﴿إِذۡ أَنتُم بِٱلۡعُدۡوَةِ ٱلدُّنۡيَا وَهُم بِٱلۡعُدۡوَةِ ٱلۡقُصۡوَىٰ وَٱلرَّكۡبُ أَسۡفَلَ مِنكُمۡۚ وَلَوۡ تَوَاعَدتُّمۡ لَٱخۡتَلَفۡتُمۡ فِي ٱلۡمِيعَٰدِ وَلَٰكِن لِّيَقۡضِيَ ٱللَّهُ أَمۡرٗا كَانَ مَفۡعُولٗا لِّيَهۡلِكَ مَنۡ هَلَكَ عَنۢ بَيِّنَةٖ وَيَحۡيَىٰ مَنۡ حَيَّ عَنۢ بَيِّنَةٖۗ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَسَمِيعٌ عَلِيمٌ ﴾
[الأنفَال: 42]
Yabonani! ngethuba nina (Mkhosi wamaMuslim) naningasentilini bona bekude kuyo kwelinye icala yabe inqwelo yabo yeempahla ikumhlaba ongezantsi kwenu. Enokuba nanisele nenze idinga lokubonana, Inene naningekhe nibe saphumelela kwelo dinga. Kodwa (nagagana ke nabo) khon’ukuze uAllâh Afezekise into esele yamiselwa kwangaphambili, ukuze abo kwakufuneka betshatyalalisiwe, batshatyalaliswe emva kobungqina obucacileyo, nabo kwakufuneka bedle ubomi, badle ubomi emva kobungqina obucacileyo. Inene uAllâh, nguSokuva, uSolwazi
ترجمة: إذ أنتم بالعدوة الدنيا وهم بالعدوة القصوى والركب أسفل منكم ولو تواعدتم, باللغة الكسوزا
﴿إذ أنتم بالعدوة الدنيا وهم بالعدوة القصوى والركب أسفل منكم ولو تواعدتم﴾ [الأنفَال: 42]