×

Surah Ar-Rahman in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Rahman

Translation of the Meanings of Surah Rahman in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Rahman translated into Xhosa, Surah Ar-Rahman in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Rahman in Xhosa - الكسوزا, Verses 78 - Surah Number 55 - Page 531.

بسم الله الرحمن الرحيم

الرَّحْمَٰنُ (1)
USolubabalo
عَلَّمَ الْقُرْآنَ (2)
Wafundisa i’Kur’ân
خَلَقَ الْإِنسَانَ (3)
Wadala umntu
عَلَّمَهُ الْبَيَانَ (4)
Wamfundisa ukuthetha
الشَّمْسُ وَالْقَمَرُ بِحُسْبَانٍ (5)
Ilanga nenyanga zijikeleza ngokwemilinganiselo echanekileyo (ezibalelwe yona)
وَالنَّجْمُ وَالشَّجَرُ يَسْجُدَانِ (6)
Neenkwenkwezi nemithi ziyaqubuda
وَالسَّمَاءَ رَفَعَهَا وَوَضَعَ الْمِيزَانَ (7)
Nezulu Waliphakamisa walinyanzela ukuzinza
أَلَّا تَطْغَوْا فِي الْمِيزَانِ (8)
Khon’ukuze ningayigabadeli imida ebekiweyo
وَأَقِيمُوا الْوَزْنَ بِالْقِسْطِ وَلَا تُخْسِرُوا الْمِيزَانَ (9)
Kwanokuba nijongisise nimete (izinto) ngokulinganayo ningenzi umlinganiselo ube nesikhwasilima
وَالْأَرْضَ وَضَعَهَا لِلْأَنَامِ (10)
Kanti nomhlaba Uwubeke phantsi (Wawandlalela) izilwanyana
فِيهَا فَاكِهَةٌ وَالنَّخْلُ ذَاتُ الْأَكْمَامِ (11)
Apho kuwo kukho iziqhamo, iidatilisi zesundu ezivelisa amakhasi
وَالْحَبُّ ذُو الْعَصْفِ وَالرَّيْحَانُ (12)
neenkozo kananjalo ezinamagqabi efula, nezityalo ezinuka kamnandi
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (13)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
خَلَقَ الْإِنسَانَ مِن صَلْصَالٍ كَالْفَخَّارِ (14)
Wadala umntu ngodongwe lokwenyani olunjengodongwe lomxonxi
وَخَلَقَ الْجَانَّ مِن مَّارِجٍ مِّن نَّارٍ (15)
Ukanti zona iijinni Wazidala ngedangatya lomlilo ongenamsi
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (16)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
رَبُّ الْمَشْرِقَيْنِ وَرَبُّ الْمَغْرِبَيْنِ (17)
(Yena) yiNkosi yazo zombini iiMpumalanga, EkwayiNkosi yazo zombini iiNtshonalanga
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (18)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
مَرَجَ الْبَحْرَيْنِ يَلْتَقِيَانِ (19)
Yena Wakhulula iilwandle ezimbini1 ukuba zidibane
بَيْنَهُمَا بَرْزَخٌ لَّا يَبْغِيَانِ (20)
Phakathi kwazo kukho umsantsa, alukho olutsiba umda kuwo (ezi lwandle zimbini)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (21)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
يَخْرُجُ مِنْهُمَا اللُّؤْلُؤُ وَالْمَرْجَانُ (22)
Kuzo zombini (ezi lwandle) kuphuma iiperile neekorale
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (23)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
وَلَهُ الْجَوَارِ الْمُنشَآتُ فِي الْبَحْرِ كَالْأَعْلَامِ (24)
Kananjalo zezaKhe iinqanawa eziye (zibonakale) ziphakamile elwandle ngathi ziintaba
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (25)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
كُلُّ مَنْ عَلَيْهَا فَانٍ (26)
Wonke ubani kuwo (umhlaba) uza kutshabalala
وَيَبْقَىٰ وَجْهُ رَبِّكَ ذُو الْجَلَالِ وَالْإِكْرَامِ (27)
Kuze kusale uBuso2 beNkosi yakho uMnini bungangamsha nozuko
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (28)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
يَسْأَلُهُ مَن فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۚ كُلَّ يَوْمٍ هُوَ فِي شَأْنٍ (29)
Wonke osemazulwini nasemhlabeni ucela kuYe; imihla yonke, Yena Uba nento Akuyo (Ayenzayo)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (30)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
سَنَفْرُغُ لَكُمْ أَيُّهَ الثَّقَلَانِ (31)
Siza kunihoya nina zidalwa zibini (iiJinni nabantu) zixhomekeke (kuThi)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (32)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
يَا مَعْشَرَ الْجِنِّ وَالْإِنسِ إِنِ اسْتَطَعْتُمْ أَن تَنفُذُوا مِنْ أَقْطَارِ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ فَانفُذُوا ۚ لَا تَنفُذُونَ إِلَّا بِسُلْطَانٍ (33)
Hini na bandla ndini leejinni nabantu, ukuba niye naba nako ukugqitha ngaphaya kwemimandla yezulu nomhlaba gqithani ke. Aniyi kugqitha ngaphandle kwegunya (elivela kuAllâh)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (34)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
يُرْسَلُ عَلَيْكُمَا شُوَاظٌ مِّن نَّارٍ وَنُحَاسٌ فَلَا تَنتَصِرَانِ (35)
Kuya kuthunyelwa kuni amadangatya omlilo nomsi yaye aniyi kuzikhusela
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (36)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فَإِذَا انشَقَّتِ السَّمَاءُ فَكَانَتْ وَرْدَةً كَالدِّهَانِ (37)
Ke kaloku lakucandeka izulu, livuleke, libe ngathi yirozi ebomvu okwe-oli
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (38)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فَيَوْمَئِذٍ لَّا يُسْأَلُ عَن ذَنبِهِ إِنسٌ وَلَا جَانٌّ (39)
Ngaloo Mini akukho namnye oza kubuzwa ngesono sakhe phakathi koluntu neejinni (kuba abenzi bezono nabalungileyo baya kuzicacela ngaloo Mini)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (40)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
يُعْرَفُ الْمُجْرِمُونَ بِسِيمَاهُمْ فَيُؤْخَذُ بِالنَّوَاصِي وَالْأَقْدَامِ (41)
Izaphula-mthetho ziya kubonakala ngeempawu zazo, yaye ziya kuxhakamfulwa ngeenyawo (zazo)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (42)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
هَٰذِهِ جَهَنَّمُ الَّتِي يُكَذِّبُ بِهَا الْمُجْرِمُونَ (43)
Nasi ke isiHogo ebesiphikwa zizaphula-mthetho
يَطُوفُونَ بَيْنَهَا وَبَيْنَ حَمِيمٍ آنٍ (44)
Baya kujikeleza phakathi kwaso namanzi atshisayo enziwe ashushu (kanobom)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (45)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
وَلِمَنْ خَافَ مَقَامَ رَبِّهِ جَنَّتَانِ (46)
Ke yena lowo waye woyika ukumiswa (phambi) kweNkosi yakhe, uya kuba neMiyezo emibini
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (47)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
ذَوَاتَا أَفْنَانٍ (48)
(IMiyezo le yo) iya kuba namasebe (athe saa)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (49)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فِيهِمَا عَيْنَانِ تَجْرِيَانِ (50)
Kuyo yomibini (iMiyezo leyo) kuya kubakho imithombo empompozayo
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (51)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فِيهِمَا مِن كُلِّ فَاكِهَةٍ زَوْجَانِ (52)
Kuyo yomibini kuya kubakho zonke iziqhamo zeentlobo ezimbini
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (53)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
مُتَّكِئِينَ عَلَىٰ فُرُشٍ بَطَائِنُهَا مِنْ إِسْتَبْرَقٍ ۚ وَجَنَى الْجَنَّتَيْنِ دَانٍ (54)
Bengqengqe kwiimandlalo zabo eziqukunjelwe ngesilika enzima, iziqhamo zemiyezo emibini zona zijingela phantsi (kufutshane)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (55)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فِيهِنَّ قَاصِرَاتُ الطَّرْفِ لَمْ يَطْمِثْهُنَّ إِنسٌ قَبْلَهُمْ وَلَا جَانٌّ (56)
(Kuloo miyezo) kuya kubakho abafazi abaya kuba bekrwaqula ngokuzibambileyo, abangazanga bachukunyiswe ndoda najinni ngaphambili
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (57)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
كَأَنَّهُنَّ الْيَاقُوتُ وَالْمَرْجَانُ (58)
Ngokungengathi ziiRubhi neekorale
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (59)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
هَلْ جَزَاءُ الْإِحْسَانِ إِلَّا الْإِحْسَانُ (60)
Ingaba ukhona na umvuzo wokulungileyo ngaphezulu kokulungileyo na
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (61)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
وَمِن دُونِهِمَا جَنَّتَانِ (62)
Ngezantsi kwayo yomibini (iMiyezo leyo) kuya kubakho eminye iMiyezo emibini
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (63)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
مُدْهَامَّتَانِ (64)
Iya kuba luhlaza yaka (ngokwebala)
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (65)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فِيهِمَا عَيْنَانِ نَضَّاخَتَانِ (66)
Kuyo yomibini kuya kubakho imithombo emibini etsawulayo
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (67)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فِيهِمَا فَاكِهَةٌ وَنَخْلٌ وَرُمَّانٌ (68)
Kuyo yomibini kuya kubakho iziqhamo nemithi yesundu nerharnathi
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (69)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
فِيهِنَّ خَيْرَاتٌ حِسَانٌ (70)
Kuyo kuya kubakho abafazi abalungileyo, abahle
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (71)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
حُورٌ مَّقْصُورَاتٌ فِي الْخِيَامِ (72)
Abaziimbelukazi eziya kujezula ngokuzibambileyo, eminqubeni emihle
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (73)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
لَمْ يَطْمِثْهُنَّ إِنسٌ قَبْلَهُمْ وَلَا جَانٌّ (74)
Ezingazanga zachukunyiswa ngumntu najinni ngaphambili
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (75)
Ziziphi ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
مُتَّكِئِينَ عَلَىٰ رَفْرَفٍ خُضْرٍ وَعَبْقَرِيٍّ حِسَانٍ (76)
Zithe zava kwizihlalo ezitofotofo eziluhlaza neenkukho ezintle
فَبِأَيِّ آلَاءِ رَبِّكُمَا تُكَذِّبَانِ (77)
Ziziphi na ke ezi ntsikelelo zeNkosi yenu niya kuziphika
تَبَارَكَ اسْمُ رَبِّكَ ذِي الْجَلَالِ وَالْإِكْرَامِ (78)
Lisikelelekile igama leNkosi yakho, uMnini bungangamsha nozuko
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas