اقْرَأْ بِاسْمِ رَبِّكَ الَّذِي خَلَقَ (1) Funda! Egameni leNkosi yakho Eyadalayo | 
خَلَقَ الْإِنسَانَ مِنْ عَلَقٍ (2) Yadala umntu ngehlwili legazi | 
اقْرَأْ وَرَبُّكَ الْأَكْرَمُ (3) Funda iNkosi yakho Inesisa | 
الَّذِي عَلَّمَ بِالْقَلَمِ (4) Yona Yafundisa ukubhala ngosiba | 
عَلَّمَ الْإِنسَانَ مَا لَمْ يَعْلَمْ (5) Yamfundisa umntu oko abengakwazi | 
كَلَّا إِنَّ الْإِنسَانَ لَيَطْغَىٰ (6) Kodwa inene umntu uyagabadela | 
أَن رَّآهُ اسْتَغْنَىٰ (7) Kuba uzicingela ukuba akaxhomekekanga ntweni | 
إِنَّ إِلَىٰ رَبِّكَ الرُّجْعَىٰ (8) Inene eNkosini yakho kulapho kuza kubuyelwa khona | 
أَرَأَيْتَ الَّذِي يَنْهَىٰ (9) Umbonile na lowo uthintela | 
عَبْدًا إِذَا صَلَّىٰ (10) Umkhonzi xa ethandaza | 
أَرَأَيْتَ إِن كَانَ عَلَى الْهُدَىٰ (11) Ingaba umbona ekuso isiKhokelo kusini na | 
أَوْ أَمَرَ بِالتَّقْوَىٰ (12) Okanye uyalela (abantu) ukuba bahlonele (uAllâh) | 
أَرَأَيْتَ إِن كَذَّبَ وَتَوَلَّىٰ (13) Umbonile na ukuba uphika inkolo, afulathele | 
أَلَمْ يَعْلَم بِأَنَّ اللَّهَ يَرَىٰ (14) Akazi na ukuba uAllâh Uyambona | 
كَلَّا لَئِن لَّمْ يَنتَهِ لَنَسْفَعًا بِالنَّاصِيَةِ (15) Nakanye ukuba akayeki siya kumrhuqa ngenwele zebunzi lakhe | 
نَاصِيَةٍ كَاذِبَةٍ خَاطِئَةٍ (16) (Ezo) nwele zebunzi lexoki | 
فَلْيَدْعُ نَادِيَهُ (17) Makabize koogxabakhe (bamncede) ke | 
سَنَدْعُ الزَّبَانِيَةَ (18) Thina Siya kubiza abagcini siHogo. (Baqubisane naye) | 
كَلَّا لَا تُطِعْهُ وَاسْجُدْ وَاقْتَرِب ۩ (19) Nakanye! Ungamthobeli lowo, wena, qubuda, uzisondeze (kuAllâh) |