القرآن باللغة الكسوزا - سورة العاديات مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah Adiyat in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة العاديات باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 11 - رقم السورة 100 - الصفحة 599.
وَالْعَادِيَاتِ ضَبْحًا (1) Ndifunga ngamahashe agabadula, akhefuzele |
فَالْمُورِيَاتِ قَدْحًا (2) Atakise iintlantsi zomlilo (ngamanqina awo) |
فَالْمُغِيرَاتِ صُبْحًا (3) Ephumelelisa uhlaselo lwawo kwasekuseni |
فَأَثَرْنَ بِهِ نَقْعًا (4) Aqhumise uthuli luye kutsho emafini kusenjalo |
فَوَسَطْنَ بِهِ جَمْعًا (5) Agqobhoze, aye phambili angene esazulwini (sotshaba) |
إِنَّ الْإِنسَانَ لِرَبِّهِ لَكَنُودٌ (6) Inene umntu (ongakholwayo) akanambulelo eNkosini yakhe (uAllâh) |
وَإِنَّهُ عَلَىٰ ذَٰلِكَ لَشَهِيدٌ (7) Yaye inene ulingqina lako oko (ngezenzo zakhe) |
وَإِنَّهُ لِحُبِّ الْخَيْرِ لَشَدِيدٌ (8) Kwaye inene unobutyhuthu-tyhuthu ekuthandeni kwakhe ubutyebi |
۞ أَفَلَا يَعْلَمُ إِذَا بُعْثِرَ مَا فِي الْقُبُورِ (9) Akazi na okokuba xa okusemangcwabeni kuvunjululwe kwesaa ngaphandle |
وَحُصِّلَ مَا فِي الصُّدُورِ (10) Kuze noko kusezifubeni (zabantu) kwenziwe kwaziwe |
إِنَّ رَبَّهُم بِهِمْ يَوْمَئِذٍ لَّخَبِيرٌ (11) Inene iNkosi yakho ngaloo Mini Iya kuba Isazi konke ngabo |