْعٌ وَتِسْعُونَ نَعْجَةً وَلِيَ نَعْجَةٌ وَاحِدَةٌ فَقَالَ أَكْفِلْنِيهَا وَعَزَّنِي فِي الْخِطَابِ (23)
(Omnye kubo wathi): “Umzalwana wam lo unezimvu ezingamashumi asithoba anethoba, ndibe mna ndinenye kuphela kodwa (ngoko kunjalo) uthi: ‘Ndinike yona.’ Kwaye uyandongamela ngokuthetha.”
قَالَ لَقَدْ ظَلَمَكَ بِسُؤَالِ نَعْجَتِكَ إِلَىٰ نِعَاجِهِ ۖ وَإِنَّ كَثِيرًا مِّنَ الْخُلَطَاءِ لَيَبْغِي بَعْضُهُمْ عَلَىٰ بَعْضٍ إِلَّا الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ وَقَلِيلٌ مَّا هُمْ ۗ وَظَنَّ دَاوُودُ أَنَّمَا فَتَنَّاهُ فَاسْتَغْفَرَ رَبَّهُ وَخَرَّ رَاكِعًا وَأَنَابَ ۩ (24)
UDâwûd (engalibazisanga) wathi: “Ukonile ngokufuna imvu yakho ukuba ayongeze kwezakhe. Kambe maninzi amahlulelane acinezelanayo, ngaphandle kwabo bakholwayo, benze izenzo ezilungileyo yaye bambalwa.” Ke kaloku uDâwûd waqikelela okokuba beSimvavanya wacela itarhu eNkosini yakhe, wawa phantsi waqubuda wabuyela kuAllâh ngenguquko
فَغَفَرْنَا لَهُ ذَٰلِكَ ۖ وَإِنَّ لَهُ عِندَنَا لَزُلْفَىٰ وَحُسْنَ مَآبٍ (25)
Samxolela ke ngoko, ukanti okwakhe kukuba kufuphi naThi nendawo yokubuyela (iPaladesi)
يَا دَاوُودُ إِنَّا جَعَلْنَاكَ خَلِيفَةً فِي الْأَرْضِ فَاحْكُم بَيْنَ النَّاسِ بِالْحَقِّ وَلَا تَتَّبِعِ الْهَوَىٰ فَيُضِلَّكَ عَن سَبِيلِ اللَّهِ ۚ إِنَّ الَّذِينَ يَضِلُّونَ عَن سَبِيلِ اللَّهِ لَهُمْ عَذَابٌ شَدِيدٌ بِمَا نَسُوا يَوْمَ الْحِسَابِ (26)
Hini na Dâwûd! Inene wena Sikubekele ukuba ube ngummeli ehlabathini; ngoko ke gweba ngokusenyanisweni, ungalandeli iminqweno yakho ngokuba iya kukuphambukisa eNdleleni ka-Allâh Inene abo baphambukayo eNdleleni ka-Allâh baya kufumana isohlwayo esibuhlungu ngokuba bona baye balibala ngeMini yemibuzo
وَمَا خَلَقْنَا السَّمَاءَ وَالْأَرْضَ وَمَا بَيْنَهُمَا بَاطِلًا ۚ ذَٰلِكَ ظَنُّ الَّذِينَ كَفَرُوا ۚ فَوَيْلٌ لِّلَّذِينَ كَفَرُوا مِنَ النَّارِ (27)
Kanti ke Asidalanga amazulu nomhlaba nako konke okukuwo ngaphandle kwenjongo! Leyo yingcinga yabo bangakholwayo! Yeha ke kwabo bangakholwayo eMlilweni
أَمْ نَجْعَلُ الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ كَالْمُفْسِدِينَ فِي الْأَرْضِ أَمْ نَجْعَلُ الْمُتَّقِينَ كَالْفُجَّارِ (28)
