×

سورة الحجر باللغة الكسوزا

ترجمات القرآنباللغة الكسوزا ⬅ سورة الحجر

ترجمة معاني سورة الحجر باللغة الكسوزا - Xhosa

القرآن باللغة الكسوزا - سورة الحجر مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah Hijr in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة الحجر باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 99 - رقم السورة 15 - الصفحة 262.

بسم الله الرحمن الرحيم

الر ۚ تِلْكَ آيَاتُ الْكِتَابِ وَقُرْآنٍ مُّبِينٍ (1)
Alif-Lâm-Râ. Ezi ziiVesi zeNcwadi yaye ziyi’Kur’ân ecacileyo
رُّبَمَا يَوَدُّ الَّذِينَ كَفَرُوا لَوْ كَانُوا مُسْلِمِينَ (2)
Kuya kuba kangakanani na kwabo bangakholwayo ukunqwenela ukuba akwaba babengamaMuslim (ngoMhla woVuko)
ذَرْهُمْ يَأْكُلُوا وَيَتَمَتَّعُوا وَيُلْهِهِمُ الْأَمَلُ ۖ فَسَوْفَ يَعْلَمُونَ (3)
Bayeke ke batye, bonwabe, bazilibazise ngamathemba (obuxoki). Kungekudala baza kwazi
وَمَا أَهْلَكْنَا مِن قَرْيَةٍ إِلَّا وَلَهَا كِتَابٌ مَّعْلُومٌ (4)
ASizanga Sitshabalalise nasiphi na isixeko kungekho mmiselo waso waziwayo
مَّا تَسْبِقُ مِنْ أُمَّةٍ أَجَلَهَا وَمَا يَسْتَأْخِرُونَ (5)
Akukho sizwe sinokwenza ixesha laso esilibekelweyo likhawuleze okanye libuyiselwe umva
وَقَالُوا يَا أَيُّهَا الَّذِي نُزِّلَ عَلَيْهِ الذِّكْرُ إِنَّكَ لَمَجْنُونٌ (6)
Kananjalo bathi: “Hini na (Muhammad) iDthikr2 ithunyelwe kubani na? Inene wena ushiywa ziingqondo
لَّوْ مَا تَأْتِينَا بِالْمَلَائِكَةِ إِن كُنتَ مِنَ الصَّادِقِينَ (7)
Kutheni kaloku ungakhe uze neengelosi kuthi ukuba uthetha inyaniso?”
مَا نُنَزِّلُ الْمَلَائِكَةَ إِلَّا بِالْحَقِّ وَمَا كَانُوا إِذًا مُّنظَرِينَ (8)
Thina Asizithumeli iingelosi zihle phantsi ngaphandle kokuba zizise inyaniso (isohlwayo) Yaye Sisakwenza njalo) akuyi kubakho kurhoxiswa kwasohlwayo (kubantu abangakholwayo)
إِنَّا نَحْنُ نَزَّلْنَا الذِّكْرَ وَإِنَّا لَهُ لَحَافِظُونَ (9)
Inene Sithi kanye abathumele iDthikr (i’Kur’ân kwaye Siza kuyilondoloza ngokwenene (ekoniweni)
وَلَقَدْ أَرْسَلْنَا مِن قَبْلِكَ فِي شِيَعِ الْأَوَّلِينَ (10)
Inene Thina Sathumela (abaProfeti) ngaphambili kunawe (Muhammad) kubantu ngabantu bamandulo
وَمَا يَأْتِيهِم مِّن رَّسُولٍ إِلَّا كَانُوا بِهِ يَسْتَهْزِئُونَ (11)
Ke kaloku akukho Mprofeti abakha bangamgculeli akufika kubo
كَذَٰلِكَ نَسْلُكُهُ فِي قُلُوبِ الْمُجْرِمِينَ (12)
Sibenza bungene kanjalo ke (ubuhedeni) ezintliziyweni zabenzi bobubi
لَا يُؤْمِنُونَ بِهِ ۖ وَقَدْ خَلَتْ سُنَّةُ الْأَوَّلِينَ (13)
Abakholwa kuyo (i’Kur’ân) kanti ke umzekelo (woko kwenziwa kwabamandulo sele ufikelele (elwazini lwabo)
وَلَوْ فَتَحْنَا عَلَيْهِم بَابًا مِّنَ السَّمَاءِ فَظَلُّوا فِيهِ يَعْرُجُونَ (14)
Kanti nokuba beSingade Sibavulele isango ezulwini emabangene ngalo, baze bamane ukungena ngalo (imini yonke)
لَقَالُوا إِنَّمَا سُكِّرَتْ أَبْصَارُنَا بَلْ نَحْنُ قَوْمٌ مَّسْحُورُونَ (15)
Ngokungathandabuzekiyo (ukutshona kwelanga) bebeza kuthi: “Amehlo ethu (anokuba) ebephanyakile (besingaboni zingelosi okanye izulu thina) koko besithakathiwe.”
