×

سورة النحل باللغة الكسوزا

ترجمات القرآنباللغة الكسوزا ⬅ سورة النحل

ترجمة معاني سورة النحل باللغة الكسوزا - Xhosa

القرآن باللغة الكسوزا - سورة النحل مترجمة إلى اللغة الكسوزا، Surah Nahl in Xhosa. نوفر ترجمة دقيقة سورة النحل باللغة الكسوزا - Xhosa, الآيات 128 - رقم السورة 16 - الصفحة 267.

بسم الله الرحمن الرحيم

أَتَىٰ أَمْرُ اللَّهِ فَلَا تَسْتَعْجِلُوهُ ۚ سُبْحَانَهُ وَتَعَالَىٰ عَمَّا يُشْرِكُونَ (1)
IsiGaneko1 esimiselwenguAllâhsizakufika, ningasingxameli. Makazukiswe, Adunyiswe Yena ngaphezulu kwazo zonke izinto abazayamanisa naYe bazenze amahlulelane aKhe
يُنَزِّلُ الْمَلَائِكَةَ بِالرُّوحِ مِنْ أَمْرِهِ عَلَىٰ مَن يَشَاءُ مِنْ عِبَادِهِ أَنْ أَنذِرُوا أَنَّهُ لَا إِلَٰهَ إِلَّا أَنَا فَاتَّقُونِ (2)
Yena Uthumela iingelosi zihle noMoya (oyiNgcwele) ngokoMyalelo waKhe phezu kwalowoAthandileyo kwizicaka zaKhe. (Athi kuye): “Lumkisa abantu okokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaM. Noyike Mna futhi
خَلَقَ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضَ بِالْحَقِّ ۚ تَعَالَىٰ عَمَّا يُشْرِكُونَ (3)
Yena Udale amazulu nomhlaba ngenyaniso. Uphakamile Yena, Ungentla kwazo zonke ezo zinto bazayamanisa, bazenze amahlulelane aKhe
خَلَقَ الْإِنسَانَ مِن نُّطْفَةٍ فَإِذَا هُوَ خَصِيمٌ مُّبِينٌ (4)
Yena Udale umntu ngeNutfah2 kodwa yabona! Kwayena lo (mntu) uphinda abe ngumphikisi oselubala (ka-Allâh)
وَالْأَنْعَامَ خَلَقَهَا ۗ لَكُمْ فِيهَا دِفْءٌ وَمَنَافِعُ وَمِنْهَا تَأْكُلُونَ (5)
Ukanti Yena Unidalele impahla (efuywayo); kuyo leyo nifumana ukufudumala nezinye izinto ezininzi eziyinzuzo, kanti kwazona niyazitya
وَلَكُمْ فِيهَا جَمَالٌ حِينَ تُرِيحُونَ وَحِينَ تَسْرَحُونَ (6)
Kananjalo kuzo apho nifumana umfaneleko xa nizibuyisela ekhaya ngenjikalanga, naxa nizikhokelela emadlelweni kusasa
وَتَحْمِلُ أَثْقَالَكُمْ إِلَىٰ بَلَدٍ لَّمْ تَكُونُوا بَالِغِيهِ إِلَّا بِشِقِّ الْأَنفُسِ ۚ إِنَّ رَبَّكُمْ لَرَءُوفٌ رَّحِيمٌ (7)
Zinithwalela imithwalo yenu ziyise ezindaweni ebeningekhe nifike kuzo ningathanga nifumane ubunzima. Inene, iNkosi yenu Inemfesane, nguSozinceba
وَالْخَيْلَ وَالْبِغَالَ وَالْحَمِيرَ لِتَرْكَبُوهَا وَزِينَةً ۚ وَيَخْلُقُ مَا لَا تَعْلَمُونَ (8)
Yena Unidalele amahashe, ama-esile neembongolo ukuba niziqabele kwanokuba zibe ngumfaneleko kuni, ukanti Udale nezinye izinto nina eningenalwazi ngazo
وَعَلَى اللَّهِ قَصْدُ السَّبِيلِ وَمِنْهَا جَائِرٌ ۚ وَلَوْ شَاءَ لَهَدَاكُمْ أَجْمَعِينَ (9)
Loluka-Allâh uxanduva lokucacisa iNdlela ethe Tye. Kodwa kukho iindlela eziphambukela ecaleni kwaye Yena ukuba Ebethanda Ebenganikhokela nonke
هُوَ الَّذِي أَنزَلَ مِنَ السَّمَاءِ مَاءً ۖ لَّكُم مِّنْهُ شَرَابٌ وَمِنْهُ شَجَرٌ فِيهِ تُسِيمُونَ (10)
NguYe Othumela amanzi (emvula) avela esibhakabhakeni; kuwo lawo niyasela kuze kwangawo lawo kukhule uhlaza enithi nithumele iinkomo zenu ziye kuludla
يُنبِتُ لَكُم بِهِ الزَّرْعَ وَالزَّيْتُونَ وَالنَّخِيلَ وَالْأَعْنَابَ وَمِن كُلِّ الثَّمَرَاتِ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً لِّقَوْمٍ يَتَفَكَّرُونَ (11)
Ngamanzi lawo Unihlumisela izityalo, iminquma, iidatilisi, imidiliya, nazo zonke ezinye iintlobo-ntlobo zeziqhamo. Inene! Kuko oku kukho ubungqina nomqondiso ocacileyo kubantu abacingisisayo
وَسَخَّرَ لَكُمُ اللَّيْلَ وَالنَّهَارَ وَالشَّمْسَ وَالْقَمَرَ ۖ وَالنُّجُومُ مُسَخَّرَاتٌ بِأَمْرِهِ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَاتٍ لِّقَوْمٍ يَعْقِلُونَ (12)
Kananjalo Yena Unilawulela ubusuku nemini, nelanga nenyanga; neenkwenkwezi ziphantsi kolawulo lwaKhe. Inene kuko oku kukho ubungqina kubantu abaqondayo
وَمَا ذَرَأَ لَكُمْ فِي الْأَرْضِ مُخْتَلِفًا أَلْوَانُهُ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً لِّقَوْمٍ يَذَّكَّرُونَ (13)
Nantoni na Anidalele zona emhlabeni eziyimibala ngemibala, inene! Kuko oku kukho umqondiso kwabanekumbulo
وَهُوَ الَّذِي سَخَّرَ الْبَحْرَ لِتَأْكُلُوا مِنْهُ لَحْمًا طَرِيًّا وَتَسْتَخْرِجُوا مِنْهُ حِلْيَةً تَلْبَسُونَهَا وَتَرَى الْفُلْكَ مَوَاخِرَ فِيهِ وَلِتَبْتَغُوا مِن فَضْلِهِ وَلَعَلَّكُمْ تَشْكُرُونَ (14)
NguYe Onilawulela ulwandle khon’ukuze nitye iinyama ezintsha, ezithambileyo, nithi kananjalo nikhuphe kulo apho izihombiso zokunxiba. Niyazibona iinqanawa ziwiza kulo khon’ukuze nifumane ubuBele baKhe (ngokuthi nithumele iimpahla zenu kwiindawo ngeendawo) khon’ukuze nibe nombulelo
وَأَلْقَىٰ فِي الْأَرْضِ رَوَاسِيَ أَن تَمِيدَ بِكُمْ وَأَنْهَارًا وَسُبُلًا لَّعَلَّكُمْ تَهْتَدُونَ (15)
Yena Umilisele iintaba emhlabeni zema nkqo. Ukuze (umhlaba lowo) ungahexa-hexi nani, kanti (Unenzele) imilambo neendlela khon’ukuze nizikhokele ngazo (xa niseluhambeni)
وَعَلَامَاتٍ ۚ وَبِالنَّجْمِ هُمْ يَهْتَدُونَ (16)
Nangeebhakana nangeenkwenkwezi (abaye abantu) bazikhokele ngazo
أَفَمَن يَخْلُقُ كَمَن لَّا يَخْلُقُ ۗ أَفَلَا تَذَكَّرُونَ (17)
Ingaba Odalayo Uyafana na nongadaliyo? Kanti anisayi kuqaphela na
وَإِن تَعُدُّوا نِعْمَةَ اللَّهِ لَا تُحْصُوهَا ۗ إِنَّ اللَّهَ لَغَفُورٌ رَّحِيمٌ (18)
Ke kaloku ukuba nina ninokubala izibabalo zika-Allâh beningekhe nikwazi ukuzibala. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
وَاللَّهُ يَعْلَمُ مَا تُسِرُّونَ وَمَا تُعْلِنُونَ (19)
Kwaye Yena Uyakwazi enikufihlayo nenikuvezayo
وَالَّذِينَ يَدْعُونَ مِن دُونِ اللَّهِ لَا يَخْلُقُونَ شَيْئًا وَهُمْ يُخْلَقُونَ (20)
Abo (thixo) babiza kubo ngaphandle koAllâh akukho nto bayidalileyo koko kwabona badaliwe
أَمْوَاتٌ غَيْرُ أَحْيَاءٍ ۖ وَمَا يَشْعُرُونَ أَيَّانَ يُبْعَثُونَ (21)
(Bona) bafile, abanabomi, yaye abazi nokuba baza kuvuswa nini na
إِلَٰهُكُمْ إِلَٰهٌ وَاحِدٌ ۚ فَالَّذِينَ لَا يُؤْمِنُونَ بِالْآخِرَةِ قُلُوبُهُم مُّنكِرَةٌ وَهُم مُّسْتَكْبِرُونَ (22)
UThixo wenu nguThixo Omnye, kodwa abo bangakholwayo kuBomi oBuzayo, iintliziyo zabo ziya kuphika oku yaye banenkukhumalo
لَا جَرَمَ أَنَّ اللَّهَ يَعْلَمُ مَا يُسِرُّونَ وَمَا يُعْلِنُونَ ۚ إِنَّهُ لَا يُحِبُّ الْمُسْتَكْبِرِينَ (23)
Eneneni uAllâh Uyakwazi abakufihlayo nabakuvezayo. Inene Yena Akabathandi abakhukhumalayo
وَإِذَا قِيلَ لَهُم مَّاذَا أَنزَلَ رَبُّكُمْ ۙ قَالُوا أَسَاطِيرُ الْأَوَّلِينَ (24)
Xa kusithiwa kubo: “Yintoni na oko kutyhilwe yiNkosi yenu (i’Kur’ân) bathi bona: “Ziintsomi zabantu bakudala!”
