The Quran in Xhosa - Surah Adiyat translated into Xhosa, Surah Al-Adiyat in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Adiyat in Xhosa - الكسوزا, Verses 11 - Surah Number 100 - Page 599.

| وَالْعَادِيَاتِ ضَبْحًا (1) Ndifunga ngamahashe agabadula, akhefuzele |
| فَالْمُورِيَاتِ قَدْحًا (2) Atakise iintlantsi zomlilo (ngamanqina awo) |
| فَالْمُغِيرَاتِ صُبْحًا (3) Ephumelelisa uhlaselo lwawo kwasekuseni |
| فَأَثَرْنَ بِهِ نَقْعًا (4) Aqhumise uthuli luye kutsho emafini kusenjalo |
| فَوَسَطْنَ بِهِ جَمْعًا (5) Agqobhoze, aye phambili angene esazulwini (sotshaba) |
| إِنَّ الْإِنسَانَ لِرَبِّهِ لَكَنُودٌ (6) Inene umntu (ongakholwayo) akanambulelo eNkosini yakhe (uAllâh) |
| وَإِنَّهُ عَلَىٰ ذَٰلِكَ لَشَهِيدٌ (7) Yaye inene ulingqina lako oko (ngezenzo zakhe) |
| وَإِنَّهُ لِحُبِّ الْخَيْرِ لَشَدِيدٌ (8) Kwaye inene unobutyhuthu-tyhuthu ekuthandeni kwakhe ubutyebi |
| ۞ أَفَلَا يَعْلَمُ إِذَا بُعْثِرَ مَا فِي الْقُبُورِ (9) Akazi na okokuba xa okusemangcwabeni kuvunjululwe kwesaa ngaphandle |
| وَحُصِّلَ مَا فِي الصُّدُورِ (10) Kuze noko kusezifubeni (zabantu) kwenziwe kwaziwe |
| إِنَّ رَبَّهُم بِهِمْ يَوْمَئِذٍ لَّخَبِيرٌ (11) Inene iNkosi yakho ngaloo Mini Iya kuba Isazi konke ngabo |