×

Surah Qaf in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah Qaf

Translation of the Meanings of Surah Qaf in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah Qaf translated into Xhosa, Surah Qaf in Xhosa. We provide accurate translation of Surah Qaf in Xhosa - الكسوزا, Verses 45 - Surah Number 50 - Page 518.

بسم الله الرحمن الرحيم

ق ۚ وَالْقُرْآنِ الْمَجِيدِ (1)
‘Kâf. Nge’Kur’ân eZukileyo
بَلْ عَجِبُوا أَن جَاءَهُم مُّنذِرٌ مِّنْهُمْ فَقَالَ الْكَافِرُونَ هَٰذَا شَيْءٌ عَجِيبٌ (2)
Ke kaloku bamangaliseka kukuba kufike uMlumkisi kubo ephuma phakathi kwabo, yaye abangakholwayo bathi: “Yinto engumnqa le
أَإِذَا مِتْنَا وَكُنَّا تُرَابًا ۖ ذَٰلِكَ رَجْعٌ بَعِيدٌ (3)
Sisakuba sifile sele siluthuli, (siza kuphinda sibuyiselwe ebomini)? Oko kukubuyela (emhlabeni) okukude.”
قَدْ عَلِمْنَا مَا تَنقُصُ الْأَرْضُ مِنْهُمْ ۖ وَعِندَنَا كِتَابٌ حَفِيظٌ (4)
Siyakwazi okwabo okugqitywa ngumhlaba, yaye kuThi kukho iNcwadi elondoloziweyo
بَلْ كَذَّبُوا بِالْحَقِّ لَمَّا جَاءَهُمْ فَهُمْ فِي أَمْرٍ مَّرِيجٍ (5)
Kodwa bona bayiphikile inyaniso isakuba ifikile kubo. Ngoko ke bakwimo yokudideka
أَفَلَمْ يَنظُرُوا إِلَى السَّمَاءِ فَوْقَهُمْ كَيْفَ بَنَيْنَاهَا وَزَيَّنَّاهَا وَمَا لَهَا مِن فُرُوجٍ (6)
Abajonganga na ezulwini ngentla kwabo ukuba Salakha njani, Salihombisa nokulihombisa kwanokuba kukanjani na ukungabi nazintanda kwalo
وَالْأَرْضَ مَدَدْنَاهَا وَأَلْقَيْنَا فِيهَا رَوَاسِيَ وَأَنبَتْنَا فِيهَا مِن كُلِّ زَوْجٍ بَهِيجٍ (7)
Kanti nomhlaba Siwandlalile Sabeka iintaba ezimile ngokuqinileyo Senza kwahluma apho kuwo (umhlaba) neentlobo zezinto ezintle
تَبْصِرَةً وَذِكْرَىٰ لِكُلِّ عَبْدٍ مُّنِيبٍ (8)
Ezinika ukhanyiselo, nesikhumbuzi kuye wonke osisicaka esibuyelayo (kuAllâh)
وَنَزَّلْنَا مِنَ السَّمَاءِ مَاءً مُّبَارَكًا فَأَنبَتْنَا بِهِ جَنَّاتٍ وَحَبَّ الْحَصِيدِ (9)
Kananjalo Sithobe imvula esikelelekileyo isuka esibhakabhakeni Senza ngayo kwahluma izitiya neenkozo ezivela kwisivuno
وَالنَّخْلَ بَاسِقَاتٍ لَّهَا طَلْعٌ نَّضِيدٌ (10)
Nemithi emide yesundu ineziqhamo ezicwangciswe ngokwemiqolo eyalekeneyo
رِّزْقًا لِّلْعِبَادِ ۖ وَأَحْيَيْنَا بِهِ بَلْدَةً مَّيْتًا ۚ كَذَٰلِكَ الْخُرُوجُ (11)
Umsindleko wezicaka (zika-Allâh), kananjalo Sinike ubomi ngayo (imvula) emhlabeni ofileyo. Lunjalo ke uvuko (lwabafileyo)
كَذَّبَتْ قَبْلَهُمْ قَوْمُ نُوحٍ وَأَصْحَابُ الرَّسِّ وَثَمُودُ (12)
Abantu bakwaNûh baphika ngaphambili kunabo nabemi baseRassi1 nabakwaThamûd
وَعَادٌ وَفِرْعَوْنُ وَإِخْوَانُ لُوطٍ (13)
Nabakwa-’Ad nabakwaFir’awn nabazalwana bakaLût
وَأَصْحَابُ الْأَيْكَةِ وَقَوْمُ تُبَّعٍ ۚ كُلٌّ كَذَّبَ الرُّسُلَ فَحَقَّ وَعِيدِ (14)
Nabemi basezinkunini nabantu baseTubba’, ngamnye kubo wamphika uMthunywa wabo, saza isilumkiso saM sehla (phezu kwabo) ke
