وَاللَّيْلِ إِذَا يَغْشَىٰ (1) Ndifunga ngobusuku xa bugubungela |
وَالنَّهَارِ إِذَا تَجَلَّىٰ (2) Nangemini xa ivela nokukhanya |
وَمَا خَلَقَ الذَّكَرَ وَالْأُنثَىٰ (3) NangaloWo Wadala isiduna nesikhomokazi |
إِنَّ سَعْيَكُمْ لَشَتَّىٰ (4) Inene imizamo nezenzo zenu zahlukahlukene |
فَأَمَّا مَنْ أَعْطَىٰ وَاتَّقَىٰ (5) Lowo unikelayo (ngamalizo), esoyika uAllâh |
وَصَدَّقَ بِالْحُسْنَىٰ (6) Akholelwe kokulungileyo (kuAllâh) |
فَسَنُيَسِّرُهُ لِلْيُسْرَىٰ (7) Inene Siya kumenzela mpuluswa indlela yokuhamba lula |
وَأَمَّا مَن بَخِلَ وَاسْتَغْنَىٰ (8) Ke yena lowo unyolukileyo, uligogotya, ezicingela ukuba akaxhomekekanga ntweni |
وَكَذَّبَ بِالْحُسْنَىٰ (9) Aphikisane nokulungileyo |
فَسَنُيَسِّرُهُ لِلْعُسْرَىٰ (10) Siya kumenzela mpuluswa indlela eya ekungcoleni |
وَمَا يُغْنِي عَنْهُ مَالُهُ إِذَا تَرَدَّىٰ (11) Kanti buza kumnceda ntoni ubutyebi bakhe xa esiya entshabalalweni |
إِنَّ عَلَيْنَا لَلْهُدَىٰ (12) Inene kukuThi ukunika isiKhokelo |
وَإِنَّ لَنَا لَلْآخِرَةَ وَالْأُولَىٰ (13) Yaye inene seseThu isiphelo (uBomi oBuzayo) nesiqalo (ubomi beli hlabathi) |
فَأَنذَرْتُكُمْ نَارًا تَلَظَّىٰ (14) Ngoko ke Ndinilumkisile ngoMlilo odwanguzayo (wesiHogo) |
لَا يَصْلَاهَا إِلَّا الْأَشْقَى (15) Akukho mntu uza kungena kuwo ngaphandle kosisingcoli (owala ukukholwa kwi-Islam) |
الَّذِي كَذَّبَ وَتَوَلَّىٰ (16) Ophikayo, atshikile |
وَسَيُجَنَّبُهَا الْأَتْقَى (17) Ke bona abamoyikayo uAllâh, baya kususwa babe kude kuwo (uMlilo) |
الَّذِي يُؤْتِي مَالَهُ يَتَزَكَّىٰ (18) Lowo uchitha ubutyebi bakhe ekuzongezeleleni ukuhlambuluka komphefumlo wakhe |
وَمَا لِأَحَدٍ عِندَهُ مِن نِّعْمَةٍ تُجْزَىٰ (19) Ongenzeli (kunconywa) nakuhlawulwa ngumntu |
إِلَّا ابْتِغَاءَ وَجْهِ رَبِّهِ الْأَعْلَىٰ (20) Ngaphandle kokufuna ukukholisa iNkosi yakhe Ephakamileyo, (uAllâh) |
وَلَسَوْفَ يَرْضَىٰ (21) Kungekudala uya kwaneliseka (xa engeniswa ePaladesi) |