وَيْلٌ لِّلْمُطَفِّفِينَ (1) Yeha kwabo banobuqhetseba | 
الَّذِينَ إِذَا اكْتَالُوا عَلَى النَّاسِ يَسْتَوْفُونَ (2) Abo bathi xa kufuneka befumene into kwabanye abantu, bafune umlinganiselo ozeleyo | 
وَإِذَا كَالُوهُمْ أَو وَّزَنُوهُمْ يُخْسِرُونَ (3) Kodwa xa kufuneka ibe ngabo amabanike abanye abantu umlinganiselo onguwo, suke bona babanike omncinane kunofanelekileyo | 
أَلَا يَظُنُّ أُولَٰئِكَ أَنَّهُم مَّبْعُوثُونَ (4) Abacingi na ukuba baza kuphinda bavuswe (baxoxiswe) | 
لِيَوْمٍ عَظِيمٍ (5) NgoMhla oMkhulu | 
يَوْمَ يَقُومُ النَّاسُ لِرَبِّ الْعَالَمِينَ (6) UMhla abaya kuthi bonke abantu bame phambi kweNkosi yamazwe | 
كَلَّا إِنَّ كِتَابَ الْفُجَّارِ لَفِي سِجِّينٍ (7) Yeha inene, imibhalo yezenzo zabangcolileyo igcinwe kwi- Sijjîn | 
وَمَا أَدْرَاكَ مَا سِجِّينٌ (8) Yintoni na enokukucacisela okokuba iyintoni na iSijjiîn | 
كِتَابٌ مَّرْقُومٌ (9) YiNcwadi ebhaliweyo | 
وَيْلٌ يَوْمَئِذٍ لِّلْمُكَذِّبِينَ (10) Yeha kwabo baphikayo ngaloo Mini | 
الَّذِينَ يُكَذِّبُونَ بِيَوْمِ الدِّينِ (11) Abo baphika iMini yoMgwebo | 
وَمَا يُكَذِّبُ بِهِ إِلَّا كُلُّ مُعْتَدٍ أَثِيمٍ (12) Akakho oyiphikayo ngaphandle komoni ogabadeleyo | 
إِذَا تُتْلَىٰ عَلَيْهِ آيَاتُنَا قَالَ أَسَاطِيرُ الْأَوَّلِينَ (13) Lowo uthi xa efundelwa iziTyhilelo zeThu athi: “Ziintsomi zamandulo” | 
كَلَّا ۖ بَلْ ۜ رَانَ عَلَىٰ قُلُوبِهِم مَّا كَانُوا يَكْسِبُونَ (14) Nakanye! (Banongcoliseko) lomhlwa ezintliziyweni zabo ngenxa yezenzo zabo | 
كَلَّا إِنَّهُمْ عَن رَّبِّهِمْ يَوْمَئِذٍ لَّمَحْجُوبُونَ (15) Inene baya kusithwa bangayiboni iNkosi yabo ngaloo Mini | 
ثُمَّ إِنَّهُمْ لَصَالُو الْجَحِيمِ (16) Kwakhona, inene baya kuphoswa eMlilweni wesiHogo | 
ثُمَّ يُقَالُ هَٰذَا الَّذِي كُنتُم بِهِ تُكَذِّبُونَ (17) Yaye kuya kuthiwa (kubo): “Le yilaa (nyaniso) naniyiphika!” | 
كَلَّا إِنَّ كِتَابَ الْأَبْرَارِ لَفِي عِلِّيِّينَ (18) Inene iiNcwadi zezenzo zamalungisa zigcinwe kwi- ‘Iliyyûn | 
وَمَا أَدْرَاكَ مَا عِلِّيُّونَ (19) Yintoni na enokukucacisela okokuba iyintoni na i-’Iliyyûn | 
كِتَابٌ مَّرْقُومٌ (20) YiNcwadi ebhaliweyo | 
يَشْهَدُهُ الْمُقَرَّبُونَ (21) Engqinwa ngabasondele kuAllâh | 
إِنَّ الْأَبْرَارَ لَفِي نَعِيمٍ (22) Inene amalungisa aya kuba selonwabeni | 
عَلَى الْأَرَائِكِ يَنظُرُونَ (23) Ehleli ezihlalweni eziphakamileyo, emana ukujonga-jonga, (ebukela ubuhle bezinto eziseMyezweni) | 
تَعْرِفُ فِي وُجُوهِهِمْ نَضْرَةَ النَّعِيمِ (24) Uya kubona inkazimlo yochulumanco ebusweni bawo | 
يُسْقَوْنَ مِن رَّحِيقٍ مَّخْتُومٍ (25) Unxano	lwawo	luya	kuqatyulwa	ngewayini	enyulu, etywiniweyo | 
خِتَامُهُ مِسْكٌ ۚ وَفِي ذَٰلِكَ فَلْيَتَنَافَسِ الْمُتَنَافِسُونَ (26) Etywina	layo	liziziqholo	zeMisk1:	Nantsi	ke	into abanomnqweno abanokukhuphisana ngayo | 
وَمِزَاجُهُ مِن تَسْنِيمٍ (27) Ixutywe namanzi omthombo weTasnîm. okwabo iya kuba ngumvuzo ongasokuze ube nasiphelo | 
عَيْنًا يَشْرَبُ بِهَا الْمُقَرَّبُونَ (28) Umthombo ekusela kuwo abo bakufuphi no Allâh | 
إِنَّ الَّذِينَ أَجْرَمُوا كَانُوا مِنَ الَّذِينَ آمَنُوا يَضْحَكُونَ (29) Inene, aboni babedla ngokubahleka abo bakholwayo | 
وَإِذَا مَرُّوا بِهِمْ يَتَغَامَزُونَ (30) Ngalo lonke ixesha begqitha ecaleni kwabo (bakholwayo), baqobelane amehlo (begculela) | 
وَإِذَا انقَلَبُوا إِلَىٰ أَهْلِهِمُ انقَلَبُوا فَكِهِينَ (31) Bathi bakufika kumawabo benze intlekisa | 
وَإِذَا رَأَوْهُمْ قَالُوا إِنَّ هَٰؤُلَاءِ لَضَالُّونَ (32) Baze bathi lonke ixesha xa bebabona bathi: “Yabonani! Aba bantu balahlekile ngenene!” | 
وَمَا أُرْسِلُوا عَلَيْهِمْ حَافِظِينَ (33) Ukanti babengathunywanga ukuba babe ngabalondolozi babo | 
فَالْيَوْمَ الَّذِينَ آمَنُوا مِنَ الْكُفَّارِ يَضْحَكُونَ (34) Ngale	Mini	ngabakholwayo	abaya	kuba	behleka abangakholwayayo | 
عَلَى الْأَرَائِكِ يَنظُرُونَ (35) Behleli ezihlalweni (ezimfuma-mfuma), eziphakamileyo, bejonga-jonga | 
هَلْ ثُوِّبَ الْكُفَّارُ مَا كَانُوا يَفْعَلُونَ (36) Abamelanga	kubuyekezwa	na	abangakholwayo	ngoko bakwenzayo |