×

سورة الشورى باللغة الكسوزا

ترجمات القرآنباللغة الكسوزا ⬅ سورة الشورى

ترجمة معاني سورة الشورى باللغة الكسوزا - Xhosa

القرآن باللغة الكسوزا - سورة الشورى مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah shura in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة الشورى باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 53 - رقم السورة 42 - الصفحة 483.

بسم الله الرحمن الرحيم

حم (1)
Hâ-Mim
عسق (2)
‘Ayn,-Sîn-’Kâf
كَذَٰلِكَ يُوحِي إِلَيْكَ وَإِلَى الَّذِينَ مِن قَبْلِكَ اللَّهُ الْعَزِيزُ الْحَكِيمُ (3)
Utyhile ngolo hlobo ke kuwe (Muhammad) nakwabo bangaphambili kunawe uAllâh, uSobunganga, uSobulumko
لَهُ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَمَا فِي الْأَرْضِ ۖ وَهُوَ الْعَلِيُّ الْعَظِيمُ (4)
KokwaKhe okusemazulwini nokusemhlabeni, kwaye Uphakamile Yena, Mkhulu
تَكَادُ السَّمَاوَاتُ يَتَفَطَّرْنَ مِن فَوْقِهِنَّ ۚ وَالْمَلَائِكَةُ يُسَبِّحُونَ بِحَمْدِ رَبِّهِمْ وَيَسْتَغْفِرُونَ لِمَن فِي الْأَرْضِ ۗ أَلَا إِنَّ اللَّهَ هُوَ الْغَفُورُ الرَّحِيمُ (5)
Amazulu aphantsela ukucandeka emantla kwawo kanti neengelosi zizukisa (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yazo, zicelela abo basemhlabeni itarhu. Inene nguAllâh OnguMxoleli, uSozinceba
وَالَّذِينَ اتَّخَذُوا مِن دُونِهِ أَوْلِيَاءَ اللَّهُ حَفِيظٌ عَلَيْهِمْ وَمَا أَنتَ عَلَيْهِم بِوَكِيلٍ (6)
Bona abo bazithabathela abahlobo abangabanye ngaphandle kwaKhe uAllâh UsenguMlondolozi wabo, ke wena (Muhammad) akungomlawuli wabo
وَكَذَٰلِكَ أَوْحَيْنَا إِلَيْكَ قُرْآنًا عَرَبِيًّا لِّتُنذِرَ أُمَّ الْقُرَىٰ وَمَنْ حَوْلَهَا وَتُنذِرَ يَوْمَ الْجَمْعِ لَا رَيْبَ فِيهِ ۚ فَرِيقٌ فِي الْجَنَّةِ وَفَرِيقٌ فِي السَّعِيرِ (7)
Ngoko ke Thina Sityhile i’Kur’ân yesiArabhu khona ukuze ulumkise uNozala wezixeko (iMakkah) nezo (zixeko) zimngqongileyo, ulumkise kananjalo ngeMini yeNdibano, ekungekho ntandabuzo ngayo. Elinye iqela liya kuba sePaladesi lize elinye iqela libe seDangatyeni
وَلَوْ شَاءَ اللَّهُ لَجَعَلَهُمْ أُمَّةً وَاحِدَةً وَلَٰكِن يُدْخِلُ مَن يَشَاءُ فِي رَحْمَتِهِ ۚ وَالظَّالِمُونَ مَا لَهُم مِّن وَلِيٍّ وَلَا نَصِيرٍ (8)
Ukanti ukuba uAllâh Ebethanda, Ebengabenza babe kwiNkolo enye, kodwa ke Yena Ungenisa lowo Athande ukumngenisa kwiNceba yaKhe. Bona ke abenzi bobubi abanamkhuseli bengenaye namncedi
أَمِ اتَّخَذُوا مِن دُونِهِ أَوْلِيَاءَ ۖ فَاللَّهُ هُوَ الْوَلِيُّ وَهُوَ يُحْيِي الْمَوْتَىٰ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيْءٍ قَدِيرٌ (9)
Makube mhlawumbi bazithabathele bakhuseli bambi ngaphandle kwaKhe? Kodwa uAllâh Yena nguMkhuseli, yaye Unika ubomi kwabafileyo, ukanti Yena Unamandla ngaphezulu kunezinto zonke
وَمَا اخْتَلَفْتُمْ فِيهِ مِن شَيْءٍ فَحُكْمُهُ إِلَى اللَّهِ ۚ ذَٰلِكُمُ اللَّهُ رَبِّي عَلَيْهِ تَوَكَّلْتُ وَإِلَيْهِ أُنِيبُ (10)
Ke kaloku nantoni na eningangqinelaniyo ngayo isigwebo sayo sibhekiseni kuAllâh. (Yithi): “Lowo nguAllâh, iNkosi yam; kukuYe apho ndithembele khona, kukuYe nalapho ndiza kubuyela khona.”
فَاطِرُ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۚ جَعَلَ لَكُم مِّنْ أَنفُسِكُمْ أَزْوَاجًا وَمِنَ الْأَنْعَامِ أَزْوَاجًا ۖ يَذْرَؤُكُمْ فِيهِ ۚ لَيْسَ كَمِثْلِهِ شَيْءٌ ۖ وَهُوَ السَّمِيعُ الْبَصِيرُ (11)
UMdali wamazulu nomhlaba, Wanenzela abalingane benu Ebakhupha kwiziqu zenu, nezilwanyana eziyimfuyo yenu Wazenzela abalingane bazo, Aze ngale ndlela Anandise, akukho nto ifana naYe, yaye Yena nguSokuva, uSokubona
لَهُ مَقَالِيدُ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۖ يَبْسُطُ الرِّزْقَ لِمَن يَشَاءُ وَيَقْدِرُ ۚ إِنَّهُ بِكُلِّ شَيْءٍ عَلِيمٌ (12)
ZezaKhe izitshixo zamazulu nomhlaba, Wandisela, isixhaso lowo Athandileyo Aze Amenzele umlinganiselo wakhe, Inene Yena Unolwazi ngaphezu kweento zonke
۞ شَرَعَ لَكُم مِّنَ الدِّينِ مَا وَصَّىٰ بِهِ نُوحًا وَالَّذِي أَوْحَيْنَا إِلَيْكَ وَمَا وَصَّيْنَا بِهِ إِبْرَاهِيمَ وَمُوسَىٰ وَعِيسَىٰ ۖ أَنْ أَقِيمُوا الدِّينَ وَلَا تَتَفَرَّقُوا فِيهِ ۚ كَبُرَ عَلَى الْمُشْرِكِينَ مَا تَدْعُوهُمْ إِلَيْهِ ۚ اللَّهُ يَجْتَبِي إِلَيْهِ مَن يَشَاءُ وَيَهْدِي إِلَيْهِ مَن يُنِيبُ (13)
Yena Umisele kwinkolo yenu oko Wakuyalela uNûh noko Sikutyhile kuwe (Muhammad), noko Sakuyalela kuIbrâhîm noMûsâ no’Isâ ukumisela inkolo, hayi ukwenza iyantlukwano kuyo. Okunzima kwabo bayamanisa abanye kuAllâh koko ubamemela kuko. uAllâh Uzikhethela lowo Athande ukuzikhethela yena, Akhokelele kuYe lowo ubuyela kuYe (ngenguquko)
وَمَا تَفَرَّقُوا إِلَّا مِن بَعْدِ مَا جَاءَهُمُ الْعِلْمُ بَغْيًا بَيْنَهُمْ ۚ وَلَوْلَا كَلِمَةٌ سَبَقَتْ مِن رَّبِّكَ إِلَىٰ أَجَلٍ مُّسَمًّى لَّقُضِيَ بَيْنَهُمْ ۚ وَإِنَّ الَّذِينَ أُورِثُوا الْكِتَابَ مِن بَعْدِهِمْ لَفِي شَكٍّ مِّنْهُ مُرِيبٍ (14)
Ke kaloku abazanga babe neyantlukwano de kwaba semva kokufika kolwazi kubo ngenxa yomona nobutshaba phakathi kwabo. Yaye ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi esele laphumayo livela eNkosini yakho (ukulibazisa ukufika kwesohlwayo) kude kube lixesha, elimisiweyo, umcimbi ngowusele wagqitywa kudala phakathi kwabo. Kananjalo inene abo babenikwe ilifa lesiBhalo emva kwabo mayela naso baba neentandabuzo ezimandla
فَلِذَٰلِكَ فَادْعُ ۖ وَاسْتَقِمْ كَمَا أُمِرْتَ ۖ وَلَا تَتَّبِعْ أَهْوَاءَهُمْ ۖ وَقُلْ آمَنتُ بِمَا أَنزَلَ اللَّهُ مِن كِتَابٍ ۖ وَأُمِرْتُ لِأَعْدِلَ بَيْنَكُمُ ۖ اللَّهُ رَبُّنَا وَرَبُّكُمْ ۖ لَنَا أَعْمَالُنَا وَلَكُمْ أَعْمَالُكُمْ ۖ لَا حُجَّةَ بَيْنَنَا وَبَيْنَكُمُ ۖ اللَّهُ يَجْمَعُ بَيْنَنَا ۖ وَإِلَيْهِ الْمَصِيرُ (15)
Ngoko ke wena memela abantu kuloo (nkolo ka-Allâh) uhlale useNdleleni ethe Tye njengoko uyalelwe, ungalandeli (izinto) abakekelele ngakuzo koko wena yithi : “Mna ndikholwe koko kutyhilwe nguAllâh kwisiBhalo (i’Kur’ân), yaye ndiyalelwe ukuba ndenze ubulungisa phakathi kwenu. UAllâh yiNkosi yethu ekwayiNkosi yenu. Thina sinezenzo zethu nani ninezenzo zenu akukho ngxoxo phakathi kwethu nani. UAllâh Uza kusibuyisela (kuye) sonke yaye kukuye apho isiphelo sohambo sikhoyo.”
وَالَّذِينَ يُحَاجُّونَ فِي اللَّهِ مِن بَعْدِ مَا اسْتُجِيبَ لَهُ حُجَّتُهُمْ دَاحِضَةٌ عِندَ رَبِّهِمْ وَعَلَيْهِمْ غَضَبٌ وَلَهُمْ عَذَابٌ شَدِيدٌ (16)
Abo baphikisana (nabakholwayo) ngoAllâh emveni kokuba sele Amkelwe, ukuphikisa kwabo akunto yanto kwiNkosi yabo, yaye phezu kwabo kukho ingqumbo (yaKhe) kwaye okwabo sisohlwayo esibuhlungu
اللَّهُ الَّذِي أَنزَلَ الْكِتَابَ بِالْحَقِّ وَالْمِيزَانَ ۗ وَمَا يُدْرِيكَ لَعَلَّ السَّاعَةَ قَرِيبٌ (17)
NguAllâh Othumele iNcwadi ngenyaniso kunye nesikali (sokwahlula ubulungisa nentswela-bulungisa). Ingaba yintoni na enokwenza uqiqe? Mhlawumbi iYure sele ikufuphi
يَسْتَعْجِلُ بِهَا الَّذِينَ لَا يُؤْمِنُونَ بِهَا ۖ وَالَّذِينَ آمَنُوا مُشْفِقُونَ مِنْهَا وَيَعْلَمُونَ أَنَّهَا الْحَقُّ ۗ أَلَا إِنَّ الَّذِينَ يُمَارُونَ فِي السَّاعَةِ لَفِي ضَلَالٍ بَعِيدٍ (18)
Abo bangakholwayo kuyo abanamonde ngayo, kodwa bona abo bakholwayo bayayoyika, besazi okokuba iyinyaniso. Yeha abo bayiphikayo iYure basekulahlekeni kokwenene
اللَّهُ لَطِيفٌ بِعِبَادِهِ يَرْزُقُ مَن يَشَاءُ ۖ وَهُوَ الْقَوِيُّ الْعَزِيزُ (19)
UAllâh UnobuBele kwizicaka zaKhe; Unika imbonelelo kulowo Athande ukumnika. Yaye Yena nguSomandla uSobunganga
مَن كَانَ يُرِيدُ حَرْثَ الْآخِرَةِ نَزِدْ لَهُ فِي حَرْثِهِ ۖ وَمَن كَانَ يُرِيدُ حَرْثَ الدُّنْيَا نُؤْتِهِ مِنْهَا وَمَا لَهُ فِي الْآخِرَةِ مِن نَّصِيبٍ (20)
Lowo unqwenela isivuno soBomi oBuzayo Siyamandisela isivuno (somvuzo). Ke lowo unqwenela isivuno seli hlabathi Siyamnika sona eso, kodwa akayi kuba nasabelo kuBomi oBuzayo
أَمْ لَهُمْ شُرَكَاءُ شَرَعُوا لَهُم مِّنَ الدِّينِ مَا لَمْ يَأْذَن بِهِ اللَّهُ ۚ وَلَوْلَا كَلِمَةُ الْفَصْلِ لَقُضِيَ بَيْنَهُمْ ۗ وَإِنَّ الظَّالِمِينَ لَهُمْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (21)
Okanye mhlawumbi banamahlulelane abayalele ukuba babe nenkolo uAllâh Anganikanga mvume ngayo? Ukuba bekungekho ngenxa yelizwi elicacileyo, ngowusele wagqitywa kudala umcimbi phakathi kwabo. Inene abenzi bobubi baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
تَرَى الظَّالِمِينَ مُشْفِقِينَ مِمَّا كَسَبُوا وَهُوَ وَاقِعٌ بِهِمْ ۗ وَالَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ فِي رَوْضَاتِ الْجَنَّاتِ ۖ لَهُم مَّا يَشَاءُونَ عِندَ رَبِّهِمْ ۚ ذَٰلِكَ هُوَ الْفَضْلُ الْكَبِيرُ (22)
Uza kubabona abenzi bobubi besoyika oko bakusebenzelayo yaye (isohlwayo sika-Allâh) siza kubahlela. Ke bona abo bakholwayo baya kuba kumacandelo obumnandi ePaladesi, befumana yonke into abathande ukuyifumana phambi kweNkosi yabo. Oko koko kububuBele obukhulu
ذَٰلِكَ الَّذِي يُبَشِّرُ اللَّهُ عِبَادَهُ الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ ۗ قُل لَّا أَسْأَلُكُمْ عَلَيْهِ أَجْرًا إِلَّا الْمَوَدَّةَ فِي الْقُرْبَىٰ ۗ وَمَن يَقْتَرِفْ حَسَنَةً نَّزِدْ لَهُ فِيهَا حُسْنًا ۚ إِنَّ اللَّهَ غَفُورٌ شَكُورٌ (23)
Oko kukuba uAllâh Anike iindaba ezivuyisayo kwizicaka zaKheezikholwayozezenzoezilungileyo.Yithi(Muhammad): “Andinihlawulisi nento le (ngalo myalezo) koko kukulunga kuphela kwizizalwana, kanti ke nabani na owenza isenzo esilungileyo Siya kumongezelela okulungileyo kuso apho. Inene uAllâh nguMxoleli, Uyabulela
أَمْ يَقُولُونَ افْتَرَىٰ عَلَى اللَّهِ كَذِبًا ۖ فَإِن يَشَإِ اللَّهُ يَخْتِمْ عَلَىٰ قَلْبِكَ ۗ وَيَمْحُ اللَّهُ الْبَاطِلَ وَيُحِقُّ الْحَقَّ بِكَلِمَاتِهِ ۚ إِنَّهُ عَلِيمٌ بِذَاتِ الصُّدُورِ (24)
Okanye bathi: “(UMuhammad) uqambe ubuxoki ngoAllâh?’’ kodwa ukuba uAllâh Ebethanda Ebengasuka ayitywine intliziyo yakho, yaye uAllâh Uyabutshabalalisa ubuxoki Amisele inyaniso ngelizwi laKhe. Inene, Yena nguSolwazi woko kusezifubeni
وَهُوَ الَّذِي يَقْبَلُ التَّوْبَةَ عَنْ عِبَادِهِ وَيَعْفُو عَنِ السَّيِّئَاتِ وَيَعْلَمُ مَا تَفْعَلُونَ (25)
Nguye Owamkela inguquko kwizicaka zaKhe Axolele nezenzo ezigwenxa, yaye Uyakwazi enikwenzayo
وَيَسْتَجِيبُ الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ وَيَزِيدُهُم مِّن فَضْلِهِ ۚ وَالْكَافِرُونَ لَهُمْ عَذَابٌ شَدِيدٌ (26)
Kwaye Uyayiphendula imithandazo yabo bakholwayo (kuYe), benze izenzo zobulungisa, Abongezelele ubuBele baKhe. Kodwa bona abangakholwayo baya kufumana isohlwayo esibi kunene
۞ وَلَوْ بَسَطَ اللَّهُ الرِّزْقَ لِعِبَادِهِ لَبَغَوْا فِي الْأَرْضِ وَلَٰكِن يُنَزِّلُ بِقَدَرٍ مَّا يَشَاءُ ۚ إِنَّهُ بِعِبَادِهِ خَبِيرٌ بَصِيرٌ (27)
Ukuba ngaba uAllâh Wayezandisele iimbonelelo (zonke) izicaka zaKhe, zaziya kwenza ingcinezelo ehlabathini. Kodwa Yena Uthulula umlinganiselo Athande ukuthulula wona. Inene Yena Uyazazi izicaka zaKhe Uyabona
وَهُوَ الَّذِي يُنَزِّلُ الْغَيْثَ مِن بَعْدِ مَا قَنَطُوا وَيَنشُرُ رَحْمَتَهُ ۚ وَهُوَ الْوَلِيُّ الْحَمِيدُ (28)
Nguye Othoba imvula emva kokuphelelwa kwabo lithemba, Aze Asasaze inceba yaKhe, kaloku Yena nguMkhuseli, Ufanelwe kukudunyiswa
وَمِنْ آيَاتِهِ خَلْقُ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ وَمَا بَثَّ فِيهِمَا مِن دَابَّةٍ ۚ وَهُوَ عَلَىٰ جَمْعِهِمْ إِذَا يَشَاءُ قَدِيرٌ (29)
Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukudalwa kwamazulu nomhlaba noko Akusasaze kuwo kuzizidalwa. Ukanti kukuYe ukuziqokelela ndawonye xa Ethandile kulula
وَمَا أَصَابَكُم مِّن مُّصِيبَةٍ فَبِمَا كَسَبَتْ أَيْدِيكُمْ وَيَعْفُو عَن كَثِيرٍ (30)
Ke kaloku nantoni na enihlelayo engumonakalo oko koko kwenziwa zizandla zenu, kodwa Yena Uxolela kakhulu
وَمَا أَنتُم بِمُعْجِزِينَ فِي الْأَرْضِ ۖ وَمَا لَكُم مِّن دُونِ اللَّهِ مِن وَلِيٍّ وَلَا نَصِيرٍ (31)
Kanti ke aniyi kumenza Asilele (uAllâh) emhlabeni. Yaye aninawumbi umkhuseli ngaphandle koAllâh
وَمِنْ آيَاتِهِ الْجَوَارِ فِي الْبَحْرِ كَالْأَعْلَامِ (32)
Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe ziinqanawa elwandle ezingathi ziintaba
إِن يَشَأْ يُسْكِنِ الرِّيحَ فَيَظْلَلْنَ رَوَاكِدَ عَلَىٰ ظَهْرِهِ ۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَاتٍ لِّكُلِّ صَبَّارٍ شَكُورٍ (33)
Ukuba Ebethanda Yena Ebengawumisa (ngxishi) umoya, zize (ezo nqanawa) zingahambi (elwandle). Inene kuko oko kukho imiqondiso kuye nabani na onomonde, onombulelo
أَوْ يُوبِقْهُنَّ بِمَا كَسَبُوا وَيَعْفُ عَن كَثِيرٍ (34)
Kungenjalo Ebengasuka Abatshabalalise ngenxa yoko bakwenzayo (kuzizono); kodwa Yena uxolela kakhulu
وَيَعْلَمَ الَّذِينَ يُجَادِلُونَ فِي آيَاتِنَا مَا لَهُم مِّن مَّحِيصٍ (35)
Abo banamaphike ngemiqondiso yeThu mabazi (kakuhle) okokuba abayi kuba nandawo yakuphuncula (esohlwayweni sika-Allâh)
فَمَا أُوتِيتُم مِّن شَيْءٍ فَمَتَاعُ الْحَيَاةِ الدُّنْيَا ۖ وَمَا عِندَ اللَّهِ خَيْرٌ وَأَبْقَىٰ لِلَّذِينَ آمَنُوا وَعَلَىٰ رَبِّهِمْ يَتَوَكَّلُونَ (36)
Ke kaloku nantoni na eniyinikwayo (loo nto) yeyolonwabo lobomi basemhlabeni. Kodwa oko kuku-Allâh kukona kuthabatha ixesha elide kwabo bakholwayo babeke ithemba labo eNkosini yabo
وَالَّذِينَ يَجْتَنِبُونَ كَبَائِرَ الْإِثْمِ وَالْفَوَاحِشَ وَإِذَا مَا غَضِبُوا هُمْ يَغْفِرُونَ (37)
Abo baziphephayo izono zabo nezenzo zokungcola bathi xa benomsindo baxolele
وَالَّذِينَ اسْتَجَابُوا لِرَبِّهِمْ وَأَقَامُوا الصَّلَاةَ وَأَمْرُهُمْ شُورَىٰ بَيْنَهُمْ وَمِمَّا رَزَقْنَاهُمْ يُنفِقُونَ (38)
Nabo baye basabela eNkosini yabo, benza iSalah nabasombulula imicimbi yabo ngemboniswano phakathi kwabo, banikele (kumalizo) oko Sibanike kona
وَالَّذِينَ إِذَا أَصَابَهُمُ الْبَغْيُ هُمْ يَنتَصِرُونَ (39)
Nabo bathi xa bethwaxwe yingcinezelo bazikhusele
وَجَزَاءُ سَيِّئَةٍ سَيِّئَةٌ مِّثْلُهَا ۖ فَمَنْ عَفَا وَأَصْلَحَ فَأَجْرُهُ عَلَى اللَّهِ ۚ إِنَّهُ لَا يُحِبُّ الظَّالِمِينَ (40)
Ke kaloku imbuyekezo yesenzo esingcolileyo sisenzo esingcole ngokufana naso kodwa ke lowo uxolelayo, enze noxolelwaniso umvuzo wakhe ukuAllâh. Inene Yena Akabathandi abenzi bobubi
وَلَمَنِ انتَصَرَ بَعْدَ ظُلْمِهِ فَأُولَٰئِكَ مَا عَلَيْهِم مِّن سَبِيلٍ (41)
Kananjalo lowo uziphindezelayo emva kokuba enziwe ubugwenxa, kwabo banjalo akukho sizathu (sakusoleka)
إِنَّمَا السَّبِيلُ عَلَى الَّذِينَ يَظْلِمُونَ النَّاسَ وَيَبْغُونَ فِي الْأَرْضِ بِغَيْرِ الْحَقِّ ۚ أُولَٰئِكَ لَهُمْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (42)
Isizathu (sokusoleka) sikulowo wona abantu enze ingcinezelo emhlabeni engenalungelo. Abenza (oko) baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
وَلَمَن صَبَرَ وَغَفَرَ إِنَّ ذَٰلِكَ لَمِنْ عَزْمِ الْأُمُورِ (43)
Lowo unyamezelayo, axolele inene oko yenye yezinto (ezibonakalisa) ukuzinikela (kakhulu kuAllâh)
وَمَن يُضْلِلِ اللَّهُ فَمَا لَهُ مِن وَلِيٍّ مِّن بَعْدِهِ ۗ وَتَرَى الظَّالِمِينَ لَمَّا رَأَوُا الْعَذَابَ يَقُولُونَ هَلْ إِلَىٰ مَرَدٍّ مِّن سَبِيلٍ (44)
Ke lowo uAllâh amyekele ekulahlekeni akuyi kubakho mkhuseli kuye ngaphaya kwaKhe (uAllâh), kananjalo uya kubabona abenzi bobubi xa bebona isohlwayo baya kuthi: “Ingaba ikhona na indlela yokubuyela (ehlabathini) kwakhona
وَتَرَاهُمْ يُعْرَضُونَ عَلَيْهَا خَاشِعِينَ مِنَ الذُّلِّ يَنظُرُونَ مِن طَرْفٍ خَفِيٍّ ۗ وَقَالَ الَّذِينَ آمَنُوا إِنَّ الْخَاسِرِينَ الَّذِينَ خَسِرُوا أَنفُسَهُمْ وَأَهْلِيهِمْ يَوْمَ الْقِيَامَةِ ۗ أَلَا إِنَّ الظَّالِمِينَ فِي عَذَابٍ مُّقِيمٍ (45)
Kantiuzakubabonabesondezwakuwo(uMlilo), bethotyiselwa ngokuhlazeka, belaqaza, ngomnqweno. Abo bakholwayo baya kuthi: “Inene abona balahlekelwa bokwenyani ngabo balahlekelwe ziziqu zabo neentsapho zabo ngeMini yoVuko, Yeha, abenzi bobubi bakwisohlwayo esingapheliyo.”
وَمَا كَانَ لَهُم مِّنْ أَوْلِيَاءَ يَنصُرُونَهُم مِّن دُونِ اللَّهِ ۗ وَمَن يُضْلِلِ اللَّهُ فَمَا لَهُ مِن سَبِيلٍ (46)
Kananjalo abayi kuba namhlobo wakubanceda ngaphandle koAllâh. Yaye lowo uyekelwe nguAllâh ekulahlekeni akukho ndlela kuye
اسْتَجِيبُوا لِرَبِّكُم مِّن قَبْلِ أَن يَأْتِيَ يَوْمٌ لَّا مَرَدَّ لَهُ مِنَ اللَّهِ ۚ مَا لَكُم مِّن مَّلْجَإٍ يَوْمَئِذٍ وَمَا لَكُم مِّن نَّكِيرٍ (47)
Sabelani eNkosini yenu ingekafiki iMini evela kuAllâh ekungekhe kubekho nto iyigxothayo. Akukho lukhuseleko niya kulufumana ngaloo Mini, kungayi kubakho kuphika kuni
فَإِنْ أَعْرَضُوا فَمَا أَرْسَلْنَاكَ عَلَيْهِمْ حَفِيظًا ۖ إِنْ عَلَيْكَ إِلَّا الْبَلَاغُ ۗ وَإِنَّا إِذَا أَذَقْنَا الْإِنسَانَ مِنَّا رَحْمَةً فَرِحَ بِهَا ۖ وَإِن تُصِبْهُمْ سَيِّئَةٌ بِمَا قَدَّمَتْ أَيْدِيهِمْ فَإِنَّ الْإِنسَانَ كَفُورٌ (48)
Kanti ukuba bayatshikila Thina Asikuthumelanga kubo ukuba ube ngumlondolozi wabo, okwakho wena kukuvakalisa, ke kaloku xa Sithe Senza umntu wangcamla inceba evela kuThi, uye ayivuyele, kodwa athi xa ububi bumthwaxa ngenxa yoko kuvezwe zizandla zakhe inene umntu angabi nambulelo
لِّلَّهِ مُلْكُ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۚ يَخْلُقُ مَا يَشَاءُ ۚ يَهَبُ لِمَن يَشَاءُ إِنَاثًا وَيَهَبُ لِمَن يَشَاءُ الذُّكُورَ (49)
Loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba. Yena Udala loo nto Athande ukuyidala. Anike lowo Athande ukumnika (abantwana) abaziintombi, Anike lowo Athande ukumnika amakhwenkwe
أَوْ يُزَوِّجُهُمْ ذُكْرَانًا وَإِنَاثًا ۖ وَيَجْعَلُ مَن يَشَاءُ عَقِيمًا ۚ إِنَّهُ عَلِيمٌ قَدِيرٌ (50)
Kungenjalo Abenzele amakhwenkwe neentombi, Enze udlolo lowo Athande ukumenza, Inene Yena nguSolwazi, uSomandla
۞ وَمَا كَانَ لِبَشَرٍ أَن يُكَلِّمَهُ اللَّهُ إِلَّا وَحْيًا أَوْ مِن وَرَاءِ حِجَابٍ أَوْ يُرْسِلَ رَسُولًا فَيُوحِيَ بِإِذْنِهِ مَا يَشَاءُ ۚ إِنَّهُ عَلِيٌّ حَكِيمٌ (51)
Kananjalo asikokwakhe nawuphi na umntu ukuba uAllâh Athethe naye ngaphandle kokuthetha naye ngesiTyhilelo okanye ngaphaya komkhusane okanye Athumele isiThunywa simtyhilelengemvumeyaKheokoAthandeukuba(Amtyhilele kona). Inene Yena Uphakamile, Unobulumko
وَكَذَٰلِكَ أَوْحَيْنَا إِلَيْكَ رُوحًا مِّنْ أَمْرِنَا ۚ مَا كُنتَ تَدْرِي مَا الْكِتَابُ وَلَا الْإِيمَانُ وَلَٰكِن جَعَلْنَاهُ نُورًا نَّهْدِي بِهِ مَن نَّشَاءُ مِنْ عِبَادِنَا ۚ وَإِنَّكَ لَتَهْدِي إِلَىٰ صِرَاطٍ مُّسْتَقِيمٍ (52)
sisityhile ngolo hlobo ke isiTyhhilelo somyalelo weThu (i’Kur’ân). Wena wawungazi siBhalo, (ungalwazi) ukholo kodwa ke Thina Sisenze (isiBhalo) saba lukhanyiselo eSikhokela ngalo lowo Sithande ukumkhokela kwizicaka zeThu. Kwaye inene wena (Muhammad) ukhokelela eNdleleni ethe Tye
صِرَاطِ اللَّهِ الَّذِي لَهُ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَمَا فِي الْأَرْضِ ۗ أَلَا إِلَى اللَّهِ تَصِيرُ الْأُمُورُ (53)
INdlela ka-Allâh (loWo) izezaKhe zonke (izinto) ezisemazulwini nasemhlabeni. Yeha! KukuAllâh apho zonke izinto ziza kubuyela khona
❮ السورة السابقة السورة التـالية ❯

قراءة المزيد من سور القرآن الكريم :

1- الفاتحة2- البقرة3- آل عمران
4- النساء5- المائدة6- الأنعام
7- الأعراف8- الأنفال9- التوبة
10- يونس11- هود12- يوسف
13- الرعد14- إبراهيم15- الحجر
16- النحل17- الإسراء18- الكهف
19- مريم20- طه21- الأنبياء
22- الحج23- المؤمنون24- النور
25- الفرقان26- الشعراء27- النمل
28- القصص29- العنكبوت30- الروم
31- لقمان32- السجدة33- الأحزاب
34- سبأ35- فاطر36- يس
37- الصافات38- ص39- الزمر
40- غافر41- فصلت42- الشورى
43- الزخرف44- الدخان45- الجاثية
46- الأحقاف47- محمد48- الفتح
49- الحجرات50- ق51- الذاريات
52- الطور53- النجم54- القمر
55- الرحمن56- الواقعة57- الحديد
58- المجادلة59- الحشر60- الممتحنة
61- الصف62- الجمعة63- المنافقون
64- التغابن65- الطلاق66- التحريم
67- الملك68- القلم69- الحاقة
70- المعارج71- نوح72- الجن
73- المزمل74- المدثر75- القيامة
76- الإنسان77- المرسلات78- النبأ
79- النازعات80- عبس81- التكوير
82- الإنفطار83- المطففين84- الانشقاق
85- البروج86- الطارق87- الأعلى
88- الغاشية89- الفجر90- البلد
91- الشمس92- الليل93- الضحى
94- الشرح95- التين96- العلق
97- القدر98- البينة99- الزلزلة
100- العاديات101- القارعة102- التكاثر
103- العصر104- الهمزة105- الفيل
106- قريش107- الماعون108- الكوثر
109- الكافرون110- النصر111- المسد
112- الإخلاص113- الفلق114- الناس