Ingaba Siza kuphatha abo bakholwayo, benza izenzo ezilungileyo njengabenzi bobubi emhlabeni okanye Siphathe abo bahlonela uAllâh njengezingcoli
كِتَابٌ أَنزَلْنَاهُ إِلَيْكَ مُبَارَكٌ لِّيَدَّبَّرُوا آيَاتِهِ وَلِيَتَذَكَّرَ أُولُو الْأَلْبَابِ (29)
(Le) yiNcwadi (i’Kur’ân) eSiyithumele kuwe, izele ziintsikelelo, khon’ukuze bacamngcisise ngeeVesi zayo aze namadoda anengqiqo phakathi kwabo akhumbule
وَوَهَبْنَا لِدَاوُودَ سُلَيْمَانَ ۚ نِعْمَ الْعَبْدُ ۖ إِنَّهُ أَوَّابٌ (30)
Kananjalo uDâwûd Sampha uSulaymân. Esinjani ukulunga sona isiCaka! Inene yena wayehlala ebuyela (kuThi) ngenguquko
إِذْ عُرِضَ عَلَيْهِ بِالْعَشِيِّ الصَّافِنَاتُ الْجِيَادُ (31)
Kwathi emva kwemini kwakwenziwa umboniso phambi kwakhe wamahashe aqeqeshiweyo omkhosi wokulwa imfazwe
فَقَالَ إِنِّي أَحْبَبْتُ حُبَّ الْخَيْرِ عَن ذِكْرِ رَبِّي حَتَّىٰ تَوَارَتْ بِالْحِجَابِ (32)
Wathi yena: “Mna ndiye ndathanda (la mahashe) endaweni yokukhumbula iNkosi yam, lada ixesha (lomthandazo wasemva kwemini) laphela, (nelanga) lafihlakala kwisigqubuthelo (sobusuku).”
رُدُّوهَا عَلَيَّ ۖ فَطَفِقَ مَسْحًا بِالسُّوقِ وَالْأَعْنَاقِ (33)
Waza wathi: “Waziseni kum wahambahambisa isandla sakhe emilenzeni yawo nasezintanyeni zawo kwada kwaya kuphela umboniso
وَلَقَدْ فَتَنَّا سُلَيْمَانَ وَأَلْقَيْنَا عَلَىٰ كُرْسِيِّهِ جَسَدًا ثُمَّ أَنَابَ (34)
Kananjalo Savavanya uSulaymân, Sabeka umzimba (ongenabomi) waza wabuyela (kuAllâh ngenguquko nangentobeko)
قَالَ رَبِّ اغْفِرْ لِي وَهَبْ لِي مُلْكًا لَّا يَنبَغِي لِأَحَدٍ مِّن بَعْدِي ۖ إِنَّكَ أَنتَ الْوَهَّابُ (35)
Wathi: “Nkosi yam ndixolele, Undiphe ubukumkani obungasokuze bube bobakhe nabani na emva kwam: inene Wena unguSokupha.”
فَسَخَّرْنَا لَهُ الرِّيحَ تَجْرِي بِأَمْرِهِ رُخَاءً حَيْثُ أَصَابَ (36)
Ke kaloku Samenzela ukuba umoya umthobele, wawuvuthuza ngocoselelo, ngokomyalelo wakhe, naphi na apho athanda khona
وَالشَّيَاطِينَ كُلَّ بَنَّاءٍ وَغَوَّاصٍ (37)
Kanti namashayâtini (ooSathana) nabo bonke abakhi neendadi
وَآخَرِينَ مُقَرَّنِينَ فِي الْأَصْفَادِ (38)
Nabanye ababebotshwe ngamakhamandela
هَٰذَا عَطَاؤُنَا فَامْنُنْ أَوْ أَمْسِكْ بِغَيْرِ حِسَابٍ (39)
(UAllâh Wathi kuSulayman): “Esi sisipho seThu ngoko ke sisebenzise okanye usigcine kuwe, akukho nto iza kubuzwa (kuwe) ngaso.”
وَإِنَّ لَهُ عِندَنَا لَزُلْفَىٰ وَحُسْنَ مَآبٍ (40)
Inene okwakhe kukuba secaleni kweThu, nokubuyela kokulungileyo ePaladesi
وَاذْكُرْ عَبْدَنَا أَيُّوبَ إِذْ نَادَىٰ رَبَّهُ أَنِّي مَسَّنِيَ الشَّيْطَانُ بِنُصْبٍ وَعَذَابٍ (41)
Khumbula kananjalo isicaka seThu uAyyûb ukucela kwakhe eNkosini yakhe (esithi): “Inene uShaytân undifumene ngenkxwaleko nangentuthumbo
ارْكُضْ بِرِجْلِكَ ۖ هَٰذَا مُغْتَسَلٌ بَارِدٌ وَشَرَابٌ (42)
UAllâh Wathi: “Ngqisha emhlabeni ngonyawo lwakho: nanku umthombo wamanzi wokuba uhlambe kuwo, akwasisiselo esipholileyo
وَوَهَبْنَا لَهُ أَهْلَهُ وَمِثْلَهُم مَّعَهُمْ رَحْمَةً مِّنَّا وَذِكْرَىٰ لِأُولِي الْأَلْبَابِ (43)
Kananjalo Saphinda Sambuyisela usapho lwakhe, ndawonye nokunye okufana noko njengenceba evela kuThi, nenkumbuzo kwabo baqiqayo
وَخُذْ بِيَدِكَ ضِغْثًا فَاضْرِب بِّهِ وَلَا تَحْنَثْ ۗ إِنَّا وَجَدْنَاهُ صَابِرًا ۚ نِّعْمَ الْعَبْدُ ۖ إِنَّهُ أَوَّابٌ (44)
Uthathe ngesandla sakho isicithi sengca ubethe ngaso (umfazi wakho), ungasaphuli isithembiso sakho. Inene Thina Samfumana (uAyyûb) enomonde, esinjani ukulunga sona isicaka! Inene yena wayesoloko ebuyela (kuThi) ngenguquko
وَاذْكُرْ عِبَادَنَا إِبْرَاهِيمَ وَإِسْحَاقَ وَيَعْقُوبَ أُولِي الْأَيْدِي وَالْأَبْصَارِ (45)
Khumbula kananjalo isicaka seThu uIbrâhîm, uIs-hâ’k, noYa’kûb (bonke) abo babe namandla (okuSikhonza) nengqiqo (elungileyo) yenkolo
إِنَّا أَخْلَصْنَاهُم بِخَالِصَةٍ ذِكْرَى الدَّارِ (46)
Inene Sabakhetha bona ngokubanika inkumbuzo yekhaya (lasemva kokufa)
وَإِنَّهُمْ عِندَنَا لَمِنَ الْمُصْطَفَيْنَ الْأَخْيَارِ (47)
Kananjalo bona bakunye naThi, yaye bangabakhethiweyo, abona balungileyo
وَاذْكُرْ إِسْمَاعِيلَ وَالْيَسَعَ وَذَا الْكِفْلِ ۖ وَكُلٌّ مِّنَ الْأَخْيَارِ (48)
Khumbula uIsmâ’îl, uAlyasa’2 noDthul-kifil3, bonke (abo) ngabanye babo balungileyo
هَٰذَا ذِكْرٌ ۚ وَإِنَّ لِلْمُتَّقِينَ لَحُسْنَ مَآبٍ (49)
Le yinkumbuzo. Yaye inene okwabanyulu iya kuba kukubuyela okulungilelyo kwasePaladesi
جَنَّاتِ عَدْنٍ مُّفَتَّحَةً لَّهُمُ الْأَبْوَابُ (50)
E’Adn (eEden), uMyezo omasango awo aya kuvulelwa bona
مُتَّكِئِينَ فِيهَا يَدْعُونَ فِيهَا بِفَاكِهَةٍ كَثِيرَةٍ وَشَرَابٍ (51)
Phakathi apho baya kungqiyama; apho baya kubiza indyebo yeziqhamo neziselo
۞ وَعِندَهُمْ قَاصِرَاتُ الطَّرْفِ أَتْرَابٌ (52)
Ukanti ecaleni kwabo iya kuba ngabafazi abanyulu abaya kuba bebambe amehlo abo (ukuba anganqweneli bambi ngaphandle kwabayeni babo), benobudala obulinganayo
هَٰذَا مَا تُوعَدُونَ لِيَوْمِ الْحِسَابِ (53)
Oku ke kuko oko nina bamoyikayo uAllâh nithenjiswa ngako ngeMini yamatyala
إِنَّ هَٰذَا لَرِزْقُنَا مَا لَهُ مِن نَّفَادٍ (54)
(Kuya kuthiwa kubo)! “Inene le yimbonelelo yeThu kuni engasokuze iphele
هَٰذَا ۚ وَإِنَّ لِلطَّاغِينَ لَشَرَّ مَآبٍ (55)
Oku kunjalo! Ke kaloku kubagabadeli iya kuba kukubuyela okubi (kwaseMlilweni)
جَهَنَّمَ يَصْلَوْنَهَا فَبِئْسَ الْمِهَادُ (56)
EsiHogweni kulapho baza kutsha khona, hayi ukuba mbi kwaloo ndawo yokuphumla (kwabo)
هَٰذَا فَلْيَذُوقُوهُ حَمِيمٌ وَغَسَّاقٌ (57)
Oku kunjalo! Mabangcamle (isohlwayo) ke ulwelo olubandayo nobubomvu (obuphuma ezilondeni)
وَآخَرُ مِن شَكْلِهِ أَزْوَاجٌ (58)
Nezinye (izohlwayo) ezikwanjalo zidityaniswe zonke
هَٰذَا فَوْجٌ مُّقْتَحِمٌ مَّعَكُمْ ۖ لَا مَرْحَبًا بِهِمْ ۚ إِنَّهُمْ صَالُو النَّارِ (59)
Eli liqela Eliza lingxamile kuwe! Akuyi kubakho kwamkeleka kubo Inene bona baza kutsha eMlilweni
قَالُوا بَلْ أَنتُمْ لَا مَرْحَبًا بِكُمْ ۖ أَنتُمْ قَدَّمْتُمُوهُ لَنَا ۖ فَبِئْسَ الْقَرَارُ (60)
(Ababengabalandeli baya kukhala kwabo babalahlekisayo bathi): “Oku kwenu! Akukho kwamkeleka kuni! Nini aba basihlisela oku phezu kwethu (emhlabeni), hayi ububi bale ndawo yokuhlala.!”
قَالُوا رَبَّنَا مَن قَدَّمَ لَنَا هَٰذَا فَزِدْهُ عَذَابًا ضِعْفًا فِي النَّارِ (61)
Baya kuthi: “Nkosi yethu! Nabani na owasihlisela oku, mongezele isohlwayo ngokuphindwe kabini eMlilweni!”
وَقَالُوا مَا لَنَا لَا نَرَىٰ رِجَالًا كُنَّا نَعُدُّهُم مِّنَ الْأَشْرَارِ (62)
Ke kaloku baya kuthi: “Kwenzeka ntoni na kanye kuthi ukuba singababoni abantu esasidla ngokubabala nabangalunganga
أَتَّخَذْنَاهُمْ سِخْرِيًّا أَمْ زَاغَتْ عَنْهُمُ الْأَبْصَارُ (63)
Ingaba sasibenza izinto zokugculela, okanye mhlawumbi ngamehlo ethu asilelayo ukubabona?”
إِنَّ ذَٰلِكَ لَحَقٌّ تَخَاصُمُ أَهْلِ النَّارِ (64)
Inene leyo yinyaniso yokwenene baya kuphikisana abantu boMlilo
قُلْ إِنَّمَا أَنَا مُنذِرٌ ۖ وَمَا مِنْ إِلَٰهٍ إِلَّا اللَّهُ الْوَاحِدُ الْقَهَّارُ (65)
Yithi (Muhammad): “Mna ndinguMlumkisi kuphela yaye akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh, Omnye, Ongenakuphikiswa
رَبُّ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ وَمَا بَيْنَهُمَا الْعَزِيزُ الْغَفَّارُ (66)
INkosi yamazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kwawo, uSomandla, uMxoleli.”
قُلْ هُوَ نَبَأٌ عَظِيمٌ (67)
Yithi: “Le ‘Kur’ân iziindaba ezinkulu
أَنتُمْ عَنْهُ مُعْرِضُونَ (68)
Ezo nina nizitshikilelayo
مَا كَانَ لِيَ مِنْ عِلْمٍ بِالْمَلَإِ الْأَعْلَىٰ إِذْ يَخْتَصِمُونَ (69)
Mna andinalwazi lwaziphathazithunywa, xa zazipikisana, zixoxa (ngokudalwa komntu)
إِن يُوحَىٰ إِلَيَّ إِلَّا أَنَّمَا أَنَا نَذِيرٌ مُّبِينٌ (70)
Okutyhiliweyo kum kuphela koku: kukuba mna ndinguMlumkisi ocacileyo.”