وَلَقَدْ جَعَلْنَا فِي السَّمَاءِ بُرُوجًا وَزَيَّنَّاهَا لِلنَّاظِرِينَ (16)
Inene Thina Sibeke iinkwenkwezi ezinkulu ezulwini, Salihombisa kwabalibukeleyo
وَحَفِظْنَاهَا مِن كُلِّ شَيْطَانٍ رَّجِيمٍ (17)
Yaye Sililondolozile kuye nawuphi na uShaytân owaqalekiswayo
إِلَّا مَنِ اسْتَرَقَ السَّمْعَ فَأَتْبَعَهُ شِهَابٌ مُّبِينٌ (18)
Ngaphandle kwaloo (Shaytân) uye aye kubisa, aphulaphule aze aleqwe ngedangatya lomlilo ovuthayo
وَالْأَرْضَ مَدَدْنَاهَا وَأَلْقَيْنَا فِيهَا رَوَاسِيَ وَأَنبَتْنَا فِيهَا مِن كُلِّ شَيْءٍ مَّوْزُونٍ (19)
Kanti wona umhlaba Siwandlalile, Sabeka apho kuwo iintaba, Senza ukuba kuhlume zonke iitlobo-ntlobo zezinto zaba ngomlinganiselo oqingqiweyo
وَجَعَلْنَا لَكُمْ فِيهَا مَعَايِشَ وَمَن لَّسْتُمْ لَهُ بِرَازِقِينَ (20)
Kananjalo apho Sinike iimbonelelo ngendlela yokuphila kwenu nezo zinto zingabonelelwa nini (izilwanyana eziphilayo, iinkomo izinambuzane njl-njl)
وَإِن مِّن شَيْءٍ إِلَّا عِندَنَا خَزَائِنُهُ وَمَا نُنَزِّلُهُ إِلَّا بِقَدَرٍ مَّعْلُومٍ (21)
Yaye akukho nanye into engenawo umsindleko wayo kuThi, kananjalo aSiwuthumeli kuyo ngaphandle komlinganiselo owaziwayo
وَأَرْسَلْنَا الرِّيَاحَ لَوَاقِحَ فَأَنزَلْنَا مِنَ السَّمَاءِ مَاءً فَأَسْقَيْنَاكُمُوهُ وَمَا أَنتُمْ لَهُ بِخَازِنِينَ (22)
Ke kaloku Thina Sithumela imimoya echumisayo, Size Senze amanzi (emvula) ehle esibhakabhakeni, Siwanike nina nisele, ayinini ke abanini vimba bawo
وَإِنَّا لَنَحْنُ نُحْيِي وَنُمِيتُ وَنَحْنُ الْوَارِثُونَ (23)
Kananjalo inene SiThi kanye abanika ubomi, Senze nokufa, yaye Thina Siziindlalifa
وَلَقَدْ عَلِمْنَا الْمُسْتَقْدِمِينَ مِنكُمْ وَلَقَدْ عَلِمْنَا الْمُسْتَأْخِرِينَ (24)
Inene Thina Siyazazi izizukulwana zokuqala zenu ezadlulayo, Siyasazi kananjalo esi sizukulwana senu sikhoyo, ukanti Siyazazi nezisezayo, emva kwenu
وَإِنَّ رَبَّكَ هُوَ يَحْشُرُهُمْ ۚ إِنَّهُ حَكِيمٌ عَلِيمٌ (25)
Inene iNkosi yakho Iza kubaqokelela ndaweninye bonke. Inene Yona nguSobulumko, uSolwazi
وَلَقَدْ خَلَقْنَا الْإِنسَانَ مِن صَلْصَالٍ مِّنْ حَمَإٍ مَّسْنُونٍ (26)
Kananjalo Samdala umntu ngodongwe olomileyo olwajikwa lwaba ludaka
وَالْجَانَّ خَلَقْنَاهُ مِن قَبْلُ مِن نَّارِ السَّمُومِ (27)
Zona iiJinni, Sazidala ngaphambili (kunomntu) ngomlilo ongenamsi
وَإِذْ قَالَ رَبُّكَ لِلْمَلَائِكَةِ إِنِّي خَالِقٌ بَشَرًا مِّن صَلْصَالٍ مِّنْ حَمَإٍ مَّسْنُونٍ (28)
Yabona! INkosi yakho Yathi kwiingelosi: “Ndiza kudala umntu ngodongwe olomileyo olwenziwe udaka
فَإِذَا سَوَّيْتُهُ وَنَفَخْتُ فِيهِ مِن رُّوحِي فَقَعُوا لَهُ سَاجِدِينَ (29)
Ndakuba Ndimgqibile ngokupheleleyo, Ndamphefumlela ngomoya eNdiwudalele yena, nina niya kuguqa phantsi niqubude kuye.”
فَسَجَدَ الْمَلَائِكَةُ كُلُّهُمْ أَجْمَعُونَ (30)
Ke kaloku iingelosi zaqubuda zonke kuye
إِلَّا إِبْلِيسَ أَبَىٰ أَن يَكُونَ مَعَ السَّاجِدِينَ (31)
Kwasala uIblîs (uSathana)! Yena wala ukuba ngomnye wabo baqubudayo
قَالَ يَا إِبْلِيسُ مَا لَكَ أَلَّا تَكُونَ مَعَ السَّاجِدِينَ (32)
(UAllâh) Wathi: “Hini na Iblîs! Kungani na wena ukuba ungabi ngomnye wabo baqubudayo?”
قَالَ لَمْ أَكُن لِّأَسْجُدَ لِبَشَرٍ خَلَقْتَهُ مِن صَلْصَالٍ مِّنْ حَمَإٍ مَّسْنُونٍ (33)
(UIblîs) wathi: “Mna andinguye onokuqubuda emntwini, Omdale ngodongwe olomileyo olwenziwe udaka.”
قَالَ فَاخْرُجْ مِنْهَا فَإِنَّكَ رَجِيمٌ (34)
Wathi (uAllâh): “Phuma umke apha kuba inene wena , ungoqalekisiweyo
وَإِنَّ عَلَيْكَ اللَّعْنَةَ إِلَىٰ يَوْمِ الدِّينِ (35)
Kwaye inene wena isiqalekiso siya kuba phezu kwakho kude kube yiMini yoVuko (lwabafileyo).”
قَالَ رَبِّ فَأَنظِرْنِي إِلَىٰ يَوْمِ يُبْعَثُونَ (36)
(UIblîs) wathi: “O Nkosi yam! Ndirhoxisele isohlwayo kude kube yiMini yoVuko (lwabafileyo).”
قَالَ فَإِنَّكَ مِنَ الْمُنظَرِينَ (37)
Wathi uAllâh: “Ngoko ke ungomnye wabo barhoxiselweyo isohlwayo sabo
إِلَىٰ يَوْمِ الْوَقْتِ الْمَعْلُومِ (38)
Kude kube yiMini etyunjiweyo,”
قَالَ رَبِّ بِمَا أَغْوَيْتَنِي لَأُزَيِّنَنَّ لَهُمْ فِي الْأَرْضِ وَلَأُغْوِيَنَّهُمْ أَجْمَعِينَ (39)
Wathi: (uIblîs: “O Nkosi yam! Ngenxa yokuba Undibeke ekulahlekeni, inene mna ndiya kuyihombisa indlela eya ekulahlekeni kubo (abantu) emhlabeni, yaye ndiya kubalahlekisa bonke
إِلَّا عِبَادَكَ مِنْهُمُ الْمُخْلَصِينَ (40)
Ngaphandle kwezicaka zakho ezinyanisekileyo kubo.”
قَالَ هَٰذَا صِرَاطٌ عَلَيَّ مُسْتَقِيمٌ (41)
(UAllâh) wathi: “Le yiNdlela engqale kuM Ngqo
إِنَّ عِبَادِي لَيْسَ لَكَ عَلَيْهِمْ سُلْطَانٌ إِلَّا مَنِ اتَّبَعَكَ مِنَ الْغَاوِينَ (42)
Inene wena awuyi kuba nagunya phezu kwezicaka zaM, ngaphandle kwabo balandela wena bazii-Ghrâwûn
وَإِنَّ جَهَنَّمَ لَمَوْعِدُهُمْ أَجْمَعِينَ (43)
Yaye isiHogo likhaya labo lesithembiso bonke
لَهَا سَبْعَةُ أَبْوَابٍ لِّكُلِّ بَابٍ مِّنْهُمْ جُزْءٌ مَّقْسُومٌ (44)
Sona (isiHogo) sinamasango asixhenxe, ngalinye kuloo masango kukho udidi (olulodwa lwaboni) olugcinwe apho
إِنَّ الْمُتَّقِينَ فِي جَنَّاتٍ وَعُيُونٍ (45)
Inene bona abaMoyikayo uAllâh baya kuba phakathi eMiyezweni enemithombo yamanzi (ePaladesi)
ادْخُلُوهَا بِسَلَامٍ آمِنِينَ (46)
(Kuya kuthiwa kubo): “Ngenani phakathi ngoxolo, nikhuselekile
وَنَزَعْنَا مَا فِي صُدُورِهِم مِّنْ غِلٍّ إِخْوَانًا عَلَىٰ سُرُرٍ مُّتَقَابِلِينَ (47)
Yaye Thina Siya kususa nasiphi na isixhiba abanaso ezintliziyweni zabo omnye komnye. Baya kuba ngabazalwana, bajongane, ubuso ngobuso, besezihlalweni eziphakamileyo
لَا يَمَسُّهُمْ فِيهَا نَصَبٌ وَمَا هُم مِّنْهَا بِمُخْرَجِينَ (48)
Akukho kudinwa kuya kubafumana bona apho, bengayi kugxothwa nakugxothwa apho
۞ نَبِّئْ عِبَادِي أَنِّي أَنَا الْغَفُورُ الرَّحِيمُ (49)
Vakalisa ke wena (Muhammad) ezicakeni zaM okokuba inene Mna NdinguMxoleli, uSozinceba
وَأَنَّ عَذَابِي هُوَ الْعَذَابُ الْأَلِيمُ (50)
(Ubazise) nokokuba isohlwayo saM sibuhlungu kanobom
وَنَبِّئْهُمْ عَن ضَيْفِ إِبْرَاهِيمَ (51)
Ke kaloku baxelele ngamandwendwe kaIbrâhîm (aye eziingelosi)
إِذْ دَخَلُوا عَلَيْهِ فَقَالُوا سَلَامًا قَالَ إِنَّا مِنكُمْ وَجِلُونَ (52)
Athi akungena kwakhe, athi: “Salâm” (uxolo). UIbrâhîm wathi: “Inene thina siyanoyika.”
قَالُوا لَا تَوْجَلْ إِنَّا نُبَشِّرُكَ بِغُلَامٍ عَلِيمٍ (53)
Athi wona: “Musa ukoyika! “Sikuphathele iindaba ezivuyisayo zomntwana oyinkwenkwe, onolwazi oluninzi nobulumko.”
قَالَ أَبَشَّرْتُمُونِي عَلَىٰ أَن مَّسَّنِيَ الْكِبَرُ فَبِمَ تُبَشِّرُونَ (54)
UIbrâhîm wathi: “Nindiphathele iindaba ezivuyisayo ekubeni ukwaluphala sele kundifumene (kangaka)? Ziyintoni ezo ndaba zenu?”
قَالُوا بَشَّرْنَاكَ بِالْحَقِّ فَلَا تَكُن مِّنَ الْقَانِطِينَ (55)
Athi wona (amandwendwe lawo): “Sikuphathele iindaba ezivuyisayo ngenyaniso, musa ukuba ngomnye wabo bangenathemba.”
قَالَ وَمَن يَقْنَطُ مِن رَّحْمَةِ رَبِّهِ إِلَّا الضَّالُّونَ (56)
UIbrâhîm wathi: “Ngubani na olahla ithemba lenceba yeNkosi yakhe ngaphandle kwalowo ulahlekileyo?”
قَالَ فَمَا خَطْبُكُمْ أَيُّهَا الْمُرْسَلُونَ (57)
(UIbrâhîm wathi): “Kanti uyintoni umbandela enize ngawo kanye kanye nina ziThunywa?”
قَالُوا إِنَّا أُرْسِلْنَا إِلَىٰ قَوْمٍ مُّجْرِمِينَ (58)
Zathi zona: “Thina sithunyelwe kubantu abangabenzi bobubi
إِلَّا آلَ لُوطٍ إِنَّا لَمُنَجُّوهُمْ أَجْمَعِينَ (59)
“Bangcole bonke ngaphandle kosapho lukaLût, lona ke ngokuqinisekileyo siya kulusindisa ekutshatyalalisweni
إِلَّا امْرَأَتَهُ قَدَّرْنَا ۙ إِنَّهَا لَمِنَ الْغَابِرِينَ (60)
Ngaphandle komkakhe, yena lowo sele simisele okokuba uya kuba ngomnye wabo baza kushiyeka ngemva.”
فَلَمَّا جَاءَ آلَ لُوطٍ الْمُرْسَلُونَ (61)
Ke kaloku izithunywa ezo zisakufika kusapho lukaLût
قَالَ إِنَّكُمْ قَوْمٌ مُّنكَرُونَ (62)
Wathi yena: “Inene ningabantu endingabaziyo mna.”
قَالُوا بَلْ جِئْنَاكَ بِمَا كَانُوا فِيهِ يَمْتَرُونَ (63)
Zathi zona: “Yeha! Size kuwe ngeso sohlwayo bebesoloko besithandabuza
وَأَتَيْنَاكَ بِالْحَقِّ وَإِنَّا لَصَادِقُونَ (64)
Kananjalo sikuzisele inyaniso yaye sithetha inyaniso
فَأَسْرِ بِأَهْلِكَ بِقِطْعٍ مِّنَ اللَّيْلِ وَاتَّبِعْ أَدْبَارَهُمْ وَلَا يَلْتَفِتْ مِنكُمْ أَحَدٌ وَامْضُوا حَيْثُ تُؤْمَرُونَ (65)
Ke wena hamba ngenxalenye yobusuku nosapho lwakho, uze wena uhambe ngemva kwalo, maze kungabikho namnye kuni unyeka ngemva koko hambani niye apho niyalelwe ukuba niye khona.”
وَقَضَيْنَا إِلَيْهِ ذَٰلِكَ الْأَمْرَ أَنَّ دَابِرَ هَٰؤُلَاءِ مَقْطُوعٌ مُّصْبِحِينَ (66)
Ke kaloku Thina Sawenza wazeka kuye lo mmiselo wokuba iingcambu zabo bangaboni ziza kuncothulwa ekuseni ngonyezi (kusemyama)
وَجَاءَ أَهْلُ الْمَدِينَةِ يَسْتَبْشِرُونَ (67)
Abemi besixeko (iSodom neGomora) beza bevuya (besakuva ukuba kukho amadodana amahle afikileyo kwaLût, phofu benenjongo ezikukungcola ngawo)
قَالَ إِنَّ هَٰؤُلَاءِ ضَيْفِي فَلَا تَفْضَحُونِ (68)
ULût wathi: “Inene ezi ziindwendwe zam. Musani ukundihlaza kuzo
وَاتَّقُوا اللَّهَ وَلَا تُخْزُونِ (69)
Kananjalo yoyikani uAllâh.”
قَالُوا أَوَلَمْ نَنْهَكَ عَنِ الْعَالَمِينَ (70)
Bathi bona: “Asizanga sikwalele na ukuba wena ungonwabisi okanye ukhusele nabani na endalweni?”
قَالَ هَٰؤُلَاءِ بَنَاتِي إِن كُنتُمْ فَاعِلِينَ (71)
ULût wathi: “Izizo ezi iintombi zam nje (eninokuzitshata), ukuba kunyanzelekile nenze le nto (nifuna ukuyenza)?”
لَعَمْرُكَ إِنَّهُمْ لَفِي سَكْرَتِهِمْ يَعْمَهُونَ (72)
Inene Ndifunga6 ngobomi bakho (Muhammad) ekunxileni kwabo bubundlobongela babo, babefathula ngobumfama
فَأَخَذَتْهُمُ الصَّيْحَةُ مُشْرِقِينَ (73)
Kanye njengoko (abakwaSâlih) bafunyanwa (sisohlwayo) ukuphuma kwelanga
فَجَعَلْنَا عَالِيَهَا سَافِلَهَا وَأَمْطَرْنَا عَلَيْهِمْ حِجَارَةً مِّن سِجِّيلٍ (74)
Sayiphethula (iSodom) yajonga ezantsi Sathulula imvula yamatye odongwe olutshisiweyo phezu kwabo
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَاتٍ لِّلْمُتَوَسِّمِينَ (75)
Inene! Kulo eli (bali) kukho imiqondiso kwabo babonayo
وَإِنَّهَا لَبِسَبِيلٍ مُّقِيمٍ (76)
Kananjalo izixeko ezo zazimi kuhola wendlela (ophakathi kweMakkah neSiriya, ndawo leyo namhlanje yaziwa ngokuba yiDead Sea)
إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً لِّلْمُؤْمِنِينَ (77)
Inene, kwesi sehlo kukho umqondiso kwabakholwayo
وَإِن كَانَ أَصْحَابُ الْأَيْكَةِ لَظَالِمِينَ (78)
Ke kaloku nabemi basezinkunini7 babekwangabagabadeli
فَانتَقَمْنَا مِنْهُمْ وَإِنَّهُمَا لَبِإِمَامٍ مُّبِينٍ (79)
Thina ke Sathabatha impindezelo kubo. Bona (nabaseSodom) ababesendleleni enguhola ukuba babonwe, (bacace) gca
وَلَقَدْ كَذَّبَ أَصْحَابُ الْحِجْرِ الْمُرْسَلِينَ (80)
Kananjalo nabemi basemaweni babaphika abaProfeti
وَآتَيْنَاهُمْ آيَاتِنَا فَكَانُوا عَنْهَا مُعْرِضِينَ (81)
Ke kaloku Sabanika Thina imiqondiso yeThu kodwa abakholwa kuyo
وَكَانُوا يَنْحِتُونَ مِنَ الْجِبَالِ بُيُوتًا آمِنِينَ (82)
Bona babesakha imizi yabo ezintabeni
فَأَخَذَتْهُمُ الصَّيْحَةُ مُصْبِحِينَ (83)
Kodwa sona isohlwayo sabafumana ekuseni ngesifingo
فَمَا أَغْنَىٰ عَنْهُم مَّا كَانُوا يَكْسِبُونَ (84)
Ke kaloku konke ababekusebenzele akuzanga kubancede nganto
وَمَا خَلَقْنَا السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضَ وَمَا بَيْنَهُمَا إِلَّا بِالْحَقِّ ۗ وَإِنَّ السَّاعَةَ لَآتِيَةٌ ۖ فَاصْفَحِ الصَّفْحَ الْجَمِيلَ (85)
Thina ke ASizanga Sidale amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi apho ngaphandle kokuwadalela inyaniso. Kananjalo iYure yona iyeza ngokwenene, ke (wena Muhammad) yiba ngathi awuziboni iziphoso zabo ubuye ngenceba nemfesane (kubo)
إِنَّ رَبَّكَ هُوَ الْخَلَّاقُ الْعَلِيمُ (86)
Inene iNkosi yakho nguMdali, uSolwazi
وَلَقَدْ آتَيْنَاكَ سَبْعًا مِّنَ الْمَثَانِي وَالْقُرْآنَ الْعَظِيمَ (87)
Inene Thina Sikuphe iSab’an minal mathâni8 ne’Kur’ân yonke
لَا تَمُدَّنَّ عَيْنَيْكَ إِلَىٰ مَا مَتَّعْنَا بِهِ أَزْوَاجًا مِّنْهُمْ وَلَا تَحْزَنْ عَلَيْهِمْ وَاخْفِضْ جَنَاحَكَ لِلْمُؤْمِنِينَ (88)
Ke kaloku wena maze amehlo akho angajameli izinto eSiziphe abathile kubo (abangakholwayo), ungabi buhlungu nokuba buhlungu ngazo. Yiba nenceba kwabakholwayo (amaMuslim)
وَقُلْ إِنِّي أَنَا النَّذِيرُ الْمُبِينُ (89)
Yithi kubo (Muhammad): “Mna ndinguMlumkisi ngokusekuhleni
كَمَا أَنزَلْنَا عَلَى الْمُقْتَسِمِينَ (90)
Njengoko Sithumele kubahlula-hluli
الَّذِينَ جَعَلُوا الْقُرْآنَ عِضِينَ (91)
Abenza i’Kur’ân ibe zizahlulo ngezahlulo (bakholwe kwinxalenye yayo bangakholwa kwenye)
فَوَرَبِّكَ لَنَسْأَلَنَّهُمْ أَجْمَعِينَ (92)
Inene (Ndifunga) ngeNkosi yakho (Muhammad), Siza kubabiza bonke beze embuzweni (ngezenzo zabo)
عَمَّا كَانُوا يَعْمَلُونَ (93)
Ngako konke oko bakwenzayo
فَاصْدَعْ بِمَا تُؤْمَرُ وَأَعْرِضْ عَنِ الْمُشْرِكِينَ (94)
Wena ke vakalisa ngaphandle [ungawufihli (uMyalezo ka- Allâh)] lowo uyalelwe ngawo. Uzikhwebule kubakhonzi bezithixo
إِنَّا كَفَيْنَاكَ الْمُسْتَهْزِئِينَ (95)
Inene Thina Siya kukwenza wanele uwedwa ngokuchasene nabagculeli
الَّذِينَ يَجْعَلُونَ مَعَ اللَّهِ إِلَٰهًا آخَرَ ۚ فَسَوْفَ يَعْلَمُونَ (96)
Abayamanisa omnye uthixo kuAllâh, kodwa baza kwazi kungekudala
وَلَقَدْ نَعْلَمُ أَنَّكَ يَضِيقُ صَدْرُكَ بِمَا يَقُولُونَ (97)
Inene, Thina Siyazi okokuba intliziyo yakho icinezelekile ngenxa yoko bakuthethayo
فَسَبِّحْ بِحَمْدِ رَبِّكَ وَكُن مِّنَ السَّاجِدِينَ (98)
Ke wena zukisa ngendumiso iNkosi yakho, ube ngomnye wabo baqubudayo kuYo
وَاعْبُدْ رَبَّكَ حَتَّىٰ يَأْتِيَكَ الْيَقِينُ (99)
Uyinqule iNkosi yakho kananjalo kude kufike isiqinisekiso esiyinyani (ukufa)
❮ السورة السابقة السورة التـالية ❯

قراءة المزيد من سور القرآن الكريم :

1- الفاتحة2- البقرة3- آل عمران
4- النساء5- المائدة6- الأنعام
7- الأعراف8- الأنفال9- التوبة
10- يونس11- هود12- يوسف
13- الرعد14- إبراهيم15- الحجر
16- النحل17- الإسراء18- الكهف
19- مريم20- طه21- الأنبياء
22- الحج23- المؤمنون24- النور
25- الفرقان26- الشعراء27- النمل
28- القصص29- العنكبوت30- الروم
31- لقمان32- السجدة33- الأحزاب
34- سبأ35- فاطر36- يس
37- الصافات38- ص39- الزمر
40- غافر41- فصلت42- الشورى
43- الزخرف44- الدخان45- الجاثية
46- الأحقاف47- محمد48- الفتح
49- الحجرات50- ق51- الذاريات
52- الطور53- النجم54- القمر
55- الرحمن56- الواقعة57- الحديد
58- المجادلة59- الحشر60- الممتحنة
61- الصف62- الجمعة63- المنافقون
64- التغابن65- الطلاق66- التحريم
67- الملك68- القلم69- الحاقة
70- المعارج71- نوح72- الجن
73- المزمل74- المدثر75- القيامة
76- الإنسان77- المرسلات78- النبأ
79- النازعات80- عبس81- التكوير
82- الإنفطار83- المطففين84- الانشقاق
85- البروج86- الطارق87- الأعلى
88- الغاشية89- الفجر90- البلد
91- الشمس92- الليل93- الضحى
94- الشرح95- التين96- العلق
97- القدر98- البينة99- الزلزلة
100- العاديات101- القارعة102- التكاثر
103- العصر104- الهمزة105- الفيل
106- قريش107- الماعون108- الكوثر
109- الكافرون110- النصر111- المسد
112- الإخلاص113- الفلق114- الناس