| اقْتَرَبَتِ السَّاعَةُ وَانشَقَّ الْقَمَرُ (1) IYure sele ifikile yaye nenyanga sele icandeke (kubini)
 | 
| وَإِن يَرَوْا آيَةً يُعْرِضُوا وَيَقُولُوا سِحْرٌ مُّسْتَمِرٌّ (2) Ke kaloku xa bebona umqondiso (ummangaliso), bayatshikila bathi: “(Lo) ngumlingo ogqithayo.”
 | 
| وَكَذَّبُوا وَاتَّبَعُوا أَهْوَاءَهُمْ ۚ وَكُلُّ أَمْرٍ مُّسْتَقِرٌّ (3) Kananjalo baye baphika, balandela iminqweno yabo. Kodwa into nganye inexesha lokufezekiswa (kwayo)
 | 
| وَلَقَدْ جَاءَهُم مِّنَ الْأَنبَاءِ مَا فِيهِ مُزْدَجَرٌ (4) Ke kaloku sele ifikile kubo inkcazelo ekukho kuyo isilumkiso (esaneleyo ngokubhekiselele kugabadelo)
 | 
| حِكْمَةٌ بَالِغَةٌ ۖ فَمَا تُغْنِ النُّذُرُ (5) Ubulumko obuphangaleleyo kodwa isilumkiso asibancedi (nto)
 | 
| فَتَوَلَّ عَنْهُمْ ۘ يَوْمَ يَدْعُ الدَّاعِ إِلَىٰ شَيْءٍ نُّكُرٍ (6) Bayeke ke (Muhammad), ngeMini uMkhwazi aya kubizela abantu kwinto engathandekiyo (uMlilo wesiHogo)
 | 
| خُشَّعًا أَبْصَارُهُمْ يَخْرُجُونَ مِنَ الْأَجْدَاثِ كَأَنَّهُمْ جَرَادٌ مُّنتَشِرٌ (7) Amehlo abo aya kuba ethobekile, baya kuphuma emangcwabeni wabo bengathi ziinkumbi bethe saa
 | 
| مُّهْطِعِينَ إِلَى الدَّاعِ ۖ يَقُولُ الْكَافِرُونَ هَٰذَا يَوْمٌ عَسِرٌ (8) Begxalathelana besiya phambili kuMkhwazi. Abangakholwayo baya kuthi: “Le yiMini enzima.”
 | 
| ۞ كَذَّبَتْ قَبْلَهُمْ قَوْمُ نُوحٍ فَكَذَّبُوا عَبْدَنَا وَقَالُوا مَجْنُونٌ وَازْدُجِرَ (9) Abantu bakaNûh baphika ngaphambili kunabo, ke kaloku basiphika isiCaka seThu. Bathi: “ (Lo uNûh) yindoda ephambanayo” wada (uNûh) wagxothwa (ngabo)
 | 
| فَدَعَا رَبَّهُ أَنِّي مَغْلُوبٌ فَانتَصِرْ (10) Ke kaloko wacela eNkosini yakhe: “Inene mna ndoyisakele, ndincede ke Wena (Nkosi yam).”
 | 
| فَفَتَحْنَا أَبْوَابَ السَّمَاءِ بِمَاءٍ مُّنْهَمِرٍ (11) Thina ke Savula iingcango zezulu nemvula eyathululeka phantsi
 | 
| وَفَجَّرْنَا الْأَرْضَ عُيُونًا فَالْتَقَى الْمَاءُ عَلَىٰ أَمْرٍ قَدْ قُدِرَ (12) Eyenza umhlaba wagqabhuka yimithombo namanzi, aza namanzi adibana nento eyayisele imiselwe kakade
 | 
| وَحَمَلْنَاهُ عَلَىٰ ذَاتِ أَلْوَاحٍ وَدُسُرٍ (13) Samthumela ke yena (ngenqanawa eyenziwe) ngamaplanga nezikhonkwane
 | 
| تَجْرِي بِأَعْيُنِنَا جَزَاءً لِّمَن كَانَ كُفِرَ (14) Idada phantsi kolondolozo lweThu njengomvuzo kulowo wayephikiwe (uNûh)
 | 
| وَلَقَد تَّرَكْنَاهَا آيَةً فَهَلْ مِن مُّدَّكِرٍ (15) Sayishiya	ukuba	ibe	ngumqondiso1,	ukhona	ke	oza kukhumbula (okanye afumane isilumkiso)
 | 
| فَكَيْفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ (16) Saba njani ke ukuba (buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso
 | 
| وَلَقَدْ يَسَّرْنَا الْقُرْآنَ لِلذِّكْرِ فَهَلْ مِن مُّدَّكِرٍ (17) Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke, ukhona phofu oza kukhumbula
 | 
| كَذَّبَتْ عَادٌ فَكَيْفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ (18) Ama’Ad aphika; saba njani ke (ukuba buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso
 | 
| إِنَّا أَرْسَلْنَا عَلَيْهِمْ رِيحًا صَرْصَرًا فِي يَوْمِ نَحْسٍ مُّسْتَمِرٍّ (19) Inene, Thina Sathumela kubo umoya otswinayo ngemini eyayiyeyeshwangusha (elalisihla emva kweshwangusha)
 | 
| تَنزِعُ النَّاسَ كَأَنَّهُمْ أَعْجَازُ نَخْلٍ مُّنقَعِرٍ (20) Lincothula abantu ngokungathi zizibhukubhuku zemithi yesundu encothulwe neengcambu
 | 
| فَكَيْفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ (21) Saba njani (ukuba buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso
 | 
| وَلَقَدْ يَسَّرْنَا الْقُرْآنَ لِلذِّكْرِ فَهَلْ مِن مُّدَّكِرٍ (22) Kananjalo Siyenze yalula i’Kur’ân ukuba ikhumbuleke, ukhona phofu oza kukhumbula
 | 
| كَذَّبَتْ ثَمُودُ بِالنُّذُرِ (23) AmaThamûd asala isilumkiso
 | 
| فَقَالُوا أَبَشَرًا مِّنَّا وَاحِدًا نَّتَّبِعُهُ إِنَّا إِذًا لَّفِي ضَلَالٍ وَسُعُرٍ (24) Athi:“Ingabangumntuomnyephakathikwethuesizakulandela yena? Inene singaba sekulahlekeni nasempambanweni
 | 
| أَأُلْقِيَ الذِّكْرُ عَلَيْهِ مِن بَيْنِنَا بَلْ هُوَ كَذَّابٌ أَشِرٌ (25) Ingaba umyalezo uthunyelwe kuye phakathi kwethu? Hayi khona lixoki elingenazintloni (lo)!”
 | 
| سَيَعْلَمُونَ غَدًا مَّنِ الْكَذَّابُ الْأَشِرُ (26) Baza	kumazi	ngomso	ukuba	ngubani	na	olixoki elingenazintloni
 | 
| إِنَّا مُرْسِلُو النَّاقَةِ فِتْنَةً لَّهُمْ فَارْتَقِبْهُمْ وَاصْطَبِرْ (27) Inene Thina Sithumele ithokazi lenkamela ukuba libe luvavanyo kubo, bajonge ke ube nomonde
 | 
| وَنَبِّئْهُمْ أَنَّ الْمَاءَ قِسْمَةٌ بَيْنَهُمْ ۖ كُلُّ شِرْبٍ مُّحْتَضَرٌ (28) Ubaxelele kananjalo okokuba amanzi baza kwahlulelana ngawo, (Nenkamela), ngenye (imini) kuza kusela bona (ize ibe yinkamela ngenye imini)
 | 
| فَنَادَوْا صَاحِبَهُمْ فَتَعَاطَىٰ فَعَقَرَ (29) Kodwa bona babiza ugxa wabo2, waba nesibindi wayinqumla imisipha
 | 
| فَكَيْفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ (30) Saba njani ke (ukuba buhlungu) iSohlwayo saM nesilumkiso
 | 
| إِنَّا أَرْسَلْنَا عَلَيْهِمْ صَيْحَةً وَاحِدَةً فَكَانُوا كَهَشِيمِ الْمُحْتَظِرِ (31) Inene Thina Sathoba isiqhushumbisi phezu kwabo baba ngathi ziintsasa ezomileyo ezizizijungqu zesibaya sezilwanyana
 | 
| وَلَقَدْ يَسَّرْنَا الْقُرْآنَ لِلذِّكْرِ فَهَلْ مِن مُّدَّكِرٍ (32) Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke, ukhona na phofu oza kukhumbula
 | 
| كَذَّبَتْ قَوْمُ لُوطٍ بِالنُّذُرِ (33) Abantu bakwaLût basala isilumkiso
 | 
| إِنَّا أَرْسَلْنَا عَلَيْهِمْ حَاصِبًا إِلَّا آلَ لُوطٍ ۖ نَّجَّيْنَاهُم بِسَحَرٍ (34) Inene, Thina Sathumela isiphango samatye phezu kwabo ngaphandle kosapho lukaLût, lona Salusindisa phambi koms’obomvu
 | 
| نِّعْمَةً مِّنْ عِندِنَا ۚ كَذَٰلِكَ نَجْزِي مَن شَكَرَ (35) NgoBabalo oluvela kuThi. Simvuza kanjalo ke onombulelo
 | 
| وَلَقَدْ أَنذَرَهُم بَطْشَتَنَا فَتَمَارَوْا بِالنُّذُرِ (36) Ke kaloku yena wayesele ebalumkisile (kwantlandlolo) ngohlaselo lweThu, kodwa bona basiphikisa isilumkiso
 | 
| وَلَقَدْ رَاوَدُوهُ عَن ضَيْفِهِ فَطَمَسْنَا أَعْيُنَهُمْ فَذُوقُوا عَذَابِي وَنُذُرِ (37) Kananjalo bafuna ukuxhwila iindwendwe zakhe, Kodwa Sabamfamekisela amehlo abo (SiSithi): “Ngcamlani isohlwayo saM nesilumkiso ke.”
 | 
| وَلَقَدْ صَبَّحَهُم بُكْرَةً عَذَابٌ مُّسْتَقِرٌّ (38) Ke kaloku ekuseni bafikelwa sisohlwayo esibuhlungu
 | 
| فَذُوقُوا عَذَابِي وَنُذُرِ (39) (Kwathiwa kubo): “Ngcamlani isohlwayo saM nesilumkiso ke.”
 | 
| وَلَقَدْ يَسَّرْنَا الْقُرْآنَ لِلذِّكْرِ فَهَلْ مِن مُّدَّكِرٍ (40) Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke kodwa ukhona na phofu oza kukhumbula
 | 
| وَلَقَدْ جَاءَ آلَ فِرْعَوْنَ النُّذُرُ (41) Kanti nakubantu bakwaFir’awn kwafika isilumkiso
 | 
| كَذَّبُوا بِآيَاتِنَا كُلِّهَا فَأَخَذْنَاهُمْ أَخْذَ عَزِيزٍ مُّقْتَدِرٍ (42) Bayala imiqondiso yeThu yonke, Sabahlasela ke ngohlaselo lwaloWo Unobunganga, Unamandla
 | 
| أَكُفَّارُكُمْ خَيْرٌ مِّنْ أُولَٰئِكُمْ أَمْ لَكُم بَرَاءَةٌ فِي الزُّبُرِ (43) Ingaba (abantu) abangakholwayo benu bangcono kunabayaa bamandulo, okanye ninogonyo oluvela kwiziBhalo
 | 
| أَمْ يَقُولُونَ نَحْنُ جَمِيعٌ مُّنتَصِرٌ (44) Okanye bathi: “Thina silibandla elixhasanayo,” kusini na
 | 
| سَيُهْزَمُ الْجَمْعُ وَيُوَلُّونَ الدُّبُرَ (45) (Elo) bandlana labo liza koyiswa, kwaye baza kuza ngemiva (babaleke)
 | 
| بَلِ السَّاعَةُ مَوْعِدُهُمْ وَالسَّاعَةُ أَدْهَىٰ وَأَمَرُّ (46) Kodwa iYure lixesha labo elimisiweyo, kwaye iYure leyo ingaphaya ngokonakalisa yaye ikrakra ngakumbi
 | 
| إِنَّ الْمُجْرِمِينَ فِي ضَلَالٍ وَسُعُرٍ (47) Inene izaphula-mthetho zisekulahlekeni nasempambanweni
 | 
| يَوْمَ يُسْحَبُونَ فِي النَّارِ عَلَىٰ وُجُوهِهِمْ ذُوقُوا مَسَّ سَقَرَ (48) NgeMini abaya kurhuqelwa eMlilweni ngobuso babo kuya (kuthiwa kubo): “Ngcamlani ukuchukunyiswa sisiHogo kaloku”
 | 
| إِنَّا كُلَّ شَيْءٍ خَلَقْنَاهُ بِقَدَرٍ (49) Inene Sidale zonke izinto ngommiselo (wento eziya kuba yiyo)
 | 
| وَمَا أَمْرُنَا إِلَّا وَاحِدَةٌ كَلَمْحٍ بِالْبَصَرِ (50) Ukanti	umyalelo	weThu	uba	mnye	jwi	ube	ngathi kukuqhwanyaza kweliso
 | 
| وَلَقَدْ أَهْلَكْنَا أَشْيَاعَكُمْ فَهَلْ مِن مُّدَّكِرٍ (51) Kananjalo Sele Sabatshabalalisa abanjengani, ukhona phofu za kukhumbula
 | 
| وَكُلُّ شَيْءٍ فَعَلُوهُ فِي الزُّبُرِ (52) Kananjalo yonke into abayenzayo ibhaliwe emacwecweni
 | 
| وَكُلُّ صَغِيرٍ وَكَبِيرٍ مُّسْتَطَرٌ (53) Kwaye nto nganye encinane (nenkulu) ibhaliwe
 | 
| إِنَّ الْمُتَّقِينَ فِي جَنَّاتٍ وَنَهَرٍ (54) Inene amalungisa aya kuba phakathi kwemiyezo nemilambo
 | 
| فِي مَقْعَدِ صِدْقٍ عِندَ مَلِيكٍ مُّقْتَدِرٍ (55) Esihlalweni sentlonipheko ecaleni kukaSobunganga, uSomandla
 |