إِذَا السَّمَاءُ انفَطَرَتْ (1) Xa isibhakabhaka sicandeka phakathi | 
وَإِذَا الْكَوَاكِبُ انتَثَرَتْ (2) Naxa iinkwenkwezi zisiwa | 
وَإِذَا الْبِحَارُ فُجِّرَتْ (3) Naxa iilwandle ziphuphuma | 
وَإِذَا الْقُبُورُ بُعْثِرَتْ (4) Naxa amangcwaba ebhedululiwe | 
عَلِمَتْ نَفْسٌ مَّا قَدَّمَتْ وَأَخَّرَتْ (5) Umphefumlo	(ngamnye)	uya	kuyazi	into	oze	nayo ngaphambili noyishiye ngemva | 
يَا أَيُّهَا الْإِنسَانُ مَا غَرَّكَ بِرَبِّكَ الْكَرِيمِ (6) Hini na wena mntu! Yintoni na ekwenze akwaYihoya iNkosi yakho, uSobubele | 
الَّذِي خَلَقَكَ فَسَوَّاكَ فَعَدَلَكَ (7) Eyakudalayo	Yakubumba	ngemfezeko	ngomlinganiselo onguwo | 
فِي أَيِّ صُورَةٍ مَّا شَاءَ رَكَّبَكَ (8) Nayiphi na imo Ethanda ukuba ube yiyo wena; Ikudibanisa ube njalo | 
كَلَّا بَلْ تُكَذِّبُونَ بِالدِّينِ (9) Yeha inene nina niyawuphika uMgwebo | 
وَإِنَّ عَلَيْكُمْ لَحَافِظِينَ (10) Inene	phezu	kwenu	kukho	(iingelosi	ezinyulelwe) ukunilondoza | 
كِرَامًا كَاتِبِينَ (11) zilunge kakhulu, zihloniphekile, zibhala phantsi (konke) enikwenzayo | 
يَعْلَمُونَ مَا تَفْعَلُونَ (12) Zikwazi konke enikwenzayo | 
إِنَّ الْأَبْرَارَ لَفِي نَعِيمٍ (13) Inene amalungisa aya kuba selonwabeni | 
وَإِنَّ الْفُجَّارَ لَفِي جَحِيمٍ (14) Inene abangcolileyo baya kuba seMlilweni wesiHogo | 
يَصْلَوْنَهَا يَوْمَ الدِّينِ (15) Baya kungena kuso apho ngoMhla wemivuzo | 
وَمَا هُمْ عَنْهَا بِغَائِبِينَ (16) Yaye abasokuze bakwazi ukuphuncula kuso | 
وَمَا أَدْرَاكَ مَا يَوْمُ الدِّينِ (17) Yintoni na enokukucacisela ukuba uMhla wemivuzo (lo) uyintoni na | 
ثُمَّ مَا أَدْرَاكَ مَا يَوْمُ الدِّينِ (18) Kwakhona	yintoni	na	enokukucacisela	ukuba	uMhla wemivuzo (lo) uyintoni na | 
يَوْمَ لَا تَمْلِكُ نَفْسٌ لِّنَفْسٍ شَيْئًا ۖ وَالْأَمْرُ يَوْمَئِذٍ لِّلَّهِ (19) Iya kuba yiMini apho kungekho mphefumlo uya kuba namandla akwenzela nto omnye. Yaye ulawulo ngaloo Mini luya kuba loluka-Allâh (lonke) |