×

سورة القصص باللغة الكسوزا

ترجمات القرآنباللغة الكسوزا ⬅ سورة القصص

ترجمة معاني سورة القصص باللغة الكسوزا - Xhosa

القرآن باللغة الكسوزا - سورة القصص مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah Qasas in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة القصص باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 88 - رقم السورة 28 - الصفحة 385.

بسم الله الرحمن الرحيم

طسم (1)
Tâ-Sîn-Mîm
تِلْكَ آيَاتُ الْكِتَابِ الْمُبِينِ (2)
Ezi ziiVesi zeNcwadi ecacileyo
نَتْلُو عَلَيْكَ مِن نَّبَإِ مُوسَىٰ وَفِرْعَوْنَ بِالْحَقِّ لِقَوْمٍ يُؤْمِنُونَ (3)
Sizicengceleza kuwe zivela kwiindaba zikaMûsâ noFir’awn ngenyaniso kubantu abakholwayo
إِنَّ فِرْعَوْنَ عَلَا فِي الْأَرْضِ وَجَعَلَ أَهْلَهَا شِيَعًا يَسْتَضْعِفُ طَائِفَةً مِّنْهُمْ يُذَبِّحُ أَبْنَاءَهُمْ وَيَسْتَحْيِي نِسَاءَهُمْ ۚ إِنَّهُ كَانَ مِنَ الْمُفْسِدِينَ (4)
Inene, uFir’awn waziphakamisa ezweni wenza nabantu balo baba ziimvaba ngeemvaba, ecinezela iqela elithile kubo, egwinta oonyana babo agcine abasetyhini babo. Inene, yena wayengomnye wabenzi bobubi
وَنُرِيدُ أَن نَّمُنَّ عَلَى الَّذِينَ اسْتُضْعِفُوا فِي الْأَرْضِ وَنَجْعَلَهُمْ أَئِمَّةً وَنَجْعَلَهُمُ الْوَارِثِينَ (5)
Ke kaloku Thina Saye Sathanda ukuba Sibonise uBabalo kwabo babecinezelekile elizweni, Sabenza baziinkokeli, Sabenza baba ziindlalifa
وَنُمَكِّنَ لَهُمْ فِي الْأَرْضِ وَنُرِيَ فِرْعَوْنَ وَهَامَانَ وَجُنُودَهُمَا مِنْهُم مَّا كَانُوا يَحْذَرُونَ (6)
Sibamisele elizweni, Sabonisa ngabo uFir’awn (nephakathi lakhe) uHâmân nomkhosi wabo abo babeboyika
وَأَوْحَيْنَا إِلَىٰ أُمِّ مُوسَىٰ أَنْ أَرْضِعِيهِ ۖ فَإِذَا خِفْتِ عَلَيْهِ فَأَلْقِيهِ فِي الْيَمِّ وَلَا تَخَافِي وَلَا تَحْزَنِي ۖ إِنَّا رَادُّوهُ إِلَيْكِ وَجَاعِلُوهُ مِنَ الْمُرْسَلِينَ (7)
Ke kaloku Satyhilela umama kaMûsâ (Sathi kuye): “Mncancise (uMûsâ); kodwa ukuba uye wamoyikisela uze uye kumbeka emlanjeni, ungoyiki, ungaxhalabi. Inene Thina Siya kumbuyisela kuwe yaye Siya kumenza abe ngomnye wabaThunywa.”
فَالْتَقَطَهُ آلُ فِرْعَوْنَ لِيَكُونَ لَهُمْ عَدُوًّا وَحَزَنًا ۗ إِنَّ فِرْعَوْنَ وَهَامَانَ وَجُنُودَهُمَا كَانُوا خَاطِئِينَ (8)
Ke kaloku usapho lwakwaFir’awn lwamchola (emlanjeni) khon’ukuze abe lutshaba (nonobangela) wenkxwaleko. Inene uFir’awn, uHâmân nomkhosi wakhe babengaboni
وَقَالَتِ امْرَأَتُ فِرْعَوْنَ قُرَّتُ عَيْنٍ لِّي وَلَكَ ۖ لَا تَقْتُلُوهُ عَسَىٰ أَن يَنفَعَنَا أَوْ نَتَّخِذَهُ وَلَدًا وَهُمْ لَا يَشْعُرُونَ (9)
Ke kaloku umkaFir’awn wathi, “(Lo mntwana uya kuba) luchulumanco lwemehlo kum nakuwe. Ngoko ke musa ukumbulala; hleze abe yinzuzo kuthi, okanye singamchola abe ngunyana (wethu).” Babe bengaqondi bona
وَأَصْبَحَ فُؤَادُ أُمِّ مُوسَىٰ فَارِغًا ۖ إِن كَادَتْ لَتُبْدِي بِهِ لَوْلَا أَن رَّبَطْنَا عَلَىٰ قَلْبِهَا لِتَكُونَ مِنَ الْمُؤْمِنِينَ (10)
Intliziyo kamama kaMûsâ yaba liphanga (yaba buhlungu) kwabakancinaneukubaangayichaziimekongaye(umntwana) ukuba SaSingayibophanga Sayiqinisa intliziyo yakhe ukuze abe ngomnye wabakholwayo
وَقَالَتْ لِأُخْتِهِ قُصِّيهِ ۖ فَبَصُرَتْ بِهِ عَن جُنُبٍ وَهُمْ لَا يَشْعُرُونَ (11)
Wathi kudade wabo: “Mlandele (umntwana),” wamlandela ke emlondolozile mgama bona (abakwaFir’wn) bengaqondi
۞ وَحَرَّمْنَا عَلَيْهِ الْمَرَاضِعَ مِن قَبْلُ فَقَالَتْ هَلْ أَدُلُّكُمْ عَلَىٰ أَهْلِ بَيْتٍ يَكْفُلُونَهُ لَكُمْ وَهُمْ لَهُ نَاصِحُونَ (12)
Ke Thina Sabe Sibathintele bonke abaqeshelwa ukuncancisa kwangaphambili, wathi (udade boMûsâ): “Ndinganikhombisa na kumzi wabantu abaya kunihoyela yena lo gama bona baya kuba ngabakhulisi bakhe abanyanisekileyo.”
فَرَدَدْنَاهُ إِلَىٰ أُمِّهِ كَيْ تَقَرَّ عَيْنُهَا وَلَا تَحْزَنَ وَلِتَعْلَمَ أَنَّ وَعْدَ اللَّهِ حَقٌّ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَهُمْ لَا يَعْلَمُونَ (13)
Sambuyisela kumama wakhe (ngolo hlobo) khon’ukuze axole angakhathazeki kwanokuba azi okokuba isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. Kodwa uninzi lwabo (abantu) alwazi
وَلَمَّا بَلَغَ أَشُدَّهُ وَاسْتَوَىٰ آتَيْنَاهُ حُكْمًا وَعِلْمًا ۚ وَكَذَٰلِكَ نَجْزِي الْمُحْسِنِينَ (14)
Wathi ke esakukhula ngokupheleleyo (nasengqondweni) sele ebhadlile, Sampha (ukwazi) ukugweba. Nolwazi. Sibavuza kanjalo ke Thina abenzi bokulungileyo
وَدَخَلَ الْمَدِينَةَ عَلَىٰ حِينِ غَفْلَةٍ مِّنْ أَهْلِهَا فَوَجَدَ فِيهَا رَجُلَيْنِ يَقْتَتِلَانِ هَٰذَا مِن شِيعَتِهِ وَهَٰذَا مِنْ عَدُوِّهِ ۖ فَاسْتَغَاثَهُ الَّذِي مِن شِيعَتِهِ عَلَى الَّذِي مِنْ عَدُوِّهِ فَوَكَزَهُ مُوسَىٰ فَقَضَىٰ عَلَيْهِ ۖ قَالَ هَٰذَا مِنْ عَمَلِ الشَّيْطَانِ ۖ إِنَّهُ عَدُوٌّ مُّضِلٌّ مُّبِينٌ (15)
Ke kaloku wangena esixekweni esithile ngethuba abantu baso babengananzanga nto, wafumana apho amadoda amabini esilwa: enye iyeyohlanga lwakhe enye iyeyotshaba. Ke kaloku le yohlanga lwakhe yacela ukuba ayincedise ngokuchasene nale yotshaba lwakhe, ngoko nangoko uMûsâ wayibetha wayibulala (kungenganjongo). Wathi: “Oku ndikwenzileyo) kuvela kumsebenzi kaShaytân. Inene yena ngumlahlekisi ocacileyo.”
قَالَ رَبِّ إِنِّي ظَلَمْتُ نَفْسِي فَاغْفِرْ لِي فَغَفَرَ لَهُ ۚ إِنَّهُ هُوَ الْغَفُورُ الرَّحِيمُ (16)
Wathi: “Nkosi yam, inene mna ndizonile (umphefumlo) wam, ndixolele ke ngoko,” Yaza Yona (iNkosi yakhe) Yamxolela. Inene Yona nguMxoleli, uSozinceba
قَالَ رَبِّ بِمَا أَنْعَمْتَ عَلَيَّ فَلَنْ أَكُونَ ظَهِيرًا لِّلْمُجْرِمِينَ (17)
Wathi: “Nkosi yam, ngobabalo Ondenzele lona, andisokuze ndibe ngumncedisi wezaphula-mthetho.”
فَأَصْبَحَ فِي الْمَدِينَةِ خَائِفًا يَتَرَقَّبُ فَإِذَا الَّذِي اسْتَنصَرَهُ بِالْأَمْسِ يَسْتَصْرِخُهُ ۚ قَالَ لَهُ مُوسَىٰ إِنَّكَ لَغَوِيٌّ مُّبِينٌ (18)
Waye woyika, esixekweni apho ephunguza esoyikisela (ukuba kwaziwe akwenzileyo), xa kwathi ngesaquphe lowo wayecele ukuncediswa nguye kwixesha elidlulileyo wakhalela ukuncedwa kwakhona. UMûsâ wathi kuye, : “Inene, wena ungumphambuki wokwenyani.”
فَلَمَّا أَنْ أَرَادَ أَن يَبْطِشَ بِالَّذِي هُوَ عَدُوٌّ لَّهُمَا قَالَ يَا مُوسَىٰ أَتُرِيدُ أَن تَقْتُلَنِي كَمَا قَتَلْتَ نَفْسًا بِالْأَمْسِ ۖ إِن تُرِيدُ إِلَّا أَن تَكُونَ جَبَّارًا فِي الْأَرْضِ وَمَا تُرِيدُ أَن تَكُونَ مِنَ الْمُصْلِحِينَ (19)
Uthe xa efuna ukumbetha lowo wayelutshaba kubo bobani, wathi yena: “Hini na Mûsâ, ingaba ufuna ukundibulala na njengalowaa ubumbulele izolo?” Wena ufuna ukuba sisikhohlakali ezweni yaye akufuni kuba ngomnye wabalungisayo.”
وَجَاءَ رَجُلٌ مِّنْ أَقْصَى الْمَدِينَةِ يَسْعَىٰ قَالَ يَا مُوسَىٰ إِنَّ الْمَلَأَ يَأْتَمِرُونَ بِكَ لِيَقْتُلُوكَ فَاخْرُجْ إِنِّي لَكَ مِنَ النَّاصِحِينَ (20)
Ke kaloku enye indoda eyayisuka kwelinye icala elikude lesixeko, yeza ibaleka. Yathi: Hini na Mûsâ, inene iinkosi (zalapha) ziyabhunga ngawe ukuba zikubulale, ngoko ke wena zimela. Inene, mna ndingomnye wabacebisi abanyanisekileyo kuwe.”
فَخَرَجَ مِنْهَا خَائِفًا يَتَرَقَّبُ ۖ قَالَ رَبِّ نَجِّنِي مِنَ الْقَوْمِ الظَّالِمِينَ (21)
Wazimela ke wemka apho, ephunguphunguza esoyika. Wathi: Nkosi yam! Ndisindise kubantu abangabenzi bobubi.”
وَلَمَّا تَوَجَّهَ تِلْقَاءَ مَدْيَنَ قَالَ عَسَىٰ رَبِّي أَن يَهْدِيَنِي سَوَاءَ السَّبِيلِ (22)
Waza wathi akubhekisa ngakwaMidiyan, wathi: “Mhlawumbi iNkosi yam Iya kundikhokelela eNdleleni elungileyo.”
وَلَمَّا وَرَدَ مَاءَ مَدْيَنَ وَجَدَ عَلَيْهِ أُمَّةً مِّنَ النَّاسِ يَسْقُونَ وَوَجَدَ مِن دُونِهِمُ امْرَأَتَيْنِ تَذُودَانِ ۖ قَالَ مَا خَطْبُكُمَا ۖ قَالَتَا لَا نَسْقِي حَتَّىٰ يُصْدِرَ الرِّعَاءُ ۖ وَأَبُونَا شَيْخٌ كَبِيرٌ (23)
Ke kaloku wathi akufika kwindawo enamanzi kwaMidiyan, wafumana apho iqela lamadoda liseza (imihlambi yemfuyo yalo), ecaleni kwabo wafumana abafazi ababini ababebuyisa umva (umhlambi wabo). Wathi (kubo): “Kwenzeka ntoni na kuni?” Bathi bona: “Asikwazi ukuseza (umhlambi wethu) de abelusi basuse eyabo kwaye utata wethu waluphele kakhulu.”
فَسَقَىٰ لَهُمَا ثُمَّ تَوَلَّىٰ إِلَى الظِّلِّ فَقَالَ رَبِّ إِنِّي لِمَا أَنزَلْتَ إِلَيَّ مِنْ خَيْرٍ فَقِيرٌ (24)
Wabasezela umhlambi wabo, (akugqiba) wabuyela emthunzini, wathi: “Nkosi yam inene mna ndiswele nayiphi na into elungileyo Onokundipha yona.”
فَجَاءَتْهُ إِحْدَاهُمَا تَمْشِي عَلَى اسْتِحْيَاءٍ قَالَتْ إِنَّ أَبِي يَدْعُوكَ لِيَجْزِيَكَ أَجْرَ مَا سَقَيْتَ لَنَا ۚ فَلَمَّا جَاءَهُ وَقَصَّ عَلَيْهِ الْقَصَصَ قَالَ لَا تَخَفْ ۖ نَجَوْتَ مِنَ الْقَوْمِ الظَّالِمِينَ (25)
Omnye wabo bafazi babini weza kuye ehamba eneentloni. Wathi: “Utata wam uyakumema khona ukuze akubuyekeze ngokusisezela (impahla yethu).” Wathi ke akufika kuye wambalisela ibali (lokwenzeke kuye), wathi yena, “Musa ukoyika. (Ngoku) umkile kubantu abangabenzi bobubi.”
قَالَتْ إِحْدَاهُمَا يَا أَبَتِ اسْتَأْجِرْهُ ۖ إِنَّ خَيْرَ مَنِ اسْتَأْجَرْتَ الْقَوِيُّ الْأَمِينُ (26)
Omnye wabafazi (abo) wathi: “O tata wam, mqeshe. Inene oyena ulungileyo unokumqesha ngonamandla nothembekileyo.”
قَالَ إِنِّي أُرِيدُ أَنْ أُنكِحَكَ إِحْدَى ابْنَتَيَّ هَاتَيْنِ عَلَىٰ أَن تَأْجُرَنِي ثَمَانِيَ حِجَجٍ ۖ فَإِنْ أَتْمَمْتَ عَشْرًا فَمِنْ عِندِكَ ۖ وَمَا أُرِيدُ أَنْ أَشُقَّ عَلَيْكَ ۚ سَتَجِدُنِي إِن شَاءَ اللَّهُ مِنَ الصَّالِحِينَ (27)
Wathi yena [uyise wabo bafazi) (kuMûsâ)]: “Inene mna ndinqwenelaukukutshatisanenyeyazoezintombizam, phantsi komqathango wokuba undisebenzele iminyaka esibhozo; kodwa ke ukuba ugqibe yalishumi, oko kuya kuba luvelwano lwakho. Mna ke andinqweneli kukubeka bunzimeni. Uya kundifumana mna ndingomnye wabangamalungisa ukuba uAllâh Uthandile.”
قَالَ ذَٰلِكَ بَيْنِي وَبَيْنَكَ ۖ أَيَّمَا الْأَجَلَيْنِ قَضَيْتُ فَلَا عُدْوَانَ عَلَيَّ ۖ وَاللَّهُ عَلَىٰ مَا نَقُولُ وَكِيلٌ (28)
(UMûsâ) wathi: “Oko kumiselwe phakathi kwam nawe. Naliphi na ke endiye ndaligqiba kula maxesha mabini uwabekileyo akukho ntswela bulungisa (eya kuba yenzekile) kum, Yaye uAllâh ulingqina mayela noko sikuthethayo.”
۞ فَلَمَّا قَضَىٰ مُوسَى الْأَجَلَ وَسَارَ بِأَهْلِهِ آنَسَ مِن جَانِبِ الطُّورِ نَارًا قَالَ لِأَهْلِهِ امْكُثُوا إِنِّي آنَسْتُ نَارًا لَّعَلِّي آتِيكُم مِّنْهَا بِخَبَرٍ أَوْ جَذْوَةٍ مِّنَ النَّارِ لَعَلَّكُمْ تَصْطَلُونَ (29)
Ke kaloku ukuligqiba kwakhe uMûsâ ixesha wahamba nosapho lwakhe, wabona umlilo ngasentabeni yeTûr. Wathi kusapho lwakhe: “Hlalani apha; inene mna ndibone umlilo. Mhlawumbi ndiya kuniphathela kuwo apho inkcazelo ethile okanye isikhuni esivuthayo ukuze nizifudumeze ngaso.”
فَلَمَّا أَتَاهَا نُودِيَ مِن شَاطِئِ الْوَادِ الْأَيْمَنِ فِي الْبُقْعَةِ الْمُبَارَكَةِ مِنَ الشَّجَرَةِ أَن يَا مُوسَىٰ إِنِّي أَنَا اللَّهُ رَبُّ الْعَالَمِينَ (30)
Kodwa wathi akusondela kuwo, wabizwa ngakwicala lasekunene lentili kwindawo esikelelekileyo emthini (kwathiwa kuye): “Wena Mûsâ, inene Mna NdinguAllah, iNkosi yamaphakade.”
وَأَنْ أَلْقِ عَصَاكَ ۖ فَلَمَّا رَآهَا تَهْتَزُّ كَأَنَّهَا جَانٌّ وَلَّىٰ مُدْبِرًا وَلَمْ يُعَقِّبْ ۚ يَا مُوسَىٰ أَقْبِلْ وَلَا تَخَفْ ۖ إِنَّكَ مِنَ الْآمِنِينَ (31)
“Jula phantsi umsimelelo wakho.” Kodwa wathi akuwubona ubhinyalaza okwenyoka, wajika wabaleka, akanyeka nokunyeka. UAllâh Wathi: Hini na Mûsâ sondela ungoyiki. Inene wena ungomnye wabakhuselekileyo
اسْلُكْ يَدَكَ فِي جَيْبِكَ تَخْرُجْ بَيْضَاءَ مِنْ غَيْرِ سُوءٍ وَاضْمُمْ إِلَيْكَ جَنَاحَكَ مِنَ الرَّهْبِ ۖ فَذَانِكَ بُرْهَانَانِ مِن رَّبِّكَ إِلَىٰ فِرْعَوْنَ وَمَلَئِهِ ۚ إِنَّهُمْ كَانُوا قَوْمًا فَاسِقِينَ (32)
Faka isandla sakho ekuvulekeni kwesambatho sakho; siya kuphuma simhlophe, singenasifo. Uze uphinde usondeze ingalo yakho kuwe (ukuthintela) uloyiko, kuba leyo yimiqondiso emibini evela eNkosini yakho isiya kuFir’awn neenkosi zakhe. Inene bona ngabantu abangabenzi bobubi.”
قَالَ رَبِّ إِنِّي قَتَلْتُ مِنْهُمْ نَفْسًا فَأَخَافُ أَن يَقْتُلُونِ (33)
Wathi yena: “Nkosi yam, inene mna ndabulala umntu phakathi kwabo, yaye ndinoloyiko lokuba baya kundibulala (nam)
وَأَخِي هَارُونُ هُوَ أَفْصَحُ مِنِّي لِسَانًا فَأَرْسِلْهُ مَعِيَ رِدْءًا يُصَدِّقُنِي ۖ إِنِّي أَخَافُ أَن يُكَذِّبُونِ (34)
Ukanti umntakwethu uHârûn nguyena uliciko kunam ngokolwimi, ngoko ke mthume kunye nam njengomncedisi, ukuze andingqinele. Inene mna ndoyika ukuba baza kundiphika.”
قَالَ سَنَشُدُّ عَضُدَكَ بِأَخِيكَ وَنَجْعَلُ لَكُمَا سُلْطَانًا فَلَا يَصِلُونَ إِلَيْكُمَا ۚ بِآيَاتِنَا أَنتُمَا وَمَنِ اتَّبَعَكُمَا الْغَالِبُونَ (35)
UAllâhWathi:“Siyakuyomelezaingaloyakhongomntakwenu Size Sininike nobabini ubukhulu ukuze bangafikeleli kuni. (Kuya kwenzeka oko) ngemiqondiso yeThu; Nina nobabini nabo balandela nina niya kuba nokongamela.”
فَلَمَّا جَاءَهُم مُّوسَىٰ بِآيَاتِنَا بَيِّنَاتٍ قَالُوا مَا هَٰذَا إِلَّا سِحْرٌ مُّفْتَرًى وَمَا سَمِعْنَا بِهَٰذَا فِي آبَائِنَا الْأَوَّلِينَ (36)
Kodwa wathi uMûsâ esakufika kubo nemiqondiso yeThu ibubungqina obucacileyo, bathi bona: “Oku akunto yimbi ngaphandle kwemilingo eqanjiweyo, yaye asizanga siyive le (nkolo) koobawo mkhulu bethu.”
وَقَالَ مُوسَىٰ رَبِّي أَعْلَمُ بِمَن جَاءَ بِالْهُدَىٰ مِنْ عِندِهِ وَمَن تَكُونُ لَهُ عَاقِبَةُ الدَّارِ ۖ إِنَّهُ لَا يُفْلِحُ الظَّالِمُونَ (37)
UMûsâ wathi: “INkosi yam yiYo Eyaziyo (kunathi nani) ukuba ngubani na oze nesiKhokelo esivela kuYo
وَقَالَ فِرْعَوْنُ يَا أَيُّهَا الْمَلَأُ مَا عَلِمْتُ لَكُم مِّنْ إِلَٰهٍ غَيْرِي فَأَوْقِدْ لِي يَا هَامَانُ عَلَى الطِّينِ فَاجْعَل لِّي صَرْحًا لَّعَلِّي أَطَّلِعُ إِلَىٰ إِلَٰهِ مُوسَىٰ وَإِنِّي لَأَظُنُّهُ مِنَ الْكَاذِبِينَ (38)
UFir’awn wathi: Hini na nina zinkosi, andinazi ninathixo wumbi ngaphandle kwam. Ngoko ke wena Hâmân ndiphembele (umlilo unditshisele izitena) zodongwe, undakhele ibhotwe eliphakamileyo3 ukuze ndinyuke ngalo ndiye kuThixo kaMûsâ. Kodwa mna ngokokubona kwam ndicinga ukuba uMûsâ ngomnye wakumaxoki
وَاسْتَكْبَرَ هُوَ وَجُنُودُهُ فِي الْأَرْضِ بِغَيْرِ الْحَقِّ وَظَنُّوا أَنَّهُمْ إِلَيْنَا لَا يُرْجَعُونَ (39)
Kananjalo yena (uFir’awn) namajoni akhe babekhukhumele elizweni, ngokungekho lungelweni, yaye babecinga ukuba abayi kubuyela kuThi
فَأَخَذْنَاهُ وَجُنُودَهُ فَنَبَذْنَاهُمْ فِي الْيَمِّ ۖ فَانظُرْ كَيْفَ كَانَ عَاقِبَةُ الظَّالِمِينَ (40)
Samhlasela ke kunye nemikhosi yakhe, Saza Sabaphosa bonke elwandle. Khangela ke okokuba saba njani na isiphelo sabenzi bobubi
وَجَعَلْنَاهُمْ أَئِمَّةً يَدْعُونَ إِلَى النَّارِ ۖ وَيَوْمَ الْقِيَامَةِ لَا يُنصَرُونَ (41)
Yaye Sabenza iinkokeli ezimemela (abantu) (eMlilweni: ukanti ngeMini yokuGqibela, abayi kuncedwa)
وَأَتْبَعْنَاهُمْ فِي هَٰذِهِ الدُّنْيَا لَعْنَةً ۖ وَيَوْمَ الْقِيَامَةِ هُم مِّنَ الْمَقْبُوحِينَ (42)
Kananjalo Senza isiqalekiso ukuba sibalandele kweli hlabathi, kanti ngoMhla woVuko baya kuba ngabanye babo banyelekileyo
وَلَقَدْ آتَيْنَا مُوسَى الْكِتَابَ مِن بَعْدِ مَا أَهْلَكْنَا الْقُرُونَ الْأُولَىٰ بَصَائِرَ لِلنَّاسِ وَهُدًى وَرَحْمَةً لَّعَلَّهُمْ يَتَذَكَّرُونَ (43)
Ke kaloku Sanika uMûsâ isiBhalo emva kokuba Sitshabalalise izizukulwana zamandulo ukuba (eso siBhalo) sibe lukhanyiselo lwabantu, nesiKhokelo nenceba, khon’ukuze bakhumbule
وَمَا كُنتَ بِجَانِبِ الْغَرْبِيِّ إِذْ قَضَيْنَا إِلَىٰ مُوسَى الْأَمْرَ وَمَا كُنتَ مِنَ الشَّاهِدِينَ (44)
Kewena(Muhammad) wawungekhokwicalaelingasentshona5 (lentaba), xa Sacacisela uMûsâ umthetho yaye wena wawungengomnye wamangqina
وَلَٰكِنَّا أَنشَأْنَا قُرُونًا فَتَطَاوَلَ عَلَيْهِمُ الْعُمُرُ ۚ وَمَا كُنتَ ثَاوِيًا فِي أَهْلِ مَدْيَنَ تَتْلُو عَلَيْهِمْ آيَاتِنَا وَلَٰكِنَّا كُنَّا مُرْسِلِينَ (45)
Kodwa Thina Sadala izizukulwana (ezininzi) emva koMûsâ, yaye lalilide ixesha labo. Kananjalo wena (Muhammad) abaThumeli (boMyalezo)
وَمَا كُنتَ بِجَانِبِ الطُّورِ إِذْ نَادَيْنَا وَلَٰكِن رَّحْمَةً مِّن رَّبِّكَ لِتُنذِرَ قَوْمًا مَّا أَتَاهُم مِّن نَّذِيرٍ مِّن قَبْلِكَ لَعَلَّهُمْ يَتَذَكَّرُونَ (46)
Kananjalo wena (Muhammad) wawungekho ngakwicala lentaba yeTûr (intaba yeSinayi) xa Sasibiza6. Ukanti wena uthunyelwe njengenceba evela eNkosini yakho, ukuba unike isilumkiso ebantwini ekungazanga kwabakho mlumkisi uthunyelwayo kubo ngaphambili kunawe: khon’ukuze bakhumbule okanye bafumane ululeko
وَلَوْلَا أَن تُصِيبَهُم مُّصِيبَةٌ بِمَا قَدَّمَتْ أَيْدِيهِمْ فَيَقُولُوا رَبَّنَا لَوْلَا أَرْسَلْتَ إِلَيْنَا رَسُولًا فَنَتَّبِعَ آيَاتِكَ وَنَكُونَ مِنَ الْمُؤْمِنِينَ (47)
Ukuba ibingeyiyo le nto (Sathumela wena kubantu baseMakkah) ngebahlelwa lishwangusha ngenxa yezenzo ezenziwa zizandla zabo. Bebeza kuthi: “Nkosi yethu! Yini na ukuba ungasithumeleli uMthunywa? Besiya kuzilandela iiVesi zaKho, sibe ngabanye bamakholwa.”
فَلَمَّا جَاءَهُمُ الْحَقُّ مِنْ عِندِنَا قَالُوا لَوْلَا أُوتِيَ مِثْلَ مَا أُوتِيَ مُوسَىٰ ۚ أَوَلَمْ يَكْفُرُوا بِمَا أُوتِيَ مُوسَىٰ مِن قَبْلُ ۖ قَالُوا سِحْرَانِ تَظَاهَرَا وَقَالُوا إِنَّا بِكُلٍّ كَافِرُونَ (48)
Kodwa yathi inyaniso isakufika kubo ivela kuThi, bathi: “Kutheni yena (uMuhammad) enganikwanga okufana noko kwakunikwe uMûsâ nje.” Kanti abazanga bale na ukukholwa koko kwakunikwe uMûsâ?’ Bathi: “(iTorah ne’Kur’ân) yimilingo emibini encedisanayo, yaye thina asikholwa kuzo zombini.”
قُلْ فَأْتُوا بِكِتَابٍ مِّنْ عِندِ اللَّهِ هُوَ أَهْدَىٰ مِنْهُمَا أَتَّبِعْهُ إِن كُنتُمْ صَادِقِينَ (49)
Yithi: “Yizani nesibhalo kaloku esivela kuAllâh esikhokela ngcono kunayo nayiphi na kuzo (iTorah ne’Kur’ân) khon’ukuze nam ndisilandele, ukuba nithetha inyaniso.”
فَإِن لَّمْ يَسْتَجِيبُوا لَكَ فَاعْلَمْ أَنَّمَا يَتَّبِعُونَ أَهْوَاءَهُمْ ۚ وَمَنْ أَضَلُّ مِمَّنِ اتَّبَعَ هَوَاهُ بِغَيْرِ هُدًى مِّنَ اللَّهِ ۚ إِنَّ اللَّهَ لَا يَهْدِي الْقَوْمَ الظَّالِمِينَ (50)
Kodwaukubaabakuphendulikeuzewaziukubabonabalandela iminqweno yabo kuphela. Ngubani na olahleke ngaphezulu kunalowo ulandela iminqweno yakhe engenasiKhokelo sivela kuAllâh. Inene, uAllâh Akabakhokeli abenzi bobubi.”
۞ وَلَقَدْ وَصَّلْنَا لَهُمُ الْقَوْلَ لَعَلَّهُمْ يَتَذَكَّرُونَ (51)
Inene Thina Silivakalisile ilizwi (i’Kur’ân) khon’ukuze bakhumbuzeke
الَّذِينَ آتَيْنَاهُمُ الْكِتَابَ مِن قَبْلِهِ هُم بِهِ يُؤْمِنُونَ (52)
Abo Sabanika isiBhalo ngaphambili kunayo (i’Kur’ân) bangabakholwayo kuyo
وَإِذَا يُتْلَىٰ عَلَيْهِمْ قَالُوا آمَنَّا بِهِ إِنَّهُ الْحَقُّ مِن رَّبِّنَا إِنَّا كُنَّا مِن قَبْلِهِ مُسْلِمِينَ (53)
Ke kaloku xa icengcelezwa kubo, bathi bona, “Sikholiwe kuyo; inene iyinyaniso evela eNkosini yethu. Inene thina besihleli singawo amaMuslim kwangaphambili
أُولَٰئِكَ يُؤْتَوْنَ أَجْرَهُم مَّرَّتَيْنِ بِمَا صَبَرُوا وَيَدْرَءُونَ بِالْحَسَنَةِ السَّيِّئَةَ وَمِمَّا رَزَقْنَاهُمْ يُنفِقُونَ (54)
Abo ke baya kuwunikwa umvuzo wabo ngokuphindwe kabini ngoko bakunyamezelayo ngomonde nangenxa yokuba bona baphindisa okubi ngokulungileyo, baza banikela (kumalizo) nangoko Sabapha kona
وَإِذَا سَمِعُوا اللَّغْوَ أَعْرَضُوا عَنْهُ وَقَالُوا لَنَا أَعْمَالُنَا وَلَكُمْ أَعْمَالُكُمْ سَلَامٌ عَلَيْكُمْ لَا نَبْتَغِي الْجَاهِلِينَ (55)
Naxa besiva incoko yobudenge bayazikhwebula kuyo, bathi izenzo zethu mazibe phezu kwethu, izenzo zenu zibe phezu kwenu, uxolo malube nani. Thina asiyifuni indlela yabasweli kuqonda
إِنَّكَ لَا تَهْدِي مَنْ أَحْبَبْتَ وَلَٰكِنَّ اللَّهَ يَهْدِي مَن يَشَاءُ ۚ وَهُوَ أَعْلَمُ بِالْمُهْتَدِينَ (56)
Inene wena (Muhammad) awunakumkhokela lowo uthande (ukumkhokela), kodwa Yena uAllâh Ukhokela lowo Athande ukumkhokela. Yaye ubazi kakuhle abo bakhokelelekileyo
وَقَالُوا إِن نَّتَّبِعِ الْهُدَىٰ مَعَكَ نُتَخَطَّفْ مِنْ أَرْضِنَا ۚ أَوَلَمْ نُمَكِّن لَّهُمْ حَرَمًا آمِنًا يُجْبَىٰ إِلَيْهِ ثَمَرَاتُ كُلِّ شَيْءٍ رِّزْقًا مِّن لَّدُنَّا وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَهُمْ لَا يَعْلَمُونَ (57)
Ke kaloku bathi: “Ukuba singalandela isiKhokelo kunye nawe, singaxhwilwa simke elizweni lethu.” Kanti Asibenzelanga indawo engcwele (iMakkah) na, ekuziswa kuyo zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo, ezisisixhaso esivela kuThi, kodwa uninzi lwabo alwazi
وَكَمْ أَهْلَكْنَا مِن قَرْيَةٍ بَطِرَتْ مَعِيشَتَهَا ۖ فَتِلْكَ مَسَاكِنُهُمْ لَمْ تُسْكَن مِّن بَعْدِهِمْ إِلَّا قَلِيلًا ۖ وَكُنَّا نَحْنُ الْوَارِثِينَ (58)
Kanti zingaphi izixeko eSazitshabalalisayo, ezazingenambulelo ngeembonelelo zesixhaso sokuphila kwazo? Yaye ezo ziindawo ababehlala kuzo ezingazanga zihlalwe mntu ngaphandle kokukancinane. Inene Thina Sibe zizo iindlalifa
وَمَا كَانَ رَبُّكَ مُهْلِكَ الْقُرَىٰ حَتَّىٰ يَبْعَثَ فِي أُمِّهَا رَسُولًا يَتْلُو عَلَيْهِمْ آيَاتِنَا ۚ وَمَا كُنَّا مُهْلِكِي الْقُرَىٰ إِلَّا وَأَهْلُهَا ظَالِمُونَ (59)
Yaye kananjalo iNkosi yakho Ayisokuze Izitshabalalise izixeko de Ithumele uMthunywa, acengcelezele (abantu bazo) iiVesi zeThu kunozala7 wazo (kwikomkhulu lazo) Yaye! ASisokuze Sizitshabalilise izixeko ngaphandle kokuba abantu bazo babe ngabenzi bobubi
وَمَا أُوتِيتُم مِّن شَيْءٍ فَمَتَاعُ الْحَيَاةِ الدُّنْيَا وَزِينَتُهَا ۚ وَمَا عِندَ اللَّهِ خَيْرٌ وَأَبْقَىٰ ۚ أَفَلَا تَعْقِلُونَ (60)
Ke kaloku nantoni na eniyiphiweyo, yeyolonwabo (olufutshane) lobu bomi balo mhlaba yaye bungumhombiso ukanti bona uBomi oBuzayo bukuAallâh bubona bulungileyo yaye buya kuhlala bukho ngonaphakade. Kanti aninangqiqo na
أَفَمَن وَعَدْنَاهُ وَعْدًا حَسَنًا فَهُوَ لَاقِيهِ كَمَن مَّتَّعْنَاهُ مَتَاعَ الْحَيَاةِ الدُّنْيَا ثُمَّ هُوَ يَوْمَ الْقِيَامَةِ مِنَ الْمُحْضَرِينَ (61)
Ingaba lowo Simthembise isithembiso esisesona silungileyo (iPaladesi) aya kusifumana siyinyani uyafana nalowo Simenze ukuba onwabele ubunewunewu beli hlabathi, kunoMhla woVuko, noza kuba ngomnye wabo baya kuvuselwa (ukohlwaywa)
وَيَوْمَ يُنَادِيهِمْ فَيَقُولُ أَيْنَ شُرَكَائِيَ الَّذِينَ كُنتُمْ تَزْعُمُونَ (62)
Ngemini Aya kubabiza (uAllâh) Athi “Aphi na kaloku) amahlulelane aM enanidla ngokuwakhankanya?”
قَالَ الَّذِينَ حَقَّ عَلَيْهِمُ الْقَوْلُ رَبَّنَا هَٰؤُلَاءِ الَّذِينَ أَغْوَيْنَا أَغْوَيْنَاهُمْ كَمَا غَوَيْنَا ۖ تَبَرَّأْنَا إِلَيْكَ ۖ مَا كَانُوا إِيَّانَا يَعْبُدُونَ (63)
Abo ilizwi liya kuzalisekiswa (ngokuchasene nabo) baya kuthi: “Nkosi yethu! Aba ngabo sabalahlekisayo. sabalahlekisa njengoko nathi sasilahlekile.” (Ngoku) thina sazisa ukuba msulwa kwethu (ngokumayela nabo) phambi kwaKho. Yayingesithi abo babebanqula.”
وَقِيلَ ادْعُوا شُرَكَاءَكُمْ فَدَعَوْهُمْ فَلَمْ يَسْتَجِيبُوا لَهُمْ وَرَأَوُا الْعَذَابَ ۚ لَوْ أَنَّهُمْ كَانُوا يَهْتَدُونَ (64)
Kuya kuthiwa (kubo): “Bizani kaloku kuloo mahlulelane enu (nithi ngaka-Allâh), baya kubiza ke kuwo, kodwa akayi kubanika mpendulo, yaye baya kusibona isohlwayo. (baze banqwenele) ukuba akwaba babekhokelelekile
وَيَوْمَ يُنَادِيهِمْ فَيَقُولُ مَاذَا أَجَبْتُمُ الْمُرْسَلِينَ (65)
NgeMini (uAllâh) Aya kumemeza kubo Athi; “Mpendulo ni na enayinika abaThunywa (baM)?”
فَعَمِيَتْ عَلَيْهِمُ الْأَنبَاءُ يَوْمَئِذٍ فَهُمْ لَا يَتَسَاءَلُونَ (66)
Kodwa iindaba ezingempendulo elungileyo aziyi kucaca kubo ngaloo Mini, yaye abayi kukwazi nokubuzana
فَأَمَّا مَن تَابَ وَآمَنَ وَعَمِلَ صَالِحًا فَعَسَىٰ أَن يَكُونَ مِنَ الْمُفْلِحِينَ (67)
Kodwayenalowowaguqukayo, wakholwa, wenzaubulungisa, uthenjisiwe nguAllâh okokuba uya kuba ngomnye wabo baya kuphumelela
وَرَبُّكَ يَخْلُقُ مَا يَشَاءُ وَيَخْتَارُ ۗ مَا كَانَ لَهُمُ الْخِيَرَةُ ۚ سُبْحَانَ اللَّهِ وَتَعَالَىٰ عَمَّا يُشْرِكُونَ (68)
Ke kaloku iNkosi yakho Idala oko Ithande (ukukudala) nekukhethileyo, Ayikokwabo ukuzikhethela. Uzuko malube kuAllâh Ophakamileyo (kwizithixo) abazayamanisa naYe
وَرَبُّكَ يَعْلَمُ مَا تُكِنُّ صُدُورُهُمْ وَمَا يُعْلِنُونَ (69)
Kananjalo iNkosi yakho Iyakwazi oko kufihlakele ezifubeni zabo noko bakuvezayo
وَهُوَ اللَّهُ لَا إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ۖ لَهُ الْحَمْدُ فِي الْأُولَىٰ وَالْآخِرَةِ ۖ وَلَهُ الْحُكْمُ وَإِلَيْهِ تُرْجَعُونَ (70)
Yona nguAllâh; akukho thixo wumbi ngaphandle kwaYo. Iindumiso zonke zifanele Yena ekuqalekeni (kobu bomi) nakuBomi oBuzayo. Isigqibo sokuphetha sesaKhe, kukuYe apho niza kubuyela khona
قُلْ أَرَأَيْتُمْ إِن جَعَلَ اللَّهُ عَلَيْكُمُ اللَّيْلَ سَرْمَدًا إِلَىٰ يَوْمِ الْقِيَامَةِ مَنْ إِلَٰهٌ غَيْرُ اللَّهِ يَأْتِيكُم بِضِيَاءٍ ۖ أَفَلَا تَسْمَعُونَ (71)
Yithi, “Khanikhe nicinge: Xa uAllâh Enokwenza ubusuku buqhubeke umphelo kuye kuma ngeMini yoVuko, nguwuphi omnye uthixo ngaphandle koAllâh onokuninika ukukhanya? Aniyi kuphulaphula na?”
قُلْ أَرَأَيْتُمْ إِن جَعَلَ اللَّهُ عَلَيْكُمُ النَّهَارَ سَرْمَدًا إِلَىٰ يَوْمِ الْقِيَامَةِ مَنْ إِلَٰهٌ غَيْرُ اللَّهِ يَأْتِيكُم بِلَيْلٍ تَسْكُنُونَ فِيهِ ۖ أَفَلَا تُبْصِرُونَ (72)
Yithi: “Khanikhe nicinge: xa uAllâh Enokwenza imini iqhubeke umlibe iye kuma ngoMhla woVuko, nguwuphi na omnye uthixo onokunizisela ubusuku eniza kuthi niphumle ngabo? Kanti aniyi kubona na?”
وَمِن رَّحْمَتِهِ جَعَلَ لَكُمُ اللَّيْلَ وَالنَّهَارَ لِتَسْكُنُوا فِيهِ وَلِتَبْتَغُوا مِن فَضْلِهِ وَلَعَلَّكُمْ تَشْكُرُونَ (73)
Ngenxa yobuBele baKhe Wanenzela imini nobusuku khon’ukuze niphumle kuzo (ngemini) nikhangele iziBele zaKhe ukuze mhlawumbi nibe nombulelo
وَيَوْمَ يُنَادِيهِمْ فَيَقُولُ أَيْنَ شُرَكَائِيَ الَّذِينَ كُنتُمْ تَزْعُمُونَ (74)
NgeMini Aya kubabiza Athi kubo: “Aphi na amahlulelane aM enanidla ngokuthetha ngawo?”
وَنَزَعْنَا مِن كُلِّ أُمَّةٍ شَهِيدًا فَقُلْنَا هَاتُوا بُرْهَانَكُمْ فَعَلِمُوا أَنَّ الْحَقَّ لِلَّهِ وَضَلَّ عَنْهُم مَّا كَانُوا يَفْتَرُونَ (75)
Kwaye Siya kuthabatha ingqina kwisizwe ngasinye Sithi: “Velisani ubungqina benu kaloku,” yaye baya kwazi okokuba inyaniso yeka-Allâh, okuya kunyamalala kubo koko babedla ngokukuqamba
۞ إِنَّ قَارُونَ كَانَ مِن قَوْمِ مُوسَىٰ فَبَغَىٰ عَلَيْهِمْ ۖ وَآتَيْنَاهُ مِنَ الْكُنُوزِ مَا إِنَّ مَفَاتِحَهُ لَتَنُوءُ بِالْعُصْبَةِ أُولِي الْقُوَّةِ إِذْ قَالَ لَهُ قَوْمُهُ لَا تَفْرَحْ ۖ إِنَّ اللَّهَ لَا يُحِبُّ الْفَرِحِينَ (76)
Inene u’Karûn (uKora) waye engowabantu bakuloMûsâ, kodwa wabaphatha kakubi. Kananjalo Samnika oovimba abazitshixo zabo zazithwalwa lihlokondiba lamadoda anamandla; ke kaloku abantu bakhe (izizalwana zakhe) bathi kuye: “Musa ukuzikhukhumalisa. Inene uAllâh Akabathandi abakhukhumeleyo
وَابْتَغِ فِيمَا آتَاكَ اللَّهُ الدَّارَ الْآخِرَةَ ۖ وَلَا تَنسَ نَصِيبَكَ مِنَ الدُّنْيَا ۖ وَأَحْسِن كَمَا أَحْسَنَ اللَّهُ إِلَيْكَ ۖ وَلَا تَبْغِ الْفَسَادَ فِي الْأَرْضِ ۖ إِنَّ اللَّهَ لَا يُحِبُّ الْمُفْسِدِينَ (77)
Ukusuka apho ngoko uAllâh Akuphe kona wena zifunele ikhaya lasemva kokufa; uthi kananjalo ungasilibali isabelo sakho sasehlabathini.Wenze okulungileyo njengoko uAllâh Ekwenzele okulungileyo.Unganqweneli (ukwenza) ubutshinga elizweni. Inene uAllâh Akabathandi abenzi bobutshinga.”
قَالَ إِنَّمَا أُوتِيتُهُ عَلَىٰ عِلْمٍ عِندِي ۚ أَوَلَمْ يَعْلَمْ أَنَّ اللَّهَ قَدْ أَهْلَكَ مِن قَبْلِهِ مِنَ الْقُرُونِ مَنْ هُوَ أَشَدُّ مِنْهُ قُوَّةً وَأَكْثَرُ جَمْعًا ۚ وَلَا يُسْأَلُ عَن ذُنُوبِهِمُ الْمُجْرِمُونَ (78)
Wathi yena (u’Kârûn): “Mna ndakunikwa oku ngenxa yolwazi endinalo.” (Kanti) wayengayazi na into yokuba uAllâh Watshabalalisa izizukulwana ngaphambili kunaye, amadoda ayenamandla kunaye emakhulu ngokobutyebi ayebuqokelele? Kodwa abaphuli-mthetho abayi kubuzwa ngezono zabo
فَخَرَجَ عَلَىٰ قَوْمِهِ فِي زِينَتِهِ ۖ قَالَ الَّذِينَ يُرِيدُونَ الْحَيَاةَ الدُّنْيَا يَا لَيْتَ لَنَا مِثْلَ مَا أُوتِيَ قَارُونُ إِنَّهُ لَذُو حَظٍّ عَظِيمٍ (79)
Waza ke wahamba-hamba phambi kwabantu bakhe (edlisela) ngobunewunewu bakhe. Abo banqwenela ubomi beli hlabathi bathi: “O akwaba sasinikwe okunjengoko kunikwe u’Kârûn. Inene yena ngomnye wabo bathamsanqeliseke kakhulu.”
وَقَالَ الَّذِينَ أُوتُوا الْعِلْمَ وَيْلَكُمْ ثَوَابُ اللَّهِ خَيْرٌ لِّمَنْ آمَنَ وَعَمِلَ صَالِحًا وَلَا يُلَقَّاهَا إِلَّا الصَّابِرُونَ (80)
Kodwa abo babenikwe ulwazi bathi: “Yeha kuni! Umvuzo ka-Allâh nguwona ulungileyo kulowo ukholwayo enze izenzo ezilungileyo. Yaye akukho namnye uwufumanayo ngaphandle kwabanomonde.”