أَفَعَيِينَا بِالْخَلْقِ الْأَوَّلِ ۚ بَلْ هُمْ فِي لَبْسٍ مِّنْ خَلْقٍ جَدِيدٍ (15)
Ingaba Sasilela kwindalo yokuqala kusini na? Kodwa basekudidekeni ngokuphathelene nendalo entsha
وَلَقَدْ خَلَقْنَا الْإِنسَانَ وَنَعْلَمُ مَا تُوَسْوِسُ بِهِ نَفْسُهُ ۖ وَنَحْنُ أَقْرَبُ إِلَيْهِ مِنْ حَبْلِ الْوَرِيدِ (16)
Ke kaloku Samdala umntu yaye Siyakwazi okusetyezwa ngumphefumlo wakhe kuye. Kwaye Thina Sisondele kuye kunomthovutho2 wakhe
إِذْ يَتَلَقَّى الْمُتَلَقِّيَانِ عَنِ الْيَمِينِ وَعَنِ الشِّمَالِ قَعِيدٌ (17)
Xa abamkeli3 ababini besamkela behleli ekunene nasekhohlo
مَّا يَلْفِظُ مِن قَوْلٍ إِلَّا لَدَيْهِ رَقِيبٌ عَتِيدٌ (18)
Akukho nalinye ilizwi umntu alithethayo koko kuba sele kukho umqwalaseli osele elungele (ukubhala)
وَجَاءَتْ سَكْرَةُ الْمَوْتِ بِالْحَقِّ ۖ ذَٰلِكَ مَا كُنتَ مِنْهُ تَحِيدُ (19)
Kananjalo ukuyoba kokufa kuya kuza nenyaniso; ebenizama ukuyiphepha
وَنُفِخَ فِي الصُّورِ ۚ ذَٰلِكَ يَوْمُ الْوَعِيدِ (20)
Ke kaloku neXilongo liya kuvuthelwa. Leyo iya kuba iyiMini isilumkiso sasikhutshiwe (ngayo)
وَجَاءَتْ كُلُّ نَفْسٍ مَّعَهَا سَائِقٌ وَشَهِيدٌ (21)
Umphefumlo ngamnye uya kuza nomqhubi (wawo) nengqina
لَّقَدْ كُنتَ فِي غَفْلَةٍ مِّنْ هَٰذَا فَكَشَفْنَا عَنكَ غِطَاءَكَ فَبَصَرُكَ الْيَوْمَ حَدِيدٌ (22)
(Kuya kuthiwa kuwo): “Wena wawungayinanzanga (le Mini), Sisisusile ke isigqubuthelo kuwe, (ngoku) ukubona kwakho naMhlanje kubukhali.”
وَقَالَ قَرِينُهُ هَٰذَا مَا لَدَيَّ عَتِيدٌ (23)
Aze umqhubi wawo (ingelosi) athi: “Lo Umbhalo ngulo ukum, sele ulungiswe kakade.”
أَلْقِيَا فِي جَهَنَّمَ كُلَّ كَفَّارٍ عَنِيدٍ (24)
(UAllâh Uya kuthi): “Phosa esiHogweni wonke osisingcoli esineenkani ongakholwayo.”
مَّنَّاعٍ لِّلْخَيْرِ مُعْتَدٍ مُّرِيبٍ (25)
Uya kuthi uAllâh kulowo ungumoni: “Mthinteli ndini wokulungileyo, mgabadeli ndini, mthandabuzi ndini
الَّذِي جَعَلَ مَعَ اللَّهِ إِلَٰهًا آخَرَ فَأَلْقِيَاهُ فِي الْعَذَابِ الشَّدِيدِ (26)
Lowo (walinganisa) thixo bambi noAllâh.” (Aphinde Athi kwingelosi emqhubayo): “Mphose esohlwayweni esibuhlungu.”
۞ قَالَ قَرِينُهُ رَبَّنَا مَا أَطْغَيْتُهُ وَلَٰكِن كَانَ فِي ضَلَالٍ بَعِيدٍ (27)
Umhlobo wakhe (uSathana) uya kuthi: “Nkosi yethu, asindim owamenza ukuba abe ngumgabadeli koko nguye ngokwakhe owaba sekulahlekeni (okwambeka) kude.”
قَالَ لَا تَخْتَصِمُوا لَدَيَّ وَقَدْ قَدَّمْتُ إِلَيْكُم بِالْوَعِيدِ (28)
(UAllâh) Uya kuthi: “Musani ukuphikisana phambi kwaM, ekubeni Ndandinilumkisile kwangenxa engaphambili.”
مَا يُبَدَّلُ الْقَوْلُ لَدَيَّ وَمَا أَنَا بِظَلَّامٍ لِّلْعَبِيدِ (29)
Ilizwi (elingummiselo) aliyi kuguqulwa kuM yaye Andisokuze Ndibe ngumsweli bulungisa kwizicaka
يَوْمَ نَقُولُ لِجَهَنَّمَ هَلِ امْتَلَأْتِ وَتَقُولُ هَلْ مِن مَّزِيدٍ (30)
NgeMini eSiya kuthi esiHogweni: “Ingaba ugcwele? Siya (kuphendula) sona sithi: “Ingaba kusekho abanye na?”
وَأُزْلِفَتِ الْجَنَّةُ لِلْمُتَّقِينَ غَيْرَ بَعِيدٍ (31)
Ke kaloku iPaladesi iya kusondezwa kubenzi bokulungileyo, ingabi kude
هَٰذَا مَا تُوعَدُونَ لِكُلِّ أَوَّابٍ حَفِيظٍ (32)
(Kuya kuthiwa): “Oku koko nanithenjiswe ngako (oko) kokwakhe wonke ongumbuyeli kuAllâh nomgcini womnqophiso waKhe
مَّنْ خَشِيَ الرَّحْمَٰنَ بِالْغَيْبِ وَجَاءَ بِقَلْبٍ مُّنِيبٍ (33)
Owamoyikayo uSozinceba, Ongabonwayo, wabuyela (kuYe) ngentliziyo (enenguquko)
ادْخُلُوهَا بِسَلَامٍ ۖ ذَٰلِكَ يَوْمُ الْخُلُودِ (34)
Ngena kuyo (iPaladesi) ngoxolo. Le yiMini yaphakade.”
لَهُم مَّا يَشَاءُونَ فِيهَا وَلَدَيْنَا مَزِيدٌ (35)
Baya kufumana konke abakunqwenelayo apho, yaye kuThi kusekho nokunye okungaphaya koko
وَكَمْ أَهْلَكْنَا قَبْلَهُم مِّن قَرْنٍ هُمْ أَشَدُّ مِنْهُم بَطْشًا فَنَقَّبُوا فِي الْبِلَادِ هَلْ مِن مَّحِيصٍ (36)
Kanti zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo ngaphambili kunabo, ezazinkulu kunabo ngamandla zityhutyhe ilizwe lonke, ikhona phofu indawo yokubalekela
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَذِكْرَىٰ لِمَن كَانَ لَهُ قَلْبٌ أَوْ أَلْقَى السَّمْعَ وَهُوَ شَهِيدٌ (37)
Inene kuko oko kukho inkumbuzo kuye nabani na ophulaphulayo lo gama ekho (ngokwasengqondweni)
وَلَقَدْ خَلَقْنَا السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضَ وَمَا بَيْنَهُمَا فِي سِتَّةِ أَيَّامٍ وَمَا مَسَّنَا مِن لُّغُوبٍ (38)
Sawadala ngenene amazulu nomhlaba noko kuphakathi kuwo ngeentsuku ezintandathu kwaye akukho kudinwa kwaSichukumisayo
فَاصْبِرْ عَلَىٰ مَا يَقُولُونَ وَسَبِّحْ بِحَمْدِ رَبِّكَ قَبْلَ طُلُوعِ الشَّمْسِ وَقَبْلَ الْغُرُوبِ (39)
Ke wena yiba nomonde ngoko bakutshoyo, uzukise (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yakho phambi kokuphuma kwelanga naphambi kokutshona kwalo
وَمِنَ اللَّيْلِ فَسَبِّحْهُ وَأَدْبَارَ السُّجُودِ (40)
(Nakwinxalenye) yobusuku. Mzukise nasemva kokuqubuda (emthandazweni)
وَاسْتَمِعْ يَوْمَ يُنَادِ الْمُنَادِ مِن مَّكَانٍ قَرِيبٍ (41)
Ke kaloku uphulaphule ngeMini xa uMmemezi eya kumemeza kwindawo ekufuphi
يَوْمَ يَسْمَعُونَ الصَّيْحَةَ بِالْحَقِّ ۚ ذَٰلِكَ يَوْمُ الْخُرُوجِ (42)
NgeMini abaya kuva isithonga ngenyaniso. Leyo yiMini yokuphuma (emangcwabeni)
إِنَّا نَحْنُ نُحْيِي وَنُمِيتُ وَإِلَيْنَا الْمَصِيرُ (43)
Inene Sithi abanika ubomi Senze nokufa yaye kuThi kulapho kuza kuphelelwa khona
يَوْمَ تَشَقَّقُ الْأَرْضُ عَنْهُمْ سِرَاعًا ۚ ذَٰلِكَ حَشْرٌ عَلَيْنَا يَسِيرٌ (44)
NgeMini umhlaba uya kuzahlukanisa nabo (baze baphume emangcwabeni abo) ngesaquphe; olo luqokelelo olulula kuThi
نَّحْنُ أَعْلَمُ بِمَا يَقُولُونَ ۖ وَمَا أَنتَ عَلَيْهِم بِجَبَّارٍ ۖ فَذَكِّرْ بِالْقُرْآنِ مَن يَخَافُ وَعِيدِ (45)
Sikwazi kakuhle abakuthethayo, yaye wena awungomnyanzelisi phezu kwabo (wokubenza bakholwe ngenkani) kodwa ke wena khumbuza nge’Kur’ân nabani na lowo usoyikayo isilumkiso saM
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas