×

سورة يونس باللغة الكسوزا

ترجمات القرآنباللغة الكسوزا ⬅ سورة يونس

ترجمة معاني سورة يونس باللغة الكسوزا - Xhosa

القرآن باللغة الكسوزا - سورة يونس مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah Yunus in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة يونس باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 109 - رقم السورة 10 - الصفحة 208.

بسم الله الرحمن الرحيم

الر ۚ تِلْكَ آيَاتُ الْكِتَابِ الْحَكِيمِ (1)
Alif-Lâm-Râ Ezi ziiVesi zeNcwadi yobulumko
أَكَانَ لِلنَّاسِ عَجَبًا أَنْ أَوْحَيْنَا إِلَىٰ رَجُلٍ مِّنْهُمْ أَنْ أَنذِرِ النَّاسَ وَبَشِّرِ الَّذِينَ آمَنُوا أَنَّ لَهُمْ قَدَمَ صِدْقٍ عِندَ رَبِّهِمْ ۗ قَالَ الْكَافِرُونَ إِنَّ هَٰذَا لَسَاحِرٌ مُّبِينٌ (2)
Ingaba ngumnqa na ebantwini into yokuba Sithumele isiTyhilelo seThu kwindoda ephuma phakathi kwabo?2 (Sithi kuyo): “Lumkisa abantu (ngoMlilo ozayo), unike iindaba ezivuyisayo kwabo bakholwayo, zokuba baza kuyifumana imivuzo yabo eNkosini yabo yezenzo zabo ezilungileyo!” Kodwa abangakholwayo bathi: “Inene Lo (uMuhammad) ngumenzi wemilingo ocacileyo.”
إِنَّ رَبَّكُمُ اللَّهُ الَّذِي خَلَقَ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضَ فِي سِتَّةِ أَيَّامٍ ثُمَّ اسْتَوَىٰ عَلَى الْعَرْشِ ۖ يُدَبِّرُ الْأَمْرَ ۖ مَا مِن شَفِيعٍ إِلَّا مِن بَعْدِ إِذْنِهِ ۚ ذَٰلِكُمُ اللَّهُ رَبُّكُمْ فَاعْبُدُوهُ ۚ أَفَلَا تَذَكَّرُونَ (3)
Inene iNkosi yenu nguAllâh Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu Wabuya Wanyusela iTrone yaKhe ngentla3. Elungelelanisa imeko yezinto zonke. Akukho mthetheleli (unokuMcenga) ngaphandle kokuba Uvumile Yena. NguAllâh ke loWo, iNkosi yenu; nina nqulani Yena (Yedwa), ngoku ke ingaba aniyi kukhumbula
إِلَيْهِ مَرْجِعُكُمْ جَمِيعًا ۖ وَعْدَ اللَّهِ حَقًّا ۚ إِنَّهُ يَبْدَأُ الْخَلْقَ ثُمَّ يُعِيدُهُ لِيَجْزِيَ الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ بِالْقِسْطِ ۚ وَالَّذِينَ كَفَرُوا لَهُمْ شَرَابٌ مِّنْ حَمِيمٍ وَعَذَابٌ أَلِيمٌ بِمَا كَانُوا يَكْفُرُونَ (4)
KuYe kulapho niza kubuyela khona nonke. Isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. NguYe Oqalela indalo ukanti Uza kuphinda Ayiphinde khon’ukuze Anike umvuzo ngobulungisa kwabo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo. Ke bona abo bangakholwayo baya kufumana ulwelo4 olubilayo lube sisiselo sabo ngenxa yokuba bengakholwa
هُوَ الَّذِي جَعَلَ الشَّمْسَ ضِيَاءً وَالْقَمَرَ نُورًا وَقَدَّرَهُ مَنَازِلَ لِتَعْلَمُوا عَدَدَ السِّنِينَ وَالْحِسَابَ ۚ مَا خَلَقَ اللَّهُ ذَٰلِكَ إِلَّا بِالْحَقِّ ۚ يُفَصِّلُ الْآيَاتِ لِقَوْمٍ يَعْلَمُونَ (5)
NguYe Owenze ilanga laba sisikhanyisi nenyanga yaba kukukhazimla Waza Wayiqingqela amaxesha khon’ukuze nazi inani leminyaka noqikelelo. Yena Ucacisa iiVesi ngengcombolo kubantu abanolwazi
إِنَّ فِي اخْتِلَافِ اللَّيْلِ وَالنَّهَارِ وَمَا خَلَقَ اللَّهُ فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ لَآيَاتٍ لِّقَوْمٍ يَتَّقُونَ (6)
Inene, ekubolekisaneni kobusuku nemini nakuko konke oko uAllâh Akudalileyo emazulwini nasemhlabeni kukho imiqondiso kwabo balugcinayo uxanduva lwabo kuAllâh, baMoyike kakhulu
إِنَّ الَّذِينَ لَا يَرْجُونَ لِقَاءَنَا وَرَضُوا بِالْحَيَاةِ الدُّنْيَا وَاطْمَأَنُّوا بِهَا وَالَّذِينَ هُمْ عَنْ آيَاتِنَا غَافِلُونَ (7)
Inene, abo bangenathemba lokudibana naThi, kodwa babe bonwabile, banelisekile bubomi beli hlabathi, nabo bangazithabatheli ngqalelo iiVesi zeThu
أُولَٰئِكَ مَأْوَاهُمُ النَّارُ بِمَا كَانُوا يَكْسِبُونَ (8)
Abo ke ikhaya labo liya kuba nguMlilo, ngenxa yoko (kungendawo) bakusebenzelayo
إِنَّ الَّذِينَ آمَنُوا وَعَمِلُوا الصَّالِحَاتِ يَهْدِيهِمْ رَبُّهُم بِإِيمَانِهِمْ ۖ تَجْرِي مِن تَحْتِهِمُ الْأَنْهَارُ فِي جَنَّاتِ النَّعِيمِ (9)
Inene abo bakholwayo, benze imisebenzi yobulungisa, iNkosi yabo Iya kubakhokelela ngokholo lwabo; ezantsi kwabo kuya kumpompoza imilambo kwiMiyezo eyonwabisayo (ePaladesi)
دَعْوَاهُمْ فِيهَا سُبْحَانَكَ اللَّهُمَّ وَتَحِيَّتُهُمْ فِيهَا سَلَامٌ ۚ وَآخِرُ دَعْوَاهُمْ أَنِ الْحَمْدُ لِلَّهِ رَبِّ الْعَالَمِينَ (10)
Indlela yabo yokucela apho iya kuba nguSubhanaka Allâhumma (uZuko malube kuWe O Allâh) nokuthi: Salâm (makube luxolo nokhuseleko ebubini), iya kuba ngumbuliso wabo apho (ePaladesi)! Ize ukuqukumbela kwabo isicelo sabo ibe nguAlhamdulillâhi rabbil’âlamîm (Iindumiso nemibulelo yonke mayibe kuAllâh iNkosi, uMlondolozi wamazwe)
۞ وَلَوْ يُعَجِّلُ اللَّهُ لِلنَّاسِ الشَّرَّ اسْتِعْجَالَهُم بِالْخَيْرِ لَقُضِيَ إِلَيْهِمْ أَجَلُهُمْ ۖ فَنَذَرُ الَّذِينَ لَا يَرْجُونَ لِقَاءَنَا فِي طُغْيَانِهِمْ يَعْمَهُونَ (11)
Kananjalo ukuba uAllâh Ebe nokukhawuleza (ukuhlisa) ububi ebantwini njengoko Ekhawuleza ukuhlisa okulungileyo phezu kwabo, ngesele batshabalalayo. Ke kaloku Siyabayeka abo bangalindelanga kuhlangana naThi, bafathule ngobumfama ekulahlekeni (kwabo)
وَإِذَا مَسَّ الْإِنسَانَ الضُّرُّ دَعَانَا لِجَنبِهِ أَوْ قَاعِدًا أَوْ قَائِمًا فَلَمَّا كَشَفْنَا عَنْهُ ضُرَّهُ مَرَّ كَأَن لَّمْ يَدْعُنَا إِلَىٰ ضُرٍّ مَّسَّهُ ۚ كَذَٰلِكَ زُيِّنَ لِلْمُسْرِفِينَ مَا كَانُوا يَعْمَلُونَ (12)
Kananjalo uthi umntu esakufunyanwa bububi, (aqale) abize kuThi, engqengqe ngecala, ehleli phantsi okanye emi (ngeenyawo). Kodwa Sithi Sisakubususa ububi obo kuye, asuke abe ngathi akhanga abize kuThi ngobubi obe bumfumene! Ke kaloku kwenziwe kwabonakala kukuhle kubenzi bobubi oko bakwenzayo
وَلَقَدْ أَهْلَكْنَا الْقُرُونَ مِن قَبْلِكُمْ لَمَّا ظَلَمُوا ۙ وَجَاءَتْهُمْ رُسُلُهُم بِالْبَيِّنَاتِ وَمَا كَانُوا لِيُؤْمِنُوا ۚ كَذَٰلِكَ نَجْزِي الْقَوْمَ الْمُجْرِمِينَ (13)
Ukanti eneneni Thina Sizitshabalalisile izizukulwana ezingaphambili kunani, ngenxa yobugwenxa ezabenzayo, lo gama abaThunywa bazo beza kuzo nemiqondiso ecacileyo, kodwa zona (izizukulwana ezo) azabi ngabo abakholwayo! Sibabuyekeza kanjalo ke abantu abangabenzi bobubi
ثُمَّ جَعَلْنَاكُمْ خَلَائِفَ فِي الْأَرْضِ مِن بَعْدِهِمْ لِنَنظُرَ كَيْفَ تَعْمَلُونَ (14)
Saza Senzaninaukubaniveleemvakwabo, yabazizizukulwana emva kwezizukulwana emhlabeni, khon’ukuze Sijonge okokuba niza kusebenza njani na nina
وَإِذَا تُتْلَىٰ عَلَيْهِمْ آيَاتُنَا بَيِّنَاتٍ ۙ قَالَ الَّذِينَ لَا يَرْجُونَ لِقَاءَنَا ائْتِ بِقُرْآنٍ غَيْرِ هَٰذَا أَوْ بَدِّلْهُ ۚ قُلْ مَا يَكُونُ لِي أَنْ أُبَدِّلَهُ مِن تِلْقَاءِ نَفْسِي ۖ إِنْ أَتَّبِعُ إِلَّا مَا يُوحَىٰ إِلَيَّ ۖ إِنِّي أَخَافُ إِنْ عَصَيْتُ رَبِّي عَذَابَ يَوْمٍ عَظِيمٍ (15)
Yabonani xa iiVesi zeThu zicengcelezwa kubo abo bangenathemba lakudibana naThi (ngeNye iMini), bathi: “Sizele ne’Kur’ân engasiyiyo le, kungenjalo tshintsha le.” Yithi wena (Muhammad), “Ayikokwam ukuyitshintsha ngokwendlela endithanda ngayo, kuphela mna ndilandela oko kutyhiliweyo kum. Inene mna ndoyika isohlwayo seMini eNkulu xa ndinokungayithobeli iNkosi yam.”
قُل لَّوْ شَاءَ اللَّهُ مَا تَلَوْتُهُ عَلَيْكُمْ وَلَا أَدْرَاكُم بِهِ ۖ فَقَدْ لَبِثْتُ فِيكُمْ عُمُرًا مِّن قَبْلِهِ ۚ أَفَلَا تَعْقِلُونَ (16)
Yithi (Muhammad): “Ukuba uAllâh Ebethande njalo ngendingakhanga ndayicengceleza kuni, Ebengazi kuyenza yazeke nokwazeka kuni. Inene, mna ndiphile ubomi obude nani ngaphambili ukuza kuthi ga ngoku. Ingaba aninangqiqo na?”
فَمَنْ أَظْلَمُ مِمَّنِ افْتَرَىٰ عَلَى اللَّهِ كَذِبًا أَوْ كَذَّبَ بِآيَاتِهِ ۚ إِنَّهُ لَا يُفْلِحُ الْمُجْرِمُونَ (17)
Ngubani na owenza ubugwenxa obugqithe obalowo uqamba ubuxoki ngoAllâh okanye aphike iiVesi zaKhe? Inene abenzi bobubi abasokuze baphumelele
وَيَعْبُدُونَ مِن دُونِ اللَّهِ مَا لَا يَضُرُّهُمْ وَلَا يَنفَعُهُمْ وَيَقُولُونَ هَٰؤُلَاءِ شُفَعَاؤُنَا عِندَ اللَّهِ ۚ قُلْ أَتُنَبِّئُونَ اللَّهَ بِمَا لَا يَعْلَمُ فِي السَّمَاوَاتِ وَلَا فِي الْأَرْضِ ۚ سُبْحَانَهُ وَتَعَالَىٰ عَمَّا يُشْرِكُونَ (18)
Kananjalo banqula nto zimbi ngaphandle koAllâh ezingenakubenza bubi, zingekhe zibazuzise nto, baze bathi: “Ezi (zithixo, okanye, ezi zinyanya) zethu ngabathetheleli bethu kuAllâh.” Yithi (kubo): “Ingaba nixelela uAllâh ngezinto Angenalwazi ngazo emazulwini nasemhlabeni kusini na? Makazukiswe, Yena Uphakamile, Ungentla kwazo zonke (ezo zinto) bazayamanisa naYe.”
وَمَا كَانَ النَّاسُ إِلَّا أُمَّةً وَاحِدَةً فَاخْتَلَفُوا ۚ وَلَوْلَا كَلِمَةٌ سَبَقَتْ مِن رَّبِّكَ لَقُضِيَ بَيْنَهُمْ فِيمَا فِيهِ يَخْتَلِفُونَ (19)
Abantu babeluluntu olunye baza (kamva) baba nezahlukano ukanti ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi elaphumayo livela eNkosini yakho, ngesele kwagwetywa phakathi kwabo mayela noko babephikisana ngako
وَيَقُولُونَ لَوْلَا أُنزِلَ عَلَيْهِ آيَةٌ مِّن رَّبِّهِ ۖ فَقُلْ إِنَّمَا الْغَيْبُ لِلَّهِ فَانتَظِرُوا إِنِّي مَعَكُم مِّنَ الْمُنتَظِرِينَ (20)
Kananjalo bathi: “Kutheni na ukuba kungabikho mqondiso othunyelwayo kuye (uMuhammad) ovela eNkosini yaKhe?” Yithi wena: “Okungabonwayo kokuka-Allâh, ke lindani nam ndilindile phakathi kwabo balindileyo5.”
وَإِذَا أَذَقْنَا النَّاسَ رَحْمَةً مِّن بَعْدِ ضَرَّاءَ مَسَّتْهُمْ إِذَا لَهُم مَّكْرٌ فِي آيَاتِنَا ۚ قُلِ اللَّهُ أَسْرَعُ مَكْرًا ۚ إِنَّ رُسُلَنَا يَكْتُبُونَ مَا تَمْكُرُونَ (21)
Kananjalo Sithi Sisakwenza abantu ukuba bangcamle uBabalo emva kobunzima obebubathwaxile, basuke baqulunqe ngokuchasene nemiqondiso yeThu, yithi ke wena (kubo): “UAllâh Ukhawuleza ngakumbi ekuqulunqeni!” Inene, izithunywa zeThu zikubhala phantsi konke oko nikuqulunqayo
هُوَ الَّذِي يُسَيِّرُكُمْ فِي الْبَرِّ وَالْبَحْرِ ۖ حَتَّىٰ إِذَا كُنتُمْ فِي الْفُلْكِ وَجَرَيْنَ بِهِم بِرِيحٍ طَيِّبَةٍ وَفَرِحُوا بِهَا جَاءَتْهَا رِيحٌ عَاصِفٌ وَجَاءَهُمُ الْمَوْجُ مِن كُلِّ مَكَانٍ وَظَنُّوا أَنَّهُمْ أُحِيطَ بِهِمْ ۙ دَعَوُا اللَّهَ مُخْلِصِينَ لَهُ الدِّينَ لَئِنْ أَنجَيْتَنَا مِنْ هَٰذِهِ لَنَكُونَنَّ مِنَ الشَّاكِرِينَ (22)
Nguye Onenza nibe nako ukuhambahamba emhlabeni nangolwandle, de nibe sezinqanaweni, ziwize6 ngomoya oba luncedo, baze bavuye phakathi kuzo apho kude kufike umoya oyinkanyamba namaza, eze kubo macala onke, bade bacinge ukuba bagubungelekile. Babize kuAllâh benze ukholo lwabo lusulungeke kuYe Yedwa, (besithi): “Ukuba Wena Wedwa Ungasihlangula kule (meko), inene thina siya kuba ngabanombulelo.”
فَلَمَّا أَنجَاهُمْ إِذَا هُمْ يَبْغُونَ فِي الْأَرْضِ بِغَيْرِ الْحَقِّ ۗ يَا أَيُّهَا النَّاسُ إِنَّمَا بَغْيُكُمْ عَلَىٰ أَنفُسِكُم ۖ مَّتَاعَ الْحَيَاةِ الدُّنْيَا ۖ ثُمَّ إِلَيْنَا مَرْجِعُكُمْ فَنُنَبِّئُكُم بِمَا كُنتُمْ تَعْمَلُونَ (23)
Kodwa Esakubahlangula basuke batsho ukuba ngabavukeli emhlabeni, babe nobugwenxa. Hini na nina luntu (obo) buvukeli benu (nibenzayo, nibenza) ngokuchasene nani kuphela, lulonwatyana olufutshane lobomi beli hlabathi, kodwa (isiphetho) kukuThi apho niza kubuyela khona yaye Siza kunazisa ngoko nakwenzayo
إِنَّمَا مَثَلُ الْحَيَاةِ الدُّنْيَا كَمَاءٍ أَنزَلْنَاهُ مِنَ السَّمَاءِ فَاخْتَلَطَ بِهِ نَبَاتُ الْأَرْضِ مِمَّا يَأْكُلُ النَّاسُ وَالْأَنْعَامُ حَتَّىٰ إِذَا أَخَذَتِ الْأَرْضُ زُخْرُفَهَا وَازَّيَّنَتْ وَظَنَّ أَهْلُهَا أَنَّهُمْ قَادِرُونَ عَلَيْهَا أَتَاهَا أَمْرُنَا لَيْلًا أَوْ نَهَارًا فَجَعَلْنَاهَا حَصِيدًا كَأَن لَّمْ تَغْنَ بِالْأَمْسِ ۚ كَذَٰلِكَ نُفَصِّلُ الْآيَاتِ لِقَوْمٍ يَتَفَكَّرُونَ (24)
Inene, imfano yobomi beli hlabathi inje ngamanzi (emvula) eSiwathoba phantsi esuka esibhakabhakeni; ukuze ngawo kuhlume imveliso eyingxubevange yomhlaba, leyo abantu neenkomo bayidlayo: de umhlaba ugqunywe ngemihombiso yawo, wenziwe mhle nabantu bawo bade bacinge ukuba banawo onke amandla okuwulawula, Umyalelo weThu uwufikele ngobusuku okanye emini, Size Siwenze ukhuthuke khuthukiyane ube ngathi uchetywe wavunwa, ube ngathi akhanga uchume izolo! Sizichaza zicace kanjalo ke iiVesi zeThu kubantu abacingisisayo
وَاللَّهُ يَدْعُو إِلَىٰ دَارِ السَّلَامِ وَيَهْدِي مَن يَشَاءُ إِلَىٰ صِرَاطٍ مُّسْتَقِيمٍ (25)
UAllâh Umemela kwikhaya loxolo (iPaladesi), Akhokelele lowo Athande ukumkhokelela eNdleleni ethe Tye
۞ لِّلَّذِينَ أَحْسَنُوا الْحُسْنَىٰ وَزِيَادَةٌ ۖ وَلَا يَرْهَقُ وُجُوهَهُمْ قَتَرٌ وَلَا ذِلَّةٌ ۚ أُولَٰئِكَ أَصْحَابُ الْجَنَّةِ ۖ هُمْ فِيهَا خَالِدُونَ (26)
Kwabo benze okulungileyo iya kuba ngumvuzo ongowona mhle nangaphezulu. Akuyi kubakho bumnyama, naluthuli, nahlazo liya kugquma ubuso babo. Bona bangabahlali basePaladesi baya kuhlala apho ngonaphakade
وَالَّذِينَ كَسَبُوا السَّيِّئَاتِ جَزَاءُ سَيِّئَةٍ بِمِثْلِهَا وَتَرْهَقُهُمْ ذِلَّةٌ ۖ مَّا لَهُم مِّنَ اللَّهِ مِنْ عَاصِمٍ ۖ كَأَنَّمَا أُغْشِيَتْ وُجُوهُهُمْ قِطَعًا مِّنَ اللَّيْلِ مُظْلِمًا ۚ أُولَٰئِكَ أَصْحَابُ النَّارِ ۖ هُمْ فِيهَا خَالِدُونَ (27)
Ke bona abo basebenzele izenzo ezingcolileyo, imbuyekezo yesenzo esingcolileyo yinto ekwafana naso, nehlazo elonyelisayo eliya kugquma (ubuso) babo, Akukho mkhuseli baya kumfumana kuAllâh. Ubuso babo buya kugqunywa bube ngathi zizicuku ngezicuku eziphuma kwinzulu yobumnyama yobusuku, ngabahlali baseMlilweni, (ke abo) abaya kuhlala apho ngonaphakade
وَيَوْمَ نَحْشُرُهُمْ جَمِيعًا ثُمَّ نَقُولُ لِلَّذِينَ أَشْرَكُوا مَكَانَكُمْ أَنتُمْ وَشُرَكَاؤُكُمْ ۚ فَزَيَّلْنَا بَيْنَهُمْ ۖ وَقَالَ شُرَكَاؤُهُم مَّا كُنتُمْ إِيَّانَا تَعْبُدُونَ (28)
Kananjalo ngeMini leyo Siya kubaqundanisa ndaweninye bonke, Siya kuthi kwabo bayamanisa amahlulelane kuThi: “Yimani njalo ezindaweni zenu! Nina ndawonye namahlulelane enu (enaniwanqula)”. Size Sibahlukanise, aze amahlulelane abo athi: “Yayingesithi aba nanibanqula
فَكَفَىٰ بِاللَّهِ شَهِيدًا بَيْنَنَا وَبَيْنَكُمْ إِن كُنَّا عَنْ عِبَادَتِكُمْ لَغَافِلِينَ (29)
Ke kaloku uAllâh UliNgqina ngokwaneleyo phakathi kwethu nani, lokuba inene thina asazi nto ngokunqulwa kwethu nini.”
هُنَالِكَ تَبْلُو كُلُّ نَفْسٍ مَّا أَسْلَفَتْ ۚ وَرُدُّوا إِلَى اللَّهِ مَوْلَاهُمُ الْحَقِّ ۖ وَضَلَّ عَنْهُم مَّا كَانُوا يَفْتَرُونَ (30)
Apho! Umntu ngamnye uya kuyazi into awayisebenzelayo ngaphambili, kananjalo (bonke) baza kumiswa phambi koAllâh, OyiNkosi yabo yokwenene, oothixo babo bobuxoki abaziyilela bona baya kunyamalala bangabikho phambi kwabo
قُلْ مَن يَرْزُقُكُم مِّنَ السَّمَاءِ وَالْأَرْضِ أَمَّن يَمْلِكُ السَّمْعَ وَالْأَبْصَارَ وَمَن يُخْرِجُ الْحَيَّ مِنَ الْمَيِّتِ وَيُخْرِجُ الْمَيِّتَ مِنَ الْحَيِّ وَمَن يُدَبِّرُ الْأَمْرَ ۚ فَسَيَقُولُونَ اللَّهُ ۚ فَقُلْ أَفَلَا تَتَّقُونَ (31)
Yithi (Muhammad): “Ngubani na oninika umfunzelo ovela esibhakabhakeni nasemhlabeni? Ingubani uMnini kuva nokubona? Kanti ngubani Oveza abafileyo kwabaphilileyo? Ize ibe ngubani uMlungelelanisi wemicimbi?” Baza kuthi: “NguAllâh.” Yithi: “Ke ngoku anisoyiki (ngokuba nitheni na) isohlwayo sika-Allâh?”
فَذَٰلِكُمُ اللَّهُ رَبُّكُمُ الْحَقُّ ۖ فَمَاذَا بَعْدَ الْحَقِّ إِلَّا الضَّلَالُ ۖ فَأَنَّىٰ تُصْرَفُونَ (32)
Lowo nguAllâh, iNkosi yenu yenyaniso, ke ngoku emveni kwenyaniso ingaba yintoni enye ngaphandle kokulahleka? Yintoni kanye ebaphambukisileyo
كَذَٰلِكَ حَقَّتْ كَلِمَتُ رَبِّكَ عَلَى الَّذِينَ فَسَقُوا أَنَّهُمْ لَا يُؤْمِنُونَ (33)
Elo ke liLizwi leNkosi yakho eligwetyelwa ngakhona ngokuchasene nabo bangabagwiliki abangakholwayo
قُلْ هَلْ مِن شُرَكَائِكُم مَّن يَبْدَأُ الْخَلْقَ ثُمَّ يُعِيدُهُ ۚ قُلِ اللَّهُ يَبْدَأُ الْخَلْقَ ثُمَّ يُعِيدُهُ ۖ فَأَنَّىٰ تُؤْفَكُونَ (34)
Yithi: “Ingaba kuloo mahlulelane enu likhona na elikwaziyo ukuyila indalo lize liyiphinda-phinde?” Yithi: UAllâh Uyila indalo Aze Ayiphinda-phinde. Ke ngoku niphambukiswe yintoni (eNdleleni ethe Tye)?”
قُلْ هَلْ مِن شُرَكَائِكُم مَّن يَهْدِي إِلَى الْحَقِّ ۚ قُلِ اللَّهُ يَهْدِي لِلْحَقِّ ۗ أَفَمَن يَهْدِي إِلَى الْحَقِّ أَحَقُّ أَن يُتَّبَعَ أَمَّن لَّا يَهِدِّي إِلَّا أَن يُهْدَىٰ ۖ فَمَا لَكُمْ كَيْفَ تَحْكُمُونَ (35)
Yithi: “Ingaba kuloo mahlulelane enu (nithi ngaka-Allâh) likhona elikhokelela enyanisweni?” Yithi: “NguAllâh Okhokelela enyanisweni. Ingaba Ofanelwe kukunqulwa ngulowo ukhokelela enyanisweni na nokuba ngulowo ungafumani siKhokelo ngaphandle kokokuba yena akhokelwe? Kanti kwenzeka ntoni na kuni? Nigweba kanjani na?”
وَمَا يَتَّبِعُ أَكْثَرُهُمْ إِلَّا ظَنًّا ۚ إِنَّ الظَّنَّ لَا يُغْنِي مِنَ الْحَقِّ شَيْئًا ۚ إِنَّ اللَّهَ عَلِيمٌ بِمَا يَفْعَلُونَ (36)
Ke kaloku uninzi lwabo akukho nto luyilandelayo ngaphandle koqash-qash. Inene, uqash-qash akayi kunceda nto ngokuchasene nenyaniso. Inene uAllâh Ukwazi konke oko bakwenzayo
وَمَا كَانَ هَٰذَا الْقُرْآنُ أَن يُفْتَرَىٰ مِن دُونِ اللَّهِ وَلَٰكِن تَصْدِيقَ الَّذِي بَيْنَ يَدَيْهِ وَتَفْصِيلَ الْكِتَابِ لَا رَيْبَ فِيهِ مِن رَّبِّ الْعَالَمِينَ (37)
Kananjalo le’Kur’ân asinto enokufane ivezwe nguye nabani na ongengoAllâh, koko isisingqino (seziTyhilelo) ezatyhilwa phambi kwayo, yaye iyingcaciso efezekileyo ekungekho ntandabuzo kuyo, ivela kwiNkosi yamaphakade
أَمْ يَقُولُونَ افْتَرَاهُ ۖ قُلْ فَأْتُوا بِسُورَةٍ مِّثْلِهِ وَادْعُوا مَنِ اسْتَطَعْتُم مِّن دُونِ اللَّهِ إِن كُنتُمْ صَادِقِينَ (38)
Okanye mhlawumbi bathi, Uyiqambe (ngokwakhe uMuhammad)? Yithi: “Vezani iSûrah efana nayo kaloku, nize nibize nakubani na lowo eninokubiza kuye ngaphandle koAllâh, ukuba ninenyaniso.”
بَلْ كَذَّبُوا بِمَا لَمْ يُحِيطُوا بِعِلْمِهِ وَلَمَّا يَأْتِهِمْ تَأْوِيلُهُ ۚ كَذَٰلِكَ كَذَّبَ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ ۖ فَانظُرْ كَيْفَ كَانَ عَاقِبَةُ الظَّالِمِينَ (39)
Yeha, baluphikile ulwazi ngayo, ababanganako ukuqulatha elwazini lwabo oko kungekazalisekiswa (okusisohlwayo sabo). Ukanti nabo bangaphambili kunabo baphika. Khawubone ke ukuba saba yintoni na isiphelo sabagabadeli
وَمِنْهُم مَّن يُؤْمِنُ بِهِ وَمِنْهُم مَّن لَّا يُؤْمِنُ بِهِ ۚ وَرَبُّكَ أَعْلَمُ بِالْمُفْسِدِينَ (40)
Kananjalo phakathi kwabo kukho abo bakholwayo kuyo kuze phakathi kwabo kubekho abangakholwayo kuyo, ukanti iNkosi yakho Ibazi kakuhle abenzi bobubi
وَإِن كَذَّبُوكَ فَقُل لِّي عَمَلِي وَلَكُمْ عَمَلُكُمْ ۖ أَنتُم بَرِيئُونَ مِمَّا أَعْمَلُ وَأَنَا بَرِيءٌ مِّمَّا تَعْمَلُونَ (41)
Ke kaloku ukuba bayakuphikisa, yithi wena: “Mna ndinezenzo zam, ukanti nani ninezenzo zenu! Nina nimsulwa koko ndikwenzayo mna, kanti nam ndimsulwa koko nikwenzayo nina!”
وَمِنْهُم مَّن يَسْتَمِعُونَ إِلَيْكَ ۚ أَفَأَنتَ تُسْمِعُ الصُّمَّ وَلَوْ كَانُوا لَا يَعْقِلُونَ (42)
Phakathi kwabo bakhona abakuphulaphulayo, kodwa ungazenza izithulu zive na nokuba aziqiqi
وَمِنْهُم مَّن يَنظُرُ إِلَيْكَ ۚ أَفَأَنتَ تَهْدِي الْعُمْيَ وَلَوْ كَانُوا لَا يُبْصِرُونَ (43)
Ukanti phakathi kwabo kukho abaye bakujonge (ndla ngamehlo), kodwa ungaze ukwazi ukukhokela iimfama na nokuba aziboni
إِنَّ اللَّهَ لَا يَظْلِمُ النَّاسَ شَيْئًا وَلَٰكِنَّ النَّاسَ أَنفُسَهُمْ يَظْلِمُونَ (44)
Inene uAllâh Akaboni abantu nangantoni na, koko ngabantu ngokwabo abazonayo
وَيَوْمَ يَحْشُرُهُمْ كَأَن لَّمْ يَلْبَثُوا إِلَّا سَاعَةً مِّنَ النَّهَارِ يَتَعَارَفُونَ بَيْنَهُمْ ۚ قَدْ خَسِرَ الَّذِينَ كَذَّبُوا بِلِقَاءِ اللَّهِ وَمَا كَانُوا مُهْتَدِينَ (45)
NgeMini Aza kubahlanganisela ndawonye bonke, iya kuba ngathi azanga bakhe bahlale (kweli hlabathi) iya kuba ngathi baphile iyure enye yemini. Baya kwazana. Abaya kutshabalala ngokwenyani ngabo babephika indibano yabo noAllâh, bengengabo nabakhokelelekileyo
وَإِمَّا نُرِيَنَّكَ بَعْضَ الَّذِي نَعِدُهُمْ أَوْ نَتَوَفَّيَنَّكَ فَإِلَيْنَا مَرْجِعُهُمْ ثُمَّ اللَّهُ شَهِيدٌ عَلَىٰ مَا يَفْعَلُونَ (46)
Enokuba Singakubonisa na (ngoku usaphilayo Muhammad) okuthile koko Sibathembise ngako (kusisohlwayo), okanye Sikwenze ufe (ungakubonanga), kuya kuhlala kukuThi apho baza kubuyela khona, ngapha koko uAllâh UliNgqina loko bakwenzayo
وَلِكُلِّ أُمَّةٍ رَّسُولٌ ۖ فَإِذَا جَاءَ رَسُولُهُمْ قُضِيَ بَيْنَهُم بِالْقِسْطِ وَهُمْ لَا يُظْلَمُونَ (47)
Isizwe ngasinye sinoMthunywa (waso), uya kuthi akufika umthunywa (lowo esizweni sakhe) umcimbi ugwetywe phakathi kwabo ngobulungisa, yaye abazi koniwa
وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا الْوَعْدُ إِن كُنتُمْ صَادِقِينَ (48)
Ke kaloku bathi: “Siya kufika nini na esi sithembiso (sesohlwayo), ukuba ngaba nithetha inyaniso?”
قُل لَّا أَمْلِكُ لِنَفْسِي ضَرًّا وَلَا نَفْعًا إِلَّا مَا شَاءَ اللَّهُ ۗ لِكُلِّ أُمَّةٍ أَجَلٌ ۚ إِذَا جَاءَ أَجَلُهُمْ فَلَا يَسْتَأْخِرُونَ سَاعَةً ۖ وَلَا يَسْتَقْدِمُونَ (49)
Yithi (Muhammad): “Mna andinamandla akwenza bubi esiqwini sam, kungekho nzuzo ndinokuzizuzisa yona ngaphandle koko uAllâh Athande (ukundenza kona).” Sizwe ngasinye sinexesha esilibekelweyo, lisakufika ixesha (elo) labo abangekhe balilibazise bengekhe balikhawulezise nangeyure (enye)
قُلْ أَرَأَيْتُمْ إِنْ أَتَاكُمْ عَذَابُهُ بَيَاتًا أَوْ نَهَارًا مَّاذَا يَسْتَعْجِلُ مِنْهُ الْمُجْرِمُونَ (50)
Yithi: “Khanindixeleleni ke, ukuba isohlwayo eso saKhe sinokunihlela ngobusuku okanye emini, yiyiphi inxalenye yaso abenzi bobubi abanokuyingxamela.”
أَثُمَّ إِذَا مَا وَقَعَ آمَنتُم بِهِ ۚ آلْآنَ وَقَدْ كُنتُم بِهِ تَسْتَعْجِلُونَ (51)
Makube ke ngoko niya kuthi xa sithe sehla ngokwenene, nikholwe kuso? (kuze kuthiwe kuni): “Nithini na ke ngoku? Kudala kakade nisingxamele!”
ثُمَّ قِيلَ لِلَّذِينَ ظَلَمُوا ذُوقُوا عَذَابَ الْخُلْدِ هَلْ تُجْزَوْنَ إِلَّا بِمَا كُنتُمْ تَكْسِبُونَ (52)
Kekalokukuyakuthiwakuboabobazonayoimiphefumloyabo: “Ngcamlani ke isohlwayo sanaphakade? Ingaba nibuyekezwe ngakumbi na ngaphandle koko nakusebenzelayo?”
۞ وَيَسْتَنبِئُونَكَ أَحَقٌّ هُوَ ۖ قُلْ إِي وَرَبِّي إِنَّهُ لَحَقٌّ ۖ وَمَا أَنتُم بِمُعْجِزِينَ (53)
Bayakucela (Muhammad) ukuba ubaxelele ukuba: “Ingaba iyinyani na (into yokuba isohlwayo neMini yokuGqibela siza kwenzeka)?” Yithi: “Ewe! Ndifunga ngeNkosi yam! Iyinyani ngokwenene yaye anisayi kuphuncula kuzo!”
وَلَوْ أَنَّ لِكُلِّ نَفْسٍ ظَلَمَتْ مَا فِي الْأَرْضِ لَافْتَدَتْ بِهِ ۗ وَأَسَرُّوا النَّدَامَةَ لَمَّا رَأَوُا الْعَذَابَ ۖ وَقُضِيَ بَيْنَهُم بِالْقِسْطِ ۚ وَهُمْ لَا يُظْلَمُونَ (54)
Yaye ukuba umntu ngamnye owenze ububi ebengaba nabo bonke ubutyebi beli hlabathi aze afune ukuzisindisa kuAllâh ngokuzihlawulela ngabo (bebungazi kwamkelwa kuye) baya kuba lusizi ezintliziyweni zabo xa besibona isohlwayo, yaye baza kugwetywa ngobulungisa akukho bugwenxa buya kwenziwa kubo
أَلَا إِنَّ لِلَّهِ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۗ أَلَا إِنَّ وَعْدَ اللَّهِ حَقٌّ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَهُمْ لَا يَعْلَمُونَ (55)
Ngokungathandabuzekiyo, inene, konke okusemazulwini nasemhlabeni kokuka-Allâh. Akuthandabuzeki, inene, isithembiso sika-Allâh siyinyaniso kodwa uninzi lwabo alwazi
هُوَ يُحْيِي وَيُمِيتُ وَإِلَيْهِ تُرْجَعُونَ (56)
NguYe Onika ubomi, Enze ukufa, yaye (nonke) niza kubuyela kuYe
يَا أَيُّهَا النَّاسُ قَدْ جَاءَتْكُم مَّوْعِظَةٌ مِّن رَّبِّكُمْ وَشِفَاءٌ لِّمَا فِي الصُّدُورِ وَهُدًى وَرَحْمَةٌ لِّلْمُؤْمِنِينَ (57)
Hini na bantu! Icebiso elilungileyo elivela eNkosini yenu lifikile kuni (i’Kur`ân) liyalela (ukwenziwa) kwako konke okulungileyo lisalela ukwenziwa kwako konke okungendawo likwanyanga oko kusezintliziyweni zenu liyinkumbuzo nenceba kumakholwa
قُلْ بِفَضْلِ اللَّهِ وَبِرَحْمَتِهِ فَبِذَٰلِكَ فَلْيَفْرَحُوا هُوَ خَيْرٌ مِّمَّا يَجْمَعُونَ (58)
Yithi: “KubuBele buka-Allâh, nakuBabalo lwaKhe (abantu) mabagcobe.” Oko kokona kulungileyo (endaweni yobutyebi) abanabo
قُلْ أَرَأَيْتُم مَّا أَنزَلَ اللَّهُ لَكُم مِّن رِّزْقٍ فَجَعَلْتُم مِّنْهُ حَرَامًا وَحَلَالًا قُلْ آللَّهُ أَذِنَ لَكُمْ ۖ أَمْ عَلَى اللَّهِ تَفْتَرُونَ (59)
Yithi: “Khanindixeleleni, kungani na ukuba imbonelelo uAllâh Ayithumele kuni niyenza ivumeleke okanye ibe yinqambi nje!” Yithi: “NguAllâh kusini na Onivumele (ukuba nenze loo nto), okanye niziqambela ubuxoki ngoAllâh kusini na?”
وَمَا ظَنُّ الَّذِينَ يَفْتَرُونَ عَلَى اللَّهِ الْكَذِبَ يَوْمَ الْقِيَامَةِ ۗ إِنَّ اللَّهَ لَذُو فَضْلٍ عَلَى النَّاسِ وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَهُمْ لَا يَشْكُرُونَ (60)
Yintoni kanye ecingwa ngabo baqamba ubuxoki ngoAllâh, ngeMini yoVuko, Inene, uAllâh UnobuBele ebantwini, kodwa uninzi lwabo alunambulelo
وَمَا تَكُونُ فِي شَأْنٍ وَمَا تَتْلُو مِنْهُ مِن قُرْآنٍ وَلَا تَعْمَلُونَ مِنْ عَمَلٍ إِلَّا كُنَّا عَلَيْكُمْ شُهُودًا إِذْ تُفِيضُونَ فِيهِ ۚ وَمَا يَعْزُبُ عَن رَّبِّكَ مِن مِّثْقَالِ ذَرَّةٍ فِي الْأَرْضِ وَلَا فِي السَّمَاءِ وَلَا أَصْغَرَ مِن ذَٰلِكَ وَلَا أَكْبَرَ إِلَّا فِي كِتَابٍ مُّبِينٍ (61)
Akukho bani, nawe na (Muhammad) owenza nasiphi na isenzo esilungileyo okanye ucengceleze nasiphi na isahluko se’Kur`ân okanye nina (bantu) benza nokuba sesiphi na isenzo Size Thina Singabi ngomaNgqina aso xa nisenza. Kwaye akukho nto ifihlakeleyo eNkosini yakho nokuba ilisuntswana na emhlabeni okanye ezulwini, akukho nto incinane kunoko nenkulu kunoko (engabhalwanga eNcwadini ecacileyo)
أَلَا إِنَّ أَوْلِيَاءَ اللَّهِ لَا خَوْفٌ عَلَيْهِمْ وَلَا هُمْ يَحْزَنُونَ (62)
Yabonani! Inene, kwii-Awliyâ7 zika-Allâh akuyi kubakho koyika kuzo kungayi kubakho kuxhalaba
الَّذِينَ آمَنُوا وَكَانُوا يَتَّقُونَ (63)
Abo bakholwayo babedla ngokoyika uAllâh kakhulu
لَهُمُ الْبُشْرَىٰ فِي الْحَيَاةِ الدُّنْيَا وَفِي الْآخِرَةِ ۚ لَا تَبْدِيلَ لِكَلِمَاتِ اللَّهِ ۚ ذَٰلِكَ هُوَ الْفَوْزُ الْعَظِيمُ (64)
Okwabo zindaba ezivuyisayo kubomi beli hlabathi, nakuBomi oBuzayo. Akuyi kubakho kuguquka eMazwini ka-Allâh. Le iya kuba yimpumelelo enkulu
وَلَا يَحْزُنكَ قَوْلُهُمْ ۘ إِنَّ الْعِزَّةَ لِلَّهِ جَمِيعًا ۚ هُوَ السَّمِيعُ الْعَلِيمُ (65)
Kananjalo musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise wena (Muhammad) kuba onke amandla nentlonipheko zezika-Allâh. Yena nguSokuva, uSolwazi
أَلَا إِنَّ لِلَّهِ مَن فِي السَّمَاوَاتِ وَمَن فِي الْأَرْضِ ۗ وَمَا يَتَّبِعُ الَّذِينَ يَدْعُونَ مِن دُونِ اللَّهِ شُرَكَاءَ ۚ إِن يَتَّبِعُونَ إِلَّا الظَّنَّ وَإِنْ هُمْ إِلَّا يَخْرُصُونَ (66)
Ewe nje! Inene kokuka-Allâh konke okusemazulwini nasemhlabeni, naye nabani na osemhlabeni. Ke bona abo banqula, babize kubambi ngaphandle koAllâh, enyanisweni abalandeli mahlulelane (abathi ngaka-Allâh), koko balandela uqash-qash yaye baqamba ubuxoki
هُوَ الَّذِي جَعَلَ لَكُمُ اللَّيْلَ لِتَسْكُنُوا فِيهِ وَالنَّهَارَ مُبْصِرًا ۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَاتٍ لِّقَوْمٍ يَسْمَعُونَ (67)
NguYe Owanikhethela ubusuku ukuba niphumle ngabo, nemini ukuba nenze izinto ezibonakalayo ngayo. Inene koku kukho imiqondiso kubantu abaphulaphulayo
قَالُوا اتَّخَذَ اللَّهُ وَلَدًا ۗ سُبْحَانَهُ ۖ هُوَ الْغَنِيُّ ۖ لَهُ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَمَا فِي الْأَرْضِ ۚ إِنْ عِندَكُم مِّن سُلْطَانٍ بِهَٰذَا ۚ أَتَقُولُونَ عَلَى اللَّهِ مَا لَا تَعْلَمُونَ (68)
Bathi: “UAllâh Uzele unyana.” Makazukiswe Yena, Yena UsisiTyebi, okwaKhe kuko konke okusemazulwini nako konke okusemhlabeni. Akukho gunya ninalo mayela noku. Kanti nithetha eningakwaziyo na ngoAllâh
قُلْ إِنَّ الَّذِينَ يَفْتَرُونَ عَلَى اللَّهِ الْكَذِبَ لَا يُفْلِحُونَ (69)
Yithi: “Inene, abo baqamba ubuxoki ngoAllâh asokuze babe nempumelelo.”
مَتَاعٌ فِي الدُّنْيَا ثُمَّ إِلَيْنَا مَرْجِعُهُمْ ثُمَّ نُذِيقُهُمُ الْعَذَابَ الشَّدِيدَ بِمَا كَانُوا يَكْفُرُونَ (70)
Lulonwabo lwexeshana olwalo mhlaba! Ukanti kuThi kulapho baza kubuyela khona, Size Sibenze bangcamle isohlwayo sesingcungcuthekiso esibuhlungu kuba baye bala ukukholwa (kuAllâh)
۞ وَاتْلُ عَلَيْهِمْ نَبَأَ نُوحٍ إِذْ قَالَ لِقَوْمِهِ يَا قَوْمِ إِن كَانَ كَبُرَ عَلَيْكُم مَّقَامِي وَتَذْكِيرِي بِآيَاتِ اللَّهِ فَعَلَى اللَّهِ تَوَكَّلْتُ فَأَجْمِعُوا أَمْرَكُمْ وَشُرَكَاءَكُمْ ثُمَّ لَا يَكُنْ أَمْرُكُمْ عَلَيْكُمْ غُمَّةً ثُمَّ اقْضُوا إِلَيَّ وَلَا تُنظِرُونِ (71)
Ke kaloku bacengcelezele iindaba zikaNûh xa wathi kubantu bakubo: “Hini na bantu bakuthi, ukuba ngaba ukuhlala kwam (nani), nokunikhumbuza kwam ngeeVesi zika-Allâh kuyaninzimela, mna ke ndibeka ithemba lam kuAllâh. Qulunqani icebo lenu ke, nina ndawonye namahlulelane enu, nize nenze elo cebo lenu lingabi nakuthandabuzeka kuni, nize kananjalo niwise isigwebo senu kum, ningandimeli nokundimela
فَإِن تَوَلَّيْتُمْ فَمَا سَأَلْتُكُم مِّنْ أَجْرٍ ۖ إِنْ أَجْرِيَ إِلَّا عَلَى اللَّهِ ۖ وَأُمِرْتُ أَنْ أَكُونَ مِنَ الْمُسْلِمِينَ (72)
“Kodwa ukuba niyajibilika (ekukholweni), mna ke akukho ntlawulo ndikhe ndayibiza kuni; umvuzo wam ukuAllâh kuphela, yaye mna ndiyalelwe ukuba ndibe ngomnye wamaMuslim.”
فَكَذَّبُوهُ فَنَجَّيْنَاهُ وَمَن مَّعَهُ فِي الْفُلْكِ وَجَعَلْنَاهُمْ خَلَائِفَ وَأَغْرَقْنَا الَّذِينَ كَذَّبُوا بِآيَاتِنَا ۖ فَانظُرْ كَيْفَ كَانَ عَاقِبَةُ الْمُنذَرِينَ (73)
Bamphikisa bona, kodwa Samsindisa yena nabo babekunye naye enqanaweni, Saza Senza ukuba izizukulwana zifike emva kwezinye, lo gama Sabatshonisa (emanzini) abo babephika iiVesi zeThu. Khangela ke ukuba saba njani na isiphelo sabo babelunyukisiwe
ثُمَّ بَعَثْنَا مِن بَعْدِهِ رُسُلًا إِلَىٰ قَوْمِهِمْ فَجَاءُوهُم بِالْبَيِّنَاتِ فَمَا كَانُوا لِيُؤْمِنُوا بِمَا كَذَّبُوا بِهِ مِن قَبْلُ ۚ كَذَٰلِكَ نَطْبَعُ عَلَىٰ قُلُوبِ الْمُعْتَدِينَ (74)
Emva kwakhe Sathumela abaProfeti kubantu bakubo. Beza nemiqondiso ecacileyo kubo, kodwa abakholwa koko babesele bekwalile kwangaphambili. Sizitywina ngolo hlobo ke iintliziyo zabagabadeli
ثُمَّ بَعَثْنَا مِن بَعْدِهِم مُّوسَىٰ وَهَارُونَ إِلَىٰ فِرْعَوْنَ وَمَلَئِهِ بِآيَاتِنَا فَاسْتَكْبَرُوا وَكَانُوا قَوْمًا مُّجْرِمِينَ (75)
Emva kwabo Sathumela uMûsâ noHârûm nemiqondiso yeThu kuFir’awn neenkosi zakhe kodwa basuka bakhukhumala baba ngabenzi bobubi
فَلَمَّا جَاءَهُمُ الْحَقُّ مِنْ عِندِنَا قَالُوا إِنَّ هَٰذَا لَسِحْرٌ مُّبِينٌ (76)
Ke kaloku yathi isakufika inyaniso kubo ivela kuthi, bathi: “Oku inene ngumlingo.”
قَالَ مُوسَىٰ أَتَقُولُونَ لِلْحَقِّ لَمَّا جَاءَكُمْ ۖ أَسِحْرٌ هَٰذَا وَلَا يُفْلِحُ السَّاحِرُونَ (77)
UMûsâ wathi: “Nithetha (loo nto na) ngenyaniso ekubeni ukuba ifikile kuni? (Nithi) ngumlingo lo? Kodwa abenzi bemilingo abasokuze baphumelele.”
قَالُوا أَجِئْتَنَا لِتَلْفِتَنَا عَمَّا وَجَدْنَا عَلَيْهِ آبَاءَنَا وَتَكُونَ لَكُمَا الْكِبْرِيَاءُ فِي الْأَرْضِ وَمَا نَحْنُ لَكُمَا بِمُؤْمِنِينَ (78)
Bathi bona: “Wena uze kuthi ukuba usijike enkolweni esafumana oobawo belandela yona, khon’ukuze nina nobabini nibe nobukhulu ezweni? Asiyi kunikholelwa ke thina!”
وَقَالَ فِرْعَوْنُ ائْتُونِي بِكُلِّ سَاحِرٍ عَلِيمٍ (79)
Waza uFir’awn wathi: Ndiziseleni abenzi bemilingo abaziincutshe ekwenzeni ubugqi.”
فَلَمَّا جَاءَ السَّحَرَةُ قَالَ لَهُم مُّوسَىٰ أَلْقُوا مَا أَنتُم مُّلْقُونَ (80)
Ekufikeni kwabenzi bemilingo, uMûsâ wathi kubo: “Julani phantsi ke oko nifuna ukukujula”
فَلَمَّا أَلْقَوْا قَالَ مُوسَىٰ مَا جِئْتُم بِهِ السِّحْرُ ۖ إِنَّ اللَّهَ سَيُبْطِلُهُ ۖ إِنَّ اللَّهَ لَا يُصْلِحُ عَمَلَ الْمُفْسِدِينَ (81)
Besakuba bejulile, uMûsâ wathi: “Oku nize nako nina yimilingo, uAllâh Uza kuyenza ingabi nto yanto. Inene uAllâh Akayenzi mihle imisebenzi yabangcolileyo
وَيُحِقُّ اللَّهُ الْحَقَّ بِكَلِمَاتِهِ وَلَوْ كَرِهَ الْمُجْرِمُونَ (82)
Kananjalo uAllâh Uza kumisela, Enze ibonakale inyaniso ngaMazwi aKhe enokuba abenzi bobubi bakuchase kangakanani na oko.”
فَمَا آمَنَ لِمُوسَىٰ إِلَّا ذُرِّيَّةٌ مِّن قَوْمِهِ عَلَىٰ خَوْفٍ مِّن فِرْعَوْنَ وَمَلَئِهِمْ أَن يَفْتِنَهُمْ ۚ وَإِنَّ فِرْعَوْنَ لَعَالٍ فِي الْأَرْضِ وَإِنَّهُ لَمِنَ الْمُسْرِفِينَ (83)
Kodwa akuzanga kubekho namnye kubo owakholwayo kuMûsâ ngaphandle kwenzala yabantu bakubo, ngenxa yokoyikauFir’awnneenkosizakhe, ukubahlezeabatshutshise, yaye inene uFir’awn wayesisikhukhumali somcinezeli ehlabathini, Yena waye engumenzi wobubi wokwenene
وَقَالَ مُوسَىٰ يَا قَوْمِ إِن كُنتُمْ آمَنتُم بِاللَّهِ فَعَلَيْهِ تَوَكَّلُوا إِن كُنتُم مُّسْلِمِينَ (84)
UMûsâ wathi: “Hini na bantu bakuthi! Ukuba niyakholwa kuAllâh bekani ithemba lenu kuYe ukuba ningamaMuslim.”
فَقَالُوا عَلَى اللَّهِ تَوَكَّلْنَا رَبَّنَا لَا تَجْعَلْنَا فِتْنَةً لِّلْقَوْمِ الظَّالِمِينَ (85)
Bathi bona! “Ithemba lethu silibeka kuAllâh. Nkosi yethu! Senze singatshutshiswa (ngaba) bantu bangabacinezeli
وَنَجِّنَا بِرَحْمَتِكَ مِنَ الْقَوْمِ الْكَافِرِينَ (86)
Usisindise ngeNceba yaKho (kwaba) bantu bangakholwayo.”
وَأَوْحَيْنَا إِلَىٰ مُوسَىٰ وَأَخِيهِ أَن تَبَوَّآ لِقَوْمِكُمَا بِمِصْرَ بُيُوتًا وَاجْعَلُوا بُيُوتَكُمْ قِبْلَةً وَأَقِيمُوا الصَّلَاةَ ۗ وَبَشِّرِ الْمُؤْمِنِينَ (87)
Satyhila kuMûsâ nomntakwabo okokuba: “Bonelelani abantu benu eYiphutha ngeendawo zokuhlala, nizenze iindawo ezo zenu zokuhlala zibe zizindlu zokunqulela kwenu, nenze iSâlah, nivakalise iindaba ezivuyisayo kumakholwa.”
وَقَالَ مُوسَىٰ رَبَّنَا إِنَّكَ آتَيْتَ فِرْعَوْنَ وَمَلَأَهُ زِينَةً وَأَمْوَالًا فِي الْحَيَاةِ الدُّنْيَا رَبَّنَا لِيُضِلُّوا عَن سَبِيلِكَ ۖ رَبَّنَا اطْمِسْ عَلَىٰ أَمْوَالِهِمْ وَاشْدُدْ عَلَىٰ قُلُوبِهِمْ فَلَا يُؤْمِنُوا حَتَّىٰ يَرَوُا الْعَذَابَ الْأَلِيمَ (88)
Wathi uMûsâ: O Nkosi! Wena Uphe uFir’awn neenkosi zakhe ubunewunewu nobutyebi bobomi beli hlabathi, Nkosi yethu! Ngabo obo (butyebi babo) balahlekise abantu eNdleleni yaKho. Nkosi yethu! Butshabalalise ubutyebi babo, Uqaqadekise iintliziyo zabo, khona ukuze bangakholwa de babone isohlwayo esibuhlungu.”
قَالَ قَدْ أُجِيبَت دَّعْوَتُكُمَا فَاسْتَقِيمَا وَلَا تَتَّبِعَانِّ سَبِيلَ الَّذِينَ لَا يَعْلَمُونَ (89)
UAllâh Wathi: “Inene isicelo senu nobabini samkelekile. Ke nina nobabini hlalani niseNdleleni ethe Tye, ningalandeli indlela yabo bangazi nto
۞ وَجَاوَزْنَا بِبَنِي إِسْرَائِيلَ الْبَحْرَ فَأَتْبَعَهُمْ فِرْعَوْنُ وَجُنُودُهُ بَغْيًا وَعَدْوًا ۖ حَتَّىٰ إِذَا أَدْرَكَهُ الْغَرَقُ قَالَ آمَنتُ أَنَّهُ لَا إِلَٰهَ إِلَّا الَّذِي آمَنَتْ بِهِ بَنُو إِسْرَائِيلَ وَأَنَا مِنَ الْمُسْلِمِينَ (90)
Saza sabathabatha aBantwana bakwaSirayeli Sabaweza ulwandle, UFir’awn nomkhosi wakhe wabalandela nengcinezelo nobutshaba, de wafunyanwa kukurhaxwa, (waqala) wathi: “Ndiyakholwa okokuba akakho omnye ofanelwe kukunqulwa ngaphandle kwaKhe (uAllâh) loWo aBantwana bakwaSirayeli bakholwa kuYe, yaye mna ndingomnye wamaMuslim.”
آلْآنَ وَقَدْ عَصَيْتَ قَبْلُ وَكُنتَ مِنَ الْمُفْسِدِينَ (91)
(Kwathiwa kuye) “Ngoku (kungona ukholwayo) lo gama ubusele walile ukukholwa ngaphambili, ungumenzi wobubi
فَالْيَوْمَ نُنَجِّيكَ بِبَدَنِكَ لِتَكُونَ لِمَنْ خَلْفَكَ آيَةً ۚ وَإِنَّ كَثِيرًا مِّنَ النَّاسِ عَنْ آيَاتِنَا لَغَافِلُونَ (92)
Ke namhlanje Siya kusikhuphela ngaphandle kolwandle isidumbu sakho khon’ukuze ube ngumqondiso kwabo baza kulandela emva kwakho!” Kananjalo inene baninzi ebantwini abangayinanziyo imiqondiso yeThu.”
وَلَقَدْ بَوَّأْنَا بَنِي إِسْرَائِيلَ مُبَوَّأَ صِدْقٍ وَرَزَقْنَاهُم مِّنَ الطَّيِّبَاتِ فَمَا اخْتَلَفُوا حَتَّىٰ جَاءَهُمُ الْعِلْمُ ۚ إِنَّ رَبَّكَ يَقْضِي بَيْنَهُمْ يَوْمَ الْقِيَامَةِ فِيمَا كَانُوا فِيهِ يَخْتَلِفُونَ (93)
Ke kaloku Thina Sazinzisa aBantwana bakwaSirayeli kwiindawo ezihloniphekileyo zokuhlala, Sabapha izinto ezilungileyo
فَإِن كُنتَ فِي شَكٍّ مِّمَّا أَنزَلْنَا إِلَيْكَ فَاسْأَلِ الَّذِينَ يَقْرَءُونَ الْكِتَابَ مِن قَبْلِكَ ۚ لَقَدْ جَاءَكَ الْحَقُّ مِن رَّبِّكَ فَلَا تَكُونَنَّ مِنَ الْمُمْتَرِينَ (94)
Ke ukuba uyathandabuza wena (Muhammad) malunga noko Sikutyhile kuwe, buza kwabo bafunda iNcwadi (iTorah neVangeli) ngaphambili kunawe. Inene inyaniso ifikile kuwe ivela eNkosini yakho, musa ukuba ngomnye wabo bayithandabuzayo
وَلَا تَكُونَنَّ مِنَ الَّذِينَ كَذَّبُوا بِآيَاتِ اللَّهِ فَتَكُونَ مِنَ الْخَاسِرِينَ (95)
Uze kananjalo ungabi ngomnye wabo baphika iiVesi zika- Allâh, kuba uya kuba ngomnye wabalahlekelwa
إِنَّ الَّذِينَ حَقَّتْ عَلَيْهِمْ كَلِمَتُ رَبِّكَ لَا يُؤْمِنُونَ (96)
Inene abo iLizwi leNkosi yakho (uAllâh) ligwetyelwa ngakhona, abayi kukholwa
وَلَوْ جَاءَتْهُمْ كُلُّ آيَةٍ حَتَّىٰ يَرَوُا الْعَذَابَ الْأَلِيمَ (97)
Enokuba imiqondiso yonke ibinokuza yonke kubo, de babone isohlwayo esibuhlungu
فَلَوْلَا كَانَتْ قَرْيَةٌ آمَنَتْ فَنَفَعَهَا إِيمَانُهَا إِلَّا قَوْمَ يُونُسَ لَمَّا آمَنُوا كَشَفْنَا عَنْهُمْ عَذَابَ الْخِزْيِ فِي الْحَيَاةِ الدُّنْيَا وَمَتَّعْنَاهُمْ إِلَىٰ حِينٍ (98)
Ingaba sasikhe sakho isixeko esasikhe sakholwa lwaza ukholo lwaso lwasisindisa ngaphandle kwabantu bakuloYûnus, abakholwayo, Saza Sasirhoxisa isohlwayo esingcungcuthekisayo phezu kwabo, esilihlazo kobu bomi beli hlabathi, eSabavumela ukuba babonwabele okwethutyana
وَلَوْ شَاءَ رَبُّكَ لَآمَنَ مَن فِي الْأَرْضِ كُلُّهُمْ جَمِيعًا ۚ أَفَأَنتَ تُكْرِهُ النَّاسَ حَتَّىٰ يَكُونُوا مُؤْمِنِينَ (99)
Ukanti ukuba iNkosi yakho Yayithandile, abo basemhlabeni ngesele bakholwa bonke, ingaba wena (Muhammad) uza kubanyanzela na abantu, bakholwe ngetshova
وَمَا كَانَ لِنَفْسٍ أَن تُؤْمِنَ إِلَّا بِإِذْنِ اللَّهِ ۚ وَيَجْعَلُ الرِّجْسَ عَلَى الَّذِينَ لَا يَعْقِلُونَ (100)
Ayikokwamntu ukukholwa ngaphandle kwemvume ka- Allâh, yaye Yena Uza kuthoba ingqumbo yaKhe kwabo bangakhathaliyo
قُلِ انظُرُوا مَاذَا فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۚ وَمَا تُغْنِي الْآيَاتُ وَالنُّذُرُ عَن قَوْمٍ لَّا يُؤْمِنُونَ (101)
Yithi: “Yabonani! Konke okusemazulwini nasemhlabeni (kokuka-Allâh)”. Kodwa akukho Vesi naMlumkisi ungaba luncedo kwabo bangakholwayo
فَهَلْ يَنتَظِرُونَ إِلَّا مِثْلَ أَيَّامِ الَّذِينَ خَلَوْا مِن قَبْلِهِمْ ۚ قُلْ فَانتَظِرُوا إِنِّي مَعَكُم مِّنَ الْمُنتَظِرِينَ (102)
Ke kaloku ingaba kusekho nto abasayilindileyo iyenye ngaphandle (kwentshabalalo) enjengeemini zabantu abadlulayo ngaphambi kwabo? Yithi ke wena: “ Lindani kaloku nam oku kwam ndilindile kunye nabo balindileyo.”
ثُمَّ نُنَجِّي رُسُلَنَا وَالَّذِينَ آمَنُوا ۚ كَذَٰلِكَ حَقًّا عَلَيْنَا نُنجِ الْمُؤْمِنِينَ (103)
Ke kaloku (ekugqibeleni) Samsindisa uMthunywa weThu kunye nabo bakholwayo! Kuyimfanelo enjalo ke kuThi ukusindisa amakholwa
قُلْ يَا أَيُّهَا النَّاسُ إِن كُنتُمْ فِي شَكٍّ مِّن دِينِي فَلَا أَعْبُدُ الَّذِينَ تَعْبُدُونَ مِن دُونِ اللَّهِ وَلَٰكِنْ أَعْبُدُ اللَّهَ الَّذِي يَتَوَفَّاكُمْ ۖ وَأُمِرْتُ أَنْ أَكُونَ مِنَ الْمُؤْمِنِينَ (104)
Yithi (Muhammad): “Hini na bantu! Ukuba nineentandabuzo mayela neNkolo yam [i-Islam, (kwazini kakuhle)] ke okokuba mna andisokuze ndizinqule ezo zinto nizinqulayo nina ngaphandle koAllâh, kodwa mna ndiya kunqula uAllah ekunguYe Onenza nife, yaye mna ndiyalelwe ukuba ndibe ngomnye wamakholwa
وَأَنْ أَقِمْ وَجْهَكَ لِلدِّينِ حَنِيفًا وَلَا تَكُونَنَّ مِنَ الْمُشْرِكِينَ (105)
Ke kaloku wena (Muhammad) bhekisa ubuso bakho ngqo kwinkolo yobuHanîfa, ungaze ube ngomnye wabakhonzi bezithixo
وَلَا تَدْعُ مِن دُونِ اللَّهِ مَا لَا يَنفَعُكَ وَلَا يَضُرُّكَ ۖ فَإِن فَعَلْتَ فَإِنَّكَ إِذًا مِّنَ الظَّالِمِينَ (106)
Ungabizi kwenye into ngaphandle koAllâh engayi kukunceda, ingazi kukonzakalisa nokonzakalisa kodwa ukuba ukhe wayenza into enjalo, inene wena uya kuba ngomnye wabalahlekelwa
وَإِن يَمْسَسْكَ اللَّهُ بِضُرٍّ فَلَا كَاشِفَ لَهُ إِلَّا هُوَ ۖ وَإِن يُرِدْكَ بِخَيْرٍ فَلَا رَادَّ لِفَضْلِهِ ۚ يُصِيبُ بِهِ مَن يَشَاءُ مِنْ عِبَادِهِ ۚ وَهُوَ الْغَفُورُ الرَّحِيمُ (107)
Xa uAllâh Enokukuchika, ngobuhlungu akukho bani onokubususa (kuwe) ngaphandle kwaKhe, kananjalo ukuba Yena Uthe Wathanda ukukwenzela okulungileyo wena, akukho bani unokususa uBabalo lwaKhe Alwenze lwafikelela kulowo wezicaka zaKhe Athande (ukuba lufikelele kuye). Yaye Yena nguMxoleli, uSozinceba
قُلْ يَا أَيُّهَا النَّاسُ قَدْ جَاءَكُمُ الْحَقُّ مِن رَّبِّكُمْ ۖ فَمَنِ اهْتَدَىٰ فَإِنَّمَا يَهْتَدِي لِنَفْسِهِ ۖ وَمَن ضَلَّ فَإِنَّمَا يَضِلُّ عَلَيْهَا ۖ وَمَا أَنَا عَلَيْكُم بِوَكِيلٍ (108)
Yithi: “Hini na bantu! Ngoku inyaniso ifikile kuni ivela eNkosini yenu. Nabani na ke lowo uzuze isiKhokelo, oko ukwenzela isiqu sakhe, nalowo ulahlekayo, oko ukwenzela ilahleko yesiqu sakhe; ke mna andimanga phezu kwenu njengomlondolozi wenu”
وَاتَّبِعْ مَا يُوحَىٰ إِلَيْكَ وَاصْبِرْ حَتَّىٰ يَحْكُمَ اللَّهُ ۚ وَهُوَ خَيْرُ الْحَاكِمِينَ (109)
Kananjalo wena (Muhammad) landela isiTyhilelo esityhilwe kuwe, ube nomonde, Ade uAllâh Awise uMgwebo yaye Yena ngoYena Mgwebi Ulungileyo kubagwebi
❮ السورة السابقة السورة التـالية ❯

قراءة المزيد من سور القرآن الكريم :

1- الفاتحة2- البقرة3- آل عمران
4- النساء5- المائدة6- الأنعام
7- الأعراف8- الأنفال9- التوبة
10- يونس11- هود12- يوسف
13- الرعد14- إبراهيم15- الحجر
16- النحل17- الإسراء18- الكهف
19- مريم20- طه21- الأنبياء
22- الحج23- المؤمنون24- النور
25- الفرقان26- الشعراء27- النمل
28- القصص29- العنكبوت30- الروم
31- لقمان32- السجدة33- الأحزاب
34- سبأ35- فاطر36- يس
37- الصافات38- ص39- الزمر
40- غافر41- فصلت42- الشورى
43- الزخرف44- الدخان45- الجاثية
46- الأحقاف47- محمد48- الفتح
49- الحجرات50- ق51- الذاريات
52- الطور53- النجم54- القمر
55- الرحمن56- الواقعة57- الحديد
58- المجادلة59- الحشر60- الممتحنة
61- الصف62- الجمعة63- المنافقون
64- التغابن65- الطلاق66- التحريم
67- الملك68- القلم69- الحاقة
70- المعارج71- نوح72- الجن
73- المزمل74- المدثر75- القيامة
76- الإنسان77- المرسلات78- النبأ
79- النازعات80- عبس81- التكوير
82- الإنفطار83- المطففين84- الانشقاق
85- البروج86- الطارق87- الأعلى
88- الغاشية89- الفجر90- البلد
91- الشمس92- الليل93- الضحى
94- الشرح95- التين96- العلق
97- القدر98- البينة99- الزلزلة
100- العاديات101- القارعة102- التكاثر
103- العصر104- الهمزة105- الفيل
106- قريش107- الماعون108- الكوثر
109- الكافرون110- النصر111- المسد
112- الإخلاص113- الفلق114- الناس