إِذْ قَالَ رَبُّكَ لِلْمَلَائِكَةِ إِنِّي خَالِقٌ بَشَرًا مِّن طِينٍ (71)
Yabona! INkosi yakho yathi kwiingelosi: “Ndiza kudala umntu ngodongwe
فَإِذَا سَوَّيْتُهُ وَنَفَخْتُ فِيهِ مِن رُّوحِي فَقَعُوا لَهُ سَاجِدِينَ (72)
Ekumbumbeni kwaM, Ndamphefumlela umoya wakhe, niya kuwa niqubude kuye ke nina.”
فَسَجَدَ الْمَلَائِكَةُ كُلُّهُمْ أَجْمَعُونَ (73)
Zaqubuda iingelosi zonke
إِلَّا إِبْلِيسَ اسْتَكْبَرَ وَكَانَ مِنَ الْكَافِرِينَ (74)
Ngaphandle koIblîs (uSathana): waba nekratshi waza waba ngomnye wabangakholwayo
قَالَ يَا إِبْلِيسُ مَا مَنَعَكَ أَن تَسْجُدَ لِمَا خَلَقْتُ بِيَدَيَّ ۖ أَسْتَكْبَرْتَ أَمْ كُنتَ مِنَ الْعَالِينَ (75)
UAllâh Wathi: “Hini na Iblîs! Yintoni na ekuthintelayo ukuba ungaqubudi kulowo Ndimdalileyo ngeZandla zaM zoziBini? Uzingca kakhulu na okanye ungoyena wabaphakamileyo abakhulu kusini na?”
قَالَ أَنَا خَيْرٌ مِّنْهُ ۖ خَلَقْتَنِي مِن نَّارٍ وَخَلَقْتَهُ مِن طِينٍ (76)
(UIblîs) wathi: “Mna ndingcono kunaye. Mna Undidale ngomlilo, yena Wamdala ngodongwe.”
قَالَ فَاخْرُجْ مِنْهَا فَإِنَّكَ رَجِيمٌ (77)
(UAllâh) Wathi: “Phuma umke apha; kuba wena ulahliwe
وَإِنَّ عَلَيْكَ لَعْنَتِي إِلَىٰ يَوْمِ الدِّينِ (78)
Yaye inene isiqalekiso saM siya kuba phezu kwakho kude kube yiMini yoMgwebo”
قَالَ رَبِّ فَأَنظِرْنِي إِلَىٰ يَوْمِ يُبْعَثُونَ (79)
(UIblîs) wathi: “Nkosi yam! Ndimele kude kube yiMini yoVuko lwabafileyo.”
قَالَ فَإِنَّكَ مِنَ الْمُنظَرِينَ (80)
(UAllâh) Wathi: “Inene wena ungomnye wabo bamelweyo
إِلَىٰ يَوْمِ الْوَقْتِ الْمَعْلُومِ (81)
Kude kube lixesha elimisiweyo.”
قَالَ فَبِعِزَّتِكَ لَأُغْوِيَنَّهُمْ أَجْمَعِينَ (82)
(UIblîs) wathi: “Ngamandla aKho, inene mna ndiya kubalahlekisa bonke
إِلَّا عِبَادَكَ مِنْهُمُ الْمُخْلَصِينَ (83)
Ngaphandle kwezicaka zaKho ezikhethekileyo phakathi kwabo.”
قَالَ فَالْحَقُّ وَالْحَقَّ أَقُولُ (84)
(UAllâh) Wathi: “Yinyaniso (leyo) yaye inyaniso Ndithi (kuwe)
لَأَمْلَأَنَّ جَهَنَّمَ مِنكَ وَمِمَّن تَبِعَكَ مِنْهُمْ أَجْمَعِينَ (85)
Ndiya kuzalisa isiHogo ngawe ndawonye nabo (bantu) balandela wena.”
قُلْ مَا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ مِنْ أَجْرٍ وَمَا أَنَا مِنَ الْمُتَكَلِّفِينَ (86)
Yithi (Muhammad): “Akukho ntlawuliso ndinibiza yona ngale (‘Kur’ân), ndingenguye nomnye wabaqambi (bobuxoki)
إِنْ هُوَ إِلَّا ذِكْرٌ لِّلْعَالَمِينَ (87)
Yona le (‘Kur’ân) yinkumbuzo yendalo yonke
وَلَتَعْلَمُنَّ نَبَأَهُ بَعْدَ حِينٍ (88)
Ke kaloku niza kuyazi inyaniso emveni kwethuba.”
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas