| وَالسَّمَاءِ وَالطَّارِقِ (1) Ndifunga ngesibhakabhaka nangondwendwe lwasebusuku (inkwenkwezi ekhazimla kakhulu)
 | 
| وَمَا أَدْرَاكَ مَا الطَّارِقُ (2) Yintoni	na	enokukucacisela	okokuba	undwendwe lwasebusuku yintoni na
 | 
| النَّجْمُ الثَّاقِبُ (3) Yinkwenkwezi ekukhazimla kwayo kugqobhozelayo
 | 
| إِن كُلُّ نَفْسٍ لَّمَّا عَلَيْهَا حَافِظٌ (4) Umphefumlo ngamnye unomkhuseli phezu kwawo
 | 
| فَلْيَنظُرِ الْإِنسَانُ مِمَّ خُلِقَ (5) Ngoko ke umntu makajonge ukuba udalwe ngantoni na
 | 
| خُلِقَ مِن مَّاءٍ دَافِقٍ (6) Udalwe ngamanzi atsawulayo
 | 
| يَخْرُجُ مِن بَيْنِ الصُّلْبِ وَالتَّرَائِبِ (7) Avela phakathi komqolo neembambo
 | 
| إِنَّهُ عَلَىٰ رَجْعِهِ لَقَادِرٌ (8) Inene uAllâh Uyakwazi ukuphinda ambuyisele (ebomini) kwakhona
 | 
| يَوْمَ تُبْلَى السَّرَائِرُ (9) NgeMini apho iimfihlelo ziya kuvavanywa
 | 
| فَمَا لَهُ مِن قُوَّةٍ وَلَا نَاصِرٍ (10) Ngoko (umntu) akayi kuba namandla engayi kuba namncedisi
 | 
| وَالسَّمَاءِ ذَاتِ الرَّجْعِ (11) Ndifunga ngesibhakabhaka (esiza nemvula) siphindaphinde
 | 
| وَالْأَرْضِ ذَاتِ الصَّدْعِ (12) Nangomhlaba ocazulukayo (xa kuhluma uhlaza kuwo)
 | 
| إِنَّهُ لَقَوْلٌ فَصْلٌ (13) Inene le (‘Kur’ân) liLizwi elihluza (inyani ebuxokini)
 | 
| وَمَا هُوَ بِالْهَزْلِ (14) Yaye asiyonto yokonwabisa
 | 
| إِنَّهُمْ يَكِيدُونَ كَيْدًا (15) Inene bona baqulunqa iyelenqe ngawe (Muhammad)
 | 
| وَأَكِيدُ كَيْدًا (16) Kanti naM (oku kwaM) Ndiqulunqa icebo (ngokuchasene nabo)
 | 
| فَمَهِّلِ الْكَافِرِينَ أَمْهِلْهُمْ رُوَيْدًا (17) Khawubayekelele abangakholwayo, ubaphathe ngobunono okwethutyana
 |