لِيَحْمِلُوا أَوْزَارَهُمْ كَامِلَةً يَوْمَ الْقِيَامَةِ ۙ وَمِنْ أَوْزَارِ الَّذِينَ يُضِلُّونَهُم بِغَيْرِ عِلْمٍ ۗ أَلَا سَاءَ مَا يَزِرُونَ (25)
Bona baza kuthwala imithwalo (yezono) zabo ngokugcweleyo ngoMhla woVuko, baze bathwaliswe nemithwalo yabo babalahlekisayo bengazi. Kungcole kanobom oko baza kukuthwaliswa
قَدْ مَكَرَ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ فَأَتَى اللَّهُ بُنْيَانَهُم مِّنَ الْقَوَاعِدِ فَخَرَّ عَلَيْهِمُ السَّقْفُ مِن فَوْقِهِمْ وَأَتَاهُمُ الْعَذَابُ مِنْ حَيْثُ لَا يَشْعُرُونَ (26)
Ababandulelayo nabo baqulunqa kodwa uAllâh Wabetha kwisiseko sesakhiwo sabo, lwawa uphahla phezu kwabo lusuka phezulu, saza isohlwayo sabafumana sivela kumacala abangawacingelanga
ثُمَّ يَوْمَ الْقِيَامَةِ يُخْزِيهِمْ وَيَقُولُ أَيْنَ شُرَكَائِيَ الَّذِينَ كُنتُمْ تُشَاقُّونَ فِيهِمْ ۚ قَالَ الَّذِينَ أُوتُوا الْعِلْمَ إِنَّ الْخِزْيَ الْيَوْمَ وَالسُّوءَ عَلَى الْكَافِرِينَ (27)
Ukanti ngoMhla woVuko, Usaza kubahlaza, Athi kubo: “Aphi na kaloku amahlulelane aM enanidla ngokuphikisana (nabakholwayo) ngawo. Ke bona abo banikwe ulwazi (lwe’Kur’ân) baya kuthi: “Inene, ihlazo nembandezelo ziphezu kwabangakholwayo naMhlanje.”
الَّذِينَ تَتَوَفَّاهُمُ الْمَلَائِكَةُ ظَالِمِي أَنفُسِهِمْ ۖ فَأَلْقَوُا السَّلَمَ مَا كُنَّا نَعْمَلُ مِن سُوءٍ ۚ بَلَىٰ إِنَّ اللَّهَ عَلِيمٌ بِمَا كُنتُمْ تَعْمَلُونَ (28)
Abo ubomi babo buthatyathwa ziingelosi lo gama besesebugwenxeni, baza kwenza ukuzinikela okungeyonyani (bathi): “Thina sasingenzi kungcola.” (iingelosi ziza kuphendula): “Ewe! Inene nguAllâh uSolwazi woko nanikwenza
فَادْخُلُوا أَبْوَابَ جَهَنَّمَ خَالِدِينَ فِيهَا ۖ فَلَبِئْسَ مَثْوَى الْمُتَكَبِّرِينَ (29)
Ngoko ke ngenani emasangweni esiHogo, nihlale phakathi apho, inene, hayi ububi bekhaya (lokugqibela) lezikhukhumali.”
۞ وَقِيلَ لِلَّذِينَ اتَّقَوْا مَاذَا أَنزَلَ رَبُّكُمْ ۚ قَالُوا خَيْرًا ۗ لِّلَّذِينَ أَحْسَنُوا فِي هَٰذِهِ الدُّنْيَا حَسَنَةٌ ۚ وَلَدَارُ الْآخِرَةِ خَيْرٌ ۚ وَلَنِعْمَ دَارُ الْمُتَّقِينَ (30)
Ke kaloku xa kusithiwa kwabo bamoyikayo uAllâh: “Yintoni na leyo ithunyelwe yiNkosi yenu?” Bathi bona: “Koko kulungileyo.” Kuba kwabo benza okulungileyo kweli hlabathi okwabo kokulungileyo, yaye ikhaya loBomi oBuzayo lilona lilungileyo. Hayi ukuba lihle kwekhaya labamoyikayo uAllâh
جَنَّاتُ عَدْنٍ يَدْخُلُونَهَا تَجْرِي مِن تَحْتِهَا الْأَنْهَارُ ۖ لَهُمْ فِيهَا مَا يَشَاءُونَ ۚ كَذَٰلِكَ يَجْزِي اللَّهُ الْمُتَّقِينَ (31)
YiPaladesi iEden abaza kungena kuyo, ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, yaye baya kufumana kuyo apho konke abakunqwenelayo, Ubavuza kanjalo ke uAllâh abanyulu
الَّذِينَ تَتَوَفَّاهُمُ الْمَلَائِكَةُ طَيِّبِينَ ۙ يَقُولُونَ سَلَامٌ عَلَيْكُمُ ادْخُلُوا الْجَنَّةَ بِمَا كُنتُمْ تَعْمَلُونَ (32)
Abo ubomi babo buthatyathwa ziingelosi babe bona bekwimo yobunyulu ziya kuthi (kubo): “Salâmun ‘alykum (uxolo malube nani), ngenani ePaladesi, ngenxa yoko (kulungileyo) nakwenza (ehlabathini).”
هَلْ يَنظُرُونَ إِلَّا أَن تَأْتِيَهُمُ الْمَلَائِكَةُ أَوْ يَأْتِيَ أَمْرُ رَبِّكَ ۚ كَذَٰلِكَ فَعَلَ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ ۚ وَمَا ظَلَمَهُمُ اللَّهُ وَلَٰكِن كَانُوا أَنفُسَهُمْ يَظْلِمُونَ (33)
Ingaba (abangakholwayo) balindele ukuba kufike iingelosi kubo okanye kufike uMyalezo weNkosi yakho? Benza njalo ke nabangaphambili kunabo. UAllâh Azanga Abenze bubi koko ngabo ngokwabo abazenza ububi
فَأَصَابَهُمْ سَيِّئَاتُ مَا عَمِلُوا وَحَاقَ بِهِم مَّا كَانُوا بِهِ يَسْتَهْزِئُونَ (34)
Ke kaloku iziphumo ezibi zezenzo zabo zabafumana, noko babekugculela kwabagubungela
وَقَالَ الَّذِينَ أَشْرَكُوا لَوْ شَاءَ اللَّهُ مَا عَبَدْنَا مِن دُونِهِ مِن شَيْءٍ نَّحْنُ وَلَا آبَاؤُنَا وَلَا حَرَّمْنَا مِن دُونِهِ مِن شَيْءٍ ۚ كَذَٰلِكَ فَعَلَ الَّذِينَ مِن قَبْلِهِمْ ۚ فَهَلْ عَلَى الرُّسُلِ إِلَّا الْبَلَاغُ الْمُبِينُ (35)
Abo bayamanisa abanye kunqulo luka-Allâh bathi: “Ukuba uAllâh Wayethandile sasingekhe thina noobawo bethu sinqule enye into ngaphandle kwaKhe, kananjalo sasingekhe salele ukwenziwa kwayo nayiphi na into kungekho (ngokoMyalelo) waKhe.” Benza njalo ke nabo bangaphambili kunabo. Ingaba abaProfeti babenoxanduva olwalulolunye na ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo
وَلَقَدْ بَعَثْنَا فِي كُلِّ أُمَّةٍ رَّسُولًا أَنِ اعْبُدُوا اللَّهَ وَاجْتَنِبُوا الطَّاغُوتَ ۖ فَمِنْهُم مَّنْ هَدَى اللَّهُ وَمِنْهُم مَّنْ حَقَّتْ عَلَيْهِ الضَّلَالَةُ ۚ فَسِيرُوا فِي الْأَرْضِ فَانظُرُوا كَيْفَ كَانَ عَاقِبَةُ الْمُكَذِّبِينَ (36)
Inene Thina kwisizwe ngasinye Sithumele uMprofeti (Ofika avakalise okokuba); “Nqulani uAllâh (Yedwa) niyeke ugabadelo.” Ke kaloku abanye phakathi kwabo baba nokukhokelwa nguAllâh, abanye phakathi kwabo bafanelwa kukulahleka. Ke kaloku khanikhe nihamba-hambeni ehlabathini nibone okokuba saba njani na isiphelo sabo babephika (inyaniso)
إِن تَحْرِصْ عَلَىٰ هُدَاهُمْ فَإِنَّ اللَّهَ لَا يَهْدِي مَن يُضِلُّ ۖ وَمَا لَهُم مِّن نَّاصِرِينَ (37)
Ukuba ngaba (Muhammad) ubanqwenelela isiKhokelo, Yena ke uAllâh Akabakhokeli abo Abenze ukuba balahleke yaye abayi kufumana namncedi
وَأَقْسَمُوا بِاللَّهِ جَهْدَ أَيْمَانِهِمْ ۙ لَا يَبْعَثُ اللَّهُ مَن يَمُوتُ ۚ بَلَىٰ وَعْدًا عَلَيْهِ حَقًّا وَلَٰكِنَّ أَكْثَرَ النَّاسِ لَا يَعْلَمُونَ (38)
Ke kaloku bafunga ngoAllâh izifungo zabo ezimandla okokuba uAllâh Akayi kumvusa ofileyo. Ewe nje (Uza kubavusa) (eso) sisithembiso sesibophelelo kuYe ngenyaniso, kodwa uninzi lwabantu alwazi nto
لِيُبَيِّنَ لَهُمُ الَّذِي يَخْتَلِفُونَ فِيهِ وَلِيَعْلَمَ الَّذِينَ كَفَرُوا أَنَّهُمْ كَانُوا كَاذِبِينَ (39)
Ukuze Enze kucace kubo inyaniso yoko bangangqinelaniyo ngako kwanokuba abo bangakholwayo babe nokwazi okokuba babengamaxoki
إِنَّمَا قَوْلُنَا لِشَيْءٍ إِذَا أَرَدْنَاهُ أَن نَّقُولَ لَهُ كُن فَيَكُونُ (40)
Inene eleThu iLizwi nento eSithande ukuba Siyenze Sisuka nje Sithi kuyo: “Yibakho!” Ibekho
وَالَّذِينَ هَاجَرُوا فِي اللَّهِ مِن بَعْدِ مَا ظُلِمُوا لَنُبَوِّئَنَّهُمْ فِي الدُّنْيَا حَسَنَةً ۖ وَلَأَجْرُ الْآخِرَةِ أَكْبَرُ ۚ لَوْ كَانُوا يَعْلَمُونَ (41)
Abo bafudukayo ngenxa yokukholisa uAllâh, emva kokuba babenziwe ubugwenxa, Siya kubanika ngokwenene indawo yokuhlala elungileyo kweli hlabathi, kodwa wona umvuzo welizayo uya kuba mkhulu ngakumbi ukuba bebesazi
الَّذِينَ صَبَرُوا وَعَلَىٰ رَبِّهِمْ يَتَوَكَّلُونَ (42)
(Abo ke) ngabo baba nomonde, babeka ithemba labo eNkosini yabo
وَمَا أَرْسَلْنَا مِن قَبْلِكَ إِلَّا رِجَالًا نُّوحِي إِلَيْهِمْ ۚ فَاسْأَلُوا أَهْلَ الذِّكْرِ إِن كُنتُمْ لَا تَعْلَمُونَ (43)
Kananjalo ASizanga Sithumele ngaphambili kunawe nantoni na ngaphandle kwamadoda, eSawathumelela isiTyhilelo. Ke kaloku buzani kubantu abanolwazi lwesiBhalo, ukuba anazi
بِالْبَيِّنَاتِ وَالزُّبُرِ ۗ وَأَنزَلْنَا إِلَيْكَ الذِّكْرَ لِتُبَيِّنَ لِلنَّاسِ مَا نُزِّلَ إِلَيْهِمْ وَلَعَلَّهُمْ يَتَفَكَّرُونَ (44)
Ngemiqondiso ecacileyo neNcwadi (Sathumela abaProfeti) Sathumela kananjalo kuwe (Muhammad) iDthikr (i’Kur’ân), khon’ukuze uchazele abantu ngokucacileyo oko kuthunyelwe kubo, kwanokuba bacingisise
أَفَأَمِنَ الَّذِينَ مَكَرُوا السَّيِّئَاتِ أَن يَخْسِفَ اللَّهُ بِهِمُ الْأَرْضَ أَوْ يَأْتِيَهُمُ الْعَذَابُ مِنْ حَيْثُ لَا يَشْعُرُونَ (45)
Ingaba abo baqulunqa amayelenqe angcolileyo baziva bekhuselekile na okokuba uAllâh Akayi kubatshonisa bazike emhlabeni, okanye isohlwayo asiyi kubahlasela kumacala abangawalindelanga
أَوْ يَأْخُذَهُمْ فِي تَقَلُّبِهِمْ فَمَا هُم بِمُعْجِزِينَ (46)
Okanye Ababambe phakathi besaya okanye bebuya (emisebenzini yabo), ukuze bangabi nakuphuncula (esohlwayweni sika-Allâh)
أَوْ يَأْخُذَهُمْ عَلَىٰ تَخَوُّفٍ فَإِنَّ رَبَّكُمْ لَرَءُوفٌ رَّحِيمٌ (47)
Okanye Ababambe ngokuya bemosha ngokumosha (ubutyebi babo). Inene! INkosi yenu InobuBele, nguSozinceba
أَوَلَمْ يَرَوْا إِلَىٰ مَا خَلَقَ اللَّهُ مِن شَيْءٍ يَتَفَيَّأُ ظِلَالُهُ عَنِ الْيَمِينِ وَالشَّمَائِلِ سُجَّدًا لِّلَّهِ وَهُمْ دَاخِرُونَ (48)
Kanti abaziqwalaseli na izinto ezidalwe nguAllâh: (indlela) eziba ngasekunene ngayo nasekhohlo ngayo izithunzi zazo, ziqubude kuAllâh, zibe zithobekile
وَلِلَّهِ يَسْجُدُ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَمَا فِي الْأَرْضِ مِن دَابَّةٍ وَالْمَلَائِكَةُ وَهُمْ لَا يَسْتَكْبِرُونَ (49)
Ke kaloku kuAllâh kuqubuda zonke izinto ezisezulwini nasemhlabeni. Ezizizidalwa ezinyakazayo neengelosi, yaye azikhukhumali
يَخَافُونَ رَبَّهُم مِّن فَوْقِهِمْ وَيَفْعَلُونَ مَا يُؤْمَرُونَ ۩ (50)
Zona zoyika iNkosi yazo phezu kwazo yaye zenza loo nto ziyalelwe yona
۞ وَقَالَ اللَّهُ لَا تَتَّخِذُوا إِلَٰهَيْنِ اثْنَيْنِ ۖ إِنَّمَا هُوَ إِلَٰهٌ وَاحِدٌ ۖ فَإِيَّايَ فَارْهَبُونِ (51)
(Kananjalo uAllâh Wathi: “Hini na bantu), musani ukuthabatha oothixo ababini. Inene uAllâh nguYe kuphela OnguThixo,yoyikani Mna ke nina ngamandla
وَلَهُ مَا فِي السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ وَلَهُ الدِّينُ وَاصِبًا ۚ أَفَغَيْرَ اللَّهِ تَتَّقُونَ (52)
KokwaKhe konke okusemazulwini nasemhlabeni neNkolo yokwenene ngonaphakade. Ingaba ke ngoku niya koyika thixo bambi na ngaphandle koAllâh
وَمَا بِكُم مِّن نِّعْمَةٍ فَمِنَ اللَّهِ ۖ ثُمَّ إِذَا مَسَّكُمُ الضُّرُّ فَإِلَيْهِ تَجْأَرُونَ (53)
Kananjalo nantoni na eziintsikelelo nelungileyo eninayo, ivela kuAllâh. Kwaye xa okubi kunichukumisa, nikhala kuYe kakhulu nikhalela uncedo
ثُمَّ إِذَا كَشَفَ الضُّرَّ عَنكُمْ إِذَا فَرِيقٌ مِّنكُم بِرَبِّهِمْ يُشْرِكُونَ (54)
Athi Esakubususa ububi obo kuni, khangela ke! Abanye3 benu bayamanise abanye kunqulo lweNkosi yabo (uAllâh)
لِيَكْفُرُوا بِمَا آتَيْنَاهُمْ ۚ فَتَمَتَّعُوا ۖ فَسَوْفَ تَعْلَمُونَ (55)
Ngoko ke bayakuphika oko bakuphiwe siThi. Vuyani ke okwakaloku nje kodwa kungekudala niza kwazi (nizisole)
وَيَجْعَلُونَ لِمَا لَا يَعْلَمُونَ نَصِيبًا مِّمَّا رَزَقْنَاهُمْ ۗ تَاللَّهِ لَتُسْأَلُنَّ عَمَّا كُنتُمْ تَفْتَرُونَ (56)
Kananjalo babalela inxalenye yoko Sibaphe kona kwizinto abangenalwazi ngazo. (Ndifunga) ngoAllâh, niza kubuzwa ngokwenene ngako konke enanikuqamba (emhlabeni)
وَيَجْعَلُونَ لِلَّهِ الْبَنَاتِ سُبْحَانَهُ ۙ وَلَهُم مَّا يَشْتَهُونَ (57)
Kananjalo babalela iintombi4 kuAllâh! Makazukiswe Yena (Uphakamile Ukude le) Ungentla kwazo zonke izinto abazibalela kuYe! Nakoko kunqwenelwa ngabo buqu
وَإِذَا بُشِّرَ أَحَدُهُم بِالْأُنثَىٰ ظَلَّ وَجْهُهُ مُسْوَدًّا وَهُوَ كَظِيمٌ (58)
Xa iindaba (zokuzalwa) komntwana oyintombazana zisaziswa nawuphi na kubo, ubuso bakhe buyafiphala, izale (intliziyo) yakhe bubuhlungu ngaphakathi kwakhe
يَتَوَارَىٰ مِنَ الْقَوْمِ مِن سُوءِ مَا بُشِّرَ بِهِ ۚ أَيُمْسِكُهُ عَلَىٰ هُونٍ أَمْ يَدُسُّهُ فِي التُّرَابِ ۗ أَلَا سَاءَ مَا يَحْكُمُونَ (59)
Azifihle ebantwini ngenxa yobubi axelelwe ngabo. Uza kumgcina (loo mntwana uyintombazana) elihlazo elinjalo okanye uza kumngcwaba ephila emhlabeni? Inene singcolile isigqibo (abasithabathayo)
لِلَّذِينَ لَا يُؤْمِنُونَ بِالْآخِرَةِ مَثَلُ السَّوْءِ ۖ وَلِلَّهِ الْمَثَلُ الْأَعْلَىٰ ۚ وَهُوَ الْعَزِيزُ الْحَكِيمُ (60)
(UBomi oBuzayo) kwabo bangakholwayo kuBomi oBuzayo buyinkcazo engcolileyo (kubo). KuAllâh yinkcazo ephakamileyo yaye Yena nguSomandla, uSobulumko
وَلَوْ يُؤَاخِذُ اللَّهُ النَّاسَ بِظُلْمِهِم مَّا تَرَكَ عَلَيْهَا مِن دَابَّةٍ وَلَٰكِن يُؤَخِّرُهُمْ إِلَىٰ أَجَلٍ مُّسَمًّى ۖ فَإِذَا جَاءَ أَجَلُهُمْ لَا يَسْتَأْخِرُونَ سَاعَةً ۖ وَلَا يَسْتَقْدِمُونَ (61)
Ukuba uAllah Ebengabahlasela abantu ngenxa yezono zabo ezigwenxa, Ebengayi kushiya nasinye (emhlabeni) isidalwa esinyakazayo, kodwa Ukurhoxisile oko kubo, Ekurhoxisela ixesha elimisiweyo, lisakufika ke elo xesha, abayi kulilibazisa, bengayi kulihambisa ngokukhawuleza nangeyure enye
وَيَجْعَلُونَ لِلَّهِ مَا يَكْرَهُونَ وَتَصِفُ أَلْسِنَتُهُمُ الْكَذِبَ أَنَّ لَهُمُ الْحُسْنَىٰ ۖ لَا جَرَمَ أَنَّ لَهُمُ النَّارَ وَأَنَّهُم مُّفْرَطُونَ (62)
Babalela kuAllâh oko nabo bangakuthandiyo, namalwimi abo amisela ubuxoki bokuba ezona zinto zilungileyo zezabo. Ngokungathandabuzekiyo, okwabo nguMlilo, kunjalo nje baya kuba ngabokuqala ukugxagxanyiselwa kuwo, baze bashiywe apho kuwo bengahoywanga (mntu)
تَاللَّهِ لَقَدْ أَرْسَلْنَا إِلَىٰ أُمَمٍ مِّن قَبْلِكَ فَزَيَّنَ لَهُمُ الشَّيْطَانُ أَعْمَالَهُمْ فَهُوَ وَلِيُّهُمُ الْيَوْمَ وَلَهُمْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (63)
NdifungangoAllâh, inene Thina SathumaabaProfetikwizizwe ezingaphambili kuwe (Muhammad), kodwa uShaytân wenze izenzo zabo zabonakala zintle kubo, ngoko ke uShaytân (lowo) ngumhlobo wabo namhlanje, ukanti okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
وَمَا أَنزَلْنَا عَلَيْكَ الْكِتَابَ إِلَّا لِتُبَيِّنَ لَهُمُ الَّذِي اخْتَلَفُوا فِيهِ ۙ وَهُدًى وَرَحْمَةً لِّقَوْمٍ يُؤْمِنُونَ (64)
Kananjalo aSithumelanga Ncwadi kuwe (Muhammad) Siyithumelela nto yimbi ngaphandle kokuba ucacisele abantu ngezinto abangangqinelaniyo ngazo, kwanokuba ibe sisiKhokelo neNceba kubantu abakholwayo
وَاللَّهُ أَنزَلَ مِنَ السَّمَاءِ مَاءً فَأَحْيَا بِهِ الْأَرْضَ بَعْدَ مَوْتِهَا ۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً لِّقَوْمٍ يَسْمَعُونَ (65)
Kwaye uAllâh Uthumela amanzi (emvula) evela esibhakabhakeni, Aze Avuselele umhlaba ngawo emveni kokuba ubufile. Inene kuko oku kukho umqondiso kubantu abaphulaphulayo
وَإِنَّ لَكُمْ فِي الْأَنْعَامِ لَعِبْرَةً ۖ نُّسْقِيكُم مِّمَّا فِي بُطُونِهِ مِن بَيْنِ فَرْثٍ وَدَمٍ لَّبَنًا خَالِصًا سَائِغًا لِّلشَّارِبِينَ (66)
Kananjalo ezinkomeni kukho isifundo senu. Sinipha ukuba nisele koko kuphuma eziswini zazo, kuphuma phakathi kwelindle lazo negazi, ubisi oluhlambulukileyo; olumnandi kwabaliselayo
وَمِن ثَمَرَاتِ النَّخِيلِ وَالْأَعْنَابِ تَتَّخِذُونَ مِنْهُ سَكَرًا وَرِزْقًا حَسَنًا ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً لِّقَوْمٍ يَعْقِلُونَ (67)
Naseziqhameni zedatilisi nemidiliya, nifumana iziselo ezinxilisayo nembonelelo elungileyo. Inene kuloo nto kukho umqondiso olungileyo kubantu abanobulumko
وَأَوْحَىٰ رَبُّكَ إِلَى النَّحْلِ أَنِ اتَّخِذِي مِنَ الْجِبَالِ بُيُوتًا وَمِنَ الشَّجَرِ وَمِمَّا يَعْرِشُونَ (68)
Kananjalo iNkosi yakho yaTyhilela iinyosi Yathi: “Thabathani iindawo zokuhlala kwenu ezintabeni nasemithini nakoko bakwakhayo (abantu)
ثُمَّ كُلِي مِن كُلِّ الثَّمَرَاتِ فَاسْلُكِي سُبُلَ رَبِّكِ ذُلُلًا ۚ يَخْرُجُ مِن بُطُونِهَا شَرَابٌ مُّخْتَلِفٌ أَلْوَانُهُ فِيهِ شِفَاءٌ لِّلنَّاسِ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَةً لِّقَوْمٍ يَتَفَكَّرُونَ (69)
“Ke kaloku, yidlani kuzo zonke iziqhamo, nilandele iindlela zeNkosi yenu enizenzelwe lula.” Nako ke kuphuma isiselo esinemibala ngemibala eziswini zazo esilunyango kubantu, inene kuko oku kukho umqondiso kwabo bacingayo
وَاللَّهُ خَلَقَكُمْ ثُمَّ يَتَوَفَّاكُمْ ۚ وَمِنكُم مَّن يُرَدُّ إِلَىٰ أَرْذَلِ الْعُمُرِ لِكَيْ لَا يَعْلَمَ بَعْدَ عِلْمٍ شَيْئًا ۚ إِنَّ اللَّهَ عَلِيمٌ قَدِيرٌ (70)
Kananjalo uAllâh Unidalile kwaye Usaya kunenza nife; ukanti abanye benu babuyiselwa ebuthathakeni bokwaluphala, khon’ukuze bangazi nto emveni kokuba bebesazi. Inene uAllâh nguSolwazi uSomandla
وَاللَّهُ فَضَّلَ بَعْضَكُمْ عَلَىٰ بَعْضٍ فِي الرِّزْقِ ۚ فَمَا الَّذِينَ فُضِّلُوا بِرَادِّي رِزْقِهِمْ عَلَىٰ مَا مَلَكَتْ أَيْمَانُهُمْ فَهُمْ فِيهِ سَوَاءٌ ۚ أَفَبِنِعْمَةِ اللَّهِ يَجْحَدُونَ (71)
Kananjalo uAllâh Ubonelela abanye benu ngobutyebi nangokuba nezinto ngaphezulu kunabanye. Ke kaloku abo babonelelwe ngaphezulu kunabanye abangekhe nakanye banikise ngobutyebi nezinto zabo kwabo basezandleni zabo zokunene (amakhoboka), ukuze balingane ngokumayela (nobutyebi) obo. Ingaba bayaluphika uBabalo luka-Allâh kusini na
وَاللَّهُ جَعَلَ لَكُم مِّنْ أَنفُسِكُمْ أَزْوَاجًا وَجَعَلَ لَكُم مِّنْ أَزْوَاجِكُم بَنِينَ وَحَفَدَةً وَرَزَقَكُم مِّنَ الطَّيِّبَاتِ ۚ أَفَبِالْبَاطِلِ يُؤْمِنُونَ وَبِنِعْمَتِ اللَّهِ هُمْ يَكْفُرُونَ (72)
Yaye futhi Unenzele abalingane bohlobo lwenu, kananjalo kubafazi benu abantwana nabazukulwana, wanibonelela ngesixhaso esilungileyo. Ingaba emva (kwako konke) oku bakholwa koothixo bobuxoki, baphike iziBhalo zika-Allâh
وَيَعْبُدُونَ مِن دُونِ اللَّهِ مَا لَا يَمْلِكُ لَهُمْ رِزْقًا مِّنَ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ شَيْئًا وَلَا يَسْتَطِيعُونَ (73)
Bona banqula abanye ngaphandle koAllâh abangekhe bababonelele ngasixhaso esivela emazulwini nasemhlabeni
فَلَا تَضْرِبُوا لِلَّهِ الْأَمْثَالَ ۚ إِنَّ اللَّهَ يَعْلَمُ وَأَنتُمْ لَا تَعْلَمُونَ (74)
Ke kaloku musani ukwenza izifaniso ngoAllâh kuba inene uAllâh Uyazi ukanti nina anazi
۞ ضَرَبَ اللَّهُ مَثَلًا عَبْدًا مَّمْلُوكًا لَّا يَقْدِرُ عَلَىٰ شَيْءٍ وَمَن رَّزَقْنَاهُ مِنَّا رِزْقًا حَسَنًا فَهُوَ يُنفِقُ مِنْهُ سِرًّا وَجَهْرًا ۖ هَلْ يَسْتَوُونَ ۚ الْحَمْدُ لِلَّهِ ۚ بَلْ أَكْثَرُهُمْ لَا يَعْلَمُونَ (75)
UAllâh Wenza umzekelo [wamadoda amabini, (enye kuwo)] likhoboka elingenagunya lakulawula nto, ukanti (enye kuwo) ngumntu eSimnike iimbonelelo ezilungileyo ezivela kuThi, aze azichithe ezo mbonelelo (kumalizo) emfihlakalweni nasekuhleni, ingaba bayafana na? Indumiso mazibe kuAllâh! Kodwa abaninzi kubo abazi nto
وَضَرَبَ اللَّهُ مَثَلًا رَّجُلَيْنِ أَحَدُهُمَا أَبْكَمُ لَا يَقْدِرُ عَلَىٰ شَيْءٍ وَهُوَ كَلٌّ عَلَىٰ مَوْلَاهُ أَيْنَمَا يُوَجِّههُّ لَا يَأْتِ بِخَيْرٍ ۖ هَلْ يَسْتَوِي هُوَ وَمَن يَأْمُرُ بِالْعَدْلِ ۙ وَهُوَ عَلَىٰ صِرَاطٍ مُّسْتَقِيمٍ (76)
Kananjalo uAllâh Wenza (omnye) umzekeliso wamadoda amabini, enye kuwo isisimumu, ayinagunya phezu kwayo nantoni na, yaye ingumthwalo nakumgcini wayo; nantoni na ayikhombisa yona (ukuba iyenze), akukho nto intle iza nayo. Ingaba indoda enjalo iyafana (nendoda) eyalela ukwenziwa kobulungisa, ibe kwayona iseNdleleni ethe Tye
وَلِلَّهِ غَيْبُ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضِ ۚ وَمَا أَمْرُ السَّاعَةِ إِلَّا كَلَمْحِ الْبَصَرِ أَوْ هُوَ أَقْرَبُ ۚ إِنَّ اللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيْءٍ قَدِيرٌ (77)
Zezika-Allâh (izinto) ezingabonwayo emazulwini nezasemhlabeni. Kananjalo umbandela weYure5 awunto yimbi ngaphandle kokuba kukuqhwanyaza kweliso
وَاللَّهُ أَخْرَجَكُم مِّن بُطُونِ أُمَّهَاتِكُمْ لَا تَعْلَمُونَ شَيْئًا وَجَعَلَ لَكُمُ السَّمْعَ وَالْأَبْصَارَ وَالْأَفْئِدَةَ ۙ لَعَلَّكُمْ تَشْكُرُونَ (78)
Kananjalo uAllâh Unikhuphe ezibelekweni zoomama benu, kungekho nto niyaziyo nina. Ukanti Uninike ukuva, ukubona nentliziyo khon’ukuze nibe nombulelo (kuYe)
أَلَمْ يَرَوْا إِلَى الطَّيْرِ مُسَخَّرَاتٍ فِي جَوِّ السَّمَاءِ مَا يُمْسِكُهُنَّ إِلَّا اللَّهُ ۗ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَآيَاتٍ لِّقَوْمٍ يُؤْمِنُونَ (79)
Kanti abaziboni na iintaka ezibambeka6 (ziphaphazele) esazulwini sesibhakabhaka? Akukho bani uzibambayo7 ngaphandle koAllâh Inene koku kukho imiqondiso ecacileyo kubantu abakholwayo
وَاللَّهُ جَعَلَ لَكُم مِّن بُيُوتِكُمْ سَكَنًا وَجَعَلَ لَكُم مِّن جُلُودِ الْأَنْعَامِ بُيُوتًا تَسْتَخِفُّونَهَا يَوْمَ ظَعْنِكُمْ وَيَوْمَ إِقَامَتِكُمْ ۙ وَمِنْ أَصْوَافِهَا وَأَوْبَارِهَا وَأَشْعَارِهَا أَثَاثًا وَمَتَاعًا إِلَىٰ حِينٍ (80)
KananjalouAllâh Unenzeleamakhayaenuukubaabeziindawo zokuhlala (kwenu). Waza kanajalo Wanenzela iintente ngeemfele zeenkomo ukuba zibe ziindawo zokuhlala kwenu enizifumana zilula ukuziphatha xa niseluhambeni naxa sele nihleli (eluhambeni apho), kanti noboya bazo buzizihombiso nezixhobo eziluncedo (umzekelo, iingubo iijezi nezinye izinto ezenziwa ngabo). Zibubumyoli okwethutyana
وَاللَّهُ جَعَلَ لَكُم مِّمَّا خَلَقَ ظِلَالًا وَجَعَلَ لَكُم مِّنَ الْجِبَالِ أَكْنَانًا وَجَعَلَ لَكُمْ سَرَابِيلَ تَقِيكُمُ الْحَرَّ وَسَرَابِيلَ تَقِيكُم بَأْسَكُمْ ۚ كَذَٰلِكَ يُتِمُّ نِعْمَتَهُ عَلَيْكُمْ لَعَلَّكُمْ تُسْلِمُونَ (81)
Ukanti uAllâh Unenzele imithunzi ngoko Akudalileyo, Wanenzela neendawo zokufumana ukhuseleko ezintabeni, Wanenzela nezambatho zokunikhusela ebushushwini (nasengqeleni) nezinxibo zentsimbi zokunikhusela kuhlaselwano lwenu. Uzifezekise kanjalo ke izibabalo zaKhe kuni, khon’ukuze nizinikele eNtandweni yaKhe (i-Islam)
فَإِن تَوَلَّوْا فَإِنَّمَا عَلَيْكَ الْبَلَاغُ الْمُبِينُ (82)
Ke kaloku ukuba bayafulathela, (wena Muhammad) owakho umsebenzi kukuvakalisa (uMyalezo weIslam) ngendlela ecacileyo
يَعْرِفُونَ نِعْمَتَ اللَّهِ ثُمَّ يُنكِرُونَهَا وَأَكْثَرُهُمُ الْكَافِرُونَ (83)
Bayaluqonda ubabalo luka-Allâh kodwa basuke baluphike yaye uninzi lwabo ngabahedeni
وَيَوْمَ نَبْعَثُ مِن كُلِّ أُمَّةٍ شَهِيدًا ثُمَّ لَا يُؤْذَنُ لِلَّذِينَ كَفَرُوا وَلَا هُمْ يُسْتَعْتَبُونَ (84)
Nikhumbule ke iMini eSiya kuvelisa ngayo ingqina (elinguMprofeti) kwisizwe ngasinye, ke ngoko abo bangazanga bakholwe abayi kunikwa mvume (yakubeka zizathu zokungakholwa kwabo) bengayi kuvunyelwa nokuvunyelwa (ukuba babuyele ehlabathini) bazokuguquka bacele itarhu kuAllâh (ngezenzo zabo ezigwenxa)
وَإِذَا رَأَى الَّذِينَ ظَلَمُوا الْعَذَابَ فَلَا يُخَفَّفُ عَنْهُمْ وَلَا هُمْ يُنظَرُونَ (85)
Yaye futhi abo benza ubugwenxa baza kusibona isohlwayo, yaye asiyi kwenziwa lula kubo, bengayi kusirhoxiselwa nokusirhoxiselwa
وَإِذَا رَأَى الَّذِينَ أَشْرَكُوا شُرَكَاءَهُمْ قَالُوا رَبَّنَا هَٰؤُلَاءِ شُرَكَاؤُنَا الَّذِينَ كُنَّا نَدْعُو مِن دُونِكَ ۖ فَأَلْقَوْا إِلَيْهِمُ الْقَوْلَ إِنَّكُمْ لَكَاذِبُونَ (86)
Kananjalo xa abo babesayamanisa amahlulelane kuAllâh bewabona (loo) mahlulelane abo, baya kuthi: “Nkosi yethu la ngamahlulelane ethu esasidla ngokubiza kuwo ngaphandle kwaKho.” Kodwa wona asuke aphindisele (loo) ntetho yabo kubo (athi): “Inene! Nina ningamaxoki okwenene!”
وَأَلْقَوْا إِلَى اللَّهِ يَوْمَئِذٍ السَّلَمَ ۖ وَضَلَّ عَنْهُم مَّا كَانُوا يَفْتَرُونَ (87)
Yaye ngaloo Mini baya kuzinikela ngokupheleleyo kuAllâh (Yedwa) baze oothixo babo bobuxoki banyamalale phambi kwabo
الَّذِينَ كَفَرُوا وَصَدُّوا عَن سَبِيلِ اللَّهِ زِدْنَاهُمْ عَذَابًا فَوْقَ الْعَذَابِ بِمَا كَانُوا يُفْسِدُونَ (88)
Abo baye bala ukukholwa, bathintela (abantu) eNdleleni ka- Allâh. Kubo Siya kongezelela isohlwayo kuba babesasaza ukungcola
وَيَوْمَ نَبْعَثُ فِي كُلِّ أُمَّةٍ شَهِيدًا عَلَيْهِم مِّنْ أَنفُسِهِمْ ۖ وَجِئْنَا بِكَ شَهِيدًا عَلَىٰ هَٰؤُلَاءِ ۚ وَنَزَّلْنَا عَلَيْكَ الْكِتَابَ تِبْيَانًا لِّكُلِّ شَيْءٍ وَهُدًى وَرَحْمَةً وَبُشْرَىٰ لِلْمُسْلِمِينَ (89)
Ke kaloku ngaloo Mini Siya kuvelisa iNgqina kwisizwe ngasinye (eliya kunika) ubungqina ngokuchasene nabo. Size Sivelise wena (Muhammad) ukuba ube liNgqina ngokuchasene naba (Bantu). Ukanti Sithumele iNcwadi (i’Kur’ân) kuwe ukuba ibe ngumcacisi wezinto zonke, ibe sisikhokelo, ibe yinceba neendaba ezivuyisayo kwabo bazinikeleyo, (kuAllâh bangamaMuslim)
۞ إِنَّ اللَّهَ يَأْمُرُ بِالْعَدْلِ وَالْإِحْسَانِ وَإِيتَاءِ ذِي الْقُرْبَىٰ وَيَنْهَىٰ عَنِ الْفَحْشَاءِ وَالْمُنكَرِ وَالْبَغْيِ ۚ يَعِظُكُمْ لَعَلَّكُمْ تَذَكَّرُونَ (90)
Inene uAllâh Uyalela ukwenziwa kobulungisa nokuhle nokunikela kwizizalwana8 nezihlobo. Nokwalela ukwenziwa kokungcola nobutshinga nayo yonke ingcinezelo. Uniyalela kananjalo ukuba nithabathe ingqalelo
وَأَوْفُوا بِعَهْدِ اللَّهِ إِذَا عَاهَدتُّمْ وَلَا تَنقُضُوا الْأَيْمَانَ بَعْدَ تَوْكِيدِهَا وَقَدْ جَعَلْتُمُ اللَّهَ عَلَيْكُمْ كَفِيلًا ۚ إِنَّ اللَّهَ يَعْلَمُ مَا تَفْعَلُونَ (91)
Ke kaloku zalisekisani iminqophiso xa nithe nanqophisa, ningazaphuli izifungo emva kokuba sele nizimisele, nibeke uAllâh ukuba Abe sisimiso senu. Inene uAllâh Uyakwazi enikwenzayo
وَلَا تَكُونُوا كَالَّتِي نَقَضَتْ غَزْلَهَا مِن بَعْدِ قُوَّةٍ أَنكَاثًا تَتَّخِذُونَ أَيْمَانَكُمْ دَخَلًا بَيْنَكُمْ أَن تَكُونَ أُمَّةٌ هِيَ أَرْبَىٰ مِنْ أُمَّةٍ ۚ إِنَّمَا يَبْلُوكُمُ اللَّهُ بِهِ ۚ وَلَيُبَيِّنَنَّ لَكُمْ يَوْمَ الْقِيَامَةِ مَا كُنتُمْ فِيهِ تَخْتَلِفُونَ (92)
Kananjalo ningabi nje ngomfazi okhulula umsonto asele ewolukile emveni kokuba ubusele uqinile, ngokuthabatha izifungo zenu zibe yindlela yokukhohlisa phakathi kwenu, kuba hleze uhlanga oluthile lube luninzi kakhulu kunolunye uhlanga. UAllâh Uyanivavanya kuphela ngako oku. Ukanti ngoMhla wovuko Uza kunenza nicacelwe koko naningavumelani ngako
وَلَوْ شَاءَ اللَّهُ لَجَعَلَكُمْ أُمَّةً وَاحِدَةً وَلَٰكِن يُضِلُّ مَن يَشَاءُ وَيَهْدِي مَن يَشَاءُ ۚ وَلَتُسْأَلُنَّ عَمَّا كُنتُمْ تَعْمَلُونَ (93)
Yaye ukuba uAllâh Ebethanda, Ebenganenza nibe luhlanga olunye (nonke) kodwa Yena Uthumela ekulahlekeni lowo Athande ukumthumela, Akhokelele lowo Athande ukumkhokelela kodwa ngokuqinisekileyo niza kubuzwa ngoko nakwenzayo
وَلَا تَتَّخِذُوا أَيْمَانَكُمْ دَخَلًا بَيْنَكُمْ فَتَزِلَّ قَدَمٌ بَعْدَ ثُبُوتِهَا وَتَذُوقُوا السُّوءَ بِمَا صَدَدتُّمْ عَن سَبِيلِ اللَّهِ ۖ وَلَكُمْ عَذَابٌ عَظِيمٌ (94)
Kananjalo musani ukwenza izifungo zenu zibe yindlela yokukhohlisa phakathi kwenu, kuba unyawo lutyibilika emva kokuba besele lume ngokuqinileyo, nize nibe nokungcamla isohlwayo esibi sokuthintela (abantu) eNdleleni ka-Allâh, yaye okwenu iya kuba sisohlwayo esikhulu
وَلَا تَشْتَرُوا بِعَهْدِ اللَّهِ ثَمَنًا قَلِيلًا ۚ إِنَّمَا عِندَ اللَّهِ هُوَ خَيْرٌ لَّكُمْ إِن كُنتُمْ تَعْلَمُونَ (95)
Yaye futhi ningathengi inzuzwana encinane ngexabiso lomnqophiso ka-Allâh. Inene okukuAllâh kokona kulungileyo kuni ukuba benisazi
مَا عِندَكُمْ يَنفَدُ ۖ وَمَا عِندَ اللَّهِ بَاقٍ ۗ وَلَنَجْزِيَنَّ الَّذِينَ صَبَرُوا أَجْرَهُم بِأَحْسَنِ مَا كَانُوا يَعْمَلُونَ (96)
Nantoni na eninayo, iza kushokoxeka, ukanti okuka- Allâh kuya kuhlala kukhona, yaye abo banomonde, Siya kubahlawula umvuzo wabo ngokulingana nokona kuhle abakwenzayo
مَنْ عَمِلَ صَالِحًا مِّن ذَكَرٍ أَوْ أُنثَىٰ وَهُوَ مُؤْمِنٌ فَلَنُحْيِيَنَّهُ حَيَاةً طَيِّبَةً ۖ وَلَنَجْزِيَنَّهُمْ أَجْرَهُم بِأَحْسَنِ مَا كَانُوا يَعْمَلُونَ (97)
Nabani na owenza ubulungisa, nokuba ungoyindoda okanye ungowasetyhini olikholwa lokwenene yena Siya kumnika ubomi obulungileyo, yaye Siya kubanika (abanjalo) umvuzo wabo ngokomlinganiselo olingana nokuhle abakwenzayo
فَإِذَا قَرَأْتَ الْقُرْآنَ فَاسْتَعِذْ بِاللَّهِ مِنَ الشَّيْطَانِ الرَّجِيمِ (98)
Ke kaloku xa ufuna ukucengceleza i’Kur’ân, funa ukhuseleko ngoAllâh kuShaytân owaqalekiswayo
إِنَّهُ لَيْسَ لَهُ سُلْطَانٌ عَلَى الَّذِينَ آمَنُوا وَعَلَىٰ رَبِّهِمْ يَتَوَكَّلُونَ (99)
Inene! Yena akanamandla phezu kwabo bakholwayo babeka ithemba labo eNkosini yabo (uAllâh)
إِنَّمَا سُلْطَانُهُ عَلَى الَّذِينَ يَتَوَلَّوْنَهُ وَالَّذِينَ هُم بِهِ مُشْرِكُونَ (100)
Amandla akhe (uShaytân) aphezu kwabo bathobela yena bamlandele, ndawonye nabo bayamanisa amahlulelane kuYe (uAllâh)
وَإِذَا بَدَّلْنَا آيَةً مَّكَانَ آيَةٍ ۙ وَاللَّهُ أَعْلَمُ بِمَا يُنَزِّلُ قَالُوا إِنَّمَا أَنتَ مُفْتَرٍ ۚ بَلْ أَكْثَرُهُمْ لَا يَعْلَمُونَ (101)
Kananjalo xa Sitshintsha iVesi (ye’Kur’ân) endaweni yenye uAllâh Ukwazi ngcono Akuthumela emhlabeni bona (abangakholwayo) bathi:“Wena(Muhammad) ungumqambi,” Nakanye, uninzi lwabo alwazi nto
قُلْ نَزَّلَهُ رُوحُ الْقُدُسِ مِن رَّبِّكَ بِالْحَقِّ لِيُثَبِّتَ الَّذِينَ آمَنُوا وَهُدًى وَبُشْرَىٰ لِلْمُسْلِمِينَ (102)
Yithi ke wena: “URûhul ‘Kudus10 uze nayo emhlabeni evela nayo eNkosini yakho inenyaniso, khon’ukuze iqinise, yomeleze abo bakholwayo, ibe sisiKhokelo kananjalo neendaba ezivuyisayo kwabo bazinikeleyo (kuAllâh ukuba babe ngamaMuslim)”
وَلَقَدْ نَعْلَمُ أَنَّهُمْ يَقُولُونَ إِنَّمَا يُعَلِّمُهُ بَشَرٌ ۗ لِّسَانُ الَّذِي يُلْحِدُونَ إِلَيْهِ أَعْجَمِيٌّ وَهَٰذَا لِسَانٌ عَرَبِيٌّ مُّبِينٌ (103)
Inene! Thina Siyazi okokuba bathi: “Ngubani na omfundisayo (uMuhammad).” Ulwimi lwalowo bathi ufundiswa nguye lolwasemzini lo gama le ‘Kur’ân ingolwimi olucacileyo lwesiArabhu
إِنَّ الَّذِينَ لَا يُؤْمِنُونَ بِآيَاتِ اللَّهِ لَا يَهْدِيهِمُ اللَّهُ وَلَهُمْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (104)
Inene! Abo bangakhlowayo kwiiVesi zika-Allâh, uAllâh Akayi kubakhokela yaye futhi okwabo iya kuba sisohlwayo esibuhlungu
إِنَّمَا يَفْتَرِي الْكَذِبَ الَّذِينَ لَا يُؤْمِنُونَ بِآيَاتِ اللَّهِ ۖ وَأُولَٰئِكَ هُمُ الْكَاذِبُونَ (105)
Kuphela ngabo bangakholwayo kwiiVesi zika-Allâh abaqamba ubuxoki, yaye ngabo abangamaxoki
مَن كَفَرَ بِاللَّهِ مِن بَعْدِ إِيمَانِهِ إِلَّا مَنْ أُكْرِهَ وَقَلْبُهُ مُطْمَئِنٌّ بِالْإِيمَانِ وَلَٰكِن مَّن شَرَحَ بِالْكُفْرِ صَدْرًا فَعَلَيْهِمْ غَضَبٌ مِّنَ اللَّهِ وَلَهُمْ عَذَابٌ عَظِيمٌ (106)
Nawuphi na (umntu) oye wangakholwa kuAllâh emva kokukholwa, ngaphandle kwalowo uye wanyanzelwa ukuba enze njalo ibe intliziyo yakhe isahleli elukholweni, kodwa bona abo bavula iintliziyo zabo bazivulele ukungakholwa, phezu kwabo yingqumbo ka-Allâh yaye okwabo iya kuba sisohlwayo esikhulu
ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمُ اسْتَحَبُّوا الْحَيَاةَ الدُّنْيَا عَلَى الْآخِرَةِ وَأَنَّ اللَّهَ لَا يَهْدِي الْقَوْمَ الْكَافِرِينَ (107)
Oko kungenxa yokuba bathanda bekwakhetha ubomi beli hlabathi kunoBomi oBuzayo. Ke Yena uAllâh Akabakhokeli abantu abangakholwayo
أُولَٰئِكَ الَّذِينَ طَبَعَ اللَّهُ عَلَىٰ قُلُوبِهِمْ وَسَمْعِهِمْ وَأَبْصَارِهِمْ ۖ وَأُولَٰئِكَ هُمُ الْغَافِلُونَ (108)
Bona bangabo bantliziyo zabo, nokuva kwabo, nokubona kwabo uAllâh Afake itywina yaye bangabangaqiqiyo
لَا جَرَمَ أَنَّهُمْ فِي الْآخِرَةِ هُمُ الْخَاسِرُونَ (109)
Ngokungathandabuzekiyo, kuBomi oBuzayo, baya kuba ngabalahlekelwa
ثُمَّ إِنَّ رَبَّكَ لِلَّذِينَ هَاجَرُوا مِن بَعْدِ مَا فُتِنُوا ثُمَّ جَاهَدُوا وَصَبَرُوا إِنَّ رَبَّكَ مِن بَعْدِهَا لَغَفُورٌ رَّحِيمٌ (110)
Ke kaloku inene iNkosi yakho kwabo bafudukayo emva kokuba befakwe intshutshiso baza bazabalazamva koko balwa (eNdleleni ka-Allâh) baba nomonde, inene, iNkosi yakho nguMxoleli, uSozinceba
۞ يَوْمَ تَأْتِي كُلُّ نَفْسٍ تُجَادِلُ عَن نَّفْسِهَا وَتُوَفَّىٰ كُلُّ نَفْسٍ مَّا عَمِلَتْ وَهُمْ لَا يُظْلَمُونَ (111)
ngeMini apho umntu ngamnye aya kuza ezicengela isiqu sakhe, aze umtu ngamnye ahlawulwe ngokupheleleyo ngoko wakwenzayo, yaye abayi kuphathwa ngokungenabulungisa
وَضَرَبَ اللَّهُ مَثَلًا قَرْيَةً كَانَتْ آمِنَةً مُّطْمَئِنَّةً يَأْتِيهَا رِزْقُهَا رَغَدًا مِّن كُلِّ مَكَانٍ فَكَفَرَتْ بِأَنْعُمِ اللَّهِ فَأَذَاقَهَا اللَّهُ لِبَاسَ الْجُوعِ وَالْخَوْفِ بِمَا كَانُوا يَصْنَعُونَ (112)
Kananjalo uAllâh Wenza umzekelo wedolophu (iMakkah) eyayihleli ikhuselekile yanelisekile nokwaneliseka: iimbonelelo zayo zisiza ziyindyebo kuyo zivela kuyo yonke indawo, kodwa (abantu bayo) baziphika izibabalo zika- Allâh (ngokungabi nambulelo). Ke kaloku uAllâh Wayenza ukuba ikhe ingcamle indlala kanobom noloyiko ngenxa yoko bakwenzayo (abantu bayo)
وَلَقَدْ جَاءَهُمْ رَسُولٌ مِّنْهُمْ فَكَذَّبُوهُ فَأَخَذَهُمُ الْعَذَابُ وَهُمْ ظَالِمُونَ (113)
Ke kaloku inene, kwafika uMprofeti (uMuhammad) kubo, ephuma phakathi kwabo, kodwa bamphika, saza ke isohlwayo sabafumana besengabagabadeli njalo
فَكُلُوا مِمَّا رَزَقَكُمُ اللَّهُ حَلَالًا طَيِّبًا وَاشْكُرُوا نِعْمَتَ اللَّهِ إِن كُنتُمْ إِيَّاهُ تَعْبُدُونَ (114)
Yidlani ke ngoko kwizinto ezivumelekileyo nezilungileyo Anibonelele ngazo uAllâh, nibe nombulelo kananjalo ngobuBele buka-Allâh, ukuba ngaba nguYe eniMnqulayo
إِنَّمَا حَرَّمَ عَلَيْكُمُ الْمَيْتَةَ وَالدَّمَ وَلَحْمَ الْخِنزِيرِ وَمَا أُهِلَّ لِغَيْرِ اللَّهِ بِهِ ۖ فَمَنِ اضْطُرَّ غَيْرَ بَاغٍ وَلَا عَادٍ فَإِنَّ اللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ (115)
Yena Unalele kuphela ukuba nidle into ezifeleyo, igazi, inyama yehagu, nasiphi na isilwanyana esixhelelwe ukuba lidini lomnikelo kwenye into engenguYe uAllâh. Kodwa ke ukuba ubani uye wanyanzeliswa yimeko enganyamezelekiyo, engenziwa yindelelo, engaqhutywa lugabadelo ke kaloku uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
وَلَا تَقُولُوا لِمَا تَصِفُ أَلْسِنَتُكُمُ الْكَذِبَ هَٰذَا حَلَالٌ وَهَٰذَا حَرَامٌ لِّتَفْتَرُوا عَلَى اللَّهِ الْكَذِبَ ۚ إِنَّ الَّذِينَ يَفْتَرُونَ عَلَى اللَّهِ الْكَذِبَ لَا يُفْلِحُونَ (116)
Kananjalo musani ukuthetha ngezinto ezitshiwo ngobuxoki ngamalwimi enu nithi: “Oku kuHalâl11, oku kuHarâm12,” nitsho niqamba ubuxoki ngoAllâh. Eneneni abo baqamba ubuxoki ngoAllâh asokuze baphumelele
مَتَاعٌ قَلِيلٌ وَلَهُمْ عَذَابٌ أَلِيمٌ (117)
Bathabathekile lulonwabo lomzuzwana oludlulayo kanti baza kuba nesohlwayo esibuhlungu
وَعَلَى الَّذِينَ هَادُوا حَرَّمْنَا مَا قَصَصْنَا عَلَيْكَ مِن قَبْلُ ۖ وَمَا ظَلَمْنَاهُمْ وَلَٰكِن كَانُوا أَنفُسَهُمْ يَظْلِمُونَ (118)
Ke kaloku kwabo bangamaYuda, Salela izinto ezinjengezo sele Sizikhankanye kuwe (Muhammad) kwantlandlolo. Kananjalo aSizanga Sibone Thina koko ngabo ngokwabo abazonayo
ثُمَّ إِنَّ رَبَّكَ لِلَّذِينَ عَمِلُوا السُّوءَ بِجَهَالَةٍ ثُمَّ تَابُوا مِن بَعْدِ ذَٰلِكَ وَأَصْلَحُوا إِنَّ رَبَّكَ مِن بَعْدِهَا لَغَفُورٌ رَّحِيمٌ (119)
Ke kaloku inene! INkosi yakho kwabo benza ukungcola bengazi baze baguquke emva koko, benze izenzo ezilungileyo, inene iNkosi yakho emva koko nguMxoleli, uSozinceba
إِنَّ إِبْرَاهِيمَ كَانَ أُمَّةً قَانِتًا لِّلَّهِ حَنِيفًا وَلَمْ يَكُ مِنَ الْمُشْرِكِينَ (120)
Inene uIbrâhîm wayesisizwe esinentobeko kuAllâh, engumHanîfa yaye yena wayengengomnye wabakhonzi bezithixo
شَاكِرًا لِّأَنْعُمِهِ ۚ اجْتَبَاهُ وَهَدَاهُ إِلَىٰ صِرَاطٍ مُّسْتَقِيمٍ (121)
Wayenombulelo ngeeNtsikelelo zaKhe (uAllâh) Waza Yena Wamkhetha, Wamkhokelela kwiNdlela ethe Tye
وَآتَيْنَاهُ فِي الدُّنْيَا حَسَنَةً ۖ وَإِنَّهُ فِي الْآخِرَةِ لَمِنَ الصَّالِحِينَ (122)
Kananjalo Samnika okulungileyo kweli hlabathi, ukanti kwelizayo usaya kuba ngomnye wabangamalungisa
ثُمَّ أَوْحَيْنَا إِلَيْكَ أَنِ اتَّبِعْ مِلَّةَ إِبْرَاهِيمَ حَنِيفًا ۖ وَمَا كَانَ مِنَ الْمُشْرِكِينَ (123)
Thina ke Sithumele isiTyhilelo kuwe (Muhammad): Landela inkolo kaIbrâhîm umHanîfa yaye yena waye ngenguye omnye wabakhonzi bezithixo
إِنَّمَا جُعِلَ السَّبْتُ عَلَى الَّذِينَ اخْتَلَفُوا فِيهِ ۚ وَإِنَّ رَبَّكَ لَيَحْكُمُ بَيْنَهُمْ يَوْمَ الْقِيَامَةِ فِيمَا كَانُوا فِيهِ يَخْتَلِفُونَ (124)
ISabatha yayimiselwe kuphela abo babephikisana ngayo, yaye futhi iNkosi yakho Iza kugweba phakathi kwabo ngeMini yoVuko mayela noko babephikisana ngako
ادْعُ إِلَىٰ سَبِيلِ رَبِّكَ بِالْحِكْمَةِ وَالْمَوْعِظَةِ الْحَسَنَةِ ۖ وَجَادِلْهُم بِالَّتِي هِيَ أَحْسَنُ ۚ إِنَّ رَبَّكَ هُوَ أَعْلَمُ بِمَن ضَلَّ عَن سَبِيلِهِ ۖ وَهُوَ أَعْلَمُ بِالْمُهْتَدِينَ (125)
Memela eNdleleni yeNkosi yakho ngobulumko nentshumayelo entle, uxoxe nabo ngendlela eyiyeyona ilungileyo. Inene iNkosi yakho Yazi kakuhle okokuba ngubani na olahlekileyo eNdleleni yaYo, yaye futhi Ibazi kakuhle abangabona bakhokelelekileyo
وَإِنْ عَاقَبْتُمْ فَعَاقِبُوا بِمِثْلِ مَا عُوقِبْتُم بِهِ ۖ وَلَئِن صَبَرْتُمْ لَهُوَ خَيْرٌ لِّلصَّابِرِينَ (126)
Ke kaloku xa nisohlwaya (utshaba lwenu) lohlwayeni ngohlobo enanithuthunjiswe ngalo nani. Kodwa ukuba (nikhetha) ukunyamezela ngomonde, inene, kokona kulungileyo oko kuni (ukuba nibe) ngabanomonde
وَاصْبِرْ وَمَا صَبْرُكَ إِلَّا بِاللَّهِ ۚ وَلَا تَحْزَنْ عَلَيْهِمْ وَلَا تَكُ فِي ضَيْقٍ مِّمَّا يَمْكُرُونَ (127)
Nyamezela ke wena (Muhammad) ngomonde, ukunyamezela kwakho akuveli kubani ngaphandle kwakuAllâh. Kananjalo ungazikhathazingabo(abanqulizithixo),unganxunguphaliswa nangoko bakuqulunqayo
إِنَّ اللَّهَ مَعَ الَّذِينَ اتَّقَوا وَّالَّذِينَ هُم مُّحْسِنُونَ (128)
Inene, uAllâh Unabo baMoyikayo, (baMhlonele) nabo bangabenzi bokulungileyo
❮ السورة السابقة السورة التـالية ❯

قراءة المزيد من سور القرآن الكريم :

1- الفاتحة2- البقرة3- آل عمران
4- النساء5- المائدة6- الأنعام
7- الأعراف8- الأنفال9- التوبة
10- يونس11- هود12- يوسف
13- الرعد14- إبراهيم15- الحجر
16- النحل17- الإسراء18- الكهف
19- مريم20- طه21- الأنبياء
22- الحج23- المؤمنون24- النور
25- الفرقان26- الشعراء27- النمل
28- القصص29- العنكبوت30- الروم
31- لقمان32- السجدة33- الأحزاب
34- سبأ35- فاطر36- يس
37- الصافات38- ص39- الزمر
40- غافر41- فصلت42- الشورى
43- الزخرف44- الدخان45- الجاثية
46- الأحقاف47- محمد48- الفتح
49- الحجرات50- ق51- الذاريات
52- الطور53- النجم54- القمر
55- الرحمن56- الواقعة57- الحديد
58- المجادلة59- الحشر60- الممتحنة
61- الصف62- الجمعة63- المنافقون
64- التغابن65- الطلاق66- التحريم
67- الملك68- القلم69- الحاقة
70- المعارج71- نوح72- الجن
73- المزمل74- المدثر75- القيامة
76- الإنسان77- المرسلات78- النبأ
79- النازعات80- عبس81- التكوير
82- الإنفطار83- المطففين84- الانشقاق
85- البروج86- الطارق87- الأعلى
88- الغاشية89- الفجر90- البلد
91- الشمس92- الليل93- الضحى
94- الشرح95- التين96- العلق
97- القدر98- البينة99- الزلزلة
100- العاديات101- القارعة102- التكاثر
103- العصر104- الهمزة105- الفيل
106- قريش107- الماعون108- الكوثر
109- الكافرون110- النصر111- المسد
112- الإخلاص113- الفلق114- الناس