فَخَسَفْنَا بِهِ وَبِدَارِهِ الْأَرْضَ فَمَا كَانَ لَهُ مِن فِئَةٍ يَنصُرُونَهُ مِن دُونِ اللَّهِ وَمَا كَانَ مِنَ الْمُنتَصِرِينَ (81)
Ke kaloku Saya Senza umhlaba ukuba umginye (u’Karûn) nomzi wakhe. Yaye akazanga abe namahlakani okumncedisa ngaphaya koAllâh, wasuka waba ngomnye wabo bangakwazi kuzikhusela (ngokuchasene naThi)
وَأَصْبَحَ الَّذِينَ تَمَنَّوْا مَكَانَهُ بِالْأَمْسِ يَقُولُونَ وَيْكَأَنَّ اللَّهَ يَبْسُطُ الرِّزْقَ لِمَن يَشَاءُ مِنْ عِبَادِهِ وَيَقْدِرُ ۖ لَوْلَا أَن مَّنَّ اللَّهُ عَلَيْنَا لَخَسَفَ بِنَا ۖ وَيْكَأَنَّهُ لَا يُفْلِحُ الْكَافِرُونَ (82)
Ke kaloku abo babenqwenela ukuba sesikhundleni sakhe ngezolo baqala bathi: “O, uAllâh Wandisa imbonelelo yaKhe kulowo Athande (ukumandisela) kwizicaka zakhe. Aze Ayincitshe (kulowo Athande ukuyincitsha kuye)! Ukuba ngaba uAllâh Ebengathululanga ubabalo lwaKhe phezu kwethu, ngesenze saginywa (nathi). Inene, abangakholwayo abanampumelelo!”
تِلْكَ الدَّارُ الْآخِرَةُ نَجْعَلُهَا لِلَّذِينَ لَا يُرِيدُونَ عُلُوًّا فِي الْأَرْضِ وَلَا فَسَادًا ۚ وَالْعَاقِبَةُ لِلْمُتَّقِينَ (83)
Elo khaya loBomi oBuzayo Silinika abo banganqweneli nkukhumalo nabutshinga kulo mhlaba. Ke kaloku isiphumo esilungileyo sesabangamalungisa
مَن جَاءَ بِالْحَسَنَةِ فَلَهُ خَيْرٌ مِّنْهَا ۖ وَمَن جَاءَ بِالسَّيِّئَةِ فَلَا يُجْزَى الَّذِينَ عَمِلُوا السَّيِّئَاتِ إِلَّا مَا كَانُوا يَعْمَلُونَ (84)
Nabani na oya kuza ngoMhla woVuko nesenzo esilungileyo, uya kufumana okulunge ngaphezulu kunaso; ke lowo uya kuza nesenzo esingcolileyo abo benza izenzo ezingcolileyo abayi kubuyekezwa nganto ngaphandle koko babedla ngokukwenza (ehlabathini)
إِنَّ الَّذِي فَرَضَ عَلَيْكَ الْقُرْآنَ لَرَادُّكَ إِلَىٰ مَعَادٍ ۚ قُل رَّبِّي أَعْلَمُ مَن جَاءَ بِالْهُدَىٰ وَمَنْ هُوَ فِي ضَلَالٍ مُّبِينٍ (85)
Inene(wenaMuhammad),loWoWakunikai’Kur’ân,Ukuyalela ukuba wenze ngokwemithetho yayo okuyishumayela, Yena Uya kukubuyisela kwindawo yakho yokubuyela9. Yithi: “INkosi yam yiYo Eyaziyo ukuba ngubani na okwisiKhokelo ingubani na osekulahlekeni okucacileyo
وَمَا كُنتَ تَرْجُو أَن يُلْقَىٰ إِلَيْكَ الْكِتَابُ إِلَّا رَحْمَةً مِّن رَّبِّكَ ۖ فَلَا تَكُونَنَّ ظَهِيرًا لِّلْكَافِرِينَ (86)
Kananjalo wena wawungayilindelanga into yokuba kungaze kuthunyelwe iNcwadi kuwe, kodwa (oko kwenzekile ngenxa) yobabalo oluvela eNkosini yakho. Ngoko ke ungaze ube ngumxhasi wabangakholwayo
وَلَا يَصُدُّنَّكَ عَنْ آيَاتِ اللَّهِ بَعْدَ إِذْ أُنزِلَتْ إِلَيْكَ ۖ وَادْعُ إِلَىٰ رَبِّكَ ۖ وَلَا تَكُونَنَّ مِنَ الْمُشْرِكِينَ (87)
Ungaze kananjalo ubavumele bakuwexule kwiiVesi zika- Allâh emveni kokuba sele zityhiliwe kuwe. Kananjalo memela abantu eNkosini yakho. Ungaze ube ngomnye wabo bayamanisa abanye kuAllâh
وَلَا تَدْعُ مَعَ اللَّهِ إِلَٰهًا آخَرَ ۘ لَا إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ۚ كُلُّ شَيْءٍ هَالِكٌ إِلَّا وَجْهَهُ ۚ لَهُ الْحُكْمُ وَإِلَيْهِ تُرْجَعُونَ (88)
Kananjalo uze ungaMnquli uAllâh ngokuMdibanisa nomnye uthixo. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Yonke into iza kutshabalala ngaphandle koBuso baKhe. OkwaKhe kukugweba, yaye kukuYe apho niza kubuyela khona
❮ السورة السابقة السورة التـالية ❯

قراءة المزيد من سور القرآن الكريم :

1- الفاتحة2- البقرة3- آل عمران
4- النساء5- المائدة6- الأنعام
7- الأعراف8- الأنفال9- التوبة
10- يونس11- هود12- يوسف
13- الرعد14- إبراهيم15- الحجر
16- النحل17- الإسراء18- الكهف
19- مريم20- طه21- الأنبياء
22- الحج23- المؤمنون24- النور
25- الفرقان26- الشعراء27- النمل
28- القصص29- العنكبوت30- الروم
31- لقمان32- السجدة33- الأحزاب
34- سبأ35- فاطر36- يس
37- الصافات38- ص39- الزمر
40- غافر41- فصلت42- الشورى
43- الزخرف44- الدخان45- الجاثية
46- الأحقاف47- محمد48- الفتح
49- الحجرات50- ق51- الذاريات
52- الطور53- النجم54- القمر
55- الرحمن56- الواقعة57- الحديد
58- المجادلة59- الحشر60- الممتحنة
61- الصف62- الجمعة63- المنافقون
64- التغابن65- الطلاق66- التحريم
67- الملك68- القلم69- الحاقة
70- المعارج71- نوح72- الجن
73- المزمل74- المدثر75- القيامة
76- الإنسان77- المرسلات78- النبأ
79- النازعات80- عبس81- التكوير
82- الإنفطار83- المطففين84- الانشقاق
85- البروج86- الطارق87- الأعلى
88- الغاشية89- الفجر90- البلد
91- الشمس92- الليل93- الضحى
94- الشرح95- التين96- العلق
97- القدر98- البينة99- الزلزلة
100- العاديات101- القارعة102- التكاثر
103- العصر104- الهمزة105- الفيل
106- قريش107- الماعون108- الكوثر
109- الكافرون110- النصر111- المسد
112- الإخلاص113- الفلق114- الناس