| عَبَسَ وَتَوَلَّىٰ (1) (UMprofeti) Wafing’iintshiya, wafulathela
 | 
| أَن جَاءَهُ الْأَعْمَىٰ (2) Kuba kweza kuye indoda eyimfama
 | 
| وَمَا يُدْرِيكَ لَعَلَّهُ يَزَّكَّىٰ (3) Kodwa yintoni na enokukuchazela okokuba ngebhaqo nayo ibinokufumana ukuhlambuluka
 | 
| أَوْ يَذَّكَّرُ فَتَنفَعَهُ الذِّكْرَىٰ (4) okanye yamkele ululeko nenkumbuzo ukuze ibe luncedo kuyo
 | 
| أَمَّا مَنِ اسْتَغْنَىٰ (5) Hayi lowo uzicingela ukuba akaxhomekanga (kuAllâh)
 | 
| فَأَنتَ لَهُ تَصَدَّىٰ (6) Wena usuka uhoye yena
 | 
| وَمَا عَلَيْكَ أَلَّا يَزَّكَّىٰ (7) Nangona ingeloxanduva lwakho ukumhlambulula
 | 
| وَأَمَّا مَن جَاءَكَ يَسْعَىٰ (8) Kodwa yena lowo uze kuwe ebaleka
 | 
| وَهُوَ يَخْشَىٰ (9) Enoloyiko (lwesohlwayo sika-Allâh entliziyweni yakhe)
 | 
| فَأَنتَ عَنْهُ تَلَهَّىٰ (10) Awumnanzanga yena
 | 
| كَلَّا إِنَّهَا تَذْكِرَةٌ (11) Nakanye! Kuba ngenene lo nguMyalezo oyinkumbuzo
 | 
| فَمَن شَاءَ ذَكَرَهُ (12) Ngoko ke othandayo makahlale ewukhumbula
 | 
| فِي صُحُفٍ مُّكَرَّمَةٍ (13) UseziNcwadini ezibekekileyo, eziphethwe ngentlonipheko enkulu
 | 
| مَّرْفُوعَةٍ مُّطَهَّرَةٍ (14) Ziphakamile (ngesidima, zigcinwe) ngcwele
 | 
| بِأَيْدِي سَفَرَةٍ (15) Ubhalwe ngezandla zabaBhali, (iingelosi)
 | 
| كِرَامٍ بَرَرَةٍ (16) Abahloniphekileyo, abazithobileyo benobulungisa
 | 
| قُتِلَ الْإِنسَانُ مَا أَكْفَرَهُ (17) Uqalekisiwe umtu ongakholwayo! (Kungani na ukuba angabi nambulelo kuAllâh)
 | 
| مِنْ أَيِّ شَيْءٍ خَلَقَهُ (18) Yintoni kanti (uAllâh) Amdale ngayo
 | 
| مِن نُّطْفَةٍ خَلَقَهُ فَقَدَّرَهُ (19) (Umdale)	ngeqabaza	lembewu	yomntu!	Wamdala wazaWamlinganisela ngokwemfanelo
 | 
| ثُمَّ السَّبِيلَ يَسَّرَهُ (20) Waphinda Wamenzela lula indlela yakhe (yokuba azalwe)
 | 
| ثُمَّ أَمَاتَهُ فَأَقْبَرَهُ (21) Waphinda kwakhona Wamenza ukuba afe, angcwatywe
 | 
| ثُمَّ إِذَا شَاءَ أَنشَرَهُ (22) Kwakhona ngokwentando yaKhe, Uya kumbuyisela ebomini
 | 
| كَلَّا لَمَّا يَقْضِ مَا أَمَرَهُ (23) Inene umntu akakwenzanga oko Amyalele kona
 | 
| فَلْيَنظُرِ الْإِنسَانُ إِلَىٰ طَعَامِهِ (24) Ngoko ke umntu makakhe aqwalasele ukutya kwakhe
 | 
| أَنَّا صَبَبْنَا الْمَاءَ صَبًّا (25) Sithulula amanzi (emvula) ngobuninzi
 | 
| ثُمَّ شَقَقْنَا الْأَرْضَ شَقًّا (26) Size Siqhekeze umhlaba ube ngamasuntswana
 | 
| فَأَنبَتْنَا فِيهَا حَبًّا (27) Senze iinkozo (zembewu) zihlume (izithombo) kuwo
 | 
| وَعِنَبًا وَقَضْبًا (28) Imidiliya nefula (yokutyiwa yimfuyo)
 | 
| وَزَيْتُونًا وَنَخْلًا (29) Neminquma namasundu
 | 
| وَحَدَائِقَ غُلْبًا (30) NeMiyezo enemithi eshinyeneyo
 | 
| وَفَاكِهَةً وَأَبًّا (31) Neziqhamo namadlelo
 | 
| مَّتَاعًا لَّكُمْ وَلِأَنْعَامِكُمْ (32) (Ukuba zibe) sisixhaso senu nemfuyo yenu
 | 
| فَإِذَا جَاءَتِ الصَّاخَّةُ (33) Kodwa yakufika ingxolo (ukukhala kweXilongo okwesibini ngeMini yoVuko)
 | 
| يَوْمَ يَفِرُّ الْمَرْءُ مِنْ أَخِيهِ (34) Ngaloo Mini umntu uya kubaleka ashiye umntakwabo
 | 
| وَأُمِّهِ وَأَبِيهِ (35) Nomama wakhe notata wakhe
 | 
| وَصَاحِبَتِهِ وَبَنِيهِ (36) Nomfazi wakhe nabantwana bakhe
 | 
| لِكُلِّ امْرِئٍ مِّنْهُمْ يَوْمَئِذٍ شَأْنٌ يُغْنِيهِ (37) Ngaloo Mini umntu ngamnye uya kuxakeka zezakhe, angazihoyi ezabanye
 | 
| وُجُوهٌ يَوْمَئِذٍ مُّسْفِرَةٌ (38) Ngaloo Mini ubuso babanye buya kukhazimla (bube buhle)
 | 
| ضَاحِكَةٌ مُّسْتَبْشِرَةٌ (39) Behleka, bevuyiswa ziindaba ezimnandi
 | 
| وَوُجُوهٌ يَوْمَئِذٍ عَلَيْهَا غَبَرَةٌ (40) Ubuso babanye ngaloo Mini buya kuzala luthuli bumbatshe
 | 
| تَرْهَقُهَا قَتَرَةٌ (41) Bugqunywe bubumnyama
 | 
| أُولَٰئِكَ هُمُ الْكَفَرَةُ الْفَجَرَةُ (42) Abo ngabangakholwayo, abangcolileyo, (abakrexezayo)
 |