×

Surah An-Naba in Xhosa

Quran Xhosa ⮕ Surah An Naba

Translation of the Meanings of Surah An Naba in Xhosa - الكسوزا

The Quran in Xhosa - Surah An Naba translated into Xhosa, Surah An-Naba in Xhosa. We provide accurate translation of Surah An Naba in Xhosa - الكسوزا, Verses 40 - Surah Number 78 - Page 582.

بسم الله الرحمن الرحيم

عَمَّ يَتَسَاءَلُونَ (1)
Kungantoni na oko baphikisana ngako
عَنِ النَّبَإِ الْعَظِيمِ (2)
KungeeNdaba ezinkulu
الَّذِي هُمْ فِيهِ مُخْتَلِفُونَ (3)
Ezo bangenakuvumelana ngazo
كَلَّا سَيَعْلَمُونَ (4)
Yeha, inene kungekudala baza kwazi
ثُمَّ كَلَّا سَيَعْلَمُونَ (5)
Kwakhona yeha, inene kungekudala baza kwazi
أَلَمْ نَجْعَلِ الْأَرْضَ مِهَادًا (6)
ASiwenzanga umhlaba waba ngumphangalalo owandlalekileyo na
وَالْجِبَالَ أَوْتَادًا (7)
Neentaba1 zaba zizikhonkwane
وَخَلَقْنَاكُمْ أَزْوَاجًا (8)
Saza Sanidala ngambini
وَجَعَلْنَا نَوْمَكُمْ سُبَاتًا (9)
Senza ukulala kwenu (kwaba lixesha) lokuphumla
وَجَعَلْنَا اللَّيْلَ لِبَاسًا (10)
Senza ubusuku isigqumathelo
وَجَعَلْنَا النَّهَارَ مَعَاشًا (11)
Senza imini ixesha lokuxelengela ukuphila
وَبَنَيْنَا فَوْقَكُمْ سَبْعًا شِدَادًا (12)
Sakha phezu kwenu amazulu asixhenxe omeleleyo
وَجَعَلْنَا سِرَاجًا وَهَّاجًا (13)
Sabeka apho isibane esikhazimlayo
وَأَنزَلْنَا مِنَ الْمُعْصِرَاتِ مَاءً ثَجَّاجًا (14)
Sathoba amanzi ngobuninzi emafini emvula
لِّنُخْرِجَ بِهِ حَبًّا وَنَبَاتًا (15)
Ukuze ngawo Sivelise imbewu nezityalo
وَجَنَّاتٍ أَلْفَافًا (16)
Nemiyezo eshinyeneyo
إِنَّ يَوْمَ الْفَصْلِ كَانَ مِيقَاتًا (17)
Inene iMini yohlenga-hlengiso yinto esele imiselwe kakade
يَوْمَ يُنفَخُ فِي الصُّورِ فَتَأْتُونَ أَفْوَاجًا (18)
Mini leyo, iXilongo liya kuvuthelwa nize nibuyiswe niziindimbane
وَفُتِحَتِ السَّمَاءُ فَكَانَتْ أَبْوَابًا (19)
Namazulu avuleke ngokungathi ziingcango
وَسُيِّرَتِ الْجِبَالُ فَكَانَتْ سَرَابًا (20)
Neentaba zithi shwaka ngokungathi yinkohliso
إِنَّ جَهَنَّمَ كَانَتْ مِرْصَادًا (21)
Inene isiHogo sihleli sincathamile
لِّلطَّاغِينَ مَآبًا (22)
Likhaya lokuhlala abo bangabagabadeli (abenzi bezono)
لَّابِثِينَ فِيهَا أَحْقَابًا (23)
Baya kuhlala apho kuso iminyaka ngeminyaka
لَّا يَذُوقُونَ فِيهَا بَرْدًا وَلَا شَرَابًا (24)
Akukho nto ipholileyo baya kukuyingcamla apho, kungekho nasiselo na kakade
إِلَّا حَمِيمًا وَغَسَّاقًا (25)
Ngaphandle kolwelo3 olubilayo, nobubomvu
جَزَاءً وِفَاقًا (26)
Umvuzo ofanelekileyo (waboni)
إِنَّهُمْ كَانُوا لَا يَرْجُونَ حِسَابًا (27)
Kuba abazanga boyike kufakwa ngxoxweni (ngezenzo zabo)
وَكَذَّبُوا بِآيَاتِنَا كِذَّابًا (28)
Basuka bathabatha imiqondiso yeThu njengobuxoki
وَكُلَّ شَيْءٍ أَحْصَيْنَاهُ كِتَابًا (29)
Kwaye yonke into Siyigcinile eNcwadini
فَذُوقُوا فَلَن نَّزِيدَكُمْ إِلَّا عَذَابًا (30)
(Kuya kuthiwa kubo): “Ngcamlani ke iziqhamo (zezenzo zenu) kuba akukho songezelelo eSiya kuninika sona ngaphandle kwesohlwayo!”
إِنَّ لِلْمُتَّقِينَ مَفَازًا (31)
Inene, kumalungisa iya kuba yimpumelelo
حَدَائِقَ وَأَعْنَابًا (32)
IMiyezo ebiyelweyo, nemidiliya
وَكَوَاعِبَ أَتْرَابًا (33)
neentombi ezibudala bulinganayo
وَكَأْسًا دِهَاقًا (34)
Nendebe ezele qhu
لَّا يَسْمَعُونَ فِيهَا لَغْوًا وَلَا كِذَّابًا (35)
Akukho mampunge baya kuwava apho nabuxoki
جَزَاءً مِّن رَّبِّكَ عَطَاءً حِسَابًا (36)
Umvuzo ophuma eNkosini yakho. Isipho esaneleyo
رَّبِّ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ وَمَا بَيْنَهُمَا الرَّحْمَٰنِ ۖ لَا يَمْلِكُونَ مِنْهُ خِطَابًا (37)
INkosi yamazulu nomhlaba, nako konke okuphakathi kuwo, uSolubabalo; Akukho namnye oya kuba nagunya lakuthetha naYe
يَوْمَ يَقُومُ الرُّوحُ وَالْمَلَائِكَةُ صَفًّا ۖ لَّا يَتَكَلَّمُونَ إِلَّا مَنْ أَذِنَ لَهُ الرَّحْمَٰنُ وَقَالَ صَوَابًا (38)
IMini apho uMoya (oyiNgcwele) neengelosi ziya kuma ngemigca. Akukho namnye oya kuthetha ngaphandle kwalowo uya kuvunyelwa nguSozinceba, yaye uya kuthetha okulungileyo kuphela
ذَٰلِكَ الْيَوْمُ الْحَقُّ ۖ فَمَن شَاءَ اتَّخَذَ إِلَىٰ رَبِّهِ مَآبًا (39)
Leyo yiMini yeNyaniso! Ngako oko lowo ufunayo makathabathe ukhuseleko ngeNkosi yakhe
إِنَّا أَنذَرْنَاكُمْ عَذَابًا قَرِيبًا يَوْمَ يَنظُرُ الْمَرْءُ مَا قَدَّمَتْ يَدَاهُ وَيَقُولُ الْكَافِرُ يَا لَيْتَنِي كُنتُ تُرَابًا (40)
Inene Sinilumkisile ngesohlwayo esikufuphi. Mini leyo umntu aya kuzibona izenzo zezandla zakhe, aze athi umchasi- kholo: “Yeha kum! Akwaba bendiluthuli
❮ Previous Next ❯

Surahs from Quran :

1- Fatiha2- Baqarah
3- Al Imran4- Nisa
5- Maidah6- Anam
7- Araf8- Anfal
9- Tawbah10- Yunus
11- Hud12- Yusuf
13- Raad14- Ibrahim
15- Hijr16- Nahl
17- Al Isra18- Kahf
19- Maryam20- TaHa
21- Anbiya22- Hajj
23- Muminun24- An Nur
25- Furqan26- Shuara
27- Naml28- Qasas
29- Ankabut30- Rum
31- Luqman32- Sajdah
33- Ahzab34- Saba
35- Fatir36- Yasin
37- Assaaffat38- Sad
39- Zumar40- Ghafir
41- Fussilat42- shura
43- Zukhruf44- Ad Dukhaan
45- Jathiyah46- Ahqaf
47- Muhammad48- Al Fath
49- Hujurat50- Qaf
51- zariyat52- Tur
53- Najm54- Al Qamar
55- Rahman56- Waqiah
57- Hadid58- Mujadilah
59- Al Hashr60- Mumtahina
61- Saff62- Jumuah
63- Munafiqun64- Taghabun
65- Talaq66- Tahrim
67- Mulk68- Qalam
69- Al-Haqqah70- Maarij
71- Nuh72- Jinn
73- Muzammil74- Muddathir
75- Qiyamah76- Insan
77- Mursalat78- An Naba
79- Naziat80- Abasa
81- Takwir82- Infitar
83- Mutaffifin84- Inshiqaq
85- Buruj86- Tariq
87- Al Ala88- Ghashiya
89- Fajr90- Al Balad
91- Shams92- Lail
93- Duha94- Sharh
95- Tin96- Al Alaq
97- Qadr98- Bayyinah
99- Zalzalah100- Adiyat
101- Qariah102- Takathur
103- Al Asr104- Humazah
105- Al Fil106- Quraysh
107- Maun108- Kawthar
109- Kafirun110- Nasr
111- Masad112- Ikhlas
113- Falaq114- An Nas