×

سورة الحشر باللغة الكسوزا

ترجمات القرآنباللغة الكسوزا ⬅ سورة الحشر

ترجمة معاني سورة الحشر باللغة الكسوزا - Xhosa

القرآن باللغة الكسوزا - سورة الحشر مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah Al Hashr in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة الحشر باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 24 - رقم السورة 59 - الصفحة 545.

بسم الله الرحمن الرحيم

سَبَّحَ لِلَّهِ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَمَا فِي الْأَرْضِ ۖ وَهُوَ الْعَزِيزُ الْحَكِيمُ (1)
(Konke) okusemazulwini nokusemhlabeni kuzukisa uAllâh, yaye Yena nguSobunganga, nguSobulumko
هُوَ الَّذِي أَخْرَجَ الَّذِينَ كَفَرُوا مِنْ أَهْلِ الْكِتَابِ مِن دِيَارِهِمْ لِأَوَّلِ الْحَشْرِ ۚ مَا ظَنَنتُمْ أَن يَخْرُجُوا ۖ وَظَنُّوا أَنَّهُم مَّانِعَتُهُمْ حُصُونُهُم مِّنَ اللَّهِ فَأَتَاهُمُ اللَّهُ مِنْ حَيْثُ لَمْ يَحْتَسِبُوا ۖ وَقَذَفَ فِي قُلُوبِهِمُ الرُّعْبَ ۚ يُخْرِبُونَ بُيُوتَهُم بِأَيْدِيهِمْ وَأَيْدِي الْمُؤْمِنِينَ فَاعْتَبِرُوا يَا أُولِي الْأَبْصَارِ (2)
NguYe kanye Owagxotha abo bangakholwayo phakathi kwaBantu beNcwadi (amaYuda namaKhristu) emakhayeni abo kwindibano yokuqala1 Nina naningayicingi nokuyicinga into yokuba bangahamba, kanti nabo babecinga ukuba iinqaba zemikhosi yabo ziza kubakhusela kuAllâh; Kodwa ummiselo ka-Allâh wabafikela uvela apho babengawulindelanga khona, Wafaka ixhala ezintliziyweni zabo baza batshabalalisa izindlu zabo ngezandla zabo nangezandla zamakholwa. Ngoko ke thabathani isilumkiso nina bantu bakwaziyo ukubona
وَلَوْلَا أَن كَتَبَ اللَّهُ عَلَيْهِمُ الْجَلَاءَ لَعَذَّبَهُمْ فِي الدُّنْيَا ۖ وَلَهُمْ فِي الْآخِرَةِ عَذَابُ النَّارِ (3)
Ukuba kwakungekho ngenxa yokuba UAllâh Wayesele Emisele kukhutshwa kwabo, ngeWabohlwayayo kweli hlabathi ukanti okwabo kuBomi oBuzayo sisohlwayo soMlilo
ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمْ شَاقُّوا اللَّهَ وَرَسُولَهُ ۖ وَمَن يُشَاقِّ اللَّهَ فَإِنَّ اللَّهَ شَدِيدُ الْعِقَابِ (4)
Oko kungenxa yokuba baphikisa uAllâh noMthunywa waKhe. Ke kaloku lowo uphikisa uAllâh Inene uAllâh Wohlwaya kabuhlungu
مَا قَطَعْتُم مِّن لِّينَةٍ أَوْ تَرَكْتُمُوهَا قَائِمَةً عَلَىٰ أُصُولِهَا فَبِإِذْنِ اللَّهِ وَلِيُخْزِيَ الْفَاسِقِينَ (5)
Konke enikugawuleyo okuyimithi yabo yesundu neniyishiye imile ngeziqu zayo, (oko) kube ngemvume ka-Allâh kwaye Usaya kubahlaza abadelelayo, abangenantobeko
وَمَا أَفَاءَ اللَّهُ عَلَىٰ رَسُولِهِ مِنْهُمْ فَمَا أَوْجَفْتُمْ عَلَيْهِ مِنْ خَيْلٍ وَلَا رِكَابٍ وَلَٰكِنَّ اللَّهَ يُسَلِّطُ رُسُلَهُ عَلَىٰ مَن يَشَاءُ ۚ وَاللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيْءٍ قَدِيرٌ (6)
Nantoni na uAllâh Ayibuyisele kuMthunywa waKhe evela kubo akukho mahashe (kungekho) zinkamela naziphalisela yona. Kodwa uAllâh Unika uMthunywa waKhe amandla ngaphezulu kwalowo athande (ukumnika amandla ngaphezu kwakhe), Yaye uAllâh Unamandla ngaphezu kweento zonke
مَّا أَفَاءَ اللَّهُ عَلَىٰ رَسُولِهِ مِنْ أَهْلِ الْقُرَىٰ فَلِلَّهِ وَلِلرَّسُولِ وَلِذِي الْقُرْبَىٰ وَالْيَتَامَىٰ وَالْمَسَاكِينِ وَابْنِ السَّبِيلِ كَيْ لَا يَكُونَ دُولَةً بَيْنَ الْأَغْنِيَاءِ مِنكُمْ ۚ وَمَا آتَاكُمُ الرَّسُولُ فَخُذُوهُ وَمَا نَهَاكُمْ عَنْهُ فَانتَهُوا ۚ وَاتَّقُوا اللَّهَ ۖ إِنَّ اللَّهَ شَدِيدُ الْعِقَابِ (7)
Ke kaloku nantoni na uAllâhAyibuyisela kuMthunywa waKhe ivela kubantu bezixeko yeka-Allâh noMthunywa waKhe nezizalwana zaKhe ezizezona zisondeleyo kuye neenkedama nababandezelekileyo nabaseluhambeni khona ukuze ingabi (yonto) iyakwabiwa umphelo phakathi kwabazizityebi naphakathi kwenu. Nantoni na uMthunywa aninika yona yithatheni nantoni na ke analele yona, shenxani kuyo. Noyike uAllâh kananjalo; inene uAllâh Wohlwaya kabuhlungu
لِلْفُقَرَاءِ الْمُهَاجِرِينَ الَّذِينَ أُخْرِجُوا مِن دِيَارِهِمْ وَأَمْوَالِهِمْ يَبْتَغُونَ فَضْلًا مِّنَ اللَّهِ وَرِضْوَانًا وَيَنصُرُونَ اللَّهَ وَرَسُولَهُ ۚ أُولَٰئِكَ هُمُ الصَّادِقُونَ (8)
Kumahlwempu angabafuduki abagxothwa emakhayeni abo nakwimpahla yabo, befuna uBubele buka-Allâh nokwamkeleka kuYe, bexhasa uAllâh noMthunywa waKhe, (banesabo isabelo nabo). Ngabanyanisekileyo ke abo
وَالَّذِينَ تَبَوَّءُوا الدَّارَ وَالْإِيمَانَ مِن قَبْلِهِمْ يُحِبُّونَ مَنْ هَاجَرَ إِلَيْهِمْ وَلَا يَجِدُونَ فِي صُدُورِهِمْ حَاجَةً مِّمَّا أُوتُوا وَيُؤْثِرُونَ عَلَىٰ أَنفُسِهِمْ وَلَوْ كَانَ بِهِمْ خَصَاصَةٌ ۚ وَمَن يُوقَ شُحَّ نَفْسِهِ فَأُولَٰئِكَ هُمُ الْمُفْلِحُونَ (9)
(Banesabelo) Nabo babezinzile kumakhaya abo (eMadinah) baza balwamkela ukholo (lweIslam) ngaphambi (kokufika) kwabo (abafuduki), bona bayabathanda abo bafudukela kubo, yaye abanamona ezifubeni zabo ngoko bakunikiweyo (kuphuma kwixhayelo) kananjalo bona bakhetha ukuba kuqalwe (ngabafuduki) kunabo (bona bemi baseMadinah) nangona belifuna (ixhayelo). Nabani na lowo usindisiweyo ekunyolukeni kwakhe, abanjalo ngabo abaya kuphumelela
وَالَّذِينَ جَاءُوا مِن بَعْدِهِمْ يَقُولُونَ رَبَّنَا اغْفِرْ لَنَا وَلِإِخْوَانِنَا الَّذِينَ سَبَقُونَا بِالْإِيمَانِ وَلَا تَجْعَلْ فِي قُلُوبِنَا غِلًّا لِّلَّذِينَ آمَنُوا رَبَّنَا إِنَّكَ رَءُوفٌ رَّحِيمٌ (10)
Ke kaloku abo bafika emva kwabo bathi: “Nkosi yethu! Sixolele thina nabazalwana bethu abasandulelayo elukholweni, ungafaki nzondo ezintliziyweni zethu ngokuchasene nabo bakholiweyo. Nkosi yethu inene Wena unguSobubele, uSozinceba
۞ أَلَمْ تَرَ إِلَى الَّذِينَ نَافَقُوا يَقُولُونَ لِإِخْوَانِهِمُ الَّذِينَ كَفَرُوا مِنْ أَهْلِ الْكِتَابِ لَئِنْ أُخْرِجْتُمْ لَنَخْرُجَنَّ مَعَكُمْ وَلَا نُطِيعُ فِيكُمْ أَحَدًا أَبَدًا وَإِن قُوتِلْتُمْ لَنَنصُرَنَّكُمْ وَاللَّهُ يَشْهَدُ إِنَّهُمْ لَكَاذِبُونَ (11)
Akubabonanga na abahanahanisi, abathi koogxa babo abangabanye baBantu beNcwadi abangakholwayo: “Sifunga ngoAllâh ukuba nigxothiwe nina, nathi oku kwethu siya kuhamba nani, kwaye ukuba niyahlaselwa, inene siya kunincedisa thina.” Kodwa uAllâh liNgqina Yena lokuba bona ngamaxoki okwenene
لَئِنْ أُخْرِجُوا لَا يَخْرُجُونَ مَعَهُمْ وَلَئِن قُوتِلُوا لَا يَنصُرُونَهُمْ وَلَئِن نَّصَرُوهُمْ لَيُوَلُّنَّ الْأَدْبَارَ ثُمَّ لَا يُنصَرُونَ (12)
Inene, ukuba wona (amaYuda) agxothiwe, asokuze bona (abahanahanisi) bahambe nawo, kanti ke nokuba bangawancedisa (amaYuda lawo), (abahanahanisi) baza kuphinda beze ngomva (babaleke) yaye abayi kuba noloyiso
لَأَنتُمْ أَشَدُّ رَهْبَةً فِي صُدُورِهِم مِّنَ اللَّهِ ۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمْ قَوْمٌ لَّا يَفْقَهُونَ (13)
Inene, nina (bakholwayo) noyikeka kakhulu ezintliziyweni zawo (amaYuda) kunoAllah, oko kungenxa yokuba bangabantu abangenangqiqo
لَا يُقَاتِلُونَكُمْ جَمِيعًا إِلَّا فِي قُرًى مُّحَصَّنَةٍ أَوْ مِن وَرَاءِ جُدُرٍ ۚ بَأْسُهُم بَيْنَهُمْ شَدِيدٌ ۚ تَحْسَبُهُمْ جَمِيعًا وَقُلُوبُهُمْ شَتَّىٰ ۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمْ قَوْمٌ لَّا يَعْقِلُونَ (14)
Abasokuze balwe nani ngaphandle kokuba kungaphakathi kwezixeko ezikhuselekileyo okanye ngaphaya kweendonga. Ukruthakruthano phakathi kwabo luninzi. Nina nicinga ukuba bamanyene kodwa iintliziyo zabo zahlukene. Oko kunjalo ngenxa yukuba bangabantu abangaqiqiyo
كَمَثَلِ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ قَرِيبًا ۖ ذَاقُوا وَبَالَ أَمْرِهِمْ وَلَهُمْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (15)
Imfano yabo inje ngabo babengaphambi kwabo kwithuba elisandula kugqitha: bona ke bangcamla iziphumo zezenzo zabo, yaye basaza kufumana isohlwayo esibuhlungu
كَمَثَلِ الشَّيْطَانِ إِذْ قَالَ لِلْإِنسَانِ اكْفُرْ فَلَمَّا كَفَرَ قَالَ إِنِّي بَرِيءٌ مِّنكَ إِنِّي أَخَافُ اللَّهَ رَبَّ الْعَالَمِينَ (16)
(Abahanahanisi) banjengoShaytân xa esithi emntwini, “Mus’ukukholwa.” Aze athi (umntu lowo) esakungakholwa, (uShaytân athi): “Inene, mna ndiyazikhwebula kuwe. Inene mna ndoyika uAllâh, iNkosi yamaphakade.”
فَكَانَ عَاقِبَتَهُمَا أَنَّهُمَا فِي النَّارِ خَالِدَيْنِ فِيهَا ۚ وَذَٰلِكَ جَزَاءُ الظَّالِمِينَ (17)
Ngoko ke isiphetho ngabo kukuba bekunye (noShaytân lowo wabo) baya kuba seMlilweni, bahlale apho ngonaphakade. Leyo ke yimbuyekezo yabenzi bobugwenxa
يَا أَيُّهَا الَّذِينَ آمَنُوا اتَّقُوا اللَّهَ وَلْتَنظُرْ نَفْسٌ مَّا قَدَّمَتْ لِغَدٍ ۖ وَاتَّقُوا اللَّهَ ۚ إِنَّ اللَّهَ خَبِيرٌ بِمَا تَعْمَلُونَ (18)
Hini na nina bakholwayo, yoyikani uAllâh. Kananjalo umphefumlo ngamnye mawujonge okwenzileyo ukulungiselela ingomso. Inene uAllâh Unolwazi ngoko nikwenzayo
وَلَا تَكُونُوا كَالَّذِينَ نَسُوا اللَّهَ فَأَنسَاهُمْ أَنفُسَهُمْ ۚ أُولَٰئِكَ هُمُ الْفَاسِقُونَ (19)
Ningabi njengabo baMlibalayo uAllâh, Waza naye Wabenza oku kwabo bazilibala iziqu zabo. Abo ngabadelelayo, abangenantobeko
لَا يَسْتَوِي أَصْحَابُ النَّارِ وَأَصْحَابُ الْجَنَّةِ ۚ أَصْحَابُ الْجَنَّةِ هُمُ الْفَائِزُونَ (20)
Akafani amadlelane oMlilo namadlelane ePaladesi. Amadlelane ePaladesi ngabazuzi bempumelelo
لَوْ أَنزَلْنَا هَٰذَا الْقُرْآنَ عَلَىٰ جَبَلٍ لَّرَأَيْتَهُ خَاشِعًا مُّتَصَدِّعًا مِّنْ خَشْيَةِ اللَّهِ ۚ وَتِلْكَ الْأَمْثَالُ نَضْرِبُهَا لِلنَّاسِ لَعَلَّهُمْ يَتَفَكَّرُونَ (21)
Ukuba le ‘Kur’ân Sasiyithumele entabeni, wawuya kuyibona izithoba idilika ngenxa yokoyika uAllâh. Le mizekeliso Siyinika abantu khon’ukuze bacingisise
هُوَ اللَّهُ الَّذِي لَا إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ ۖ عَالِمُ الْغَيْبِ وَالشَّهَادَةِ ۖ هُوَ الرَّحْمَٰنُ الرَّحِيمُ (22)
Yena nguAllâh, ekungekho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, uMazi wokungabonakaliyo nokubonakalayo. Yena nguSozinceba
هُوَ اللَّهُ الَّذِي لَا إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ الْمَلِكُ الْقُدُّوسُ السَّلَامُ الْمُؤْمِنُ الْمُهَيْمِنُ الْعَزِيزُ الْجَبَّارُ الْمُتَكَبِّرُ ۚ سُبْحَانَ اللَّهِ عَمَّا يُشْرِكُونَ (23)
Yena nguAllâh ekungekho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe uKumkani, uSobungcwele, Ongenakusoleka, uMniki wokhuseleko, uMlondolozi wezidalwa zaKhe, uSobunganga, uMyaleli, Omkhulu, uzuko malube kuAllâh, Yena Ungentla lee koko bakwayamanisa naYe
هُوَ اللَّهُ الْخَالِقُ الْبَارِئُ الْمُصَوِّرُ ۖ لَهُ الْأَسْمَاءُ الْحُسْنَىٰ ۚ يُسَبِّحُ لَهُ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۖ وَهُوَ الْعَزِيزُ الْحَكِيمُ (24)
Yena nguAllâh, uMdali, uMyili, uMbumbi; ngawaKhe onke amagama amnandi. Konke okusemazulwini nasemhlabeni kuzukisa Yena. Kananjalo Yena nguSobunganga, uSobulumko
❮ السورة السابقة السورة التـالية ❯

قراءة المزيد من سور القرآن الكريم :

1- الفاتحة2- البقرة3- آل عمران
4- النساء5- المائدة6- الأنعام
7- الأعراف8- الأنفال9- التوبة
10- يونس11- هود12- يوسف
13- الرعد14- إبراهيم15- الحجر
16- النحل17- الإسراء18- الكهف
19- مريم20- طه21- الأنبياء
22- الحج23- المؤمنون24- النور
25- الفرقان26- الشعراء27- النمل
28- القصص29- العنكبوت30- الروم
31- لقمان32- السجدة33- الأحزاب
34- سبأ35- فاطر36- يس
37- الصافات38- ص39- الزمر
40- غافر41- فصلت42- الشورى
43- الزخرف44- الدخان45- الجاثية
46- الأحقاف47- محمد48- الفتح
49- الحجرات50- ق51- الذاريات
52- الطور53- النجم54- القمر
55- الرحمن56- الواقعة57- الحديد
58- المجادلة59- الحشر60- الممتحنة
61- الصف62- الجمعة63- المنافقون
64- التغابن65- الطلاق66- التحريم
67- الملك68- القلم69- الحاقة
70- المعارج71- نوح72- الجن
73- المزمل74- المدثر75- القيامة
76- الإنسان77- المرسلات78- النبأ
79- النازعات80- عبس81- التكوير
82- الإنفطار83- المطففين84- الانشقاق
85- البروج86- الطارق87- الأعلى
88- الغاشية89- الفجر90- البلد
91- الشمس92- الليل93- الضحى
94- الشرح95- التين96- العلق
97- القدر98- البينة99- الزلزلة
100- العاديات101- القارعة102- التكاثر
103- العصر104- الهمزة105- الفيل
106- قريش107- الماعون108- الكوثر
109- الكافرون110- النصر111- المسد
112- الإخلاص113- الفلق114- الناس