×

Surah Al-Insan in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Insan

Translation of the Meanings of Surah Insan in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Insan translated into Xhosa, Surah Al-Insan in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Insan in Xhosa - الكسوزا, Verses 31 - Surah Number 76 - Page 578.

بسم الله الرحمن الرحيم

هَلْ أَتَىٰ عَلَى الْإِنسَانِ حِينٌ مِّنَ الدَّهْرِ لَمْ يَكُن شَيْئًا مَّذْكُورًا (1)
Ingaba akuzanga khe kubekho xesha na emntwini apho waye eyinto engafanelanga kukhankanywa na
إِنَّا خَلَقْنَا الْإِنسَانَ مِن نُّطْفَةٍ أَمْشَاجٍ نَّبْتَلِيهِ فَجَعَلْنَاهُ سَمِيعًا بَصِيرًا (2)
Inene Samdala UMntu ngomxube weqabaza lembewu yomntu khon’ukuze Simvavanye; kananjalo Samenzela ukuva nokubona
إِنَّا هَدَيْنَاهُ السَّبِيلَ إِمَّا شَاكِرًا وَإِمَّا كَفُورًا (3)
Samkhokela eNdleleni, nokuba uyabulela na okanye akabuleli
إِنَّا أَعْتَدْنَا لِلْكَافِرِينَ سَلَاسِلَ وَأَغْلَالًا وَسَعِيرًا (4)
Kananjalo Silungiselele abangakholwayo amakhonkco namakhamandela neDangatya
إِنَّ الْأَبْرَارَ يَشْرَبُونَ مِن كَأْسٍ كَانَ مِزَاجُهَا كَافُورًا (5)
Inene wona amalungisa aya kusela indebe (yewayini) exutywe neKâfûr
عَيْنًا يَشْرَبُ بِهَا عِبَادُ اللَّهِ يُفَجِّرُونَهَا تَفْجِيرًا (6)
Umthombo ekuza kusela izicaka zika-Allâh ezingamalungisa (kwaye); ziwenza umpompoze ungaphezi
يُوفُونَ بِالنَّذْرِ وَيَخَافُونَ يَوْمًا كَانَ شَرُّهُ مُسْتَطِيرًا (7)
Abo ke ngabo bazalisekisa izifungo zabo boyike neMini ekungcola kwayo kuya kuba banzi
وَيُطْعِمُونَ الطَّعَامَ عَلَىٰ حُبِّهِ مِسْكِينًا وَيَتِيمًا وَأَسِيرًا (8)
Kananjalo bona bapha (abanye) ukutya nangona nabo bekuthanda (kodwa bakunike) abahlwempuzekileyo, noyinkedama, nongumthinjwa
إِنَّمَا نُطْعِمُكُمْ لِوَجْهِ اللَّهِ لَا نُرِيدُ مِنكُمْ جَزَاءً وَلَا شُكُورًا (9)
(Besithi): “Sinondlela ukukholisa uAllâh, asinqweneli mvuzo nambulelo kuni
إِنَّا نَخَافُ مِن رَّبِّنَا يَوْمًا عَبُوسًا قَمْطَرِيرًا (10)
Inene thina soyika iMini enzima evela eNkosini yethu nephethe unxunguphalo, eya kwenza ubuso bubonakale busoyikeka.”
فَوَقَاهُمُ اللَّهُ شَرَّ ذَٰلِكَ الْيَوْمِ وَلَقَّاهُمْ نَضْرَةً وَسُرُورًا (11)
Ngoko ke uAllâh uya kubasindisa bona ebubini baloo Mini, Abaphe ukukhanya kobuhle nolonwabo
وَجَزَاهُم بِمَا صَبَرُوا جَنَّةً وَحَرِيرًا (12)
Kananjalo imbuyekezo yabo iya kuba yiPaladesi, nezambatho zesilika ngenxa yokuba kaloku bona baba nomonde
مُّتَّكِئِينَ فِيهَا عَلَى الْأَرَائِكِ ۖ لَا يَرَوْنَ فِيهَا شَمْسًا وَلَا زَمْهَرِيرًا (13)
(Bona baya kuba) behleli zava ezihlalweni zabo (ezimfuma- mfuma), abayi kubona langa nangqele apho
وَدَانِيَةً عَلَيْهِمْ ظِلَالُهَا وَذُلِّلَتْ قُطُوفُهَا تَذْلِيلًا (14)
Ngentla kufutshane nabo iya kuba yimithunzi yayo [iPaladesi (neziqhamo)] zayo ukuba bazinqothule, ziya kuthotyelwa ezantsi ukuba zivumele (ukunqothulwa)
وَيُطَافُ عَلَيْهِم بِآنِيَةٍ مِّن فِضَّةٍ وَأَكْوَابٍ كَانَتْ قَوَارِيرَا (15)
Kananjalo kuya kuhanjiswa phakathi kwabo izitya neendebe eziya kuba zidalwe zacwenga
قَوَارِيرَ مِن فِضَّةٍ قَدَّرُوهَا تَقْدِيرًا (16)
Iigilasi ezicwengileyo ezenziwe ngesilivere ezimlinganiselo wazo wenziwe ngabo
وَيُسْقَوْنَ فِيهَا كَأْسًا كَانَ مِزَاجُهَا زَنجَبِيلًا (17)
Kananjalo baya kunikwa indebe (yewayini) exutywe nejinja (ginger)
عَيْنًا فِيهَا تُسَمَّىٰ سَلْسَبِيلًا (18)
(Basele), kumthombo ophakathi (ePaladesi) obizwa ngokuba yiSalsabîl
۞ وَيَطُوفُ عَلَيْهِمْ وِلْدَانٌ مُّخَلَّدُونَ إِذَا رَأَيْتَهُمْ حَسِبْتَهُمْ لُؤْلُؤًا مَّنثُورًا (19)
Kuya kuba kuhamba-hamba amakhwenkwana enziwe ngonaphakade. Xa uwabona ungacinga ukuba aziiperile ezisarhaziweyo
وَإِذَا رَأَيْتَ ثَمَّ رَأَيْتَ نَعِيمًا وَمُلْكًا كَبِيرًا (20)
Naxa ujonga apho (ePaladesi) uya kubona ubumnandi nobungangamsha (bokwenene)
عَالِيَهُمْ ثِيَابُ سُندُسٍ خُضْرٌ وَإِسْتَبْرَقٌ ۖ وَحُلُّوا أَسَاوِرَ مِن فِضَّةٍ وَسَقَاهُمْ رَبُّهُمْ شَرَابًا طَهُورًا (21)
Baya kwambathiswa izambatho eziluhlaza zesilika esulungekileyo, engqindilili. Kananjalo baya kuhonjiswa ngezacholo zesilivere Ize iNkosi yabo Ibanike isiselo esihlambululayo
إِنَّ هَٰذَا كَانَ لَكُمْ جَزَاءً وَكَانَ سَعْيُكُم مَّشْكُورًا (22)
(Kananjalo kuya kuthiwa): “Inene oku kuni ngumvuzo kananjalo, umzamo wenu uyabulelwa.”
إِنَّا نَحْنُ نَزَّلْنَا عَلَيْكَ الْقُرْآنَ تَنزِيلًا (23)
Inene SiThi Abathumele i’Kur’ân kuwe (Muhammad), amathuba ngamathuba
فَاصْبِرْ لِحُكْمِ رَبِّكَ وَلَا تُطِعْ مِنْهُمْ آثِمًا أَوْ كَفُورًا (24)
Yiba nomonde ke ngesigqibo seNkosi yakho, ungathobeli (nawuphi na) umoni phakathi kwabo okanye ongenambulelo
وَاذْكُرِ اسْمَ رَبِّكَ بُكْرَةً وَأَصِيلًا (25)
Ke kaloku khumbula igama leNkosi yakho (emthandazweni) ekuseni nangokuhlwa
وَمِنَ اللَّيْلِ فَاسْجُدْ لَهُ وَسَبِّحْهُ لَيْلًا طَوِيلًا (26)
Nasebusuku qubuda kuYo uYizukise ngobusuku (obo)
إِنَّ هَٰؤُلَاءِ يُحِبُّونَ الْعَاجِلَةَ وَيَذَرُونَ وَرَاءَهُمْ يَوْمًا ثَقِيلًا (27)
Inene abo [bangakholwayo (baleqa)], bathande ubomi balo mhlaba beshiya ngemva kwabo iMini ebuhlungu
نَّحْنُ خَلَقْنَاهُمْ وَشَدَدْنَا أَسْرَهُمْ ۖ وَإِذَا شِئْنَا بَدَّلْنَا أَمْثَالَهُمْ تَبْدِيلًا (28)
SiThi ababadalayo Sabomeleza izimo zabo, kanti Sithanda Singayijika imbonakalo yabo ngotshintsho (olwahluke) kwaphela
إِنَّ هَٰذِهِ تَذْكِرَةٌ ۖ فَمَن شَاءَ اتَّخَذَ إِلَىٰ رَبِّهِ سَبِيلًا (29)
Inene le Vesi (ye‘Kur’ân) isisiyalo, ngoko ke lowo uthandayo makazithabathele iNdlela eya eNkosini yakhe
وَمَا تَشَاءُونَ إِلَّا أَن يَشَاءَ اللَّهُ ۚ إِنَّ اللَّهَ كَانَ عَلِيمًا حَكِيمًا (30)
Ukanti nina aningekhe nikwazi, ngaphandle kokuba kuthande uAllâh. Inene uAllâh nguSolwazi nguSobulumko
يُدْخِلُ مَن يَشَاءُ فِي رَحْمَتِهِ ۚ وَالظَّالِمِينَ أَعَدَّ لَهُمْ عَذَابًا أَلِيمًا (31)
Yena Uya kungenisa kwinceba yaKhe lowo Amthandileyo. Abenzi bobubi ke bona Ubalungiselele isohlwayo esibuhlungu
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas